“Moyikeni UThixo, Nimzukise”
“Moyikeni UThixo, Nimzukise.”—ISITYHILELO 14:7.
1. Ngubani esifanele simoyike, yaye yintoni esingafanele siyoyike?
NGUBANI ESIFANELE SIMOYIKE? Ngokuqinisekileyo asiyiyo inamba ebomvu, uSathana, nomkhosi wakhe weedemon! UKristu Yesu wabaphosa aba ngaphandle kwamazulu emva kokuzalwa koBukumkani ngowe-1914. Kodwa ngokulandelayo imibono yeSityhilelo ityhila intlangano ayisebenzisayo uSathana apha emhlabeni ekwenzeni kwakhe amalinge okugqibela okuthintela iinjongo zikaThixo. Izinto ezibalaseleyo kule mibono ngamarhamncwa amabini aneengcwangu nehenyukazi elinxilileyo—iBhabhiloni Enkulu. Ngaba sifanele sizoyike ezi zinto? Nakanye! Kunoko, sifanele soyike uYehova noKristu wakhe, lowo buthe uBukumkani bakhe bezisa umgwebo wokugqibela kweli hlabathi lonakeleyo likaSathana.—IMizekeliso 1:7; Mateyu 10:28; ISityhilelo 12:9-12.
Amarhamncwa Anamagama Onyeliso
2. Liliphi irhamncwa elivelayo kumbono wesibhozo, yaye limela ntoni?
2 Njengoko umbono wesibhozo weSityhilelo uvela, kuphuma irhamncwa kulwandle olungazolanga loluntu. Lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi ezinezithsaba ezilishumi, ezimela igunya elingokwasemthethweni elilinikwe nguSathana. Linyelisa uYehova, liqwenga abakhonzi Bakhe njengoko beliya kwenjenjalo ihlosi, ibhere, okanye ingonyama; kodwa igunya lalo lelokwexeshana, ekubeni lilifumene kwinamba, uSathana, elifana naye gqitha. Ngaphambilana umprofeti uDaniyeli wayebachazile oorhulumente bobupolitika basemhlabeni njengamarhamncwa, yaye ookumkani ngokwabo babethe ngokufuthi bazikhethela izidalwa zasendle njengemifuziselo yezizwe zabo, njengengonyama yaseBritani nokhozi lwaseMerika. (Daniyeli 8:5-8, 20-22) Noko ke, ngoku sibona irhamncwa eliyintlanganisela, eliquka onke amagunya obupolitika achazwe kwimbali yeBhayibhile abesoloko ecinezela abakhonzi bokwenyaniso bakaThixo emhlabeni. “Iintloko” ebezibalasele phakathi kwawo ibiyiYiputa, iAsiriya, iBhabhiloni, amaMedi namaPersi, iGrisi, iRoma, yaza eyokugqibela yaliGunya Lehlabathi eliNtlumbini lamaNgesi namaMerika.—ISityhilelo 13:1, 2; 12:3, 7-9.
3. (a) Yalifumana njani ‘inxeba lekrele’ enye yeentloko zerhamncwa? (b) Irhamncwa elineempondo ezimbini likhokela njani ekwenzeni umfanekiselo werhamncwa lokuqala? (c) Lingubani igama lerhamncwa lokuqala yaye libaluleke ngantoni elo gama?
3 Ebudeni bemfazwe yehlabathi yowe-1914-18, iBritani, njengegunya lesixhenxe lehlabathi, yafumana ‘inxeba lekrele’ engelaliyibulele. Kodwa iUnited States of America yayisindisa. Ukususela ngoko, iMerika neBritani ziye zasebenzisana njengegunya lehlabathi elintlumbini, gunya elo athi uYohane ahlabele mgama elichaza njengerhamncwa elineempondo ezimbini, liphuma kwibutho labantu, ‘umhlaba.’ Eli rhamncwa lineempondo ezimbini liyakhokela ekwenzeni umfanekiselo werhamncwa lokuqala nokuwunika umoya wobomi, nto leyo ebonisa indlela elathi ngayo iGunya Lehlabathi lamaNgesi namaMerika laba ngumxhasi nomniki-bomi oyintloko kuManyano Lwezizwe nelandela lalo, iZizwe Ezimanyeneyo. Irhamncwa lokuqala linegama elilinani, elileli 666. Inani elisisithandathu limele ukungafezeki—alifikeleli kwinani elisisixhenxe elimela ukufezeka ngokweBhayibhile—ngoko isithandathu kumlinganiselo wesithathu simela ukungafezeki okulusizi kwabalawuli babantu banamhlanje. Nangona amaNgqina kaYehova emhlonela urhulumente yaye engumzekelo ekuthobeleni imithetho yelizwe ahlala kulo, akwala ngenkalipho ukunqula “irhamncwa” okanye umfanekiselo walo.—ISityhilelo 13:3-18; Roma 13:1-7.
