Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Ukukhanyela Entendelezweni
EMVA kokuba bemshiyile uYesu emyezweni waseGetsemane baza babaleka nabo bonke abapostile ngenxa yokoyika, uPetros noYohane bayema. Mhlawumbi bayamfumana uYesu xa ethatyathwa esiwa kwikhaya lika-Anas. Xa uAnas emthumela kuMbingeleli Omkhulu uKayafa, uPetros noYohane bayalandela bemgama, ngokucacileyo bengazi ukuba mabathini ngenxa yokoyikela ubomi babo nangenxa yenkxalabo enzulu ababenayo ngoko kuya kwehlela iNkosi yabo.
Ekufikeni kwabo kwikhaya likaKayafa elinendawo ephangaleleyo, uYohane uyakwazi ukungena entendelezweni, ekubeni esaziwa ngumbingeleli omkhulu. Noko ke, uPetros ushiyeka emi ngaphandle emnyango. Kodwa kungekudala uYohane uyabuya aze athethe nomgcini-sango, isicakakazi, yaye uPetros uyavunyelwa ukuba angene.
Kodwa ngoku kuyabanda, yaye abakhonzi namadindala ombingeleli omkhulu babasa umlilo wamalahle. UPetros uyabathelela ukuze abe shushu ngoxa elinde umphumo wokuvavanywa kukaYesu. Apho, ekukhanyiseni komlilo oqaqambileyo, umgcini-sango obengenise uPetros umbona kakuhle. Udanduluka esithi: “Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili.”
Ephazamisekile kukuba efanisiwe, phambi kwabo bonke uPetros uyakhanyela ukuba uyamazi uYesu. Uthi: “Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena.”
Akuba etshilo, uPetros uyaphuma aye ngasesangweni. Apho, esinye isicakakazi siyambona size naso sithi kwabo bemi kufuphi: “Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete.” Kwakhona, uPetros uyakukhanyela oko, efunga esithi: “Andimazi loo mntu.”
UPetros uhlala entendelezweni, ezama ukuba angabonakali kangangoko kunokwenzeka. Mhlawumbi ngeli xesha wothuswa kukulila kwenkuku kubumnyama besifingo. Kwesi sithuba, ukuvavanywa kukaYesu kuyaqhubeka, ngokucacileyo kuqhutyelwa kwicandelo lendlu engaphezu kwentendelezo. Mhlawumbi uPetros nabanye abalinde ngaphantsi bayakubona ukungena nokuphuma kwamangqina awahlukahlukeneyo aziselwa ukuba anikele ubungqina.
Sele kudlule malunga neyure ukususela ekubeni uPetros eye wafaniswa njengesinxulumani sikaYesu. Ngoku iqela labo beme kufuphi liya kuye lize lithi: “Inyaniso, nawe ungowabo; kuba nokuthetha kwakho kuyakudiza.” Omnye weli qela sisalamane sikaMalko, ondlebe yakhe iye yanqanyulwa nguPetros. Ubuza athi, “Andikubonanga mna yini na emyezweni unaye?”
“Andimazi loo mntu,” uPetros ufunga ngamandla atsho. Enyanisweni, ngokushwabula nangokufunga kulo mbandela, uzama ukubeyisela ekubeni bonke bayaphazama ngenene, esithi unokuhlelwa bububi ukuba akathethi nyaniso.
Kanye njengoko uPetros ekhanyela okwesithathu, inkuku iyalila. Yaye ngelo thuba, uYesu, ekubonakala ukuba uye waphumela kwivaranda ephezu kwentendelezo, uyajika aze amjonge. Ngokukhawuleza, uPetros ukhumbula oko uYesu ebekuthethile kwiiyure nje ezimbalwa ngaphambilana kwigumbi eliphezulu: “Ingekalili inkuku kabini, uya kundikhanyela kathathu.” Etyumkile ngenxa yobukhulu besono sakhe, uPetros uphuma phandle aze alile ngokukrakra.
Kunokwenzeka njani oku? Emva kokuqiniseka kangaka ngokomelela kwakhe ngokomoya, uPetros unokuyikhanyela njani iNkosi yakhe kathathu ngokulandelelana okukhawulezileyo? Ngokungathandabuzekiyo iimeko zimqubule uPetros. Inyaniso iyagqwethwa, yaye uYesu uchazwa njengesaphuli-mthetho esingendawo. Oko kulungileyo kwenziwa kubonakale kungalunganga, omsulwa enetyala. Ngoko ngenxa yeengcinezelo zesi sihlandlo, uPetros udidekile. Ngequbuliso imvo yakhe yokunyaniseka efanelekileyo iyaphazamiseka. Okulusizi ngaye kukuba ukoyika abantu kumethisa amandla. Ngamana oko kungangaze kwenzeke kuthi! Mateyu 26:57, 58, 69-75; Marko 14:30, 53, 54, 66-72; Luka 22:54-62; Yohane 18:15-18, 25-27.
▪ UPetros noYohane bangena njani entendelezweni yombingeleli omkhulu?
▪ Ngoxa uPetros noYohane besentendelezweni, yintoni eqhubekayo endlwini?
▪ Inkuku ilila kangaphi, yaye uPetros ukhanyela ngokufuthi kangakanani ukuba uyamazi uYesu?
▪ Kuthetha ukuthini ukushwabula nokufunga kukaPetros?
▪ Yintoni eyenza ukuba uPetros akhanyele ukuba uyamazi uYesu?