Ngaba Uza Kuxelisa Inceba KaThixo?
“Yibani ngabaxelisa uThixo, ngokwabantwana abaziintanda.”—EFESE 5:1.
1. Kutheni kufanele kusixhalabise sonke ukuxelisa abanye?
ENOBA imiphumo iba mihle okanye iba mibi, inkoliso yabantu ixelisa abanye. Abo basingqongileyo, yaye sibaxelisayo, banokusichaphazela ngomlinganiselo othile. Umbhali ophefumlelweyo weMizekeliso 13:20 walumkisa: “Ohamba nezilumko uba sisilumko naye; ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa.” Ngoko, ngesizathu esifanelekileyo, iLizwi likaThixo lithi: “Musa ukulandela okubi, landela okulungileyo. Lowo wenza okulungileyo ungokaThixo.”—3 Yohane 11.
2. Ngubani esimele simxelise, yaye ngaziphi iindlela?
2 EBhayibhileni sinemizekelo ebalaseleyo yamadoda nabafazi esinokubaxelisa. (1 Korinte 4:16; 11:1; Filipi 3:17) Kanti, oyena ubalaseleyo esifanele simxelise nguThixo. Kwabase-Efese 4:31–5:2, emva kokuphawula imikhwa noqheliselo esifanele siluphephe, umpostile uPawulos wabongoza ukuba sibe ‘nemfesane kakhulu, sixolelana.’ Oku kwakhokelela kwisiluleko esiyintloko esisesi: “Ngoko yibani ngabaxelisa uThixo, ngokwabantwana abaziintanda; nihambe eluthandweni.”
3, 4. Yiyiphi inkcazelo uThixo aye wayinikela ngaye, yaye kutheni sifanele sinikele ingqalelo ekubeni nguThixo osesikweni kwakhe?
3 Ziziphi iindlela neempawu zikaThixo esifanele sizixelise? Kukho iinkalo ezininzi zeempawu zobuntu bakhe nezenzo zakhe, njengoko kunokubonwa kwindlela awazichaza ngayo kuMoses: “UYehova, uYehova, uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso; olondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa, nokreqo, nesono; ongakhe amenze msulwa onetyala, obuvelelayo ubugwenxa booyise koonyana, nakoonyana boonyana kwesesithathu nakwesesine isizukulwana!”—Eksodus 34:6, 7.
4 Ekubeni uYehova ‘engumthandi wobulungisa nokusesikweni,’ ngokuqinisekileyo sifanele silwazi size siluxelise olu phawu lobuntu bakhe. (INdumiso 33:5; 37:28) UnguMdali, kwanoyena Mgwebi uphakamileyo noMwisi-Mthetho woluntu, ngoko ubonakalisa okusesikweni kuthi sonke. (Isaya 33:22) Oku kuboniswe ngokucacileyo kwindlela awafuna ngayo ukuba kuphunyezwe okusesikweni waza wabangela ukuba kuphunyezwe phakathi kwabantu bakhe amaSirayeli yaye kamva phakathi kwebandla lamaKristu.
Ukuphunyezwa Kokusesikweni KukaThixo
5, 6. Okusesikweni kwabonakaliswa njani kwindlela uThixo awaqhubana ngayo noSirayeli?
5 Xa wayenyula amaSirayeli njengabantu bakhe, uThixo wabuza enoba ayeya ‘kuliphulaphula okunene ilizwi lakhe, awugcine umnqophiso wakhe’ kusini na. Ehlanganisene emazantsi eNtaba yeSinayi, aphendula athi: “Konke akuthethileyo uYehova sokwenza.” (Eksodus 19:3-8) Esinjani sona ukuba nzulu isigqibo awasenzayo! Esebenzisa izithunywa zezulu, uThixo wawawisela amaSirayeli imithetho enokuba ngama-600, awayeya kuthi wona, njengabantu abazahlulele kuye, kulindeleke ukuba ayigcine. Kuthekani ukuba ubani wayengayi kuyigcina? Inkunkqele kuMthetho kaThixo yacacisa: “Ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo [“ovisisana nokusesikweni,” NW].”—Hebhere 2:2.