Kutheni Ufanele Woyike UThixo?
4. (a) Ngoobani ababonwa bemi kwiNtaba yeZiyon esezulwini, yaye ngoobani abamelwa ngamadoda amakhulu angama-24 aphambi kwetrone kaThixo? (b) Uyintoni umahluko phakathi ‘kwengoma entsha’ evunywa ngabathanjisiweyo ‘nengoma entsha’ evunywa sisihlwele esikhulu?
4 Okwangoku, kwanele ngaloo marhamncwa! Okwahluke ngokupheleleyo kukuba, umbono wesithoba ubonisa iMvana. Imi kwiNtaba yeZiyon, kunye ne-144 000 elithenge njengeentlahlela phakathi koluntu. Nangona bambi baba besakhonza emhlabeni, ngengqiqo yokomoya lonke i-144 000 liye ‘lafika entabeni yeZiyon nakwiYerusalem yasemazulwini.’ (Hebhere 12:22) Kungokufanelekileyo ukuba, amadoda amakhulu angama-24 abe akwabonwa apha phambi kwetrone kaThixo, kuba afanekisela kwaeli qela lithanjisiweyo ngendlela eyahlukileyo—njengelisele livusiwe laza lamiselwa njengookumkani nababingeleli. Aba be-144 000 bavuma ‘ingoma entsha.’ Bayivuma ngenxa yamava abo angaqhelekanga okuba bethengwe emhlabeni ukuba babe ziindlalifa zoBukumkani. Kwanesihlwele esikhulu “sivuma kuYehova ingoma entsha,” kodwa le yahlukile kuba bayivuma benethemba lokufumana ubomi obungunaphakade kummandla wasemhlabeni woBukumkani.—ISityhilelo 7:9; 14:1-5; INdumiso 96:1-10; Mateyu 25:31-34.
5. (a) Ziziphi iindaba ezivakaliswa sisithunywa sezulu esiphaphazela esazulwini samazulu, yaye kutheni zingunaphakade nje? (b) Nguwuphi umyalelo okhutshwa sisithunywa sezulu ngezwi elikhulu, yaye kutheni ufaneleke kangaka nje?
5 Ngoku umbono uyanda. UYohane ubona esinye isithunywa sezulu siphaphazela esazulwini samazulu. Ibe ezinjani zona ukuvuyisa iindaba esizivakalisayo! Ziindaba ezilungileyo ezingunaphakade, kuba zithetha ubomi obungunaphakade kwabo baphuma kuzo zonke iintlanga, izizwe, iilwimi nabantu abathi bathobele uThixo kweli lixa lokugweba kwakhe. Ngokuchaseneyo namarhamncwa awoyikekayo asandul’ ukuchazwa nguYohane, kutheni sifanele sinqule lo Thixo umangalisayo, ewe, siqubude kuye? NguLowo wadala izulu nomhlaba. UnguMthombo wayo yonke into ekhoyo, ephilayo nengaphiliyo. Ngoko, isithunywa sezulu sinesizathu esomeleleyo sokuba siyalele ngezwi elikhulu sisithi: “MOYIKENI UTHIXO, NIMZUKISE”! Ilizwi lesithunywa sezulu liviwa emhlabeni jikelele, yaye amaNgqina kaYehova ahlokomisa isimemo saso esichukumisayo kulo lonke uluntu ngeelwimi ezinokuba ngama-200.—ISityhilelo 14:6, 7; Isaya 45:11, 12, 18.
