Xa UYehova Wafundisa Abalawuli Izifundo
“Yonke imisebenzi yakhe iyinyaniso, neendlela zakhe zisesikweni; . . . enako ukubathoba abahamba beqhankqalazile [ngekratshi, NW].”—DANIYELI 4:37.
1. UElihu utsalel’ ingqalelo kuluphi uphawu lukaYehova?
“YABONA, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe; ngubani na umyali onjengaye?” Loo mazwi kaElihu awayebhekiswa kuYobhi owayesiva ubunzima atsalela ingqalelo kolunye lweempawu ezikhethekileyo zoMdali, uYehova uThixo. Xa kufikelela ekuyaleni, okanye ekufundiseni abanye, akukho bani onokuthelekiswa naye.—Yobhi 36:22.
2, 3. (a) Sisiphi esinye sezifundo athe uYehova wakufumanisa kuyimfuneko ukuba asifundise abantu? (b) Ngexesha likaMoses ngubani umlawuli othile ekwafuneka uYehova emfundise esi sifundo, yaye wasebenzisa ziphi iindlela? (c) UThixo uyichaze izihlandlo ezingaphi kwiLizwi lakhe injongo yakhe yokufundisa abantu esi sifundo?
2 Phakathi kwezinto ekuye kwafuneka ukuba uThixo azifundise abantu kwaneentlanga lulwalamano lwabo olufanelekileyo naye. Oku kubalaseliswa ngamazwi omdumisi uDavide kwiNdumiso 9:19, 20: “Khawusuk’ ume, Yehova; malungangcwangushi [malungangqineki luphakamile ngamandla, NW] uluntu, mazigwetywe iintlanga phambi kwakho, zimisele ukoyika, Yehova, zazi iintlanga ukuba ziluluntu kuphela.”
3 UFaro wexesha likaMoses wayephakathi kwabalawuli behlabathi awathi uYehova uThixo wakufumanisa kuyimfuneko ukumfundisa esi sifundo. UThixo wakwenza oko ngokusebenzisa izibetho awazithumela phezu kwamaYiputa. Ngaphezu koko, uYehova wamxelela oku loo Faro wayezigwagwisa: “Noko ke ndikumisele eli thuba lokuba ndiwabonakalalise amandla am kuwe, laziswe igama lam ehlabathini lonke.” (Eksodus 9:16) Ukongezelela, ngaphezu kwezihlandlo ezingama-70, ukususela kwiEksodus 6:7 ukusa kuYoweli 3:17, uYehova uthi kwiLizwi lakhe uya kwenza imisebenzi ekwanjalo yamandla ukuze abalawuli, abantu, kwaneentlanga zazi ukuba unguYehova, Osenyangweni ehlabathini lonke.
4. Ngexesha likaDaniyeli, ngabaphi abalawuli abathathu abafundiswa nguYehova, yaye wasebenzisa ziphi iindlela?
4 Imizekelo eliqela echukumisayo yendlela uYehova awafundisa ngayo abalawuli ibhalwe kwincwadi kaDaniyeli. Aba balawuli yayinguNebhukadenetsare, uBheleshatsare kwanoDariyo. Wabafundisa nini? Kunokwenzeka ukuba kuphakathi komnyaka wama-617 B.C.E. nowama-535 B.C.E. Yaye wabafundisa njani? Ngokusebenzisa amaphupha nokutyhilwa kwawo kwanangokubonakaliswa kwamandla akhe. UYehova wabafundisa aba balawuli bangabantu ukuba unguMongami Ophakamileyo wendalo iphela nokuthi bona babengabantu nje abangeni—zifundo ezo abalawuli behlabathi balo mhla ekusaya kufuneka nabo bezifundile.