6 Ewe, umSirayeli owayengathobeli wayesamkela “umvuzo ovisisana nokusesikweni,” ingekuko okusesikweni kwabantu okukumgangatho ophantsi, kodwa okusesikweni okuvela kuMdali wethu. UThixo wamisela izohlwayo ezahlukahlukeneyo ngenxa yolwaphulo-mthetho. Esona sohlwayo sasiqatha ‘yayikukunqanyulwa,’ okanye ukubulawa. Esi sasisebenza kulwaphulo-mthetho olunzulu, olunjengokukhonza izithixo, ukukrexeza, ukuba neentlobano zesini nesalamane, ukulala nesilwanyana, ubufanasini, ukubingelela ngabantwana, ukubulala nokusebenzisa igazi kakubi. (Levitikus 17:14; 18:6-17, 21-29) Ngaphezu koko, nawuphi na umSirayeli owayesaphula nawuphi na umthetho kaThixo ngabom nangokungaguqukiyo ‘wayenokunqanyulwa.’ (Numeri 4:15, 18; 15:30, 31) Xa kwakuphunyezwa okusesikweni okunjalo kukaThixo, imiphumo yayinokuviwa nayinzala yeso saphuli-mthetho.
7. Yiyiphi eminye imiphumo yokuphunyezwa kokusesikweni phakathi kwabantu bakaThixo bamandulo?
7 Izohlwayo ezinjalo zazigxininisa ubunzulu bokwaphulwa komthetho kaThixo. Ngokomzekelo, ukuba unyana wayesiba linxila nedlakudla, wayesisiwa kubagwebi abakhulu. Ukuba babefumanisa ukuba ungumenzi wobubi oqaqadekileyo nongaguqukiyo, abazali babeba nenxaxheba ekuphumezeni okusesikweni. (Duteronomi 21:18-21) Abo kuthi bangabazali banokukuthelekelela ukuba kwakungelula ukwenjenjalo. Kanti uThixo wayesazi ukuba oko kwakufuneka ukuze ubungendawo bungandi phakathi kwabanquli bokwenyaniso. (Hezekile 33:17-19) Oku kwakumiselwe nguLowo kunokuthiwa ngaye: “Zonke iindlela zakhe zisesikweni; nguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; lilungisa, uthe tye yena.”—Duteronomi 32:4.
8. UThixo wakubonakalisa njani okusesikweni kuzo zonke iinkqubano zakhe nebandla lamaKristu?
8 Emva kweenkulungwane ezininzi uThixo walulahla uhlanga lukaSirayeli waza wanyula ibandla lamaKristu. Kodwa uYehova akazange aguquke. Wayesazimisele ukuphumeza okusesikweni yaye wayenokuchazwa ‘njengomlilo odlayo.’ (Hebhere 12:29; Luka 18:7, 8) Ngenxa yoko waqhubeka enelungiselelo lokubethelela ukoyika uThixo kwibandla liphela ngokubagxotha abenzi bobubi. AmaKristu azahluleleyo aba ngabenzi bobubi abangaguqukiyo kwakufuneka asuswe kubudlelane.
9. Kukuthini ukususa kubudlelane, yaye yintoni okuyiphumezayo?
9 Yintoni ebandakanyekileyo ekususweni kubudlelane? Sifumana isifundo esinokulandelwa xa sikhangela kwindlela ekwakusingathwa ngayo oku kwinkulungwane yokuqala. UmKristu othile eKorinte waziphatha kakubi ngokwesini nomfazi kayise waza akaguquka, ngoko uPawulos wayalela ukuba agxothwe kwelo bandla. Kwafuneka kwenziwe oku ukugcina abantu bakaThixo, becocekile kuba “igwele elincinane libilisa intlama iphela.” Ukumgxotha loo mntu kwakuya kuthintela ubungendawo bakhe ekuziseni ugculelo kuThixo nabantu Bakhe. Uqeqesho oluqatha lokususwa kubudlelane lusenokumbuyisela ezingqondweni loo mntu luze lubethelele kuye nasebandleni ukumoyika okufanelekileyo uThixo.—1 Korinte 5:1-13; thelekisa iDuteronomi 17:2, 12, 13.
