Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
UYesu Uyakugqiba Konke Akuyalelwe NguThixo
XA UKUMKANI onguMphumi-mkhosi uYesu Kristu eshenxisa uSathana nehlabathi lakhe elingenabulungisa, kuya kutsho kuthi qabu unoQolomba efile nje! Ekugqibeleni luyaqalisa uLawulo lukaYesu loxolo Lweminyaka Eliwaka!
Phantsi kolwalathiso lukaYesu nolookumkani abalawula kunye naye, abo basindileyo kwiArmagedon baya kucoca umonakalo obangelwe yiloo mfazwe yobulungisa. Ngokunokwenzeka, abasindi basemhlabeni baya kuqhubeka bezala abantwana okwethuba elithile, ibe abo bantwana nabo baya kuba nenxaxheba kumsebenzi oyolisayo wokuphucula umhlaba ube ngumyezo omhle weparadisi.
Ekuhambeni kwethuba uYesu uya kuvusa emangcwabeni izigidi ezingenakubalwa zabantu ukuze baziyolise kule Paradisi intle kunene. Ngokwenza oku uya kube uzalisekisa isithembiso sakhe esithi: “Kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni [enkumbulo, NW] . . . baphume.”
Phakathi kwabo uYesu aya kubavusa kuya kubakho nowayesakuba ngumenzi-bubi owafela ecaleni kwakhe kumthi wentuthumbo. Khumbula ukuba uYesu wamthembisa oku: “Inene ndithi kuwe namhlanje, Uya kuba nam eParadisi.” Oku akuthethi kuthi loo ndoda iya kuthatyathelwa ezulwini ukuze ilawule njengokumkani kunye noYesu, kungathethi nokuba uYesu uya kuphinda abe ngumntu aze aphile emhlabeni oyiParadisi kunye nayo. Kunoko, kuthetha ukuba uYesu uya kuba kunye nalo wayesakuba ngumenzi-bubi ngengqiqo yokuba uya kumvusela ebomini eParadisi aze aqinisekise ukuba iintswelo zakhe, zokwenyama nezokomoya, ziyanyanyekelwa, njengoko kuboniswe kumfanekiso okweli phepha.
Khawufan’ ucinge nje ngako oku! Ngaphantsi kwenyameko yothando kaYesu, yonke intsapho engabantu—abo basindileyo kwiArmagedon, inzala yabo, kunye namawaka ezigidi zabavusiweyo abamthobelayo—iya kuthi ngokuthe ngcembe ibe ngabantu abafezekileyo. UYehova, ngoNyana wakhe ongukumkani, uYesu Kristu, uya kuhlala ngokomoya noluntu. Yaye, ngokuvisisana nelizwi elaviwa nguYohane liphuma ezulwini, ‘uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu.’ Akukho mntu emhlabeni uya kubandezeleka okanye agule.
Ekupheleni koLawulo lukaYesu Lweminyaka Eliwaka, imeko iya kufana twatse nendlela uThixo awayecebe ngayo ntlandlolo xa waxelela isibini sokuqala esingabantu, uAdam noEva, ukuba sande sizalise umhlaba. Ewe, umhlaba uya kuzaliswa sisizwe esingamalungisa sabantu abafezekileyo. Oku kuya kuba ngumphumo wokusebenza kwedini lentlawulelo likaYesu kuye ngamnye wabo. Ukufa okubangelwa sisono sika-Adam akusayi kubakho!
Ngaloo ndlela, uYesu uya kube ekuphumezile konke oko uYehova amyalele kona. Ngoko ke, ekupheleni kweminyaka eliwaka, uya kubunikela kuYise uBukumkani kunye nentsapho yabantu abafezekileyo. Uya kwandula ke uThixo amkhulule uSathana needemon zakhe enzonzobileni eyimeko yokungasebenzi efana nokufa. Ngayiphi injongo?
Kaloku, ekupheleni kweminyaka eliwaka, inkoliso yabo baya kube bephila eParadisi iya kube ingabavusiweyo olungazange luvavanywe ukholo lwabo. Ngaphambi kokufa kwabo, babengazi nto ngamadinga kaThixo ibe ke ngoko abakhange bakwazi ukubonakalisa ukholo kuwo. Ngoko ke, emva kokuba bevusiwe baza bafundiswa iinyaniso zeBhayibhile, kube lula ngabo ukukhonza uThixo eParadisi, kuba ibingekho inkcaso. Kodwa ukuba uSathana ebenikwe ithuba lokuzama ukubayekisa ukukhonza uThixo, ngaba bebeya kungqineka benyanisekile phantsi kovavanyo? Ukuze kuphendulwe lo mbuzo, uSathana uya kukhululwa.
