Ukusebenzisana Nequmrhu Elilawulayo Namhlanje
“Iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.”—LUKA 12:44.
1. Bubuphi ubukumkani uKristu awaqalisa ukulawula kubo ngowama-33 C.E., yaye wasebenzisa ntoni?
NGEPENTEKOSTE yowama-33 C.E., uYesu Kristu, iNtloko yebandla, waqalisa ngamandla ukulawula phakathi kwabakhonzi bakhe abathanjiswe ngomoya. Wakwenza njani oko? Wasebenzisa umoya oyingcwele, izithunywa zezulu nequmrhu elilawulayo elibonakalayo. Njengokuba umpostile uPawulos wabonisayo, uThixo ‘wabahlangula abathanjisiweyo egunyeni lobumnyama, waza wabafudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe.’—Kolose 1:13-18; IZenzo 2:33, 42; 15:2; Galati 2:1, 2; ISityhilelo 22:16.
2. Bubuphi uBukumkani obukhulu awathi uKristu waqalisa ukulawula kubo ngowe-1914?
2 Ekupheleni ‘kwamaxesha eentlanga,’ uYehova walandisa igunya likaKristu lokuba ngukumkani, elenza lingasebenzi nje kuphela kwibandla lobuKristu. (Luka 21:24) Ewe, ngonyaka we-1914, uThixo wanika uNyana wakhe igunya lokuba ngukumkani phezu ‘kweentlanga,’ ‘kwizikumkani zehlabathi,’ naphezu kwalo lonke uluntu.—INdumiso 2:6-8; ISityhilelo 11:15.
Bamiselwe “Phezu Kwayo Yonke Impahla Yayo”
3, 4. (a) Kumzekeliso kaYesu weemina, umntu othile wasebukhosini wayefanekisela bani? (b) Ngowe-1918 nowe-1919 zintoni ezenzekayo kuBukumkani?
3 Okuphawulekayo apha ngumzekeliso kaYesu womntu othile olinene [“wasebukhosini,”]. (Luka 19:11-27) Ngaphambi kokuba ahambele kwelinye ilizwe elikude ukuya kufuna ubukumkani, wanika abakhonzi bakhe imali (iimina) ukuze basebenze ngayo. Akuba ebuyile, to mntu, omela uKristu, wababizela kuye “abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na.” (Luka 19:15) Oku kwasebenza njani emva kokuba uYesu ebufumene ubukumkani?
4 Ngowe-1918 uKumkani uYesu Kristu owayebekwe etroneni wafumana iqela elincinane lamaKristu elalithe ngaphambili lazishiya iicawa zeNgqobhoko nelalixakekile linyamekela izilangazelelo zasemhlabeni zeNkosi yalo. Emva kokubasulungekisa ngokungathi kungomlilo, ngowe-1919 uYesu wanika abazalwana bakhe igunya elongezelelekileyo. (Malaki 3:1-4; Luka 19:16-19) Wabamisela ‘phezu kwayo yonke impahla yakhe.’—Luka 12:42-44.
“Umamkelo Wokudla Ngexesha Elifanelekileyo”
5, 6. (a) Igosa likaKristu lafumana siphi isabelo esandisiweyo? (b) Ziziphi iziprofeto ezaziza kuzaliseka emva kowe-1914, yaye udidi lwegosa lwaluza kubandakanyeka njani ngokukhutheleyo ekuzalisekeni kwazo?
5 UKumkani uYesu Kristu olawulayo ngoku wanika igosa lakhe, okanye umphathi wendlu wasemhlabeni isabelo esongezelelekiyo. AmaKristu athanjisiweyo ayeza kuba ‘zizigidimi’ zikaThixo ezimela uKumkani othweswe isithsaba nonikwe igunya lokulawula phezu kwabo bonke abantu bomhlaba. (2 Korinte 5:20; Daniyeli 7:14) Iimbopheleleko yawo ngokuyintlanganisela yayingasayi kuphelela ekubeni banike iqumrhu likaKristu labantu abathanjisiweyo ‘umamkelo wabo wokudla ngexesha elifanelekileyo.’ (Luka 12:42) Ngoku ayeza kuba negalelo elikhulu ekuphunyezweni kweziprofeto ezaziza kuzaliseka emva kokumiselwa koBukumkani ngowe-1914.
