‘Funa Uxolo Uluphuthume’
“Makabe mkhulu uYehova, ulonanze uxolo lomkhonzi wakhe.”—INDUMISO 35:27.
1. Kutheni siluxabisa uxolo esilunandiphayo?
OLUNJANI lona uvuyo okululo ukuba seluxolweni kweli hlabathi lahluleleneyo! Olunjani lona uvuyo okululo ukunqula uYehova, “uThixo woxolo,” nokuba nesabelo kwiintsikelelo ‘zomnqophiso wakhe woxolo’! Hayi indlela ekuhlaziya ngayo, phakathi kweengcinezelo zobomi, ukwazi “uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda” nokuba namava ‘entambo yoxolo’ emanyanisa abantu bakaThixo kungakhathaliseki ukuba ngabaluphi na uhlanga, ulwimi, isizwe, okanye imvelaphi engokwasentlalweni!—1 Tesalonika 5:23; Hezekile 37:26; Filipi 4:7; Efese 4:3.
2, 3. (a) Ngoxa abantu bakaThixo njengeqela beya kunyamezela, kusenokwenzeka ntoni kumaKristu ngamanye? (b) IBhayibhile isibongoza ukuba senze ntoni?
2 NjengamaNgqina kaYehova, siyaluxabisa olu xolo. Noko ke, asinakulujonga njengento engabalulekanga. Uxolo alubikho ngokuzenzekelayo ngenxa nje yokuba sinxulumene nebandla lamaKristu okanye siyinxalenye yentsapho yamaKristu. Ngoxa intsalela ethanjisiweyo namaqabane ayo ‘ezinye izimvu’ iya kunyamezela njengomhlambi omnye kuse esiphelweni, abantu ngabanye basenokuphulukana noxolo lwabo baze bawe.—Yohane 10:16; Mateyu 24:13; Roma 11:22; 1 Korinte 10:12.
3 Umpostile uPawulos walumkisa amaKristu athanjisiweyo omhla wakhe wathi: “Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo.” (Hebhere 3:12) Esi silumkiso siyasebenza nakwisihlwele esikhulu. Ngoko iBhayibhile ibongoza amaKristu isithi: “Makafune uxolo, aluphuthume. Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa, neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo; ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.”—1 Petros 3:10-12; INdumiso 34:14, 15.
“Ukunyameka Kwenyama”
4. Yintoni esenokuphazamisa uxolo esinalo noThixo?
4 Yintoni esenokuphazamisa ukuphuthuma kwethu uxolo? UPawulos ukhankanya enye into xa esithi: “Ukunyameka kwenyama ikukufa; ukunyameka ke komoya bubomi noxolo. Ngokuba ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo.” (Roma 8:6, 7) Ngokuthi ‘inyama,’ uPawulos ubhekisela kwimeko yethu yesono njengezidalwa ezingafezekanga ezazuz’ ilifa utyekelo lwesono. Ukuyekelela kutyekelo lwenyama enesono kuya kulutshabalalisa uxolo lwethu. Ukuba umKristu ngokungaguqukiyo uziphatha kakubi ngokwesini, uyaxoka, uyeba, usebenzisa iziyobisi, okanye waphula umthetho kaThixo ngenye indlela, uphazamisa uxolo awakha walunandipha noYehova. (IMizekeliso 15:8, 29; 1 Korinte 6:9, 10; ISityhilelo 21:8) Ngaphezu koko, ukuba uvumela izinto eziphathekayo zibonakale zibaluleke ngakumbi kuye kunezinto zokomoya, uxolo lwakhe noThixo lusongelwe ngokulusizi.—Mateyu 6:24; 1 Yohane 2:15-17.