10. Kufuneka basabele njani abakhonzi bakaThixo ukuba othile ususiwe kubudlelane?
10 Umyalelo kaThixo ukukuba ukuba umntu ongendawo ugxothiwe, amaKristu amele ‘angazidibanisi naye, angakhe adle nokudla nonjalo.’a Ngaloo ndlela akanakuba nabudlelane, kuquka ukunxulumana nabathembekileyo abahlonela nabafuna ukuhamba ngokuvisisana nomthetho kaThixo. Bambi babo basenokuba zizalamane ezingeyonxalenye yentsapho yakhe, ezingahlali mzini mnye naye. Kusenokuba nzima ngezalamane ezinjalo ukusebenzisa lo myalelo kaThixo, kwanjengokuba kwakungelula ngabazali abangamaHebhere phantsi koMthetho kaMoses ukuba nenxaxheba ekubulaleni unyana ongendawo. Sekunjalo, umyalelo kaThixo ucacile; ngaloo ndlela sinokuqiniseka ukuba ukususa kubudlelane kusesikweni.—1 Korinte 5:1, 6-8, 11; Tito 3:10, 11; 2 Yohane 9-11; bona IMboniselo kaMatshi, 1, 1982, iphepha 20-5; Aprili 15, 1988, iphepha 28-31.
11. Zinokubonakaliswa njani iimpawu zikaThixo ezahlukahlukeneyo ngokuhlobene nokususa kubudlelane?
11 Noko ke, khumbula ukuba uThixo wethu akangosesikweni kuphela; kwakhona “mkhulu ngenceba, uxolela ubugwenxa.” (Numeri 14:18) ILizwi lakhe likwenza kucace ukuba umntu osusiweyo kubudlelane usenokuguquka, aze afune ukuxolelwa nguThixo. Ke yintoni enokwenziwa? Abaveleli abanamava basenokuhlangana naloo mntu ukuze ngomthandazo nangenyameko bafumanise enoba ubonakalisa ubungqina bokuba uguqukile kwisono esambangela ukuba asuswe kubudlelane kusini na. (Thelekisa IZenzo 26:20.) Ukuba kunjalo, usenokubuyiselwa ebandleni, njengoko eyesi-2 kwabaseKorinte 2:6-11 ibonisa oko kwenzekayo kwindoda yaseKorinte. Kanti, abathile ababegxothiwe baye bangaphandle kwebandla likaThixo kangangeminyaka emininzi, ngoko ngaba ikho into enokwenziwa ukubanceda ukuze baphinde babuyele?
Ukulungelelaniswa Kokusesikweni Nenceba
12, 13. Kutheni ukuxelisa kwethu uThixo kufanele kuquke okungaphezu kunokubonakalisa okusesikweni kwakhe?
12 Oku kwandulelayo kuye kwaxubusha ngokuyintloko ngenkalo enye yeempawu zikaThixo, njengoko ikhankanywe kwiEksodus 34:6, 7. Noko ke, ezo ndinyana ziye zachaza okungaphezulu kokuba sesikweni kukaThixo, yaye abo bafuna ukumxelisa abanikeli ngqalelo kuphela nje ekuphumezeni okusesikweni. Ukuba ubusenza umfanekiso wetempile eyakhiwa nguSolomon, ngaba ubuya kuhlolisisa kuphela intsika yayo enye? (1 Kumkani 7:15-22) Akunjalo, kuba oko bekungayi kukunika umfanekiso olungeleleneyo wohlobo elulo nendima enayo itempile. Ngokufanayo, ukuba sifuna ukuxelisa uThixo, sifanele sixelise nokunye okuziindlela neempawu zakhe, ‘okunjengokuba nemfesane, ubabalo, ukuzeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso, olondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa.’
13 Inceba nokuxolela ziimpawu ezibalaseleyo zikaThixo, njengoko sibona kwindlela awaqhubana ngayo namaSirayeli. UThixo wokusesikweni akazange abasindise kwisohlwayo ngenxa yezono ababezenza ngokuphindaphindiweyo, kanti wabonisa inceba nokuxolela okukhulu. “Umazisi weendlela zakhe kuMoses, wezenzo zakhe ezincamisayo koonyana bakaSiryeli. Unemfesane enobabalo uYehova, uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba. Akaphiki kuphele [“akasoloko ngamaxesha onke ejonga izikreqo zethu,” NW], akawugcini umsindo ngonaphakade.” (INdumiso 103:7-9; 106:43-46) Ewe, ukuyiphonononga kakuhle indlela awaqhubana ngayo nawo ebudeni bamakhulukhulu eminyaka kuwangqina eyinyaniso loo mazwi.—INdumiso 86:15; 145:8, 9; Mika 7:18, 19.
