Ngaba Uyabufuna Ubutyebi Obuselelweyo?
“Makwandiswe kuni ubabalo noxolo ngokumazi [“ngokuchanileyo,” “NW”] uThixo, noYesu, iNkosi yethu.”—2 PETROS 1:2.
1, 2. Yintoni eyenza ukuba igolide ixabiseke ize ibize ixabiso eliphakamileyo?
KUTHENI igolide ibiza ixabiso eliphakamileyo nje? Isisinyithi nje esithambileyo, ukanti ixabiso layo lifikelela kumakhulu eedola i-awunsi inye. Kuyinyaniso ukuba, kulula ukusebenza ngayo, yaye yenza izinto zokuhombisa ezinomtsalane ezinjengomsesane okanye isacholo. (1 Timoti 2:9; Yakobi 2:2) Kanti, ukuba ubulahleke entlango, ufile yindlala nalunxano, ubungenakuyitya okanye uyisele. Kwimeko enjalo isonka okanye irayisi namanzi okusela ebeya kuba ngafaneleke ngakumbi kunegolide.
2 Ngoko, kutheni igolide ixatyiswe kangaka nje? Phakathi kwezinye izinto, inqabile yaye kunzima ukuyifumana. Ngokomzekelo, xa umgodi wegolide oyiEmpire kumntla weKhalifoniya wathi wavalwa ngowe-1957 ngenxa yokuba wawungasenangeniso, abasebenzi bomgodi babesemba kangangeemitha ezili-1 500 ubunzulu kodwa kwakufuneka bembe iikhilomitha ezintathu ukuxwesa ukuze bayifumane igolide. Ngenxa yezi zizathu, ixabiso eliphakamileyo legolide liye layenza yawufanelekela umgudu omkhulu wokuqhubeka ifunwa.
3. Bubuphi ubutyebi esinokubufuna?
3 Noko ke, sinokwemba into exabiseke ngakumbi lee kunegolide. Yintoni leyo? Ukumkani uSolomon owayesisilumko wanikela impendulo malunga neminyaka engama-3 000 eyadlulayo esithi: “Ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo, walisa ekuqondeni ilizwi lakho; ukuba uthe wabufuna njengesilivere, wabumba njengobutyebi obuselelweyo: uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, ukufumane ukumazi uThixo.” Khawufan’ ucinge abantu abangeni bekwazi ukufumana “ukumazi uThixo”!—IMizekeliso 2:3-5.a
Isizathu Sokuba Sonke Silufuna Ulwazi Oluchanileyo
4. Yintoni efanele iqukwe kulwazi oluchanileyo lwamaKristu?
4 Ukususela kwixesha likaKristu, olo lwazi luyimfuneko luye lwanda lwaza lwaquka okungakumbi lee koko ayekufumana amadoda nabafazi bamandulo ababengamaHebhere nababethembekile. Kunjengokuba uPawulos wavakalisa esithi: “Ukuba uThixo weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise wozuko aninike umoya wobulumko wokunityhilela, nimazi kakuhle [“ngokuchanileyo,” NW]; nikhanyiselwe amehlo engqondo, ukuze nilazi into eliyiyo ithemba lobizo lwakhe, nento obuyiyo ubutyebi bobuqaqawuli belifa lakhe phakathi kwabo abangcwele.”—Efese 1:17, 18.
5. Kutheni le nto abathanjiswa kufuneka besoloko benikela ingqalelo kulwazi lwabo olungokuthanda kukaThixo?
5 Emva phayaa, esi yayisisiluleko esingqalileyo esasibhekiswa kubazalwana bakaKristu abangcwele nababethanjisiwe, yaye kusenjalo nanamhlanje. Njengenxalenye yesibini ‘yembewu’ yedinga, abanjalo bangamaxhoba akhethekileyo olahlekiso lukaSathana olungokomoya. (Galati 3:26-29; Efese 6:11, 12) Ngokukhethekileyo, abathanjiswa, bamele baluqinisekise ubizo lwabo ngokungasityesheli isipho sikaThixo sokubabalwa. Kungeso sizathu le nto bamele ngokuqhubekayo bawomeleze amandla abo angokomoya ngokuhlaziya ulwazi lwabo oluchanileyo lokuthanda kukaThixo neLizwi lakhe.—Efese 3:7; Hebhere 6:4-6; 2 Petros 1:9-12.
6. (a) Kutheni le nto sonke silufuna ulwazi oluchanileyo, kungakhathaliseki ukuba ithemba lethu lelasezulwini okanye lelasemhlabeni? (b) Yintoni efunekayo ukuze sizuze ulwazi oluchanileyo?