Ukuwa KweBhabhiloni Enkulu
6. Ziziphi iindaba ezothusayo ezivakaliswa sesinye isithunywa sezulu?
6 Kuvela esinye isithunywa sezulu. Isigidimi esisivakalisayo sothusa ngokwenene: “Iwile, iwile iBhabheli [“iBhabhiloni,” NW], loo mzi mkhulu! Ngokuba iseze zonke iintlanga ngewayini yomsindo wobuhenyu bayo.” (ISityhilelo 14:8) Ngubani iBhabhiloni Enkulu, yona inokude ikhohlise iintlanga ize izinxilise?
7. Iyintoni iBhabhiloni Enkulu, ibe yabakho njani?
7 IBhabhiloni yamandulo kwakulapho kwathi kwavela khona unqulo lobuxoki, olwathi lwanwenwa emhlabeni wonke ukuze lube bubukhosi behlabathi lobudemon nolwathi lwabizwa ngokufanelekileyo ngokuba ‘yiBhabheli Enkulu.’ Ekuhambeni kwexesha, iRoma yaba yebalaseleyo kobu bukhosi bonqulo, kuba kwaba ngenxa yeRoma ekwathi kwavela ubuKristu obuwexukileyo. IRome iselikomkhulu lehlabathi lonqulo lobuBhabhiloni. Oku kwabonakala ngokucacileyo ngowe-1986 xa iinkokeli zonqulo lwehlabathi zasabela kubizo lwepopu yaseRome nokuhlanganisana nayo eAssisi, kufutshane naseRome, ukuze zithandazele uNyaka Woxolo Wezizwe Ngezizwe owavakaliswa ziZizwe Ezimanyeneyo.
8. (a) IBhabhiloni Enkulu yakufumana njani ukuwa okukhulu, ibe oku bekubonakala ukususela nini? (b) Yintoni ebonisa ukuba imithandazo yokubakho koxolo eyenziwa ziinkokeli zonqulo ayiphendulwa?
8 Noko ke, iBhabhiloni Enkulu iye yawa ngokupheleleyo! Ukususela ngowe-1919 oku bekubonakala ngokuncipha kokuxhaswa konqulo lobuxoki ehlabathini lonke. Ngoku ubukomanisi obungabukholelwayo ubukho bukaThixo bulawula imimandla emikhulu yomhlaba. Ulutsha lwanamhlanje lufundiswa indaleko, leyo iphikisana neLizwi likaThixo. Kwilizwe laseYurophu elinamaProtestanti ngabantu abambalwa abasayayo ecaweni, yaye upopu ohambahambayo uzama ukugcina ubukhosi bakhe bamaKatolika ukuba bungahlukani. Imithandazo ebhekiswa koothixo abaninzi ngokuphindaphindiweyo beenkonzo zehlabathi ngokucacileyo ayiphendulwa. URuth L. Sivard wanikela le ngxelo: “Ngowe-1987 kuye kwaliwa iimfazwe ezingamashumi amabini anesibini, mfazwe ezo ezingaphezulu kwazo nezawuphi na unyaka kwimbali ebhaliweyo. Ukuza kuthi ga ngoku inani elipheleleyo labo bafayo kwezi mfazwe ubuncinane lizizi-2 200 000—yaye landa ngokukhawuleza.”a Hayi indlela eyangqineka ingeloncedo ngayo intlanganiso yomthandazo eyayiseAssisi! Ukanti upopu waphawula ukukhunjulwa kwaloo ntlanganiso ngowe-1987 ngokuvelisa imbasa enomfanekiso wakhe kwelinye icala nenomfuziselo wentlanganiso yomthandazo kwelinye. Basoloko “besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.”—Yeremiya 6:14.