Isityhilelo esanikwa uYohane sityhila ukuba emva koLawulo lukaYesu Lweminyaka Eliwaka, uSathana uya kuphumelela ukutyekiseni inginginya engenakubalwa yabantu ekukhonzeni uThixo. Kodwa ke, ekupheleni kolo vavanyo lokugqibela, uSathana, iidemon zakhe, nabo bonke abo aphumelelayo ekubalahlekiseni baya kutshatyalaliswa ngonaphakade. Kwelinye icala, abo banyanisekileyo baya kuba besindile, nabaya kuba bevavanywe ngokupheleleyo, baya kuqhubeka bephila ukuze banandiphe iintsikelelo ezivela kuYise wasezulwini ngonaphakade kanaphakade.
Licace mhlophe elokuba, uYesu uye wanendima ebalulekileyo ekuphumezeni iinjongo zikaThixo ezizukileyo kwaye usaya kuqhubeka enjalo. Elinjani lona ukuzuka ikamva esisenokulinandipha ngenxa yako konke akuphumezayo njengoKumkani wasezulwini obalaseleyo kaThixo. Ukanti, asinakukulibala konke oko wakwenzayo ngoxa wayengumntu.
UYesu wazinikela ukuba eze emhlabeni waza wasifundisa ngoYise. Phezu kwako nje oku uye wafanekisela iimpawu ezixabisekileyo zikaThixo. Iintliziyo zethu zizala yimincili xa sicinga ngenkalipho nobuntu bakhe obubalaseleyo, ubulumko bakhe obungenakulinganiswa nanto, ubuchule bakhe obugqwesileyo njengomfundisi, ukukhokela kwakhe ngokungenaloyiko, nemfesane novelwano awayenalo. Xa sikhumbula indlela awabandezeleka ngayo ngokungathethekiyo ngoxa wayephumeza intlawulelo, leyo esinokubufumana ngayo kuphela ubomi, ngokuqinisekileyo iintliziyo zethu ziyaphuphuma luxabiso ngaye!
Enyanisweni, onjani yena ukubalasela umntu esiye safunda ngaye kule ngxelo yobomi bukaYesu! Ukubalasela kwakhe kucace nakubani na yaye kugqwesile. Sishukunyiselwa ukuba siphinde sitsho amazwi erhuluneli yaseRoma uPontiyo Pilato owathi: “Nanko umntu.”
Ngokulamkela kwethu ilungiselelo ledini lakhe lentlawulelo, ingcinezelo yesono nokufa esiyizuz’ ilifa kuAdam inokususwa kuthi, yaye uYesu unokuba ‘nguBawo wethu Ongunaphakade.’ Bonke abaza kufumana ubomi obungunaphakade bamele bangenise ulwazi kungekuphela nje ngoThixo kodwa kwanangoNyana wakhe, uYesu Kristu. Siyathemba ukuba ukufunda nokufundisisa kwakho olu ngcelele lwamanqaku angobomi nobulungiseleli bukaYesu kuye kwakunceda ukuba ungenise olo lwazi luzuzisa ubomi! 1 Yohane 2:17; 1:7; Yohane 5:28, 29; 3:16; 17:3; 19:5; Luka 23:43, NW; Genesis 1:28; 1 Korinte 15:24-28; ISityhilelo 20:1-3, 6-10; 21:3, 4; Isaya 9:6, NW.
◆ Liliphi ilungelo elivuyisayo eliya kunanditshwa ngabo baya kusinda kwiArmagedon kunye nabantwana babo?
◆ Ngoobani abanye abaya kunandipha iParadisi ukongezelela kwabo baya kuba besinde kwiArmagedon kunye nabantwana babo, yaye uYesu uya kuba kunye nabo ngayiphi ingqiqo?
◆ Iya kuba njani imeko ekupheleni kweminyaka eliwaka, yaye yintoni eya kwenziwa nguYesu ngoko?
◆ Kutheni le nto uSathana eya kukhululwa enzonzobileni, ibe yintoni eya kwenzeka ekugqibeleni kuye nakubo bonke abo bamlandelayo?
◆ UYesu unokuba nguye njani ‘uBawo wethu Ongunaphakade’?