6 Kuthekani ngabo banethemba lobomi obungunaphakade emhlabeni? Kutheni ulwazi oluchanileyo lubalulekile kubo? Kungenxa yokuba akukho milinganiselo kwingqibelelo yamaKristu, ngokungathi kukho umlinganiselo othe kratya wabathanjisiweyo, abanethemba lasezulwini, kunalowo wezinye izimvu, ezinethemba lokuphila emhlabeni. (Yohane 10:16; 2 Petros 3:13) Imigaqo yobuKristu isebenza ngokufanayo kubo bonke. Ngenxa yoko, kufuneka ukuba sonke siwavuselele rhoqo amandla ethu angokomoya ngolwazi oluchanileyo. Kodwa kubandakanyeke ixesha nomgudu. Simele sibandakanyeke ekumbeni okungokomoya, ngokungathi semba ubutyebi obuselelweyo.—INdumiso 105:4, 5.
Ukuqweba Ixesha Ukuze Sembe
7. (a) Ziziphi iingxaki ezikhoyo ezinokukuthintela ukuzuza kwethu ulwazi oluchanileyo? (b) Inokuba yintoni imiphumo yokuzityeshela izinto zokomoya?
7 Inkoliso yabantu namhlanje iphila ubomi obuxakekileyo, yaye njengamaKristu sibonakala sixakeke gqitha kunabaninzi ngocwangciso lwethu lweentlanganiso zeBhayibhile, lwenkonzo yasentsimini, lomsebenzi wempangelo, lomsebenzi wasekhaya, lomsebenzi wesikolo, njalo njalo. Kanti, kanye njengokuba sicwangcisa ixesha lokudla suku ngalinye, simele sibekele bucala ixesha lokondla iingqondo zethu nobumoya bethu. UYesu wayengabhibhidli amazinyo xa wacaphula iDuteronomi 8:3 esithi: “Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.” (Mateyu 4:4) Ukuba siyabutyeshela ubumoya bethu, sityeshela imilinganiselo yethu engokomoya nethemba lethu lekamva. Ngoko sisenokuqalisa ukutyibilika size sixengaxenge. Ngoko sinokulifumana njani ixesha lofundisiso lobuqu lweBhayibhile oluthe rhoqo?
8. Sisiphi isiluleko esingokweZibhalo esisinika ingqiqo efanelekileyo ngofundisiso lobuqu?
8 Amazwi ompostile uPawulos afaneleke gqitha: “Khangelani ngoko, ukuba ningathini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko; nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo. Ngenxa yoko musani ukuba ziintswela kuqonda; yibani ngabakuqondayo into okuyiyo ukuthanda kweNkosi.” Sinokukuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova kuphela ukuba sinikela ingqalelo kwiLizwi lakhe ngofundisiso lwethu lobuqu. Yaye oko kuthetha ukuba simele “sizongele ixesha” okanye ‘silisebenzise kakuhle ithuba esinalo.’—Efese 5:15-17; TE.
9. Sinoba siphulukana njani nexesha elinokusetyenziselwa ufundisiso lobuqu? Nikela amava obuqu.
9 Ukuba sizihlolisisa kakuhle izinto esizenza suku ngalunye ezingeyomfuneko, sifumanisa ukuba ixesha lethu elininzi esingenzi nto ngalo silichitha njani? Ngaba silichithela phambi komabonwakude? Esi sixhobo sinombizane sinokuba ixesha elinokususela kwiiyure ezimbini ukuya kwezintlanu busuku ngabunye kubomi bethu! Zingaphi iiyure wena ngokobuqu ozichitha ubukele umabonwakude? Ngokufuthi, oko kuboniswa kuye, ngokugxininisa kwakhe kugonyamelo nakwisini, kuthoba isidima. Yaye ngokufuthi kucetyelwe ukukhuthaza “inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi.” (1 Yohane 2:15-17) Kanti, abaninzi abakwazi ukuzeyisela ekumcimeni umabonwakude. Ewe, le nto iyilwe kutshanje inokudla eyona nto ixabiseke kakhulu kuthi, ixesha.