14. UYesu wabonisa njani ukuba wayekuxelisa ukuba nenceba kukaThixo?
14 Ekubeni uYesu Kristu “elubengezelo lobuqaqawuli [bukaThixo], nombhalo wenkqu yakhe,” sifanele silindele ukuba uya kubonakalisa inceba nomdla ofanayo wokuxolela. (Hebhere 1:3) Wenjenjalo, njengoko izenzo zakhe kwabanye zibonisa. (Mateyu 20:30-34) Wakwabonakalisa inceba ngamazwi akhe esiwafunda kuLuka isahluko 15. Imizekeliso emithathu elapho ingqina ukuba uYesu waxelisa uYehova, yaye isifundisa okubalulekileyo.
Inkxalabo Ngoko Kwakulahlekile
15, 16. Yintoni eyaxhokonxela uYesu ukuba enze imizekeliso ekuLuka 15?
15 Loo mizekeliso inikela ubungqina kumdla kaThixo wokubonakalisa inceba kuboni, isibekela umzekelo ogqibeleleyo wokuba siwuxelise. Khawucinge ngendlela ebekwe ngayo le mizekeliso: “Ke kaloku, babesondela [kuYesu] bonke ababuthi berhafu naboni, ukuba bamve. Babekrokra ke abaFarisi nababhali, besithi, Lo wamkela aboni, adle nabo.”—Luka 15:1, 2.
16 Bonke abantu ababebandakanyekile yayingamaYuda. AbaFarisi nababhali babeqhayisa ngokubambelela kwabo ngokungqongqo kuMthetho kaMoses, uhlobo oluthile lobulungisa obungokwasemthethweni. Noko ke, uThixo akazange avumelane nokuzigqala kwabo bengamalungisa okunjalo. (Luka 16:15) Ngokucacileyo, ababuthi berhafu abakhankanyiweyo babengamaYuda awayeqokelela irhafu yaseRoma. Ngenxa yokuba abaninzi babo babebiza imali eninzi gqitha kumaYuda angoowabo, ababuthi berhafu babecatshukelwa. (Luka 19:2, 8) Babebalelwa ‘kuboni,’ ababequka abantu ababeziphethe kakubi, kwanamahenyukazi. (Luka 5:27-32; Mateyu 21:32) Kodwa uYesu wazibuza oku iinkokeli zonqulo ezazikhalaza:
17. Nguwuphi umzekeliso kaYesu wokuqala okuLuka 15?
17 “Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahlele enye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane? Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya. Athi akufika ekhaya, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile. Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.” Iinkokeli zonqulo zazinokuwuqonda lo mzekeliso, kuba zaziqhelekile izimvu nabalusi. Ngenxa yenkxalabo, umalusi wazishiya izimvu ezingama-99 ukuba zitye kwidlelo eziliqhelileyo ngoxa yena esiya kufuna elahlekileyo. Ezingisa de ayifumane, ngothantamiso wayithwala le mvu yoyikayo eyibuyisela emhlambini.—Luka 15:4-7.
18. Njengoko kubalaseliswe kumzekeliso wesibini kaYesu kuLuka 15, yintoni eyabangela uvuyo?
18 UYesu wongezelela omnye umzekeliso wesibini esithi: “Kanjalo nguwuphi na umfazi eneedrarhima zilishumi, ongethi, ukuba ithe yalahleka enye idrarhima, alumeke isibane, ayitshayele indlu, afune enyamekile, ade ayifumane? Athi akuyifumana, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene idrarhima ebindilahlekile. Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.” (Luka 15:8-10) Idrarhima yayiphantse ilingane nomvuzo womsebenzi wosuku olunye. Le mali iyingqekembe yalo mfazi kusenokwenzeka ukuba yayililifa, okanye kusenokuba yayiyinxalenye yeseti yezihombiso zamatye anqabileyo. Yathi yakulahleka, wayikhangela ngamandla le ngqekembe ukuze ayifumane, waza emva koko wavuyisana nabahlobokazi bakhe. Oku kusixelela ntoni ngoThixo?