5. Abo babuthandabuzayo ubunyaniso bencwadi kaDaniyeli banokuphikiswa ngabuphi ubungqina?
5 Kodwa ngaba ubunyaniso bencwadi kaDaniyeli abuthandatyuzwa ngabahlalutyi abaninzi bale mihla? Ekuphenduleni aba bahlalutyi, omnye umfundi weBhayibhile wachaza kakuhle esithi: “Kucacile ukuba imimangaliso ekubhekiselwe kuyo, kwanjengokuba kunjalo nangeziprofeto ezingqinelwe ngaphandle kwamathandabuzo, zabhalwa nguDaniyeli owayephila ngethuba lezo ziganeko. Ke ngoko kukho ukuba sinemimangaliso eyinyaniso kwanesiprofeto esiyinyaniso, okanye simele singabi nayo nayiphi na kwezo zinto size ke sibe nobuxoki bodwa.” (Daniel the Prophet, nguE. B. Pusey, iphepha 75) Eneneni, ngokuphindaphindiweyo umbhali wale ncwadi uyazichaza, njengaxa esithi, “Mna Daniyeli”! (Daniyeli 8:15; 9:2; 10:2) Ngaba kukonke oku kwakulungelelaniswe ngobuqhetseba? Inyaniso ikukuba ngaphambi kwenxalenye yokuqala yenkulungwane ye-18, akuzange kuthandatyuzwe ngamaYuda kwanangamaKristu ukuba yabhalwa ngubani na incwadi kaDaniyeli. Phofu ke, okwenza siqiniseke ngakumbi kunoluvo lwakhe nawuphi na umfundi weBhayibhile wale mihla bubungqina obungokweZibhalo obumayela nencwadi kaDaniyeli. Ngokomphumo, simfumana uDaniyeli ekhankanywe izihlandlo ezithathu kwincwadi kaHezekile. (Hezekile 14:14, 20; 28:3) Okunikela ubungqina obupheleleyo ngaphezu kwako nakuphi na okunye ngamazwi kaYesu, uNyana kaThixo, njengoko ebhalwe kuMateyu 24:15, 16: “Xa ke ngoko nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (olesayo makaqiqe,) ngelo xesha mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni.”a
UNebhukadenetsare Ufunda Ukuba Ungubani Na UThixo Wokwenyaniso
6. Yintoni esenokuba yakhulisa ikratshi lokumkani waseBhabhiloni, yaye wathini ngaye kwiincwadi zakhe?
6 Njengokuba umprofeti uIsaya ebonisa, ookumkani baseBhabhiloni babengamadoda anekratshi ngokugqithiseleyo. (Isaya 14:4-23) UNebhukadenetsare wayekwayindoda ezinikele ngokugqithiseleyo elunqulweni. Kwiincwadi zakhe wabalisa “ngamaphulo akhe okwakha nangengqalelo yakhe koothixo baseBhabhiloni.” Ngokungathandabuzekiyo kwamngxal’ ikratshi ukuphumelela kwakhe ekoyiseni iYerusalem nalo lonke elakwaYuda emva kokuba uSaneribhe wayesilele ngokuyintlekele kwilinge lakhe lokukwenza oku.
7. Ngawaphi amava abaliswe kuDaniyeli isahluko 1 awayemele ukuba amfundisile uNebhukadenetsare ukuhlonela uThixo wamaHebhere?
7 Emva kokuba uDaniyeli namaqabane akhe amathathu angamaHebhere bevele phambi kukaNebhukadenetsare, ngokuqinisekileyo wayenesizathu sokumhlonela uThixo wabo, kuba “kuzo zonke iindawo zobulumko bokuqonda, abezibuza kubo ukumkani, wabafumana bebadlula ngokukalishumi zonke izazi nabakhwitsi abasebukumkanini bonke.” Ewe, amadoda azizilumko awayenoYehova njengoThixo wawo ayebagqwesa kude lee bonke abo babenqula abanye oothixo. UNebhukadenetsare akanakuba akazange asiphawule eso sibakala.—Daniyeli 1:20.