10. Kutheni le nto kubaluleke kakhulu namhlanje ukuba sisebenzise ixesha lethu ngobulumko?
10 Ukuba sinyanisekile kwiziqu zethu, siya kukuqonda ukuba ngokuqhelekileyo kunokwenzeka ukuba sibe nalo ixesha lezinto eziyimfuneko ezinjengokufundisisa iBhayibhile. Yaye ufundisiso lobuqu lweBhayibhile olukhokelela kulwazi oluchanileyo luyimfuneko kumKristu kula maxesha anomngcipheko. Kanti, kubantu abangaphezu kwama-41 000 abasuswa kubudlelane kunyaka ophelileyo, licacile elokuba uninzi lwabazalwana noodade luye lwabutyeshela ubumoya balo. Ukunxiba nokuqubula “sonke isikrweqe sikaThixo” akuyonto nje eyenziwa ngamaxesha athile. Kwanakwimeko yejoni elinxiba isikrweqe sokoqobo oko kungumsebenzi wemihla ngemihla.—Efese 6:10-18; Roma 1:28-32; 2 Timoti 3:1.
11. Nguwuphi umzekelo intsapho yaseBheteli ewumiselayo ngokuba nelungiselelo lesifundo sentsapho?
11 Amalungu angaphezu kwama-9 000 eentsapho zaseBheteli ezingama-95 emhlabeni wonke kwiiofisi zamasebe eWatch Tower Society anesifundo sawo sentsapho ngayo yonke iMivulo ngokuhlwa. Afundisisa IMboniselo ukulungiselela intlanganiso yempelaveki, yaye kwizihlandlo ezininzi akwanentetho yeBhayibhile okanye ucwangciso lwengxubusho yamalungu amatsha entsapho. Ewe, ubusuku bangoMvulo bungumhla esiqhutywa ngawo isifundo sentsapho yaseBheteli zwenibanzi. Linini ixesha osiqhuba ngalo esakho isifundo sobuqu okanye sentsapho yakho?—Hebhere 10:24, 25.
Izixhobo Nendlela Yokuzisebenzisa
12. Ziziphi ezinye iimbalasane ezikhethekileyo zokufundisisa zeNew World Translation of the Holy Scriptures—With References?
12 Kanye njengokuba umntu osebenza emgodini enezixhobo zomsebenzi wakhe, ngokunjalo sinezixhobo zokwemba kumgodi wegolide weLizwi likaThixo. Ngokomzekelo, khawucinge ngeNew World Translation of the Holy Scriptures—With References. Okwangoku ipapashwa ngesiDatshi, ngesiNgesi, ngesiFrentshi, ngesiJamani, ngesiTaliyane, ngesiJapan, ngesiPhuthukezi nangeSpanish. Ngoko ke, inkoliso yamaNgqina kaYehova inesixhobo esimangalisayo sokuzuza ulwazi oluchanileyo ngoThixo oyinyaniso. Olu hlelo lweBhayibhile lunamawaka eembekiselo eziseludinini nemibhalo esemazantsi emininzi. Kwakhona lunesihlomelo esinamaphepha angama-36 esinenkcazelo eneenkcukacha kwimibandela eyahlukahlukeneyo nebalulekileyo yeBhayibhile.b
13. Ziziphi izibakala ezibangel’ umdla ezinikelweyo ngokubhekisele ekusetyenzisweni kwegama elithi “ulwazi” nelithi “ulwazi oluchanileyo” kwiZibhalo zesiHebhere nezesiGrike?
13 Ngasemva, iReference Bible inoludwe lwamagama aziintloko athi “Bible Words Indexed.” Sinokulisebenzisa njani eli candelo? Ukuba kumbhalo wakho ukhangela ibinzana elithi “accurate knowledge,” uya kufumana izibhalo ezilishumi ezidwelisiweyo. Kodwa akukho nasinye kwezi esiphuma kwiZibhalo zesiHebhere. Ngaba oku kuthetha ukuba iZibhalo zesiHebhere aziyibalaselisi imfuneko yolwazi olunjalo? Nakanye. Kuba phantsi kwegama elithi “knowledge,” kukho iimbekiselo ezingama-24, kuquka ezili-18 ezivela kwiZibhalo zesiHebhere. Noko ke, ulwimi lwesiHebhere alunagama likhethekileyo eliguqulela ibinzana elithi “accurate knowledge.” Ngoko, njengoko uza kubona kwiimbekiselo, maxa wambi lubalaselisa imfuneko engaphezulu nje kokuba nolwazi oluqhelekileyo ngokunxulumanisa igama elithi ‘ulwazi’ namagama anjengelithi ‘ukuqonda’ nelithi ‘ingqiqo’ okanye luthetha ngolwazi ‘njengolwandisiweyo.’—Daniyeli 1:4; 12:4; Yeremiya 3:15.