Ezulwini Kuyavuywa—Ngoba?
19, 20. Ibhekisela kubani ngokuyintloko imizekeliso emibini yokuqala kaYesu ekuLuka 15 yaye yiyiphi ingongoma eyintloko eyayivelisayo?
19 Le mizekeliso mibini yayiyindlela uYesu awasabela ngayo ngoxa wayegxekwa, nowayethe kwiinyanga ezithile ngaphambili wazifanisa ‘nomalusi olungileyo’ owayenokunikela ubomi bakhe ngenxa yezimvu zakhe. (Yohane 10:11-15) Sekunjalo, ngokuyintloko le mizekeliso yayingabhekiseli kuYesu. Oko kwakufuneka kufundwe ngababhali nabaFarisi kwakusekelwe kwisimo sengqondo sikaThixo nendlela yakhe yokwenza izinto. Ngenxa yoko, uYesu wathi kubakho uvuyo emazulwini ngenxa yomoni omnye oguqukayo. Loo malungu onqulo ayezibanga ekhonza uYehova, kodwa ayengamxelisi. Kwelinye icala, iindlela zikaYesu zokubonakalisa inceba, zazibonisa ukuthanda kukaYise.—Luka 18:10-14; Yohane 8:28, 29; 12:47-50; 14:7-11.
20 Ukuba ingqekembe enye yemali kwezilikhulu yayibangela uvuyo, enye kwezilishumi yayiya kubangela uvuyo olungakumbi. Nanamhlanje, sisenokuba nomfanekiso-ngqondweni wabafazi bevuyiswa kukufumana kwabo ingqekembe enye! Kwakhona, nalapha isifundo sisekelwe kokwenzeka ezulwini, ekubeni ‘izithunywa zikaThixo’ zivuya noYehova “ngomoni omnye oguqukayo.” Phawula eli binzana lokugqibela lithi, “oguqukayo.” Enyanisweni le mizekeliso yayibhekisela kuboni abaguqukayo. Yaye unokubona ukuba kuyo yomibini kugxininiswa kwelokuba kufanelekile ukukuvuyela ukuguquka kwabo.
21. Yintoni esifanele siyifunde kwimizekeliso kaYesu ekuLuka 15?
21 Ezo nkokeli zonqulo ezazizingomb’ isifuba ngokubambelela kwazo ngokuhanahanisayo kuMthetho zange zinikele ngqalelo kwisibakala sokuba uThixo ‘enemfesane, enobabalo, exolela ubugwenxa, nokreqo, nesono.’ (Eksodus 34:6, 7) Ukuba zazixelisa le nkalo yeendlela zikaThixo neempawu zakhe zobuntu, ngezaba noxabiso ngenceba uYesu awayeyibonakalisa kuboni abaguqukayo. Kuthekani ngathi? Ngaba thina sisithabatha nzulu esi siluleko size sisisebenzise? Kaloku, phawula umzekeliso kaYesu wesithathu.
Ukubonakaliswa Kwenguquko Nenceba
22. Ngokufutshane, wawusithini umzekeliso wesithathu kaYesu okuLuka 15?
22 Ngokufuthi oku kuye kwabizwa njengomzekeliso wonyana wolahleko. Kanti, xa uwufunda unokusibona isizathu sokuba abanye bacinge ngawo njengomzekeliso wothando lukabawo. Ubalisa ngonyana omncinane wentsapho ethile, ofumana ilifa lakhe kuyise. (Thelekisa iDuteronomi 21:17.) Lo nyana uyemka aye kwilizwe elikude, apho alibhuqa khona ngokuziphatha okubi, iimeko zimnyanzelela ukuba aluse umhlambi weehagu, yaye ufikelela kwimeko yokuba atye ukutya kweehagu. Ekugqibeleni ubuyela ezingqondweni aze agqibe kwelokuba makagoduke, kuphela ukuze aye kusebenzela uyise njengesicaka. Uthi akusondela kowabo, uyise amamkele ngezandla ezishushu, ade amenzele isidlo. Umkhuluwa wakhe, obesoloko ekho ekhaya esebenza, uyayicaphukela le nceba ibonakaliswayo. Kodwa uyise uthi bafanele bagcobe ngenxa yokuba unyana wakhe obefile ngoku uyaphila.—Luka 15:11-32.