6 Oku kwathetha ukwenziwa kwantoni? Kwathetha ukwandiswa komsebenzi wokushunyayelwa ‘kwezi ndaba zilungileyo zoBukumkani kulo elimiweyo liphela.’ (Mateyu 24:14) Ngaphezu koko, kwathetha ukupapashwa kwezigidimi ezinamandla zomgwebo nxamnye nenkqubo engendawo kaSathana nabaxhasi bayo. Oku kwaphumela ‘ekunyikimisweni kweentlanga.’ Ngaloo ndlela, “izinto ezinqwenelekayo,” ‘izimvu zikaKristu ezizezinye,’ zaqalisa ukungena. (Hagayi 2:7; Yohane 10:16) Ukususela ngowe-1935 ukusa phambili, “isihlwele esikhulu” saqalisa ukuthontelana kwintlangano kaYehova yazwenibanzi. (ISityhilelo 7:9, 10) Oku kwafuna ukuba intlangano iphuculwe ngokwamabakala. Ngentetho efuziselayo, amatye ayeza kuthatyathelwa indawo ngesinyithi, imithi ngobhedu, isinyithi ngesilivere, luze ubhedu luthatyathelwe indawo ngegolide. (Isaya 60:17) Konke oku kuye kwenzeka ukususela ngowe-1919 phantsi kolwalathiso lwenkuthalo nolweliso elibukhali likaYesu Kristu, oye wanikela zonke izilangazelelo zakhe zasemhlabeni zoBukumkani okanye impahla, kudidi lomkhonzi wakhe othembekileyo nakwiQumrhu lakhe Elilawulayo.
7. Iimbopheleleko ezandisiweyo zegosa zazibandakanya ntoni?
7 Ngokulula sinokuqonda ukuba umthwalo owongezelelekileyo wembopheleleko onikwe umkhonzi weNkosi, igosa, okanye umphathi wendlu waquka umsebenzi omkhulu wokubhala nowokuhlela. Kwaye kwafuneka ukuba ukutya kokomoya okukhutshwa rhoqo kuqhubeke kupapashwa ngexesha elililo kwiMboniselo. Ngowe-1919 iThe Golden Age (iphephancwadi eliliqabane elathi kamva laba yiConsolation, laza emva koko laba nguVukani!) laqalisa ukupaphashwa ukuze livuse umdla kuwonke wonke, ukongezelela ekomelezweni “kwabendlu.” (Mateyu 24:45) Kwakhona kangangeminyaka emininzi kuye kwaveliswa intaphane yeencwadi, iincwadana namaphecana.
Ukusulungekiswa Okuqhubekayo
8. Ekuqaleni amalungu eQumrhu Elilawulayo ayebotshwa ngabande linye nantoni, yaye yiyiphi inkcazelo eyakhutshwa kwiMboniselo ngowe-1944?
8 Xa sikhangela emva kweli “xesha lokuphela,” asimangaliswa kukuba amalungu eQumrhu Elilawulayo ayebotshwa ngebande linye nabasebenzi abangabahleli beWatch Tower Society. (Daniyeli 12:4) Inqaku elithi: “Ukulungelelaniswa Kwezinto Zolawulo Lobuthixo Namhlanje,” elapapashwa kwiMboniselo (yesiNgesi) kaNovemba 1, 1944, lathi: “Ngokusengqiqweni, abo babephathiswe umsebenzi wokupapasha iinyaniso zeBhayibhile ezityhiliweyo babejongwa njengequmrhu elilawulayo elinyulwe yiNkosi ukuba likhokele bonke abo babenqwenela ukunqula uThixo ngomoya nangenyaniso nokumkhonza ngokumanyeneyo ekusasazeni ezi nyaniso zityhiliweyo kwabanye abalambileyo nabanxaniweyo.”
9. IQumrhu Elilawulayo lachazwa njengantoni kamva, yaye kwakutheni?
9 Kwakubandakanyeke izinto ezazifuneka ngokwasemthethweni ekupapasheni amaphephancwadi nolunye uncedo lokufundisisa iBhayibhile. Ngenxa yoko, kwilizwe lasePennsylvania, eUnited States of America kwamiselwa kwaza kwabhaliswa iWatch Tower Bible and Tract Society. Kangangeminyaka, iQumrhu Elilawulayo elibonakalayo liye lachazwa njengebhodi yamalungu asixhenxe angabalathisi balo mbutho owamiselwa ukupapasha amancedo okufundisisa iBhayibhile afunekayo nasetyenziswa ngabantu beNkosi emhlabeni ngokubanzi.
