UYehova Urhola Ikrele Lakhe!
“Yazi yonke inyama, ukuba mna Yehova ndilirholile ikrele lam esingxotyeni salo.”—HEZEKILE 21:5.
1. UYehova walisebenzisa koobani ikrele lakhe kwaYuda nakwaSirayeli?
IKRELE likaYehova ngokufanelekileyo lizibangela zityhwatyhwe iintshaba zakhe. Kodwa xa walisebenzisa kubenzi bobubi kwilizwe lakwaYuda nelakwaSirayeli, ngaba ngokwenene babekwazi oko kwakusenzeka? Ewe, babenziwe bazi ukuba uYehova wayelirholile ikrele lakhe lokomfuziselo esingxotyeni salo.—Ezra 9:6-9; Nehemiya 1:8; 9:26-30.
2. UYehova wathini ‘ngekrele’ lakhe, oko kuphakamisa yiphi imibuzo?
2 Esebenzisa umprofeti nomboniseli wakhe uHezekile, uThixo wathi: “Yazi yonke inyama, ukuba mna Yehova ndilirholile ikrele lam esingxotyeni salo.” (Hezekile 21:5) Ngaba loo mazwi aye asebenza kumaxesha amandulo kuphela? Okanye ngaba anentsingiselo ethile nakuthi?
Ukuxelwa Kwangaphambili Komgwebo WeYerusalem
3. UHezekile wabaxelela ntoni abathinjwa ababeseBhabhiloni, ibe oku kunawuphi umzekelo ofanayo namhla?
3 Inqwelo kaYehova yafuduswa kwakhona, noHezekile wasuka kwindawo awayekuyo. Kwaba ngathi intlangano kaThixo yasezulwini enjengenqwelo yayifuduselwe kwindawo ebonakalayo kuyo phezu kweNtaba yemiNquma. Apho uYesu waxela kwangaphambili ngentshabalaliso eyafikela iYerusalem ngowama-70 C.E., amazwi esiprofeto angesiphelo seNgqobhoko ngokutshatyalaliswa. (Marko 13:1-20) Embonweni, uHezekile ngokwakhe wathatyathwa kumlambo iKebhare, kodwa ngomoya kaThixo ngeli thuba wabuyiselwa kwindlu awayehlala kuyo njengomthinjwa eBhabhiloni. Apho waxelela abanye abathinjwa ‘konke uYehova awambonisa kona.’ Ngokufanayo, “umboniseli” othanjisiweyo kaThixo namangqina anxulumana nawo namhlanje bavakalisa konke abakutyhilelweyo nguMkhweli wenqwelo yasezulwini.—Hezekile 11:22-25.
4. Abathinjwa abangamaYuda basabela njani kwizenzo zokomfuziselo zikaHezekile?
4 Esebenzisa imifuziselo, uHezekile wabonisa abathinjwa abangamaYuda ukuba intlekele eyayiza kufikela olo hlanga yayisondele. (Funda uHezekile 12:1-7.) Lo mprofeti wathwala “iimpahla zemfuduka” ukubonisa iimpahla ezimbalwa ababenokuthi abathinjwa bakwazi ukuzityatha emagxeni abo. Kungekudala usizi lwaluza kwesamela kwiYerusalem engqingiweyo. Nangona abaninzi bengazange bazithabathe nzulu ezo zilumkiso, uHezekile wayemele abaxelele oku abantu: “Akayi kulityaziswa [amazwi].” Kwakhona namhlanje ziyadelelwa izilumkiso neziprofeto zikaThixo, kodwa kuninzi esinokukwenza ukuze sincede abo bayifuna ngokunyanisekileyo inyaniso ukuba bakholelwe ukuba ezo zinto ziza kwenzeka.—Hezekile 12:8-28.