Ukubhencwa Kobuhenyu BeBhabhiloni
9. Ziziphi iindlela zokuziphatha kakubi abathe abefundisi beBhabhiloni Enkulu baduma kakubi ngazo?
9 ISityhilelo 14:8 sibonisa ukuba iBhabhiloni Enkulu ilihenyukazi. Abefundisi bayo baye baduma kakubi ngeendlela zabo zokuziphatha kakubi. Abashumayeli abavela kumabonwakude baye bawuncukutha umhlambi wabo ngokufuna amakhulu ezigidi zeerandi, ngoxa kwangaxeshanye beziphatha kakubi ekuhleni. Ububingeleli bamaKatolika nabo buthandabuzeka kakhulu, njengoko oko kuboniswa yile ngxelo ilandelayo ekwiThe Beacon Journal kaJanuwari 3, 1988, yasePhiladelphia, ePennsylvania: “Abantwana abangamakhulu abaye baxhatshazwa ngabefundisi bamaKatolika eUnited States ebudeni beminyaka emihlanu edlulileyo baye benzakala gqitha ngokweemvakalelo, batsho njalo abazali, oogqirha bengqondo, amapolisa namagqwetha abandakanyeke kula matyala.” Ukuziphatha okubi ngokwesini kuye kwababhaxeka ibala elimdaka abefundisi abaninzi beBhabhiloni Enkulu.
10. (a) KwiSityhilelo 18:3, kubonisa ntoni ‘ukuhenyuza’ kweBhabhiloni Enkulu? (b) Njengokuba kuphawuliwe kwiSityhilelo 18:24, kutheni le nto abefundisi beBhabhiloni Enkulu bebandakanyeke kwityala elikhulu legazi?
10 Noko ke, “iwayini yomsindo wobuhenyu bayo,” ibhekisela ngokungakumbi ekuthandaneni konqulo lobuxoki nabalawuli, luxhasa amaphulo neemfazwe zabo zobupolitika, ibe lunyanzelisa abantu ukuba banqule izinto ezithile zobuhlanga ezimiselwe lirhamncwa. Ngokufuthi abezobupolitika baye bafumanisa ukuba unqulo luliqabane eliluncedo ekufikeleleni usukelo lwabo, njengoko oko kunokubonwa kwisivumelwano esenziwa nguHitler neVatican ngowe-1933 neso wasenza kwiMfazwe Yamakhaya yaseSpeyin ngowe-1936-39. Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, abefundisi bamaKatolika, bamaProtestanti, bamaBhuda nabezinye iinkonzo macala omabini babesilwa ngokungathi banxiliswe bubushushu bemfazwe yobuhlanga. Babandakanyeke kwityala elikhulu legazi lamashumi ezigidi zamajoni nabemi nje ababengalwi abaye bafa emfazweni ukususela ngowe-1914. Abefundisi abathi baxhasa amaFasi namaNazi nabo banetyala legazi lamaNgqina kaYehova, nabanye, abathi babulawa okanye bafela kwiikampu zoxinaniso.—Yeremiya 2:34; ISityhilelo 18:3, 24.
11. (a) Yintoni athe amaKristu athanjisiweyo nesihlwele esikhulu ala ukuyinqula? (b) Ngawaphi amathemba azukileyo asinika isizathu esinamandla sokoyika uThixo nokumzukisa?
11 Ebudeni beminyaka engama-74 edluleyo, amaKristu athanjisiweyo nanyanisekileyo, ekunye nesihlwele esikhulu esandayo, aye aqhubeka ESOYIKA UTHIXO YAYE EMZUKISA. Siye sakuchasa ngokuqinileyo ukunqula nayiphi na into yobuhlanga emiselwe lirhamncwa. Siye sakwala ukuzukisa umfanekiselo werhamncwa—uManyano Lwezizwe neZizwe Ezimanyeneyo—kuba siqonda ukuba kuphela ‘buBukumkani beNkosi yethu uYehova nobukaKristu wayo’ obunokuzisa uxolo nonqabiseko lokwenyaniso. Siye sazimisela ukugcina “imithetho kaThixo nokukholwa kuYesu.” Oko kunyamezela kunomvuzo! AmaKristu athanjisiweyo athi “afele eNkosini” kuye kwathiwa anoyolo, kuba ‘imisebenzi yawo ke ilandelana nawo.’ Kubo nabaphi na abesihlwele esikhulu abanokuthi bafe ngenxa yentshutshiso, ngenxa yokugula, okanye ngenxa yeengozi, ubuhlobo abaye babuhlakulela noThixo buqinisekisa ukuvuselwa kwabo kamsinya kwibutho ‘lomhlaba omtsha.’ La mathemba azukileyo ngokwenene anika isizathu esinamandla SOKOYIKA UTHIXO NOKUMZUKISA.—ISityhilelo 11:15, 17; 12:10; 14:9-13; 21:1.