10, 11. Kukuphi ukusulungekiswa okwenzeka ngowe-1944, yaye ngawaphi amagqabaza enziwayo ngoku kwiMboniselo?
10 Abalathisi abasixhenxe boMbutho babengamaKristu athembekileyo. Kodwa indima yabo kumbutho ongokwasemthethweni yayinokubonisa ukuba babenezikhundla zabo kwiQumrhu Elilawulayo kuphela ngokuthi banyulwe njengamalungu asemthethweni eWatch Tower Society. Ngaphezu koko, ngokomthetho ukuba lilungu elinjalo nokuba namalungelo okuvotelwa njengalo kuqala kwakunikelwa kuphela kwabathile ababenze iminikelo kuMbutho. Kwafuneka kwenziwe iinguqulelo kweli lungiselelo. Oku kwenziwa kwintlanganiso yonyaka yombutho wasePennsylvania weWatch Tower Society eyayingo-Oktobha 2, 1944. Inkqubo yomthetho woMbutho yalungiswa ukuze ukumiselwa kwamalungu kungabi ngokwesiseko sezemali. Amalungu ayeza kukhethwa phakathi kwabakhonzi abathembekileyo bakaYehova, ibe aba baye baquka abaninzi abakhonza ixesha elizeleyo kwikomkhulu loMbutho, eBrooklyn, eNew York, nakumasebe awo asehlabathini lonke.
11 Inikela ingxelo ngolu phuculo, IMboniselo (yesiNgesi) kaNovemba 1, 1944, yathi: “Imali, njengoko inikelwa kwiminikelo engokwasezimalini, ayifanele ibe nento eyithethayo, enyanisweni ayifanele ibe nento yokwenza nokumiselwa kwequmrhu elilawulayo lamaNgqina kaYehova asemhlabeni. . . . Umoya oyingcwele, amandla asebenzayo avela kuYehova uThixo ngoKristu uYesu, nguwo ofanele ube yinto emiselayo nekhokelayo kulo mcimbi.”
Lahlukile Kwibhodi Yabalathisi
12. Yintoni ebonisa ukuba uYehova wazisikelela ezi nkqubo zisulungekisiweyo phantsi kolwalathiso lweQumrhu Elilawulayo?
12 Inkqubela kumsebenzi wokushumayela eyabakho ebudeni beminyaka yasemva kweli thuba ingqina ukuba uYehova wazisikelela ezi nkqubo zisulungekisiweyo ekuqondweni kweQumrhu Elilawulayo. (IMizekeliso 10:22) Ewe, inani labavakalisi boBukumkani ehlabathini lonke landa lisusela kwabangaphantsi kwe-130 000 ngowe-1944 ukuya kwabasisi-1 483 430 ngowe-1970! Kodwa izinto zaziseza kuphuculwa ngakumbi.
13. (a) De kube ngowe-1971, yayinjani imeko ngokubhekisele kwiQumrhu Elilawulayo? (b) Yintoni eyenzekayo kwintlanganiso yonyaka yoMbutho yowe-1971?
13 De kwangowe-1971, abo beQumrhu Elilawulayo babesachazwa njengamalungu asixhenxe ebhodi yabalathisi beWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania. Umongameli woMbutho wayenomthwalo oyintloko wembopheleleko yokwenza izigqibo ezazichaphazela ukusebenza kwamasebe oMbutho ehlabathini lonke. Kodwa kwintlanganiso yonyaka eyaqhutywa ngo-Oktobha 1, 1971, kwanikelwa iintetho eziphawulekayo embalini. Umongameli woMbutho wathetha ngomxholo othi “Ukuzisa Indawo Engcwele Kwimeko Efanelekileyo,” ibe isekela lakhe lathetha ngomxholo othi “IQumrhu Elilawulayo Njengelahlukileyo KuMbutho Ongokwasemthethweni.” Nguwuphi ke umahluko okhoyo phakathi kweQumrhu Elilawulayo nombutho ongokwasemthethweni?
14. Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kombutho wasemthethweni neQumrhu Elilawulayo?
