Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
“Inyaniso, Lo EbenguNyana KaThixo”
AKUKUDALA uYesu exhonywe emthini xa, kuthi emini emaqanda, kuhle ubumnyama obumangalisayo obuthabatha ubude obuziiyure ezintathu. Obu bumnyama abubangelwa kukusithwa kwelanga yinyanga, ekubeni obu bumnyama bubakho kuphela ngexesha lenyanga entsha, yaye inyanga isisonka ngexesha lePasika. Ngaphezu koko, ubumnyama obubangelwa kukusithwa kwelanga yinyanga buthabatha kuphela imizuzu embalwa. Ngoko obu bumnyama bubangelwe nguThixo! Kunokwenzeka ukuba buyabanqumamisa abo bagculela uYesu, bude bubangele ukuba bayeke ukuhlekisa ngaye.
Ukuba esi siganeko singaqhelekanga nesoyikekayo senzeka ngaphambi kokuba omnye wabenzi bobubi akhalimele iqabane lakhe aze acele uYesu ukuba amkhumbule, kunokwenzeka ukuba singunobangela wokuba aguquke. Mhlawumbi kusebudeni bobu bumnyama athi amabhinqa amane, angala, unina kaYesu nodade wabo uSalome, uMariya waseMagadala noMariya unina wompostile uYakobi Omnci, asondele ngakumthi wentuthumbo. UYohane, umpostile othandwayo nguYesu, ukunye nabo apho.
Hayi indlela ebuhlungu ngayo intliziyo kamama kaYesu njengoko ebukele unyana wakhe awamondlayo exhonywe apho ekwintlungu engcungcuthekisayo! Sekunjalo, uYesu ucinga, kungekhona ngentlungu yakhe, kodwa ngentlalo-ntle kanina. Ngomgudu omkhulu, unqwalela ngakuYohane aze athi kunina: “Mfazi, nanko unyana wakho!” Emva koko, enqwalela ngakuMariya, uthi kuYohane: “Nanko unyoko!”
Ngaloo ndlela uYesu uyalela ukuba unina, ngokucacileyo ngoku ongumhlolokazi, anyanyekelwe ngumpostile wakhe amthanda ngokukhethekileyo. Oku ukwenza ngenxa yokuba abanye oonyana bakaMariya abakabonakalisi kukholelwa kuye. Ngaloo ndlela umisela umzekelo omhle wokulungiselela kungekhona kuphela iimfuno ezingokwenyama zikanina kodwa kwanezokomoya.
Malunga nentsimbi yesithathu emva kwemini, uYesu uthi: “Ndinxaniwe.” Ngoko, eqonda ukuba uYise uye, ngokungathi kunjalo, wayeka ukumkhusela ukuze ingqibelelo yakhe ivavanywe ukusa ekupheleni, udanduluka ngelizwi elikhulu athi: “Thixo wam! Thixo wam! undishiyeleni na?” Bakukuva oku, abanye abame kufuphi bathi: “Yabonani, ubiza uEliya.” Kwangoko omnye wabo uyabaleka aze, esebenzisa imfunxa emanziswe ngeviniga aze ayifake engcongolweni, uyamnika ukuba asele. Kodwa abanye bathi: “Khanenze kuhle, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na.”
Xa uYesu efumana iviniga, udanduluka ngelizwi elikhulu athi: “Kugqityiwe!” Ewe, uyigqibile yonke into uYise ebemthumele emhlabeni ukuba ayenze. Ekugqibeleni uthi: “Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam.” Ngaloo ndlela uYesu unikela kuThixo amandla akhe obomi enethemba lokuba uThixo uya kuwabuyisela kuye kwakhona. Wandula ke athobe intloko yakhe aze afe.
Ngethuba uYesu atsala umoya wakhe wokugqibela, kuhla inyikima enkulu, icanda amawa. Le nyikima inamandla kakhulu kangangokuba amangcwaba angaphandle kweYerusalem ayavuleka, yaye izidumbu zilahlelwa ngaphandle kuwo. Abadlulayo, ababona imizimba yabafileyo iqungquluze ngaphandle, bangena esixekweni baze bakuxele oku.
Ngaphezu koko, ngethuba uYesu afayo, ikhuselo elikhulu elahlula iNgcwele kwiNgcwele kaNgcwele kwitempile kaThixo lahlukana kubini, ukusuka phezulu kuse ezantsi. Ngokucacileyo eli khuselo lihonjiswe kakuhle limalunga neemitha ezili-18 ubude yaye lomelele! Lo mmangaliso wothusayo awuthi kuphela ubonakalise ingqumbo kaThixo nxamnye nababulali boNyana Wakhe kodwa ubonisa ukuba ukungena kwiNgcwele kaNgcwele, izulu ngokwalo, ngoku kwenziwe kwanokwenzeka kukufa kukaYesu.
Ewe, xa abantu besiva inyikima baze babone izinto ezenzekayo, boyika gqitha. Umthetheli-mkhosi owayephambili ekuxhonyweni kukaYesu uzukisa uThixo. Uvakalisa esithi: “Inyaniso, lo ebenguNyana kaThixo.” Kusenokwenzeka ukuba wayekho xa kwakuxutyushwa ngebango lokuba ngunyana kaThixo kwityala likaYesu phambi koPilato. Yaye ngoku weyisekile kukuba uYesu unguNyana kaThixo, ewe, kukuba eneneni ungoyena mntu uphakamileyo wakhe waphila.
Kwanabanye beyisekile ngenxa yale mimangaliso yenzekileyo, yaye bagoduka bezibeth’ izifuba, njengembonakaliso yentlungu enzulu nokudana. Ababona oku kumangalisayo bekude ngabafundi abangamabhinqa bakaYesu abachukumiseke ngokunzulu ngenxa yezi ziganeko zishiy’ amehlo. Nompostile uYohane, ukwakho apha. Mateyu 27:45-56; Marko 15:33-41; Luka 23:44-49; 2:34, 35; Yohane 19:25-30.
◆ Kutheni ingenakuba kukusithwa kwelanga yinyanga oko kubangela ubumnyama beeyure ezintathu?
◆ Nje ngaphambi kokufa kwakhe, nguwuphi umzekelo omhle uYesu ababekela wona abo banabazali abalupheleyo?
◆ Liliphi ilizwi elinye lokugqibela uYesu alithethayo ngaphambi kokufa kwakhe?
◆ Yintoni ephunyezwa yinyikima, yaye iyintoni intsingiselo yokukrazuka kubini kwekhuselo letempile?
◆ Umthetheli-mkhosi owayephambili ekubulaweni kukaYesu uchaphazeleka njani yile mimangaliso?