23. Yintoni esifanele siyifunde kumzekeliso wonyana wolahleko?
23 Bambi ababhali nabaFarisi basenokuba bavakalelwa kukuba babefaniswa nonyana omkhulu, xa kuthelekiswa naboni abafanekiselwa ngunyana omncinane. Noko ke, ngaba bayifumana ingongoma eyintloko yalo mzekeliso, yaye ngaba thina siyayifumana? Ibalaselisa uphawu olubalaseleyo loBawo wethu wasezulwini onenceba, umdla anawo wokuxolela ukuba nje umoni uguquka ngokusuk’ entliziyweni. Ukuhlawulelwa kwaboni abaguqukayo kwakufanele kubenze bavuye abo babephulaphule. Leyo yindlela uThixo ayijonga ngayo nayisingatha ngayo imicimbi, yaye nabo bamxelisayo benza ngokufanayo.—Isaya 1:16, 17; 55:6, 7.
24, 25. Ziziphi iindlela zikaThixo esifanele sifune ukuzixelisa?
24 Ngokucacileyo, zonke iindlela zikaThixo zisesikweni, ngoko abo bafuna ukuxelisa uYehova bayakuxabisa yaye bazabalazela ukwenza okusesikweni. Sekunjalo, uThixo wethu akashukunyiswa kokusesikweni nje kokuzenzisa okanye okungqongqo. Unenceba nothando olugqithiseleyo. Oku ukubonakalisa ngokuba nomdla wokuxolela ukuba nje siguquka ngokunyanisekileyo. Ngoko, kufanelekile ukuba uPawulos anxulumanise ukuxolela kwethu nokuxelisa kwethu uThixo ngokuthi: “Nixolelane, njengokuba naye uThixo wanixolelayo ekuKristu. Ngoko yibani ngabaxelisa uThixo, ngokwabantwana abaziintanda; nihambe eluthandweni.”—Efese 4:32–5:2.
25 Kudala amaKristu okwenyaniso ezama ukuxelisa okusesikweni kukaYehova ndawonye nenceba yakhe nomdla anawo wokuxolela. Okukhona sisiya simazi, kokukhona kuya kuba lula ukumxelisa kwezi nkalo. Noko ke, sinokukusebenzisa njani oku kumntu osandul’ ukufumana isohlwayo esiqatha nesisesikweni ngenxa yokubandakanyeka kwikhondo lesono? Makhe sibone.
[Umbhalo osemazantsi]
a “Ukususa kubudlelane ngengcamango yako eqhelekileyo sisenzo sangabom apho iqela elithile liphelisa amalungelo okunxulumana njengelungu lalo kwabo babekhe bangamalungu alo anokuma okuhle. . . . Ukususa kubudlelane ngexesha lamaKristu kwakubhekisela kwisenzo sokukhuphela ngaphandle ekuthi ngaso iqela lonqulo lingabavumeli aboni abathile ukuba babe nenxaxheba kumthendeleko, kunqulo lwasebandleni, kwakunye naluphi na unxulumano olunokubakho.”—IThe International Standard Bible Encyclopedia.
Ufunde Ntoni?
◻ Kwakubonakaliswa njani okusesikweni kukaThixo kwibandla lakwaSirayeli nakwibandla lamaKristu?
◻ Ukongezelela kokusesikweni, kutheni sifanele sixelise inceba kaThixo?
◻ Yintoni eyabangela ukuba kwenziwe imizekeliso emithathu ekuLuka isahluko 15, yaye yintoni efanele isifundise yona?
[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]
Ithafa lase-er-Raha elingaphambi kweNtaba yeSinayi (elingasekhohlo bungasemva)
[Inkcazelo]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 15]
Garo Nalbandian
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 18]
Garo Nalbandian