14. Ziziphi iimbalasane ezibangel’ umdla ezikhoyo phantsi kwegama elithi “knowlegde” kwincwadi ethi Insight on the Scriptures?
14 Njengokuba sifundile kwinqaku elandulela eli, iBhayibhile yesiGrike idlulisele umahluko omncinane phakathi kwemilinganiselo emibini yolwazi. Yaye njengokuba sisemba, sifuna ukwazi okungakumbi ngomahluko okhoyo phakathi kwala mabinzana mabini njengoko esebenza kumaKristu. Kutheni ulwazi, olumelwa ligama elithi gnoʹsis, nolwazi oluchanileyo, olumelwa ligama elithi e·piʹgno·sis, luyimfuneko nje kumaKristu? Sinokuyifumana phi impendulo? Kwintyilalwazwi yeBhayibhile i-Insight on the Scriptures. Obunjani bona ukuba buninzi ubutyebi obufumaneka kule miqulu! Khangela umxholo othi “Knowledge.” Apho uya kufumana inqaku lonke ngala mabinzana siwaqwalaselayo nezinye iintsingiselo zegama elithi ubulumko, ukuqonda, ingqiqo nelithi amandla okucinga. Yaye siye sayifumana yonke le “golide,” le nkcazelo, kuphela ngokusebenzisa nje amancedo ambalwa okufundisisa iBhayibhile! Kodwa kukho angakumbi.—INdumiso 19:9, 10.
15. Ziziphi ezinye izixhobo zokuphengulula esinazo, yaye zinokusetyenziswa njani?
15 Ukuba ubufuna ukubandakanyeka kuphando olunzulu ngakumbi lwegama elithi “ulwazi” namabinzana ahlobene nalo, ubunokusebenzisa ii-Index zeempapasho zeWatch Tower Society, ezifumaneka ngeelwimi eziliqela. Yaye kanye njengokuba siye sakwazi ukuphanda intsingiselo yegama elithi ulwazi, usenokulandela inkqubo efanayo xa ufuna eminye imibandela emininzi. Khawucinge nje ngobutyebi benkcazelo phantsi kwegama likaYehova! Hayi indlela oluyintabalala ngayo ulwazi oluchanileyo olukhoyo olungeNkosi enguMongami wendalo iphela!—INdumiso 68:19, 20; IZenzo 4:24.
16. Zithini iZibhalo ngokuphanda?
16 Ngala mancedo okufundisisa namanye apapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society, obunjani bona ukuba buhle “ubutyebi obuselelweyo” esinokubufumana ngawo! Ngaba uyayifuna “igolide”? Ngaba ucinga ukuba kuwufanele umgudu ukuyifuna? Ngaba uya kuzipha ixesha lokuyemba?—IMizekeliso 2:1-5.
Ngubani Okhokelayo Ekwembeni Okukokomoya?
17. Yintoni esimele siyenze ukuze sizuze ulwazi olungoThixo noKristu?
17 Siyintoni isikhokelo sokuzuza olu lwazi luxabisekileyo olungoThixo noKristu? Intshukumisa—ukulangazelela ukuma ngokwamkelekileyo kuYehova noNyana wakhe nomnqweno wokufumana isipho sobomi obungunaphakade. UYesu ukuchaza ngale ndlela oku: “Qhubekani nicela, nophiwa; qhubekani nifuna, nofumana; qhubekani ninkqonkqoza novulelwa. Kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.” Kodwa phawula ukuba kuphantsi kwayiphi imeko. UYesu wathi, ‘Qhubekani nicela, nifuna yaye ninkqonkqoza.’ Akuyonto eyenziwa nje kanye. Ukufuna ulwazi kumele kube yinto eyenziwa ngokuzingisileyo.—Mateyu 5:6; 7:7, 8, NW.
18. Entsatsheni, ngubani ofanele akhokele ekufuneni ulwazi oluchanileyo, yaye ngoba?
18 Kwintsapho yamaKristu, ngubani omele akhokele ekwembeni ulwazi oluchanileyo? UPawulos uphendula esenjenje: “Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.” Ewe, abazali, ngokukodwa ubawo, umele akhokele ekuboniseni uxabiso ngezinto zokomoya. Yaye kwakhona oku kusikhumbuza ngemfuneko yocwangciso oluthe rhoqo intsapho enokululindela ize ikhangele phambili kulo.—Efese 6:4.
19. Izihlandlo zofundisiso lwentsapho zinokwenziwa njani ukuze zibe zezibangel’ umdla? Ngawaphi amava intsapho yakho enawo koku?