14 Njengoko sele kukhankanyiwe, iWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania inebhodi yabalathisi abalinani elipheleliselwe kumalungu asixhenxe. La madoda angamaKristu azahluleleyo anyulwa ukuba asebenze kangangeminyaka emithathu ngamalungu ombutho angekho ngaphezu kwangama-500 ewonke, uninzi lwawo olungengawo amaKristu athanjisiweyo. Ngaphezu koko, ekubeni to mbutho ukho ngokupheleleyo ngokusemthethweni, unekomkhulu elisisigxina elisendaweni ethile apha emhlabeni, unokubhangiswa nguKesare, oko kukuthi, uRhulumente. (Marko 12:17) Noko ke, iQumrhu Elilawulayo alisosixhobo esingokwasemthethweni. Amalungu alo awamiselwa ngokunyulwa. Amiselwa ngomoya oyingcwele phantsi kolwalathiso lukaYehova uThixo noYesu Kristu. (Thelekisa IZenzo 20:28.) Ngaphezu koko, abo babumba iQumrhu Elilawulayo ngamadoda anyulwe ngomoya ekunganyanzelekanga ukuba abe nendawo ethile okanye ikomkhulu elisisigxina apha emhlabeni.
15. Yiyiphi inkcazelo engentlangano eyanikelwa kwiMboniselo kaMeyi 15, 1972, yaye yintoni enokuthethwa ngeQumrhu Elilawulayo lanamhlanje?
15 Ngokuqondwa kokusulungekiswa okunjalo, IMboniselo kaMeyi 15, 1972 yathi: “Ngombulelo amaNgqina kaYehova angamaKristu ayazi eqinisekisa nokuba le yintlangano yonqulo engeyoyamntu mnye, koko inequmrhu elilawulayo lamaKristu athanjiswe ngomoya.” Eli Qumrhu Lilawulayo lodidi lomkhonzi othanjisiweyo nelezigidi zamaqabane alo ezinye izimvu liye lathi ngcembe ngokwamabakala linyamekela isikhundla salo sokuvelela.
16. Impahla kaKristu yasemhlabeni yande njani ukususela ngowe-1971, yaye ziziphi izinto eziyinxalenye yayo eziye zanikelwa ukuba zinyanyekelwe ngumkhonzi othembekileyo noqondayo omelwa liQumrhu lakhe Elilawulayo?
16 Impahla yasemhlabeni yoKumkani uYesu Kristu iye yanda ngokuqhubekayo. Ukususela ngowe-1971 inani lamaNgqina Eye landa ukususela kwangaphantsi kwesi-1 600 000 ukusa kwincopho yangaphezu kwezi-3 700 000 ngowe-1989. Obunjani bona ubungqina bentsikelelo kaThixo! (Isaya 60:22) Olu lwando luye lwabangela kwayimfuneko ukwandisa izakhiwo kwikomkhulu loMbutho nakumasebe awo amaninzi, kuquka nokuphucula ngokweendlela zala maxesha iinkqubo ezisetyenziswayo zokuvelisa nezokusasaza. Olu lwando luye lwaphumela ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani neeHolo zeNdibano ezininzi kuwo wonke umhlaba. Ngalo lonke eli xesha, iQumrhu Elilawulayo liye kwakhona laqhubeka lizinyamekela iimbopheleleko zokuvelela umsebenzi wokushumayela, ukuvelisa uncwadi lolufundisisa iBhayibhile nokumiselwa kwabaveleli kumasebe, kwizithili, kwiziphaluka nasemabandleni. Ezi zizilangazelelo zoBukumkani athe uKristu wazinikela ukuba zinyanyekelwe ngumkhonzi othembekileyo noqondayo omelwa liQumrhu lakhe Elilawulayo.