8. Wasebenzisa ziphi iindlela uYehova ukubhenca izilumko zaseBhabhiloni njengezo zazingenalwazi lukhethekileyo?
8 Kwakusekho okungakumbi ekwakufuneka uYehova emfundise kona uKumkani uNebhukadenetsare. Isifundo sesibini sabhalwa kwingxelo ekuDaniyeli isahluko 2. UThixo wambangela lo kumkani ukuba aphuphe iphupha eloyikisayo waza emva koko wamenza ukuba alilibale. Eli phupha lamnkwantyisa ngokugqithiseleyo umlawuli waseBhabhiloni, waza wabiza onke amadoda akhe azizilumko ukuba aze kumlawulela iphupha nokutyhilwa kwalo. Kakade ke, ayengenakulilawula iphupha, kungasathethwa nto ngokutyhilwa kwalo, ngaloo ndlela evuma nangona ayengatsho ngomlomo ukuba ayengenalo ulwazi olukhethekileyo. Oku kwamenza ukumkani waligwele ngumsindo kangangokuba wayalela ukuba abulawe onke. Kwathi ke bakuxelelwa uDaniyeli namaqabane akhe ngommiselo wokumkani, uDaniyeli wacela ukuba akhe anikwe ithuba elithile, thuba elo walinikwayo. Ngokulandelayo yena namaqabane akhe amathathu bakwenza oku umxholo womthandazo onyanisekileyo, nto leyo eyaphumela ekubeni uYehova alityhile iphupha kwanentsingiselo yalo kuDaniyeli.—Daniyeli 2:16-20.
9. (a) Ngubani ekuphela kwalowo wayekwazi ukutyhila iphupha likaNebhukadenetsare, yaye Lowo wanikela kuphi ukutyhilwa kwalo? (b) Ngokomphumo, ukumkani wafikelela kwesiphi isigqibo?
9 Xa uDaniyeli weziswa phambi kokumkani, uNebhukadenetsare wambuza: “Unako na [ufaneleke ngokwaneleyo na, NW] ukundazisa iphupha endilibonileyo, nokutyhilwa kwalo?” Emva kokuba emkhumbuzile lo mlawuli unekratshi ukuba izilumko zakhe zazingakwazanga ukumxelela imfihlelo yephupha lakhe nokutyhilwa kwalo, uDaniyeli wathi: “Kodwa ke kukho uThixo emazulwini, ozityhilayo iimfihlakalo, onokumazisa ukumkani uNebhukadenetsare okuya kubakho ekupheleni kwemihla.” Eqhubela phambili, uDaniyeli wamxelela ukumkani ngomfanekiso omkhulukazi awayephuphe ngawo nentsingiselo yawo. Ukumkani wachukumiseka kakhulu kangangokuba wadanduluka esithi: “Okwenyaniso, uThixo wenu nguThixo woothixo, yiNkosi yookumkani, ngumtyhili weemfihlakalo: uthe waba nako nje wena ukuyityhila le mfihlakalo.” Ngaloo ndlela uYehova wamfundisa uKumkani uNebhukadenetsare ukuba Yena wayengokuphela koThixo oyinyaniso.—Daniyeli 2:26, 28, 47.
10, 11. (a) Ngenxa yekratshi lakhe elikhulu, wenza ntoni uKumkani uNebhukadenetsare, oko kulandelwa nguwuphi umyalelo? (b) Ngokwala ukuthobela umyalelo wokumkani, la maHebhere mathathu aphakamisa yiphi imbambano, yaye oko kwaba nawuphi umphumo?
10 Nangona ngokungathandabuzekiyo uKumkani uNebhukadenetsare wayechukunyisiwe lulwazi nabubulumko boThixo wamaHebhere, kwakusafuneka efunde okungakumbi. Ngenxa yekratshi lakhe, wamisa umfanekiso omkhulu wegolide kwithafa laseDura. Lo mfanekiso wawuziikubhite ezingama-60 ukuphakama neekubhite ezintandathu ububanzi, nto leyo esikhumbuza inani elingu-666 eliluphawu ‘lwerhamncwa’ likaSathana elikhankanywe kwiSityhilelo 13:18. (Ekubeni ikubhite iphantse ibe malunga nesi-0,5 semitha, lo mfanekiso wawumalunga nama-27 eemitha ukuphakama yaye umalunga nesi-2,7 seemitha ububanzi.) Ukumkani wayalela bonke abangamagosa obukumkani bakhe ukuba “beze ekusungulweni komfanekiso” waza wayalela ukuba zekuthi xa kudlala iqela lentambula, bonke bawe phantsi baze banqule lo mfanekiso. Wambi amagosa anomona oburhulumente bamaKaledi, ephawule ukuba amaHebhere amathathu awayekho ngeso sihlandlo ayengenanxaxheba kulo msitho, awaxela kukumkani.—Daniyeli 3:1, 2.