19 Izihlandlo zofundisiso lwentsapho zinokwenziwa zibe zezibangel’ umdla. Ngokomzekelo, ukuba unabantwana, kutheni ungathi mabakhethe umxholo uze emva koko ubabele ukuba benze uphengululo kwiimpapasho ezahlukeneyo ngokobudala namandla abanawo. Emva kwesiqingatha seyure okanye malunga nalapho hlanganisanani uze ubone oko kufunyenwe nguye ngamnye wabo ngombandela owabelweyo. Ukuba isalatha-mazwi (concordance) sikho, oselula unokubala izihlandlo elivela ngazo igama elithile kwiZibhalo zesiHebhere nakwezesiGrike. Mhlawumbi omdadlana unokukhangela ubutyebi obuthile kwimiqulu yeInsight. Abazali bayakwazi oko kunokuphunyezwa ngabantwana babo kwanomlinganiselo wabo wokuzikisa ingqondo yaye bamele balwakhe ucwangciso ngokunxulumene nezo zibakala. Yiba bhetyebhetye uze ubonakalise uxabiso. Yikhuthaze intsapho yakho kuphengululo lokomoya elwenzayo—yaye yiba nentshukumisa efanelekileyo.
Ukuphengulula Ngentshukumisa Efanelekileyo
20. Yiyiphi intshukumisa ephosakeleyo esifanele siyiphephe kufundisiso lwethu lobuqu?
20 Ukuthozama kuluphawu olufanelekileyo lwamaKristu. (IMizekeliso 11:2; 1 Timoti 2:9) Ngoko, ngaba simele sifundisise ngenjongo yokuba siqhayise ngoko sikufundileyo? Okanye ngaba sifanele silubonakalise ekuhleni ulwazi lwethu size mhlawumbi abanye sibabonakalise bengenalwazi? Okanye ngaba sifanele sivakalise indlela esizitolika ngayo okanye indlela esizibona ngayo izinto? UPawulos waluleka wenjenje: “Kuba ngalo ubabalo endababalwa ngalo, ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo nalowo umlinganiselo wokholo.”—Roma 12:3.
21, 22. Ulwazi oluchanileyo esinalo lufanele lusichaphazele njani?
21 Umgudu wokunyaniseka nokusetyenziswa kolwazi oluchanileyo kunokukhokelela ekubeni ube ngonokholo, ngonokulunga, ngonokuzeyisa, ngononyamezela, ngohlonela uThixo, ngonothando lobuzalwana nonothando kubo bonke. UPetros wabonisa ukubaluleka kwezi mpawu xa wabhala esithi: “Kuba xa zikhoyo ezi zinto kuni, zisanda, zinenza ukuba ninganqeni, ningabi ngabaswele isiqhamo ekuyazini [ngokuchanileyo] iNkosi yethu uYesu Kristu.”—2 Petros 1:2-8.
22 Ulwazi lwethu lufanele lufikelele intliziyo. Lufanele lusishukumisele ekubeni sibonakalise uthando ngoThixo nangommelwane size sibe ngamaKristu aneziqhamo kwihambo nakubulungiseleli bethu. Oku kuya kuphumela kumanyano nasekuwuqondeni ngokupheleleyo umzekelo kaKristu. (Efese 4:13) Onjani wona ukuba mhle umvuzo wokufuna ubutyebi obuselelweyo!
[Imibhalo esemazantsi]
a Okubangela umdla kukuba, kwiMizekeliso 2:5 ibinzana elithi “ukumazi uThixo” libonakala kwiSeptuagint yesiGrike njengelithi e·piʹgno·sis, okanye “ulwazi oluchanileyo,” enye yeendlela ezisibhozo elisetyenziswe ngayo elo gama lesiGrike kwiSeptuagint.
b Ukuze ufumane inkcazelo eneenkcukacha ngendlela onokuzuza lukhulu ngayo kwiReference Bible, bona IMboniselo (yesiNgesi) kaNovemba 1, 1985, iphepha 27-30.
Imibuzo Emele Iqwalaselwe
◻ Ngokutsho kukaKumkani uSolomon, yintoni exabiseke ngaphezu kobutyebi obuselelweyo?
◻ Kutheni ulwazi oluchanileyo lubalulekile kubathanjiswa nakwabezinye izimvu?
◻ Sinokuliqweba njani ixesha lofundisiso lobuqu?
◻ Ziziphi izixhobo ezikhethekileyo esinazo zokwemba ulwazi oluchanileyo?
◻ Ngubani ofanele akhokele kufundisiso lwentsapho, yaye sifanele sifundisise sinayiphi intshukumisa?