12. Ziziphi iindidi ezimbini zokuvuna eziqhubekayo, yaye ziqhubeka nini?
12 Njengoko umgwebo uqhubeka, izithunywa zezulu zibizela ukuba kwenziwe iindidi ezimbini zokuvuna. Ngokucacileyo uMvuni wokuqala nguYesu, owathi wabekwa etroneni kuzuko loBukumkani ukususela ngowe-1914, kuba uphalisa ihashe kwilifu elimhlophe, uthwele isithsaba, yaye ‘ufana noNyana woMntu.’ Ngoku, kwimini yeNkosi, uvuna umhlaba, kuqala abentsalela yamaKristu athanjisiweyo kuze ke kulandele izigidi zesihlwele esikhulu. (Thelekisa uMateyu 25:31-34; Yohane 15:1, 5, 16.) Ngokuchasene noko, ukuvuna kwesibini koko ‘komdiliya womhlaba,’ othi uphoswe “esixovulelweni esikhulu somsindo kaThixo.” Lo ngumgwebo ophunyezwa eArmagedon, xa abangendawo, ibutho labantu abangazolanga ligungxulwa neziqhamo zalo ezinetyhefu zityunyuzwa de zibe yintlama. Kwanga uYehova angazukiswa ngokuthi asuse emhlabeni lo mdiliya unetyhefu!—ISityhilelo 14:14-20; 16:14, 16.
“Yehova . . . Zinobulungisa Yaye Ziyinyaniso”
13. (a) Kumbono weshumi, yiyiphi ingoma evunywa ngabo bathanjisiweyo abavusiweyo, yaye athini amazwi ayo? (b) Iboniswa ngokucacileyo njani imigwebo kaThixo enobulungisa kulo mbono?
13 Kumbono weshumi weSityhilelo, kwakhona sibona iziganeko ezenzeka ezulwini phambi kwetrone kaThixo. Hayi indlela obuvuyelwa ngayo ubukho bakhe! Abo bathanjisiweyo abavusiweyo—abathi boyisa ngenxa yokuba BESOYIKA UTHIXO YAYE BEMZUKISA—bavuma ‘ingoma kaMoses neyeMvana’ besithi: “Mikhulu yaye ingummangaliso imisebenzi yakho, Yehova Thixo, Somandla. Zinobulungisa yaye ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani wasemaphakadeni. Ngubani na ongekhe akoyike wena, Yehova, azukise igama lakho, ngokuba inguwe wedwa ongcwele? Ngokuba zonke iintlanga ziya kuza zinqule wena, ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe,” thelekisa iNW. Ngokwenene imigwebo kaYehova inobulungisa yaye iyinyaniso, njengoko oku kuboniswa ngokucacileyo kuwo wonke lo mbono! Izithunywa zezulu ziphalaza iingqayi ezisixhenxe zomsindo kaThixo, nto leyo ekhokelela ekuhlanganiselweni kweentlanga zonke eArmagedon nesisikhumbuzo sokuba “iBhabhiloni Enkulu yakhunjulwa emehlweni kaThixo”! Ngokwenene isimemo SOKOYIKA UTHIXO NOKUMZUKISA sifike ngexesha elililo.—ISityhilelo 15:1–16:21.
14. Kumbono we-11 nowe-12, yiyiphi indima ebalaseleyo enayo iBhabhiloni Enkulu, yaye kutheni kulixesha elifanelekileyo lokuyishiya?