11 Lo yayingowona mcimbi unzulu kuNebhukadenetsare, kuba ngasihlandlo sithile wayekhe waziqhayisa esithi yena “ungulowo umisele kwimilomo yabantu ukoyikwa koothixo abakhulu.” Ngaloo ndlela, ubungangamsha bukaNebhukadenetsare basebukhosini nenzondelelo yakhe engokonqulo zazoniwe ngokwenene. Esabela ngengqumbo nangomsindo ovuthayo, lo mlawuli unekratshi wawanika elinye ithuba la maHebhere mathathu kodwa liphelekwa sesi sisongelo sokugqibela: “Ukuba anithanga niqubude, nojulelwa kwaoko ezikweni elivutha umlilo. Ngubani na ke uthixo oya kunisindisa esandleni sam?” Kaloku, kwakuza kufuneka uNebhukadenetsare efumanisile ukuba uThixo wabo wayekwazi ngokwenene ukubahlangula abakhonzi Bakhe kwisandla esingento yanto saloo mlawuli nokuthi akukho wumbi omnye uthixo onako ukuhlangula njengoThixo wamaHebhere.—Daniyeli 3:15.
Iphupha Lomthi
12, 13. (a) UDaniyeli walityhila njani iphupha loKumkani uNebhukadenetsare lomthi? (b) UNebhukadenetsare wakubonisa njani ukuba ukutyhilwa kwephupha kwakungazange kusiguqule isimo sakhe sengqondo?
12 Ngewawuchatshazelwe njani kukufunda ezo zifundo? Kubonakala ngathi, ezi zifundo zithathu azizange zanele ukumenza uKumkani uNebhukadenetsare ayazi indawo yakhe. Ngoko kwafuneka ukuba uYehova amfundise esinye isifundo. Kwakhona, kwakubandakanyeke iphupha, yaye nangesi sihlandlo, akukho namnye kwizilumko zaseBhabhiloni owayekwazi ukulityhila. Ekugqibeleni, kwabizwa uDaniyeli, yaye wakwazi ukumazisa ukumkani intsingiselo yephupha, oko kukuthi, kangangeminyaka esixhenxe wayeya kuphila ‘njengamarhamncwa asendle,’ nokuthi emva koko wayeya kubuyela ezingqondweni zakhe.—Daniyeli 4:1-37.
13 Ngokwezinto ezathi zenzeka emva koko, licace gca elokuba elo phupha alizange lisiguqule isimo sengqondo sikaNebhukadenetsare. Kwathi ke, malunga nomnyaka kamva, xa ukumkani wayesahambahamba kwibhotwe lakhe lobukumkani, waziqhayisa ngekratshi esithi: “Le asiyiyo na iBhabheli enkulu, endiyakhele ukuba ibe yindlu yobukumkani ngokuqina kwamandla am, nangenxa yobuhandiba bobungangamsha bam?” Okunjani kona ukuzidla! Kwenzeka ukuba kanye ngaloo mzuzu kuvakale ilizwi liphuma ezulwini limxelela lo mlawuli unekratshi ukuba ubukumkani bakhe babuya kuhluthwa kuye nokuthi wayeya kuhlala namarhamncwa asendle kangangamaxesha asixhenxe, “ude wazi ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu.”—Daniyeli 4:30-32.
14. Lazaliseka njani iphupha elingomthi, yaye oko kwaba nawuphi umphumo kuNebhukadenetsare?
14 Emva kokuba uNebhukadenetsare ephile njengesilwanyana loo maxesha, okanye iminyaka esixhenxe, uYehova wambuyisela ezingqondweni yaye kwafuneka evumile ukuba ‘akukho bani unokusinqanda isandla sOsenyangweni okanye athi kuye: Ubusenza ntoni na?’ Ngaphezu koko, umlawuli waseBhabhiloni wabonisa ukuba ukongezelela koko wayesifundile isifundo sakhe, xa wayesithi: “Kaloku, mna Nebhukadenetsare, ndiyamncoma, ndimphakamisa, ndimbeka uKumkani wamazulu; ngokuba yonke imisebenzi yakhe iyinyaniso, neendlela zakhe zisesikweni; nangokuba enako ukubathoba abahamba beqhankqalazile”—njengoko wayenzile loo kumkani. Ngaba bubonke obo bungqina obungendlela uYehova aye ngokuphindaphindiweyo wayizinzisa ngayo imbambano yolongamo asibobungqina bungokwezibakala obalatha ukuba ezi ngxelo aziyilwanga yingcamango yomntu othile kodwa zingumsebenzi wombhali owaphefumlelwa nguThixo ngokubhala phantsi imbali yokoqobo?—Daniyeli 4:35, 37.