5. Ekubeni “umhla kaYehova” wawusondele, kukugwetywa kwantoni okwakufanelekile?
5 Abo babengamphulaphuli umboniseli kaYehova kwafuneka bazi ukuba babeza kuva “ikrele” likaThixo. Ngoko, abo babangela iingcamango eziphosakeleyo ngonqabiseko lweYerusalem nelakwaYuda bagwetywa. Abaprofeti bobuxoki bafaniswa neempungutye ezitshabalalisayo, ibe kwaboniswa ukuba amaxoki ayetyabeka ngodaka oluhlephukayo iindonga eziwayo, okanye iinjongo zento elilize, zabantu. Nabaprofetikazi bobuxoki bagwetywa. ‘Umhla kaYehova’ wawusondele, ibe ubuso bakhe babukhangele kwabo ‘barhoxayo kuye,’ oko kukuthi, ‘abazahlulela ukuyeka ukulandela uThixo.’ Ukuba sizahlulele kuYehova, ngokuqinisekileyo asisayi kuze sifune ukurhoxa kwinkonzo yakhe engcwele.—Hezekile 13:1–14:11.
6. Ngaba kwakukho nabani na owayenokusindisa abantu bakwaYuda ababeneenkani, ibe oku kusifundisa ntoni?
6 Ngubani owayenokusindisa abantu bakwaYuda ababeneenkani? KwanoNowa, uDaniyeli noYobhi ababengamalungisa babengenakubasindisa xa uThixo wayezisa imigwebo yakhe kwelo lizwe. Ngoko, ukuba siza kusindiswa, simele sithwale imbopheleleko yethu yobuqu phambi koThixo size senze ukuthanda kwakhe.—Hezekile 14:12-23; Roma 14:12.
7. Ilizwe lakwaYuda lafaniswa nantoni, kanti uThixo wayeza kumisela ntoni nabo bathembekileyo?
7 Ngenxa yabemi abangathembekanga ababehlala apho, ilizwe lakwaYuda lafaniswa nomdiliya wasendle ongavelisi ziqhamo zilungileyo nofanele umlilo kuphela. (Hezekile 15:1-8) Kwakhona lafaniswa nomntwana ocholweyo nowasindiswa nguThixo eYiputa waze wondliwa de wakhulela ebufazini. UYehova wamthabatha njengomfazi wakhe, kodwa waguqukela koothixo bobuxoki ibe wayeza kutshatyalaliswa ngenxa yokukrexeza kwakhe ngokomoya. Kanti, uThixo wayeza ‘kumisela umnqophiso ongunaphakade’ nabo bathembekileyo—umnqophiso omtsha noSirayeli wokomoya.—Hezekile 16:1-63; Yeremiya 31:31-34; Galati 6:16.
8. (a) IBhabhiloni neYiputa zafaniswa nantoni? (b) Ukwaphula kukaZedekiya isifungo sakhe kufanele kusichaphazele njani?
8 Ngokulandelayo, abalawuli baseBhabhiloni nabaseYiputa bafaniswa neenkozi ezinkulu. Olunye lwaphula umthi womsedare emantloko ngokushenxisa uKumkani uYehoyakin nangokumthabathel’ indawo ngoZedekiya. Nangona uZedekiya wenza isifungo sokunyaniseka kuNebhukadenetsare, wasaphula, efuna uncedo lomkhosi kumlawuli waseYiputa, olunye ukhozi olukhulu. Ukuba uZedekiya wabiza igama likaThixo ekwenzeni eso sifungo sakhe, ukusaphula kwezisa ugculelo kuYehova. Loo ngcamango yokuzisa ugculelo kuThixo ifanele isithintele nanini na ekungakuphumezini oko sikuthethileyo. Eneneni thina sinelungelo lokuthwala igama likaThixo njengamaNgqina kaYehova!—Hezekile 17:1-21.
9, 10. (a) Sisiphi isiprofeto esibhalwe kuHezekile 17:22-24, kodwa simele senze ntoni ukuba sifuna ukufumana iingenelo ekuzalisekisweni kwaso? (b) Ngubani obophelelekileyo ngehambo yethu?