5. Yintoni ebandakanyekileyo ekuphuthumeni uxolo?
5 Kwelinye icala, uPawulos wathi: “Ukunyameka ke komoya bubomi noxolo.” Uxolo luyinxalenye yeziqhamo zomoya, yaye ukuba siqeqesha iintliziyo zethu ukuba zizixabise izinto zokomoya, sithandazela umoya kaThixo ukuba usincede koku, siya kwandula ke sikuphephe “ukunyameka kwenyama.” (Galati 5:22-24) Kweyoku-1 kaPetros 3:10-12, uxolo lunxulunyaniswa nobulungisa. (Roma 5:1, thelekisa iNW) UPetros uthi ukuphuthuma uxolo kuquka ‘ukukubaleka okubi nokwenza okulungileyo.’ Umoya kaThixo unokusinceda ‘siphuthume ubulungisa’ size ngaloo ndlela silondoloze uxolo lwethu noThixo.—1 Timoti 6:11, 12.
6. Iyintoni enye yeembopheleleko zabadala mayela noxolo lwebandla?
6 Abadala bakuxhalabele ngokuyintloko ukuphuthunywa koxolo ebandleni. Ngokomzekelo, ukuba ubani uzama ukungenisa uqheliselo olonakalisayo, abadala banembopheleleko yokukhusela ibandla ngokuzama ukumluleka loo moni. Ukuba uyasamkela isiluleko, uya kulufumana uxolo lwakhe kwakhona. (Hebhere 12:11) Ukuba akasamkeli, kusengafuneka akhutshelwe ngaphandle ukuze kulondolozwe ulwalamano loxolo lwebandla noYehova.—1 Korinte 5:1-5.
Uxolo Nabazalwana Bethu
7. Yiyiphi inkalo ‘yokunyamekela inyama’ uPawulos alumkisa abaseKorinte ngayo?
7 ‘Ukunyamekela inyama’ kusenokutshabalalisa kungekuphela nje uxolo lwethu noThixo kodwa kwanolwalamano lwethu olulungileyo namanye amaKristu. UPawulos wabhalela abaseKorinte wathi: “Nisengabenyama; oku nje kukhoyo phakathi kwenu umona, neenkani neembambaniso, aningabenyama na? Anihambi ngokwabantu na?” (1 Korinte 3:3) Umona neembambaniso zizinto ezichasene ngokupheleleyo noxolo.
8. (a) Kusenokwenzeka ntoni kubani obangela umona neembambaniso ebandleni? (b) Luxhomekeke entwenini uxolo lwethu noThixo?
8 Ukuphazamisa uxolo lwebandla ngokubangela umona neembambaniso kuyinto enzulu ngokwenene. Ethetha ngophawu olunxulumene noxolo njengesiqhamo somoya, umpostile uYohane walumkisa wathi: “Ukuba umntu uthe, Ndiyamthanda uThixo, wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki; kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angathini na ukumthanda uThixo angambonanga?” (1 Yohane 4:20) Ngokufanayo, ukuba uthile ubangela umona okanye iimbambaniso phakathi kwabazalwana, ngaba unokuba seluxolweni noThixo? Ngokuqinisekileyo akanakuba nako! Siyabongozwa: “Vuyani, zilungiseni nigqibelele, thuthuzelekani, cingani nto-nye, zolani [hlalani ngoxolo, NW]; wothi ke uThixo wothando noxolo abe nani.” (2 Korinte 13:11) Ewe, ukuba siqhubeka sihlala ngoxolo omnye nomnye, uya kuthi ngoko naye uThixo wothando noxolo abe nathi.
9. Sazi njani ukuba maxa wambi kuya kubakho ukungaqondani nokungavisisani phakathi kwamaKristu?
9 Oku akuthethi ukuba akusayi kuze kubekho ukungaqondani phakathi kwamaKristu. Ngokomzekelo, kwiiveki ezithile emva kwePentekoste, kwabakho ukungavisisani kwibandla elitsha lamaKristu ngokuphathelele ukwabiwa kokudla kwemihla ngemihla. (IZenzo 6:1) Ngesinye isihlandlo ukungavisisani phakathi kukaPawulos noBharnabhas kwakhokelela ‘kumazwi abukhali.’ (IZenzo 15:39) Kwafuneka uPawulos eluleke uWodiya noSintike, ngokungathandabuzekiyo oodade abalungileyo nababenenzondelelo, “ukuba bacinge nto-nye beseNkosini.” (Filipi 4:2) Akumangalisi ke ngoko ukuba uYesu abe wanikela icebiso ngokweenkcukacha ngendlela yokucombulula izinto eziphazamisa uxolo phakathi kwamaKristu waza wabalaselisa ukungxamiseka kokusingathwa kweengxaki ezinjalo ngokukhawuleza! (Mateyu 5:23-25; 18:15-17) Ngewayenganikelanga esi siluleko ukuba wayengacingi ukuba kwakuya kuvela iingxaki ezithile phakathi kwabalandeli bakhe.