UBheleshatsare Ubona Umbhalo Wesandla Eludongeni
15. UBheleshatsare wakubonisa njani ukumdelela uThixo wenyaniso, uYehova?
15 Omnye umlawuli awathi uYehova waba nethuba lokumfundisa yayinguBheleshatsare. Wayengunyana ibe ekwangumlawuli kunye noyise uKumkani uNabhonidus, Nabhonidus lowo wayengene ezihlangwini zikaNebhukadenetsare. Ngasihlandlo sithile sesihikahika esikhulu sesidlo, uBheleshatsare waba nesibindi sendelelo sokuyalela ukuba kuziswe iindebe zegolide ezazithatyathwe nguyisemkhulu kwitempile kaYehova eYerusalem ukuze yena, izikhulu zakhe, abafazi bakhe, kwanamashweshwe akhe basele ngazo. Bathi ke “basela iwayini, babancoma oothixo begolide, nabesilivere, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye.”—Daniyeli 5:3, 4.
16, 17. (a) Wasebenzisa yiphi indlela uYehova ukufaka uloyiko kuBheleshatsare? (b) UDaniyeli wawutyhila njani umbhalo wesandla owawuseludongeni, yaye oko kwangqineka kuyinyaniso njani?
16 Lalifikile ixesha lokuba uThixo aluphelise ulawulo lwaseBhabhiloni. Ngenxa yoko, wabangela ukuba kuvele umbhalo wesandla okhwankqisayo eludongeni. Lo mmangaliso wamgungqisa kakhulu ukumkani kangangokuba kwaoko wabiza zonke izilumko zakhe ukuba zize kuwutyhila. Akukho namnye kuzo owakwaziyo. Wathi ke unina wamkhumbuza ukuba uDaniyeli, owayetyhilele uNebhukadenetsare amaphupha, wayeya kukwazi ukuwutyhila lo mbhalo. (Daniyeli 5:10-12) Xa wabizwayo waza wabuzwa enoba wayeya kukwazi na ukukwenza oku, uDaniyeli wamkhumbuza lo mlawuli ngendlela uThixo awayemthobe ngayo uyisemkhulu owayenekratshi ukuze azi ukuba Osenyangweni ungumlawuli kubukumkani babantu.—Daniyeli 5:20, 21.
17 Ngokubhekele phaya uDaniyeli wamxelela oku uBheleshatsare: “UThixo lowo, kusesandleni sakhe ukuphefumla kwakho, onazo zonke iindlela zakho, akumbekanga.” (Daniyeli 5:23) Ngoko ke umbhalo wawunjengesaziso kumlawuli waseBhabhiloni sokuba imihla yobukumkani bakhe yayifikelele esiphelweni, nokuthi wayebekwe esikalini waza wafunyanwa elula, nokuthi ubukumkani bakhe babuza kunikelwa kumaMedi namaPersi. Yaye kanye ngobo busuku, emva kokuba uYehova emfundisile loo mlawuli unekratshi esi sifundo sifuneka kangaka, uBheleshatsare, ukumkani wamaKaledi, wabulawa.—Daniyeli 5:30.
18. Uya kusebenzisa yiphi indlela uYehova ukufundisa abalawuli behlabathi banamhla izifundo ezikwanjalo ezingolongamo lwakhe namandla akhe okusindisa?
18 Kanye njengokuba uYehova wabafundisayo abalawuli abanekratshi uNebhukadenetsare noBheleshatsare izifundo ezingolongamo lwakhe nezingamandla akhe okusindisa, ngokukwanjalo eArmagedon uThixo uya kubenza bonke abalawuli bomhlaba bazi ukuba unguMlawuli Ophakamileyo, uMongami Wendalo Iphela onamandla onke. Ubomi bakho buya kuchatshazelwa. Njani? Kuba ngelo xesha uYehova uya kubahlangula abakhonzi bakhe abathembekileyo, kanye njengokuba wawahlangulayo amaHebhere amathathu kwiziko lomlilo elivuthayo.—Daniyeli 3:26-30.