9 Kuthi ke kulandele isiprofeto esikhuthazayo sikaMesiya. (Funda uHezekile 17:22-24.) Apha, ibinzana elithi “elithambileyo” libhekisela kuKumkani onguMesiya, uYesu Kristu. Ekubeni watyalwa nguYehova eNtabeni yasezulwini iZiyon, wayeza kuba ‘ngumsedare ongowona unguwo,’ umthombo wenkuselo nentsikelelo njengoko elawula phezu komhlaba. (ISityhilelo 14:1) Eneneni sinokuba nentembelo koku.
10 Noko ke, ukuba sifuna ukufumana iingenelo ekuzalisekisweni kwesiprofeto sikaMesiya, simele silondoloze ulwalamano oluhle noYehova. Kuyabonakala ukuba abo babengabathinjwa noHezekile bacinga ukuba babenokuma okuhle noThixo ibe ityala balibeka kwabo babengaphambi kwabo ngenxa yokubandezeleka kwabo. Kodwa umprofeti wabonisa ukuba mntu ngamnye ubophelelekile ngemiphumo yehambo yakhe. (Hezekile 18:1-29; thelekisa uYeremiya 31:28-30.) Emva koko kwalandela isibongozo. (Funda uHezekile 18:30-32.) Ewe, uYehova ubenzela inceba abo baguqukayo ibe akavuyiswa kukufa kwakhe nabani na. Ngoko ke, uThixo uthi: ‘Nina bantu, guqukani nihlale niphile.’—Thelekisa eyesi-2 kaPetros 3:9.
11. Abalawuli belakwaYuda bafaniswa nantoni, ibe kwakuza kwenzeka ntoni kulo xa lalihlekezwa ‘likrele’ likaYehova?
11 Kwisimbonono esenziwayo ngenxa yokuphanziswa kwelakwaYuda, abalawuli belo lizwe bafaniswa neengonyama ezintsha. UKumkani uYowazi wafela ekuthinjweni eYiputa, uYehoyakim wathinjwa nguNebhukadenetsare, ibe uYehoyakin wathinjelwa eBhabhiloni. Ngokulandelayo uNebhukadenetsare wabeka uZedekiya etroneni yakwaYuda, kodwa wavukela. Ekugqibeleni, enjengengonyama evalelweyo, uZedekiya wathwalelwa ekuthinjweni eBhabhiloni. Ngokuvisisana nesimbonono sesiprofeto, ngowama-607 B.C.E., elakwaYuda laba ngumdiliya otshatyalalisiweyo, “akwabakho sebe liqinileyo kuwo, lokuba yintonga yokulawula.” Lahlekezwa ‘likrele’ likaYehova!—Hezekile 19:1-14; Yeremiya 39:1-7.
12. (a) Njengabo babengaphambi kwabo, amaqabane kaHezekile abandakanyeka kwesiphi isenzo esiphosakeleyo? (b) Kutheni le nto abantu babuzayo enoba uHezekile wayengaqambi imizekeliso kusini na, ibe oku kusinikela siphi isilumkiso?
12 Ekubeni ‘amadoda awayevela kumadoda amakhulu akwaSirayeli,’ eza kuye, uHezekile wathetha kuwo isigidimi sikaThixo. Wabonisa ukuba nangona uYehova wawahlangulayo amaSirayeli eYiputa waze wawanika uMthetho Wakhe, awuchasa aze aqhelisela unqulo lwezithixo. Ekubeni amaqabane kaHezekile ayenetyala lobubi obufanayo, uThixo wayeza kubeka yena ukuba awagwebe. Kuyabonakala ukuba ngenxa yokuthandabuza kungekhona ngenxa yokuba babengakuqondi oko kwakuthethwa nguHezekile, abantu babuza: “Akenzi ngemizekeliso kodwa na?” Kungekudala babeza kwazi ukuba kwakungekho nto yayingumzekeliso ngesigidimi somprofeti. Oku kufanele kusilumkise ukuba singaze sivelise isimo sengqondo sokukuthandabuza ukuzaliseka kwezinto ekulunyukiswa ngazo eZibhalweni.—Hezekile 20:1-49.
