Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Ngaba umnqophiso woMthetho waphela xa uYesu wafela emthini, yaye kunini apho wathatyathelw’ indawo ngumnqophiso omtsha?
Baninzi abantu abaye babuza imibuzo elolu hlobo, bekhumbula iziganeko ezithathu: Ukufela kukaYesu emthini wentuthumbo ngemva kwemini kaNisan 14, 33 C.E., ukunikela kwakhe ezulwini okuthile okuxabisekileyo okufumaneka ngegazi lobomi bakhe, nokuthulula kwakhe umoya oyingcwele ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E. NgokweZibhalo, umnqophiso woMthetho waphela waza wathatyathelw’ indawo ngumnqophiso omtsha ngePentekoste. Makhe sibone isizathu sokuba oko kube njalo.
UYehova waxela kwangaphambili ukuba, ekuhambeni kwexesha, wayeya kuwuthabathel’ indawo umnqophiso woMthetho ‘ngomnqophiso omtsha’ owawuza kuvumela ukuba isono sixolelwe ngokupheleleyo, nto leyo eyayingenakwenzeka phantsi koMthetho. (Yeremiya 31:31-34) Oko kuthatyathelw’ indawo kwakuya kwenzeka nini?
Umnqophiso omdala, umnqophiso woMthetho, kwakufuneka kuqala ususwe endleleni njengoko wawuyifezile injongo yawo. (Galati 3:19, 24, 25) Umpostile uPawulos wabhala: “[UThixo] enixolele zonke iziphoso. Ewucimile umbhalo wesandla owalana nathi, owawumelene nathi ngayo imimiselo, uwususile ke kanye, ngokuwubethelela emnqamlezweni.” (Kolose 2:13, 14) Ngaba oku kuthetha ukuba ngexesha uYesu awayesifa ngalo, umnqophiso woMthetho wathatyathelw’ indawo ngumnqophiso omtsha?
Akunjalo, kuba umnqophiso omtsha wawuza kuqaliswa ngegazi ledini elifanelekileyo kwaye nohlanga olutsha, amaSirayeli okomoya. (Hebhere 8:5, 6; 9:15-22) UYesu wavuswa ngoNisan 16, yaye kwiintsuku ezingama-40 kamva wenyukela ezulwini. (IZenzo 1:3-9) Kwiintsuku ezilishumi emva kokunyuka kwakhe, okanye ngosuku lwePentekoste, uYesu wathululela phezu kwabafundi bakhe “idinga loMoya oyiNgcwele” awayelifumene kuYise, kwaza kwakho uSirayeli wokomoya. (IZenzo 2:33) Ngenxa yoMlamleli, uYesu Kristu, uThixo wenza umnqophiso omtsha noSirayeli wokomoya.
Ngenxa yezi zinto zihlanganiseneyo, kunini apho umnqophiso woMthetho wathatyathelw’ indawo ngumnqophiso omtsha?
Ubani akanakutsho ukuba uMthetho wapheliswa ngokufa kukaYesu. Ebudeni beentsuku ezingama-40 emva kokuvuselwa kukaYesu kubomi bokomoya kodwa waza wahlala emhlabeni, abafundi bakhe babesawugcinile uMthetho. Ngaphezu koko, into eyayibalulekile kumthetho yayikukuba umbingeleli omkhulu angene kweYona Ngcwele kanye nyaka ngamnye. Oku kwafanekisela ukuvuselwa kukaYesu emazulwini. Apho, kukho uThixo, yena, njengoMlamleli womnqophiso omtsha, wayenokunikela ixabiso lombingelelo olidini. (Hebhere 9:23, 24) Oku kwavula indlela yomnqophiso omtsha ukuba uqalise ukusebenza kuzalisekiswe uYeremiya 31:31-34.
Umnqophiso omtsha wasebenza xa uYehova wathi wenza okuthile ekwamkeleni kwakhe idini lombingelelo. Wathulula umoya wakhe oyingcwele phezu kwabafundi bakaYesu abathembekileyo ukuze ayile uhlanga olutsha, uSirayeli wokomoya, obunjwe ngabo bakumnqophiso woBukumkani. (Luka 22:29; IZenzo 2:1-4) Oku kwabonisa ukuba uThixo wayewucimile umnqophiso woMthetho, ngokomfuziselo ewubethelele emthini awafela kuwo uYesu. Ngoko umnqophiso woMthetho waphela xa kwathi kwaqalisa umnqophiso omtsha ngokuzalwa kohlanga olutsha, uSirayeli wokomoya, ngePentekoste yowama-33 C.E.—Hebhere 7:12; 8:1, 2.
Ukongezelela kule mpendulo iyintloko yalo mbuzo, sinokuphawula ukuba uThixo akazange awalahle ngokupheleleyo amaSirayeli okwemvelo ekupheleni komnqophiso woMthetho yaye ngokucacileyo nasekuqaliseni komnqophiso omtsha ngePentekoste yowama-33 C.E. Ngokomzekelo, ngokuvisisana nomnqophiso ka-Abraham, uYehova wawababala ngokukhethekileyo amaYuda, kumaguquka nakumaSamariya ebudeni ‘beveki’ yama-70 eyaphela ngowama-36 C.E. (Genesis 12:1-3; 15:18; 22:18; Daniyeli 9:27; IZenzo 10:9-28, 44-48) Kwathabatha ixesha kwaukuba amaKristu athanjisiweyo angamaYuda akwazi ukuyamkela into yokuba emva kowama-33 C.E. kwakungaseyomfuneko ukuba agcine uMthetho; sinokuyibona loo nto kumbuzo owaziswa kwiqumrhu elilawulayo ngowama-49 C.E. (IZenzo 15:1, 2) Ukushenxiswa koMthetho ngokupheleleyo kwangqineka ngokungenakukhanyelwa ngowama-70 C.E., xa itempile neengxelo zomnombo ezazinxibelelene noMthetho zathi shwaka, zitshatyalaliswe ngamaRoma.—Mateyu 23:38.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 31]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.