14 IBhabhiloni Enkulu ivela ngokuphindaphindiweyo kwiSityhilelo. Kwakhona sithi siyibone ingusingaye kumbono we-11 nowe-12. ‘Ihleli phezu kwawo amanzi amaninzi,’ ilawula abantu ize ibenze banxile ziimfundiso zayo ezinetyhefu nezizezobuxoki. Yona ngokwayo inxilile “ligazi labangcwele,” ethe yababulala ngokubatshutshisa, yaye inetyala legazi ‘labo bonke abasikiweyo emhlabeni’, ngenxa yokuxhokonxa kwayo imfazwe ngobuqhinga. Amaqabane ayo kwezorhwebo anamashishini amakhulu nabantu bayo abangoovuzi-mali baye bazisa ubutyebi obufunyenwe ngenkohliso. Eyona nto ebigxekeka kakhulu kukuhenyuza kwayo nezobupolitika, okude kwafikelela kwinqanaba lokukhohlisa ukuze ibalasele ekukhweleni kwayo irhamncwa loxolo nonqabiseko—iZizwe Ezimanyeneyo. Kodwa iimpondo ezixhotyiselwe ukulwa zelo rhamncwa likwalinye sele ziza kuyikrazula zize ziyitshabalalise. Ngoku lixesha lokuba bonke abo BOYIKA UTHIXO NABAMZUKISAYO bayishiye, “ngokuba izono zayo ziye zafikelela emazulwini, nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo.”—ISityhilelo 17:1–18:24.
15. Ukutshatyalaliswa kwehenyukazi elikhulu kukhokelela kweziphi iingoma zendumiso yaye kulandelwa sisiphi isiganeko esonwabisayo?
15 Ngoko ke, ukugwetywa kweBhabhiloni Enkulu kuza njengomgwebo wobulungisa ovela kuYehova. Ekuqondweni kwesi sibakala, kuvakaliswa ‘ooHaleluya,’ ezulwini kuze ke kube semhlabeni, kusithiwa usindiso, uzuko namandla avela kuYehova. Oku kuvunywa kwaba “Haleluya!” kubonakalisa ukuvuyelwa kokutshatyalaliswa ngonaphakade kwehenyukazi elikhulu. Hayi indlela ukutshatyalaliswa kwalo okuchasene ngayo nesiganeko esisesona sivuyisayo esenzeka ezulwini—umtshato weMvana, uKristu Yesu, nomtshakazi wakhe, i-144 000 laboyisi abathembekileyo! Ingoma yendumiso evakala okwesandi seendudumo ivunyelwa ‘iNkosi uThixo uSomandla,’ ewe, “masivuye sigcobe, siyizukise; ngokuba ufikile umsitho weMvana, umfazi wayo uzilungisile”!—ISityhilelo 19:1-10.
16. Kokubonakala kumbono we-13, yiyiphi imbambano eya kuthi ekugqibeleni izinziswe, yaye njani?
16 Noko ke, ngaphambi kokuba loo mtshato wasezulwini uqhubeke, umbono we-13 ubonisa indlela imbambano ebandakanya ulongamo lukaYehova ezinziswa ngayo. UKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi emiselwe nguye, uYesu, iphelekwa ngumkhosi wezithunywa zezulu, “ugweba, enze imfazwe, ngobulungisa,” enyathela isixovulelo sewayini yomsindo neyengqumbo kaThixo uSomandla. Yonke inxalenye eseleyo yenkqubo kaSathana yasemhlabeni iqhekezwa ibe ziingceba, yenziwe ibe yingqushu! (ISityhilelo 19:11-21) Njengoko sibona oku koyisa kusondela ngokukhawuleza ngemibono yeSityhilelo, ngokuqinisekileyo sinesizathu esipheleleyo SOKOYIKA UTHIXO NOKUMZUKISA!
Ukuzukisa UThixo Ngonaphakade
17. Yintoni etyhilwa ngumbono 14 nowe-15 mayela nomphumo owonwabisayo kubo bonke aboyika uThixo nabamzukisayo?
17 Umbono we-14 nowe-15 weSityhilelo utyhila umphumo owonwabisayo kubo bonke ABOYIKA UTHIXO NABAMZUKISAYO. Ndawonye nokuphoswa kukaSathana needemon zakhe enzonzobileni kangangeminyaka eliwaka, kuqhubeka umtshato wasezulwini weMvana nomtshakazi wayo, ibe aba kumkani nababingeleli bali-144-001 balawula kangangeminyaka eliwaka njengoko befezekisa uluntu. Emva kovavanyo lokugqibela, abo baqhubeka BESOYIKA UTHIXO YAYE BEMZUKISA baya koyisa baze benziwe bafanelekele ubomi obungunaphakade. Aba baya kuquka amawaka ezigidi zabavusiweyo, “abancinane nabakhulu,” abathi bazingqine bekufanelekele ukuba amagama abo abhalwe encwadini yobomi. “Izulu elitsha, nomhlaba omtsha” ziya kuzisa iintsikelelo ezingathethekiyo kuluntu, ntsikelelo ezo esiqinisekileyo ngazo, kuba Lowo wenza ‘izinto zonke zibe ntsha,’ onguYehova uvakalisa oku: “Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo.”—ISityhilelo 20:1–21:8.