10. Maxa wambi ziziphi iimeko eziye zivele ebandleni, yaye yiyiphi imbopheleleko oku okuyibeka kubo bonke ababandakanyekileyo kuzo?
10 Ngoko, namhlanje kuyinto enokwenzeka ngokulula ukuba ubani akhutyekiswe ngubani othethe ngokungakhathali okanye oko acingela ukuba kukubonakalisa indelelo kumKristu onguwabo. Uphawu lobuntu lomnye umntu lusenokumcaphukisa kakhulu omnye. Iimpawu zobuntu zisenokungqubana. Uthile usenokungavumelani konke-konke nesigqibo sabadala. Kwanakwiqumrhu labadala, omnye umdala usenokuba ngqongqo ngezimvo zakhe aze azame ukungazinanzi ezabanye abadala. Phezu kwaso nje isibakala sokuba izinto ezinjalo zisenzeka, kusafuneka sifune uxolo size siluphuthume. Ucelomngeni lukukusingatha iingxaki ezinjalo ngendlela yobuKristu ukuze kulondolozwe ‘intambo emanyanisayo, yoxolo.’—Efese 4:3.
11. Ngawaphi amalungiselelo uYehova awenzileyo ukusinceda siphuthume uxolo omnye nomnye?
11 IBhayibhile ithi: “Makabe mkhulu uYehova, ulonanze uxolo lomkhonzi wakhe.” (INdumiso 35:27) Ewe, uYehova ufuna ukuba sibe noxolo. Ngenxa yoko, uye wenza amalungiselelo amabini abalaseleyo ukuze asincede silondoloze uxolo phakathi kwethu kwanaphakathi kwethu naye. Elinye ngumoya oyingcwele, uxolo olusisiqhamo sawo, kwakunye nezinye iziqhamo ezinxulumene nalo, ezinjengokuzeka kade umsindo, ukulunga, ubulali nokuzeyisa. (Galati 5:22, 23) Elinye bubulumko bukaThixo, esifunda oku ngabo: “Ubulumko baphezulu ukuqala bunyulu, buze bube boboxolo; buyancendezela, buthozame kakhulu, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo.”—Yakobi 3:17, 18.
12. Sifanele senze ntoni ukuba uxolo lwethu nabazalwana bethu luye lwaphazamiseka?
12 Ngoko ke, xa uxolo lwethu nabanye luphazamisekile, sifanele sithandazele ukuba ubulumko baphezulu busibonise inyathelo esifanele silithabathe, yaye sifanele sicele umoya oyingcwele usomeleze senze okulungileyo. (Luka 11:13; Yakobi 1:5; 1 Yohane 3:22) Ngokuvisisana nemithandazo yethu, sinokwandula sikhangele kumthombo wobulumko bukaThixo, iBhayibhile, ukuba usikhokele, kwaye sihlole kwanoncwadi lweBhayibhile olukhoyo ukuze sifumane isiluleko sendlela yokusebenzisa iZibhalo. (2 Timoti 3:16) Sisekwanokunqwenela ukufuna icebiso kubadala ebandleni. Inyathelo lokugqibela beliya kuba kukulandela ukhokelo esilufumeneyo. UIsaya 54:13 uthi: “Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho.” Oku kuthetha ukuba uxolo lwethu luxhomekeke ekusebenziseni kwethu izinto uYehova asifundisa zona.
“Banoyolo Abaxolisi”
13, 14. (a) Lithetha ukuthini igama elasetyenziswa nguYesu elithi “abaxolisi”? (b) Sinokuba ngabo njani abaxolisi?