UYehova UMphumi-mkhosi
13. Lifuzisela ntoni “ikrele” likaThixo, ibe “inyama yonke” yayiza kwenziwa yazi ntoni xa kwakusetyenziswa elo krele?
13 Ngomnyaka wesixhenxe wokuthinjwa (ngoAbhi 10, 611 B.C.E.), kwakusasele ngaphantsi kweminyaka emibini enesiqingatha ngaphambi kokuba kuqaliswe ukwakhiwa ‘koluhlu lokulwa ngomhla kaYehova’ nxamnye nelakwaYuda neYerusalem. (Hezekile 13:5; 20:1) Phawula oko kwathethwa nguYehova uMphumi-mkhosi ngelo xesha esebenzisa uHezekile. (Funda uHezekile 21:1-5.) “Ikrele” likaThixo lifuzisela ummeli wasemhlabeni awayeza kumsebenzisa, kodwa linokuquka intlangano yakhe yasezulwini enjengenqwelo. Abemi bakwaYuda nabakwaSirayeli ‘abangamalungisa nabangendawo,’ neentlanga ezilutshaba lwabantu bakaThixo, babeza kuwa luhlangothi ‘lwekrele’ likaThixo. Ngenene, “yonke inyama” yayiza kwenziwa yazi ukuba uYehova ebesilwa nayo.
14. (a) NjengoHezekile, amaNgqina kaYehova athanjisiweyo alathisela ingqalelo enini? (b) Yintoni ebonisa ukuba abalawuli beNgqobhoko abasayi kusinda ‘kwikrele’ likaThixo?
14 NjengoHezekile, amaNgqina kaYehova athanjisiweyo namhlanje alathisel’ ingqalelo ‘kwikrele’ uThixo aya kubalekuza ngalo abo banamathele kwiNgqobhoko, ummandla wokomfuziselo ‘womhlaba wakwaSirayeli’. Kungekudala elo “krele” liya kuviwa yiyo ‘yonke inyama yangezantsi nangasentla,’ ngabo bonke abaqheliseli bonqulo lobuxoki. Abo babezithembile ngomhla kaHezekile babengenasizathu sokuba nemihlali, begqiba kwelokuba “ikrele” likaYehova lalingayi ‘kulungiselela kubaxhela.’ Elo “krele” labhukuqa intonga yasebukhosini yobukumkani bakwaYuda, kanye njengokuba labhukuqa yonke eminye ‘imithi,’ okanye intonga yasebukhosini. Ngoko, ngokuqinisekileyo abalawuli beNgqobhoko abasayi kusindiswa ngummeli kaThixo otshabalisayo.—Hezekile 21:6-17.
15. Sisiphi isiganeko esibandakanya uNebhukadenetsare esibonisa ukuba akukho mntu unokujika “ikrele” likaYehova?
15 Isiprofeto sikaHezekile sihlabela mgama sibonisa ukuba akukho mntu, kuquka needemon, unokulijika “ikrele” likaYehova. (Funda uHezekile 21:18-22.) Nangona uKumkani uNebhukadenetsare wayeza kusebenzisa ukuvumisa ngeedemon, uYehova wayeza kuqinisekisa ukuba umlawuli waseBhabhiloni wayeza kwenza ungcelele lokuya kuhlasela iYerusalem, kungekhona ikomkhulu lama-Amoni iRabha engenamandla. UNebhukadenetsare wayeza kukhetha esikhongozelweni umkhonto ophawulelwe iYerusalem. Wayeza kusebenzisa umlondekhaya (mhlawumbi, izithixo ezincinane ezenziwe njengomntu) ibe wayeza kukhangela imiqondiso esibindini sesilwanyana esixheliweyo. Noko ke, phezu kwako nje oko kuvumisa, wayeza kuhamba ngendlela eya kwikomkhulu lakwaYuda aze alingqinge. Kuyinyaniso ukuba, uNebhukadenetsare wayenze umnqophiso noKumkani uZedekiya. Kodwa ngenxa yokwaphula kwabo isifungo, uZedekiya namanye amaYuda babeza “kuxhakamfulwa ngesandla” baze bathinjelwe eBhabhiloni.—Hezekile 21:23, 24.