17. Luluphi uphuculo olungakumbi oluye lwenziwa kumsebenzi wokuvelela ngowe-1971, 1974 nangowe-1976?
17 Iqumrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala landiswa ukuze liquke abangaphezulu kunabapostile bakaYesu. Xa kwenziwa izigqibo ngembambano yolwaluko, ngokucacileyo elo qumrhu laliquka ‘abapostile namadoda amakhulu aseYerusalem.’ (IZenzo 15:1, 2) Ngokufanayo, iQumrhu Elilawulayo landiswa ngowe-1971 yaye laphindwa ngowe-1974. Ngoko ukuze luwenze lula to msebenzi walo wokuvelela, iQumrhu Elilawulayo lalungiselela ukuba kubekho iikomiti ezintlanu ezaqalisa ukusebenza ngoJanuwari 1, 1976. Ikomiti nganye ibunjwe ngamalungu asusela kwamathathu ukuya kwamathandathu, onke anegunya elilinganayo kwimibandela eqwalaselwayo. Usihlalo wekomiti nganye usebenza kangangonyaka omnye, yaye amalungu ngamanye eQumrhu Elilawulayo akhonza kwenye okanye kwezingakumbi zezi komiti. Nganye kwezi komiti zintlanu inikela ingqalelo kwinkalo ethile ekhethekileyo yeempahla zikaKristu ezisemhlabeni. Ikomiti yesithandathu—iKomiti kaSihlalo, emalungu ayo amiselwa kwesi sikhundla nyaka ngamnye, isingatha iingxaki ezingxamisekileyo.
Ukusebenzisana Ngokukhutheleyo Nequmrhu Elilawulayo
18. IQumrhu Elilawulayo lisebenza njani, ibe yiyiphi enye indlela esikubonakalisa ngayo ukusebenzisana kwethu nalo?
18 Iikomiti zeQumrhu Elilawulayo ziqhuba iintlanganiso veki nganye ukuze zihlolisise imibandela ebalulekileyo, zenze izigqibo emva kokuyiqwalasela ngomthandazo, zize zicebe imisebenzi yolawulo lobuthixo yexesha elizayo. Njengoko kuphawulwe ngaphambilana, IZenzo isahluko 15 zibonisa ukuba imbambano enzima efuna isigqibo yabhekiswa kwiqumrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala ukuze linikele ingqalelo kuyo. Ngokufanayo namhlanje, imibuzo ebalulekileyo ibhekiswa kulo lonke iQumrhu Elilawulayo, eliba nentlanganiso kanye ngeveki okanye ngokufuthi ngaphezu koko xa kuyimfuneko. Amalungu eQumrhu Elilawulayo, ali-12 okwangoku, afuna ulwalathiso lukaYehova ngokusebenzisa iZibhalo nangomthandazo. Enye indlela esibonakalisa ngayo ukusebenzisana kwethu neQumrhu Elilawulayo kukubakhumbula aba bamiselwe ngokukhethekileyo kwimithandazo yethu yemihla ngemihla.—Roma 12:12.
19. Imiyalelo yeQumrhu Elilawulayo ifikelela njani emabandleni?
19 Imiyalelo nezigqibo zeQumrhu Elilawulayo zifikelela njani emabandleni? Akuba amalungu equmrhu elilawulayo enkulungwane yokuqala efikelele kwisigqibo sawo ngoncedo lomoya kaThixo, athumela incwadi emabandleni. (IZenzo 15:22-29) Noko ke, namhlanje indlela eyintloko yokwenza oko kungeempapasho zamaKristu.
20. (a) Kukuphi okunye ukusulungekiswa okungokwentlangano okwenziwa ngowe-1976? (b) IiKomiti Zamasebe zisebenzisana njani neQumrhu Elilawulayo?
20 Ukususela ngoFebruwari 1, 1976, isebe ngalinye kumasebe eWatch Tower Society liye laneKomiti Yesebe ebunjwe ngamadoda afanelekileyo anyulwe liQumrhu Elilawulayo. Njengabameli beQumrhu Elilawulayo kwelo lizwe okanye kuloo mazwe aphantsi kweliso lesebe abakulo aba bazalwana bafanele babe ngamadoda athembekileyo nanyanisekileyo. Oku kusikhumbuza ngamadoda awayefanelekile, awayesoyika uThixo nawayenokuthenjwa awanceda uMoses ekugwebeni abantu mandulo kwaSirayeli. (Eksodus 18:17-26) Amalungu eKomiti Yesebe enza ngokuvisisana nemiyalelo ezuzwa ngeencwadi namaphephancwadi oMbutho nakuBulungiseleli Bethu BoBukumkani, kuquka nakwiileta eziqhelekileyo nezikhethekileyo eziphathelele iingxaki zasekuhlaleni. IiKomiti Zamasebe zisoloko zinikela ingxelo esexesheni kwiQumrhu Elilawulayo engenkqubela yomsebenzi kwilizwe ngalinye nangeengxaki ezisenokuphakama. Iingxelo ezinjalo ezivela kulo lonke ihlabathi zinceda iQumrhu Elilawulayo ekwenzeni isigqibo ngemibandela efanele iqwalaselwe kwiimpapasho zoMbutho.