13 KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathi: “Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuba bangoonyana bakaThixo bona.” (Mateyu 5:9) Igama elithi ‘umxolisi’ apha alibhekiseli kubani nje ozolileyo ngemvelo. Umxolisi unobuchule bokubuyisela uxolo xa luphazamisekile. Noko ke, okubaluleke ngakumbi, umxolisi uzabalazela ukuphepha kwaukuluphazamisa uxolo. ‘Entliziyweni yakhe kulawula uxolo.’ (Kolose 3:15) Ngoko ukuba abakhonzi bakaThixo bazabalazela ukuba ngabaxolisi, iingxaki phakathi kwabo ziya kuba mbalwa.
14 Ukuba ngumxolisi kubandakanya ukuziqonda iintsilelo zethu. Ngokomzekelo, umKristu usenokuba nomsindo okhawulezayo okanye avakalelwe ngokukhawuleza yaye acaphuke lula. Xa ecinezelekile, iimvakalelo zisenokumenza ayilibale imigaqo yeBhayibhile. Leyo asinto ingalindelekanga ngabantu abangafezekanga. (Roma 7:21-23) Sekunjalo, intiyo, iimbambaniso, imisindo, zikhankanywa phakathi kwemisebenzi yenyama. (Galati 5:19-21) Ukuba sizifumanisa sinotyekelo olunjalo—okanye ukuba sixelelwa ngabanye ukuba sinalo—sifanele sithandaze ngokunyanisekileyo nangokuqhubekayo sicela umoya kaYehova ukuba ukhulise kuthi ukuzeyisa nobulali. Eneneni, wonk’ ubani ufanele azabalazele ukuhlakulela iimpawu ezinjalo njengenxalenye yobuntu bakhe obutsha.—Efese 4:23, 24; Kolose 3:10, 15.
15. Ubulumko baphezulu buchasene njani nobuntamo lukhuni bokungabi nangqiqo?
15 Ngezihlandlo ezithile, ibandla okanye iqumrhu labadala liyaphazanyiswa nguthile oneenkani, osoloko efuna ukuba izinto zenziwe ngendlela yakhe. Enyanisweni, xa kufikelelwa kumthetho kaThixo, umKristu ufanele abe ngoneembono ezingenakuguqulwa, de abe ngoqine ngokwenene. Kwaye ukuba sivakalelwa kukuba sinecebiso elihle elinokuba yingenelo kwabanye, akukho nto iphosakeleyo ngokulithetha, ukuba nje siyazicacisa izizathu esinazo. Kodwa asifuni kuba njengabo ehlabathini “abangayifuni kwaphela imvisiswano.” (2 Timoti 3:1-4, NW) Ubulumko baphezulu boboxolo, bunengqiqo. Abo izenzo zabo zibonisa ubuntamo-lukhuni bokungabi bhetyebhetye bafanele bathobele isiluleko sikaPawulos esiya kwabaseFilipi ‘sokungenzi nanye into ngokozuko olulambathayo.’—Filipi 2:3.
16. Isiluleko sikaPawulos esikwincwadi yabaseFilipi sisinceda njani ukuba soyise ikratshi?
16 Kwakuloo ncwadi, uPawulos uyasibongoza ukuba sifanele, ‘ngokuthobeka kwentliziyo,’ sithi ngokunyanisekileyo ‘sibabalele abanye ekuthini ngabona bongamileyo kunathi.’ Oku kuchasene kakhulu nokuba nekratshi. UmKristu okhulileyo ngolwazi akacingi ngokunyanzelisa iingcamango zakhe kuqala, ukuthenga ubuso, okanye ukukhusela isikhundla okanye igunya lakhe. Oku bekuya kuchasana nesibongozo sikaPawulos sokuba ‘singaxuneli kwezethu izinto zodwa, kodwa sixunele nakwezabanye.’—Filipi 2:4; 1 Petros 5:2, 3, 6.