16. (a) Yintoni eyenzekayo ukuze kuzaliseke uHezekile 21:25-27? (b) AmaXesha Eentlanga aqalisa nini, ibe aphela ngasiphi isiganeko?
16 Ngokuvukela, uZedekiya wazenzakalisa ngendlela ebulalayo. (Funda uHezekile 21:25-27.) Xa kwatshatyalaliswa ukumkani wakwaYuda wohluthwa ubukhosi, kwasuswa unkontsho nesithsaba sasebukhosini. (2 Kumkani 25:1-7) Ubukumkani ‘obuphakanyisiweyo’ bakwaYuda ‘bathotywa’ ngokuthi butshatyalaliswe ngowama-607 B.C.E. Ngaloo ndlela ubukumkani beeNtlanga ‘obuthobekileyo’ ‘baphakanyiswa,’ oko kububangela ukuba bulawule umhlaba ngaphandle kokuba kungenelele ubukumkani bukaThixo obububo. (Duteronomi 28:13, 15, 36, 43, 44) Ngoko kwaqalisa ‘amaxesha amisiweyo eentlanga’—amaXesha Eentlanga—awaphela ngowe-1914 xa uThixo wanika uYesu Kristu ulawulo, ‘lowo unelungelo elingokwasemthethweni lokubufumana.’ (Luka 21:20-24; INdumiso 110:1, 2; Daniyeli 4:15-28; 7:13, 14) Ekubeni uYesu esetroneni yasezulwini, izizwe zeeNtlanga azinakukunyathelela phantsi oko kwafuziselwa yiYerusalem yamandulo, uBukumkani bendlalifa kaDavide engokwasemthethweni.—Hebhere 12:22.
17. Bubuphi ‘ubuxoki’ obabuvakaliswa ngabaprofeti bakwa-Amoni?
17 Abaprofeti bakwa-Amoni babesithi ikomkhulu lama-Amoni, iRabha, laliza kusinda ekutshatyalalisweni likrele likaNebhukadenetsare. Kodwa oku ‘kwakububuxoki,’ kuba lonke ilizwe lama-Amoni laliza kutshatyalaliswa. Kumhla wethu, uThixo uye wamisela ukuba ukutshatyalaliswa kweentlanga kulandele oko kweNgqobhoko, kanye njengokuba iRabha yatshatyalaliswayo emva kweYerusalem.—Hezekile 21:28-32; ISityhilelo 16:14-16.
IYerusalem Ibekw’ Ityala
18. UHezekile wayigweba ngenxa yaziphi izono iYerusalem, ibe sifanele sisabele njani koku?
18 Kwakhona ethetha ilizwi likaYehova, uHezekile wayigweba iYerusalem ngezono ezinjengokuphalaza igazi, ukunqula izithixo, ukuziphatha okubi, ukuqhatha nokulibala uThixo. Izikhulu zayo ezazinetyala legazi zalisebenzisa kakubi igunya ukusa kwinqanaba lokuba zigwetyelwe ukufa, ibe abancethezi batshatyalaliswa ziintshaba ngokuthi bazityhole ngobuxoki. Ngenxa yobubi obunjalo, abemi baseYerusalem babeza kusasazeka. Ukwazi kwethu oku kufanele kusomeleze kwisigqibo sethu sokuphepha ukusebenzisa kakubi igunya, ukuziphatha okubi, ukuhleba nezinye izono ezinzulu.—Hezekile 22:1-16.
19. Abantu bakwaYuda babeza kunyityilikiswa njani, ibe kutheni le nto ukutshatyalaliswa kwabo kwakufanelekile?
19 Kwakhona uYehova wayeza kubanyibilikisa eziko abantu bakwaYuda. Oku wayengakwenzeli ukubacoca kwinkqubo yokusulungekisa kodwa wayeza kubanyibilikisa ngomsindo wakhe onjengomlilo. (Hezekile 22:17-22) Lo mgwebo wawubafanele kakuhle abaprofeti ababesenza amayelenqe, ababingeleli abachas’ umthetho, abathetheli ababawayo nabantu ababengenzi okusesikweni. Bonke bagwetywa. Ekubeni kwakungekho mntu wayenokumela ubulungisa phakathi kwabo, uThixo wayeza kubatshabalalisa ngomlilo womsindo wakhe.—Hezekile 22:23-31.