18. Kokubonakala kumbono we-16 iyintoni incopho yencwadi yeSityhilelo?
18 Umbono we-16 ubonisa incopho yeSityhilelo. Iyintoni loo ncopho? Ngumbono wesixeko esithile. Esi sixeko, iYerusalem Entsha, sahluke mpela kuso nasiphi na esakha sakhiwa ngabantu apha emhlabeni—sahluke ngokupheleleyo kwiBhabhiloni Enkulu, isixeko oluthe uwexuko lwaso, ukuziphatha kwaso okungcolileyo nokuhenyuza kwaso nezobupolitika kwamnyelisa kangaka uThixo. Esi sixeko singcwele sinyulu, sicocekile, sesexabiso. Singumtshakazi weMvana, iqabane elingumncedani wayo ekuzuziseni uluntu olusehlabathini ubomi obungunaphakade. (Yohane 3:16) Akumangalisi ke ngoko ukuba isimemo sokuphuma kwisixeko esisesenkohliso, iBhabhiloni Enkulu sivakaliswe ngelizwi elikhulu nangokucacileyo!—ISityhilelo 18:4; 21:9–22:5.
19. (a) Sisiphi isimemo esikhutshwa ngodidi lomtshakazi, ibe basabela njani abalulamileyo? (b) Kuya kuphumela entwenini ukusabela kwethu ngokuvumayo kumyalelo othi “Moyikeni UThixo, Nimzukise”?
19 Umoya kaYehova onamandla udlulisela isimemo esichukumisayo ngodidi lomtshakazi esithi: “Yiza!” Ewe, nonke nina balulamileyo ninqwenela ubomi obungunaphakade kwiparadisi yomhlaba wonke, yizani ‘kumlambo wamanzi obomi,’ namkele onke amalungiselelo kaYehova okuzuza ubomi obungunaphakade awenze ngoKristu nomtshakazi wakhe! Elinjani lona ukumangalisa ithemba—ukuphila ubomi obufezekileyo kumhlaba oyiparadisi! Buya kuba ngumvuzo kwabaninzi abawuthobelayo umyalelo othi: “MOYIKENI UTHIXO, NIMZUKISE”!—ISityhilelo 22:6-21.
[Umbhalo osemazantsi]
a World Military and Social Expenditures 1987-88.
UNOKUPHENDULA UTHINI?
□ Nguwuphi umyalelo ofike ngexesha elililo esiwufumana kumbono wamarhamncwa amabini?
□ Sifanele sisabele njani kwisibhengezo sesithunywa sezulu esiphaphazela esazulwini samazulu?
□ Ibandakanyeke njani iBhabhiloni Enkulu ekuhenyuzeni, yaye oku kujongwa njani ngabo boyika uThixo?
□ Uvunwa njani umhlaba ebudeni bemini yeNkosi?
□ Ziziphi iziganeko ezonwabisayo eziphetha incwadi yeSityhilelo, yaye banokuba nesabelo njani kuzo abantu bakaThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Le mbasa imthuqwa yakhutshwa ngo-Oktobha 1987 kwisikhumbuzo sonyaka sentlanganiso yokuThandazela Uxolo eyayiseAssisi. Kwelinye icala inomfanekiso “kaBawo Ongcwele” ekubhalwe kuwo umhla nalo mbhalo: “John Paul II Pontifex Maximus.” Kwelinye icala kuzotywe “iNgcwele uFrancis” ethetha kwiNtlanganiso eyayiseAssisi Yokuthandazela Uxolo esithi “Uxolo Sisipho Esivela KuThixo”