Amazwi Oxolo
17. Kukuphi ukusetyenziswa phosakeleyo kolwimi okusenokuphazamisa uxolo lwebandla?
17 Umntu ophuthuma uxolo uyayilumkela indlela alusebenzisa ngayo ulwimi lwakhe. UYakobi uyalumkisa: “Ulwimi, lulilungu elincinanana nje, luyagwagwisa kakhulu. Yabona ke, umlilo omncinane utshisa ihlathi elikhulu.” (Yakobi 3:5) Ukuhleba okwenzakalisayo, ukugxekwa kwabanye kungathethwa kubo, amazwi angengowabubele nabukhali, ukukrokra nokukhalaza, nokuncoma ngokugqithiseleyo okunganyanisekanga ukuze ufumane iingenelo zobuqu—zonke ezi zinto ziyimisebenzi yenyama eluphazamisayo uxolo lwabantu bakaThixo.—1 Korinte 10:10; 2 Korinte 12:20; 1 Timoti 5:13; Yuda 16.
18. (a) Kwimeko yokusetyenziswa kakubi kolwimi ngempazamo, liliphi ikhondo elichanileyo amele wonke ubani obandakanyekileyo alilandele? (b) Xa umsindo ubangela ukuba ubani athethe amazwi awenzakalisayo, amaKristu akhulileyo ngolwazi asabela njani?
18 Enyanisweni, uYakobi wathi: “Ulwimi alunaye noko amnye ebantwini, unokuludambisa.” (Yakobi 3:8) KwanamaKristu akhulileyo maxa wambi ayazithetha izinto athi kamva ngokunyanisekileyo azisole ngenxa yazo. Sonke sinethemba lokuba abanye baya kusixolela ngenxa yeempazamo ezinjalo kanye njengokuba sibaxolela. (Mateyu 6:12) Maxa wambi ukudubuleka ngumsindo kusenokukhokelela kumazwi awenzakalisayo. Ngoko, umxolisi uya kukhumbula ukuba “impendulo ethambileyo ibuyisa ubushushu; ilizwi elidubulayo linyusa umsindo.” (IMizekeliso 15:1) Ngokufuthi, kuya kufuneka nje ukuba aphefumlele phezulu aze angavumi ukusabela kumazwi omsindo ngamazwi omsindo ongakumbi. Kamva, xa ubushushu sele buhlile, umxolisi onovelwano uyayazi indlela yokungazisi so izinto ezithethwe ngenxa yobushushu. Yaye umKristu othobekileyo uya kuyazi indlela yokucela uxolo aze azame ukuphilisa nawaphi na amanxeba awabangeleyo. Kuluphawu lobuntu bokuziphatha okuhle ukukwazi ngokunyanisekileyo ukuthi, “Ndicela uxolo.”
19. Sifunda ntoni kuPawulos noYesu ngendlela yokunikela isiluleko?
19 Ulwimi kusenokufuneka lusetyenziselwe ukululeka abanye. UPawulos wamluleka ekuhleni uPetros xa wathi wenza ngokuphosakeleyo kwa-Antiyokwe. Yaye uYesu wanikela isiluleko esinamandla kwizigidimi zakhe ezazisiya kumabandla asixhenxe. (Galati 2:11-14; ISityhilelo isahluko 2, 3) Ukuba siyayihlolisisa le mizekelo, sifunda ukuba akuyomfuneko ukuba isiluleko sibe sesithambe kangangokuba ingongoma yaso ingabonakali. Sekunjalo, uYesu noPawulos babengekho bukhali okanye rhabaxa. Isiluleko sabo sasingeyondlela yokuphulula awabo amanxeba. Ngokunyanisekileyo babezama ukunceda abazalwana babo. Ukuba lowo unikela isiluleko unemvakalelo yokuba akakho kwimo yokululawula ngokupheleleyo ulwimi lwakhe, usenokukhetha ukukhe alinde kancinane de ubushushu buhle ngaphambi kokuthetha nantoni na. Ngaphandle koko, usenokuthetha amazwi abukhali aze abangele ingxaki engakumbi kunaleyo azama ukuyicombulula.—IMizekeliso 12:18.