UDariyo Ufunda Ngamandla KaYehova Okusindisa
19, 20. Sisiphi isiganeko kubomi bukaDaniyeli esafundisa uDariyo ngamandla kaYehova okusindisa?
19 UDaniyeli isahluko 6 usixelela ngesinye isiganeko awathi kuso uYehova wafundisa umlawuli, uDariyo, isifundo—eso samandla kaYehova okusindisa. Kwakwenziwe iyelenqe elithile elaphumela ekuphoselweni kukaDaniyeli ngukumkani kumhadi weengonyama, nangona oko kwakungekuko ukuthanda kwaloo mlawuli. Wayengaziphakamisanga ngokunekratshi nxamnye noThixo oyinyaniso. Kubangel’ umdla ukuba, nangona uDariyo wayemqinisekisile uDaniyeli ukuba uThixo wakhe wayeya kumhlangula, eneneni wayengabonakali ekukholelwa ngokupheleleyo oku. Kungenjalo, yintoni le yamenza ukuba achithe ubusuku bonke ephuthelwe yaye ekhathazekile de kube lixesha lokuthi qheke kokusa, xa wangxamayo ukuya emhadini weengonyama? Akufik’ apho wamemeza esithi: “Daniyeli, mkhonzi woThixo ophilileyo, uThixo wakho, obuhlala umbusa, ube nako na ukukusindisa ezingonyameni?”—Daniyeli 6:18-20.
20 Ewe, uThixo wayekwazile ukumkhusela uDaniyeli. UKumkani uDariyo wazaliswa luvuyo kangangokuba wakhupha lo mthetho: “Ezindaweni zonke zegunya lobukumkani bam, [ma badidizele] bothuke abantu phambi koThixo kaDaniyeli. Ngokuba unguThixo ophilileyo, emi ngonaphakade; ubukumkani bakhe abonakaliswa, . . . esindisa, ehlangula, esenza imiqondiso nezimanga emazulwini nasehlabathini; ngokuba emsindisile uDaniyeli emandleni eengonyama.”—Daniyeli 6:26, 27.
21. (a) Izahluko ezithandathu zokuqala zencwadi kaDaniyeli zinikela imizekelo echukumisayo yantoni? (b) Ingxelo yezi zinto imele ibe nawuphi umphumo kuthi?
21 Ngokwenyaniso izahluko ezithandathu zokuqala zencwadi kaDaniyeli zisinika imizekelo echukumisayo yendlela awathi uYehova, engonenzondelelo enjalo—ewe, engonekhwele—ngegama lakhe wafundisa ngayo abalawuli abanamandla beli hlabathi ukuba ngokwenene unguLowo unamandla onke, uMongami Wendalo Iphela, ekwazi ukubathoba abalawuli abanekratshi ngoxa ehlangula abakhonzi bakhe abanyanisekileyo. Ezi ngxelo zimele zisishukumisele ekubeni simoyike ngokusengqiqweni uThixo size sikuhlonele ukuba namandla onke nokongama kukaYehova. Kwangaxeshanye, le ngxelo iphefumlelweyo yomeleza ukholo ngokona kona kuba inikela imizekelo emihle ngokubalaseleyo yabakhonzi bakaYehova uThixo abathi babonakalisa ukholo olukhulu nenkalipho, njengokuba inqaku elilandelayo liya kubonisa ngokucacileyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona IMboniselo, kaOktobha 1, 1986, iphepha 3-7.
Unokuphendula Njani?
◻ Sisiphi isifundo ekuye kwayimfuneko ngoYehova ukuba asifundise abalawuli behlabathi?
◻ Kunokuthiwani ngobunyaniso bencwadi kaDaniyeli?
◻ Sisiphi isifundo esamthoba ngakumbi uKumkani uNebhukadenetsare?
◻ Ukufundisa kukaYehova abalawuli kumele kube nawuphi umphumo kuthi?