21. Abaveleli abahambahambayo bamiselwa njani, yaye imisebenzi yabo iquka ntoni?
21 Phantsi kolwalathiso lomoya oyingcwele, iiKomiti Zamasebe zincomela amadoda akhulileyo ngokomoya ukuba akhonze njengabaveleli beziphaluka nabezithili. Emva kokumiselwa ngokungqalileyo liQumrhu Elilawulayo, akhonza njengabaveleli abahambahambayo. Aba bazalwana batyelela iziphaluka namabandla ukuze bawakhe ngokomoya baze bawancede ekusebenziseni imiyalelo evela kwiQumrhu Elilawulayo. (Thelekisa IZenzo 16:4; Roma 1:11, 12.) Abaveleli abahambahambayo bathumela iingxelo kwiofisi yesebe. Ngoncedo lomoya oyingcwele nolweZibhalo eziphefumlelweyo, bancedisana nabadala basekuhlaleni ekuncomeleni abazalwana abafanelekayo ukuba bamiselwe njengezicaka zolungiselelo nanjengabadala liQumrhu Elilawulayo okanye ngabameli balo.—Filipi 1:1; Tito 1:5; thelekisa eyoku-1 kuTimoti 3:1-13; 4:14.
22. (a) Abadala bebandla basebenzisana njani neQumrhu Elilawulayo? (b) Yintoni engqina ukuba uYehova uyalisikelela eli lungiselelo lolawulo lobuthixo?
22 Abo babumba amaqumrhu abadala bathi ke bona bazilumkele nawo wonke umhlambi, athe umoya oyingcwele wabamisa ukuba babe ngabaveleli bawo. (IZenzo 20:28) Ngokunyanisekileyo aba baveleli bafuna ukusebenzisa imiyalelo abayifumana kuYehova uThixo nakuYesu Kristu ngomkhonzi othembekileyo noqondayo neQumrhu lakhe Elilawulayo. UYehova uyalisikelela eli lungiselelo lolawulo lobuthixo, kuba ‘amabandla aqhubeka ezimaseka elukholweni yaye esanda ngokwamanani imihla ngemihla.’—IZenzo 16:5.
23. Ngokubhekisele kwiQumrhu Elilawulayo, sifanele sizimisele ukwenza ntoni?
23 Hayi indlela ekukuhle ngayo ukuba ngeQumrhu Elilawulayo, uYehova uThixo neNkosi, uYesu Kristu, bebonakalisa inkxaso kubantu bakaThixo! (INdumiso 94:14) Njengenxalenye yentlangano kaYehova, thina ngabanye siyangenelwa kwinkxaso enjalo. (INdumiso 145:14) Oku kufanele kusomeleze ngakumbi isigqibo sethu sokusebenzisana namalungiselelo kaThixo. Eneneni, ngamana singasoloko sizingqina sisebenzisana neQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova njengoko sisondela kwixesha laxa “ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.”—Isaya 11:9.
Iingongoma Eziziintloko Esimele Sizikhumbule
◻ Ziziphi iimbopheleleko ezongezelelekileyo ezathi zafunyanwa ludidi lwegosa ngowe-1919?
◻ Kangangeminyaka emininzi, iQumrhu Elilawulayo elibonakalayo belichazwa njengantoni?
◻ Ziziphi iinkqubo zokusulungekiswa okuqhubekayo eziye zenziwa ekunyulweni kwamalungu eQumrhu Elilawulayo?
◻ Yiyiphi enye impahla kaKristu yasemhlabeni aye wayinikela kudidi lomkhonzi neQumrhu lakhe Elilawulayo?
◻ Sinokusebenzisana njani neQumrhu Elilawulayo?
[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]
Kwikomkhulu lalo lehlabathi eliseBrooklyn, eNew York, iQumrhu Elilawulayo longamela umsebenzi wokupapasha nowokushumayela owenziwa ngamaNgqina kaYehova kumasebe angama-93 eWatch Tower Society
IJamani
IJapan
UMzantsi Afrika
IBrazil