Isohlwayo Sasibafanele
20. Ngoobani abafazi bokomfuziselo owawuza kuphalazelwa kubo umsindo kaThixo, ibe ziziphi iinkcukacha onokuzinikela mayela nokufaniswa kwabo?
20 Ukuphalazwa komsindo kaThixo ngokulandelayo kwafuziselwa njengomgwebo owaphunyezwa phezu kwabafazi ababini bokomfuziselo ababenetyala lokukrexeza ngokomoya. Omnye yayinguOhola (NW), izizwe ezilishumi zobukumkani bakwaSirayeli kunye neSamari njengekomkhulu lakhe. ‘Wayengomkhulu’ kuba wabunjwa zizizwe ezininzi zakwaSirayeli, kuquka nezo zenzala yoonyana abakhulu bakaYakobi, uRubhen noSimon. Udade wabo yayinguOholibha (NW), ilizwe lakwaYuda elibunjwe zizizwe ezibini kunye neYerusalem njengekomkhulu lakhe. Igama elithi Ohola lithetha “uNtente-yakhe.” Igama elithi Oholibha lithetha “uNtente-yam-kuye,” gama elo elilelifanelekileyo ekubeni intente kaThixo, okanye itempile, yayikwaYuda.—Hezekile 23:1-4.
21. UOhola walufuna phi unqabiseko, nto leyo esinika isilumkiso santoni?
21 UOhola (uSirayeli) wabhanga xa wabhukuqwa ngama-Asiriya ngowama-740 B.C.E. Wayenze ntoni? (Funda uHezekile 23:5-7.) UOhola ngokungathembeki wafuna unqabiseko kwiintlangano zobupolitika, kodwa oku kwakhokelela ekubeni amkele unqulo lobuxoki lwabo wayemanyene nabo, kangangokuba ‘wazenza inqambi ngezigodo zabo [“izithixo ezingamasikizi,” NW].’ Njengoko sifumana isilumkiso ngokukrexeza ngokomoya kukaOhola, sifanele sizilinde nxamnye namaqhina ehlabathi anokutshabalalisa ukholo lwethu.—Yakobi 4:4; 1 Yohane 2:15-17.
22. Njengo-Ohola no-Oholibha, yenza ntoni iNgqobhoko, kodwa kuza kwenzeka ntoni kuyo?
22 Ngenxa yokuhamba ngekhondo lesono ngaphezu kodade wabo, uOholibha (elakwaYuda) wafumana intlekele eyehlela uhlanga ezandleni zamaBhabhiloni ngowama-607 B.C.E. Abantwana bakhe balala waca likrele okanye bathinjwa, ibe wahlazeka phakathi kweentlanga. Njengo-Ohola no-Oholibha, iNgqobhoko iyakrexeza ngokomoya, nto leyo ebonakala isisono kuThixo ethi iyamnqula. Ubuprotestanti, kunye neemvaba zabo ezininzi, buye bazingcolisa ngamagunya ezorhwebo nawobupolitika eli hlabathi ngaphezulu lee kunodade wabo omkhulu, ubuRoma Katolika. Ngaloo ndlela, uYehova uya kuqinisekisa ukuba yonke iNgqobhoko iyatshatyalaliswa. Baya kwandula ke abantu bazi ukuba unguYehova oyiNkosi enguMongami. Oku kuya kulomeleza uzimiselo lwethu lokuphepha amaqhina angafanelekanga eli hlabathi ukuba sikhumbula ukuba izinxulumani zeNgqobhoko kungekudala ziya kuyijikela zize ziphumeze isigwebo sikaThixo kuyo njengenxalenye eyintloko yeBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki.—Hezekile 23:8-49; ISityhilelo 17:1-6, 15-18.
