Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
UYesu Usinga EYerusalem Kwakhona
NGOKUKHAWULEZA uYesu usendleleni kwakhona, efundisa kwizixeko ngezixeko nakwimizi ngemizi. Kucaca ukuba ukwisithili sasePereya, ngaphesheya koMlambo iYordan xa usuka kwelakwaYuda. Kodwa apho asinge khona kuseYerusalem.
Mhlawumbi yintanda-bulumko yamaYuda ethi linani nje eliqingqiweyo elifanelwe lusindiso eshukumisela ndoda ithile ukuba ibuze: “Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?” Kwimpendulo yakhe, uYesu ubanyanzelela abantu ekucingeni ngoko kuyimfuneko ukuze kuzuzwe usindiso: “Zamani [oko kukuthi, zabalazani, okanye qwelani namandla okugqibela] ukungena ngesango elimxinwa.”
Umgudu wamandla onjalo ungxamisekile kuba, uYesu uyaqhubeka, “Baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.” Kungani bengayi kukwazi ukungena nje? Uchaza esithi xa ‘umninimzi sele evukile waza walutshixa ucango baza abantu abemi ngaphandle bankqonkqoza, besithi, “Nkosi, sivulele,” uya kuthi kubo: “Andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basebenzi bokungalungileyo.”
Kubonakala ukuba abantu abatshixelwe ngaphandle beza kuphela ngexesha elibalungeleyo bona. Kodwa ngelo xesha ucango oluvulela amathuba angakumbi luvaliwe lwaza lwatshixwa. Bebemele ukuba bafike kwangethuba ukuze bangene, kwanokuba elo thuba belisenokuba alibalungele kangako. Eneneni, kukho umphumo olusizi olindele bonke abo bakuhlehlisela emva ukwenza ukunqula uYehova kube yeyona njongo iphambili ebomini!
Ngokukakhulu, amaYuda lawo uYesu athunyelwe ukuya kulungiselela kuwo, asilele ukuxhakamfula ithuba lawo elimangalisayo lokwamkela ilungiselelo likaThixo losindiso. Ngoko uYesu uthi aya kukhala aze atshixizise amazinyo awo xa ephoselwa ngaphandle. Kwelinye icala, abantu abavela “empumalanga nasentshonalanga, nasentla, nasezantsi,” ewe, kuzo zonke iintlanga, baya kuza baze “bangqengqe ebukumkanini bukaThixo.”
Ngaloo ndlela, njengokuba uYesu eqhubeka: “Bakho abokugqibela [abo bacekiswayo bangengomaYuda, kwanaloo maYuda axinzelelwe phantsi] abaya kuba ngabokuqala; bakho nabokuqala [amaYuda ajongelwa phezulu ngenxa yezinto eziphathekayo nangenxa yonqulo] abaya kuba ngabokugqibela.” Ukuba ngabokugqibela kuthetha ukuba abo bangamavila, bangenambulelo abayi kuba seBukumkanini bukaThixo konke konke.
Ngoku kufika abaFarisi kuYesu baze bathi: “Phuma umke apha; ngokuba uHerode [Antipas] ufuna ukukubulala.” Kusenokwenzeka ukuba nguHerode ngokwakhe owaqalisa olu lurhe ukubangela ukuba uYesu asabe kulo mmandla. UHerode wayesoyika ukubandakanyeka ekufeni komnye umprofeti kaThixo njengoko wayebandakanyekile ekubulaweni kukaYohane umbhaptizi. Kodwa uYesu uyabaxelela aba baFarisi: “Yiyani nithi kuloo mpungutye, Uyabona, ndikhupha iidemon, ndifinyeze iimpiliso, namhla nangomso; ndithi ngowesithathu umhla ndifeze.”
Emva kokuba ewugqibile umsebenzi wakhe apho, uYesu uyaqhubeka nohambo lwakhe oluya eYerusalem ngenxa yokuba, njengokuba echaza, “akangekhe umprofeti atshabalalele ngaphandle kweYerusalem.” Kungani bekunokulindelwa ukuba uYesu wayeya kubulawelwa eYerusalem? Kungokuba iYerusalem isisixeko esilikomkhulu, apho kukho inkundla ephakamileyo yamalungu entlanganiso yamadoda amakhulu angama-71 nalapho amadini ezilwanyana anikelwa khona. Ngenxa yoko, bekuyinto engenakwamkeleka ukuba “iMvana kaThixo” ibulawelwe naphi na ngaphandle kwaseYerusalem.
“Yerusalem, Yerusalem, ebabulalayo abaprofeti, ibagibisele ngamatye abo bathunywe kuyo! Kufuthi kangakanani na ndathandayo ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amantshontsho aso ngaphantsi kwamaphiko aso, anavuma! Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize,” ulila ngelitshoyo uYesu. Ngokuchasa uNyana kaThixo, olo hlanga lugwetyelwe intshabalalo!
Njengokuba uYesu eqhubeka nohambo lwakhe olusinge eYerusalem, umenyelwa endlwini yomnye wakubaphathi babaFarisi. Kungumhla weSabatha, yaye abantu bambonela kufutshane, ekubeni kukho indoda ekhoyo egula yigalimoya, engamadyungudyungu amanzi ekunokwenzeka kwiingalo zayo nakwimilenze yayo. UYesu ubhekisa kubaFarisi nakwiingcali zoMthetho ezikhoyo, ebuza: “Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha?”
Bonke baba ziinkuku ezisikwe imilomo. Ngoko uYesu uyayiphilisa le ndoda aze ayindulule ihambe. Uyandula abuze esithi: “Lelikabani na kuni apha iesile, nokuba yinkomo, eya kweyela equleni, aze angayirholi kwaoko ngomhla wesabatha?” Kwakhona, akukho namnye ophendulayo. Luka 13:22–14:6; Yohane 1:29.
◆ UYesu uthi kufuneka ntoni ukuze kuzuzwe usindiso, yaye kungani abaninzi betshixelwa ngaphandle?
◆ Bangoobani “abokugqibela” ababa ngabokuqala, ‘nabokuqala’ ababa ngabokugqibela?
◆ Kutheni le nto kusenokuba kwathiwa nguHerode owayefuna ukubulala uYesu?
◆ Kungani kungavumelekanga ukuba umprofeti abulawelwe ngaphandle kweYerusalem?