20. Yintoni efanele ilawule yonke into esiyithethayo kubazalwana noodade wethu okanye ngabo?
20 Njengokuba kukhankanywe ngaphambilana, uxolo nothando zihlobene njengeziqhamo zomoya. Ukuba oko sikuthethayo kubazalwana bethu—okanye ngabo—kusoloko kuyimbonakaliso yothando lwethu ngabo, kuya kwandula ke kube negalelo kuxolo lwebandla. (Yohane 15:12, 13) Ukuthetha kwethu kumele kube “mnandi, kuvakalisiwe ngetyuwa.” (Kolose 4:6) Ngokungathi kunjalo, kufanele kube nencasa, kufudumez’ intliziyo. UYesu waluleka: “Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye.”—Marko 9:50.
‘Kukhuthaleleni’
21. Yintoni ebonakalayo ngabantu bakaThixo kwiintlanganiso zabo zeeveki ngeeveki nasebudeni beendibano ezinkulu nezincinane?
21 Umdumisi wabhala wathi: “Yabonani, ukuba kuhle, ukuba mnandi, ukuthi abazalwana bahlale bemxhelo mnye!” (INdumiso 133:1) Eneneni, siyakuvuyela ukuba nabazalwana bethu, ingakumbi kwiintlanganiso zethu zeeveki ngeeveki nasebudeni beendibano ezinkulu nezincinane. Ngamaxesha anjalo uxolo lwethu luyabonakala kwanakwabangaphandle.
22. (a) Luluphi uxolo lobuxoki eziya kuthi iintlanga kungekudala zicinge ukuba zilufumene, luya kukhokelela entwenini? (b) Luluphi uxolo lokwenene oya kuthi umnqophiso kaThixo woxolo ukhokelele kulo?
22 Kungekudala iintlanga ziza kucinga ukuba zizuza uxolo oluthile ngaphandle kukaYehova. Kodwa ngoxa zisithi, “Luxolo nokunqaba!” intshabalaliso yebhaqo iya kubafikela bonke abangekho seluxolweni noThixo. (1 Tesalonika 5:3) Emva koko, uMthetheli Woxolo omkhulu uya kuqalisa ukuphilisa uluntu kwimiphumo eyintlekele yokuphulukana komntu kwantlandlolo nokuba seluxolweni noThixo. (Isaya 9:6, 7; ISityhilelo 22:1, 2) Ngoko, umnqophiso kaThixo woxolo uya kuphumela kwinzolo eya kubakho kumhlaba wonke. Kwanamarhamncwa asendle aya kuyeka ukuba noburhalarhume.—INdumiso 37:10, 11; 72:3-7; Isaya 11:1-9; ISityhilelo 21:3, 4.
23. Ukuba siyalixabisa ithemba lehlabathi elitsha elinoxolo, yintoni esifanele siyenze ngoku?
23 Elinjani lona ukuzuka elo xesha eliya kuba lilo! Ngaba ukhangele phambili kulo? Ukuba kunjalo, “phuthuma uxolo nabo bonke.” Funa uxolo ngoku, nabazalwana bakho, yaye ngokukodwa noYehova. Ewe, ‘ulindele ezo zinto nje, khuthalela ukuba ufunyanwe kuye useluxolweni, ungenabala, ungenasiphako.’—Hebhere 12:14; 2 Petros 3:14.
Uyakhumbula Na?
◻ Yintoni esenokuphelisa uxolo esinalo noYehova?
◻ Luluphi uhlobo lokungaqondani ekusenokufuneka luconjululwe ebandleni?
◻ Liliphi ilungiselelo uYehova alenzileyo ukusinceda sifune uxolo size siluphuthume?
◻ Sisiphi isimo sengqondo sokwenyama esinokuphazamisa uxolo lwebandla, yaye sinokuhlangabezana njani naso?
[Umfanekiso okwiphepha 22]
Uxolo lubalasele phakathi kwabo bafundiswa nguYehova
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Hayi ukuba kuhle koxolo lwabazalwana abakhonza ngokumanyeneyo!