Abahanahanisi Bayakhwankqiswa
23. IYerusalem yafanekiselwa njani kwisigidimi sikaThixo esanikwa uHezekile ekupheleni kukaDisemba wama-609 B.C.E., ibe kwakuza kwenzeka ntoni kuyo?
23 Ekupheleni kukaDisemba kwangaloo mhla awathi uNebhukadenetsare waqalisa ungqingo lwakhe lweYerusalem lweenyanga ezili-18 (Tebheti 10, 609 B.C.E.), uThixo wanika uHezekile esinye isigidimi esicacileyo. Kuso, iYerusalem eyayingqingiwe yafanekiselwa yimbiza yokupheka ababeza kuthi ‘babiliselwe’ kuyo abemi beso sixeko. Ukungcola ngokokuziphatha kwakubangele ‘umhlwa’ kuloo mbiza yokupheka yokomfuziselo. Abenzi bobubi babeza kuphuma ‘ngokweenyama ngeenyama’ eYerusalem, ibe uyeha wayo wayengenakuphela de itshabalale. UYehova wayigweba iYerusalem ngokwezenzo zayo ezingendawo, ibe yayimele itshatyalaliswe, kanye njengokuba iNgqobhoko imele itshatyalaliswe.—Hezekile 24:1-14.
24. (a) Kutheni le nto uHezekile engazange abonakalise ukuba buhlungu xa kwakusifa umfazi wakhe? (b) Xa “ikrele” likaYehova lisehlela phezu kwayo, iNgqobhoko iya kusabela njani, ibe yintoni eya kuyazi?
24 Ngokulandelayo, uHezekile wayeza kwenza okuthile okungaqhelekanga. (Funda uHezekile 24:15-18.) Kutheni le nto lo mprofeti wayengenakubonakalisa ukuba buhlungu xa kwakusifa umfazi wakhe? Ukuze abonise indlela awayeza kukhwankqiswa ngayo amaYuda ekutshatyalalisweni kweYerusalem, kwabemi bayo netempile. UHezekile wayesele ethethe wophela ngemicimbi enjalo ibe wayengenakuphinda athethe ngesigidimi sikaThixo de abe wayenikwe ingxelo yokuba iYerusalem yayitshatyalalisiwe. Ngokufanayo, iNgqobhoko nabantu bayo bonqulo abahanahanisayo baya kukhwankqiswa ngexesha lokutshatyalaliswa kwabo. Ibe emva kokuqalisa ‘kwembandezelo enkulu,’ oko sele kuthethwe ludidi lomboniseli othanjisiweyo malunga nesiphelo sayo kuya kuba kwanele. (Mateyu 24:21) Kodwa xa “ikrele” likaThixo lisehlela phezu kweNgqobhoko, abo bantu bonqulo nabanye abaya kuba bekhwankqisiwe ‘kuya kufuneka bemazile ukuba yena unguYehova.’—Hezekile 24:19-27.
Unokuphendula Uthini?
◻ Kwenzeka ntoni xa uYehova wasebenzisa “ikrele” lakhe kwaYuda nakuSirayeli?
◻ Kufanele kusichaphazele njani ukwaphula kukaZedekiya isifungo sakhe awayesenze noNebhukadenetsare?
◻ Lifuzisela ntoni “ikrele” likaThixo?
◻ Sisiphi isiganeko esibandakanya uNebhukadenetsare esibonisa ukuba akukho mntu unokulijika “ikrele” likaYehova?
◻ Kwenzeka ntoni ukuze kuzaliseke uHezekile 21:25-27?
◻ Yintoni eyafanekiselwa kwangaphambili kukungabonakalisi kukaHezekile ukuba buhlungu xa kwakusifa umfazi wakhe?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Xa uKumkani uZedekiya waphula isifungo sakhe awayesenze noNebhukadenetsare waze wathinjwa, sisiphi isiprofeto esaqalisa ukuzaliseka?