Oko UBukumkani BukaThixo Bunokukuthetha Kuwe
UYESU KRISTU wafundisa abalandeli bakhe ukuthandaza bathi: “Mabufike ubukumkani bakho.” (Mateyu 6:10) Hayi indlela loo mazwi aye abhekiswa ngokufuthi ngayo kuThixo ngabo bazibabaza bengabalandeli bakaYesu!
Noko ke, uYesu wenza okungakumbi kunokufundisa abafundi bakhe ukuthandazela uBukumkani bukaThixo. UBukumkani wabenza undoqo womsebenzi wakhe wokushumayela. Enyanisweni, iEncyclopædia Britannica ithi uBukumkani bukaThixo “bugqalwa ngokubanzi njengomxholo oyintloko wemfundiso kaYesu.”
Xa abalandeli bakaKristu bethandazela uBukumkani, kanye kanye bathandazela ntoni? Bunokuthetha ntoni uBukumkani bukaThixo kubo nakuwe? Yaye uYesu wabugqala njani?
Imbono KaYesu NgoBukumkani
Ngokufuthi uYesu wayezibiza ngokuba ‘nguNyana woMntu.’ (Mateyu 10:23; 11:19; 16:28; 20:18, 28) Oku kusikhumbuza ngokubhekisela komprofeti uDaniyeli ‘kunyana womntu.’ Ngokuphathelele isiganeko esasiya kwenzeka ezulwini kamva, uDaniyeli wathi: “Ndabona emibonweni yasebusuku: nanko kusiza ngamafu ezulu, onjengonyana womntu, wafika kuNyangelemihla, wasondezwa phambi kwakhe. Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, izizwe, neelwimi, zimbuse.”—Daniyeli 7:13, 14.
Ethetha ngexesha awayeza kufumana ngalo olu lawulo, uYesu waxelela abapostile bakhe oku: “Xa athe wahlala uNyana woMntu phezu kwetrone yozuko lwakhe, niya kuhlala nani phezu kweetrone ezilishumi elinambini.” Kwakhona uYesu wathi: “Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, . . . zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni; . . . Baya kumka aba [abangengomalungisa] baye elubethweni olungunaphakade; ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.”—Mateyu 19:28; 25:31, 32, 46.
La mazwi abuprofeti abhekisela kwiitrone nakuwo onke amaqela eentlanga abonisa ukuba uBukumkani bungurhulumente uYesu nabathile babalandeli bakhe abaya kulawula kubo phezu koluntu. Loo rhulumente uya kuba negunya lokushenxisa abangemalungisa ngokubabulala. Noko ke, phantsi kolawulo loBukumkani, abo baphawulwe bengamalungisa baya kufumana isipho sikaThixo sobomi obungunaphakade.
Ngoko, licacile elokuba uBukumkani bukaThixo bungurhulumente wasezulwini omiselwe nguThixo. UBukumkani abuyocawa, yaye iZibhalo azikuvumeli ukugqalwa kwabo njengento yehlabathi. Ngokubhekele phaya, urhulumente omiswe nguThixo akanakuba yinto nje esentliziyweni yomntu. Ekubeni uBukumkani bukaThixo bungurhulumente, abubi yinto esentliziyweni yethu xa sisamkela ubuKristu. Kodwa kutheni abathile becinga ukuba uBukumkani buyimeko ebandakanya intliziyo?
Ngaba UBukumkani Bungaphakathi Kuthi?
Bambi bavakalelwa kukuba uBukumkani busentliziyweni yethu ngenxa yendlela uLuka 17:21 aye waguqulelwa ngayo ngabaguquleli abathile beBhayibhile. NgokweNew International Version, uYesu apho wathi: “Ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu.”
Kule nkalo iThe Interpreter’s Dictionary of the Bible ithi: ‘Imfundiso yokuba ubukumkani bukaThixo busisimo sengqondo sangaphakathi, okanye ukusindiswa kobuqu, iyaphikisana nomongo wale ndinyana, yaye ikwaphikisana nazo zonke iingcamango ezinikelwe kwiT[estamente] E[ntsha].’
Umbhalo osemazantsi kaLuka 17:21 kwiNew International Version ubonisa ukuba amazwi kaYesu anokuguqulelwa ngokuthi: “Ubukumkani bukaThixo buphakathi kwenu.” Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zifundeka ngolu hlobo: “Ubukumkani bukaThixo bukunye nani.” (The New English Bible; The Jerusalem Bible; Revised Standard Version) NgokweNew World Translation of the Holy Scriptures, uYesu wathi: “Ubukumkani bukaThixo buphakathi kwenu.” UYesu wayengathethi ukuba uBukumkani babusezintliziyweni zabaFarisi ababenekratshi awayethetha nabo. Kunoko, njengoMesiya noKumkani onyuliweyo kwaye ekukudala elindelwe, uYesu wayephakathi kwabo. Kodwa kwakuya kudlula ixesha elithile ngaphambi kokuba uBukumkani bukaThixo bufike.
Ixesha Obuya Kufika Ngalo
Abanye babalandeli bakaYesu Kristu baye banyulwa ukuze balawule naye kuBukumkani obungoMesiya basezulwini. NjengoYesu, bafa bethembekile kuThixo yaye bavuselwa kubomi bomoya ezulwini. (1 Petros 3:18) Ngokwentelekiso bebambalwa ngenani, baya kuba ngookumkani nababingeleli abali-144 000 abathengwe eluntwini. (ISityhilelo 14:1-4; 20:6) Phakathi kwabo baza kulawula noYesu kukho nabapostile bakhe abathembekileyo.—Luka 12:32.
Ngesinye isihlandlo xa wayethetha nabalandeli bakhe, uYesu wathembisa oku: “Kwabemiyo apha kukho abangayi kuze beve kufa, bade bambone uNyana woMntu esiza, esebukumkanini bakhe.” (Mateyu 16:28) Okubangel’ umdla kukuba, indinyana elandelayo ibonisa ukuba idinga likaYesu lazalisekiswa nje kwiintsuku ezimbalwa emva koko. Wandula ke wathabatha abafundi bakhe ababini wenyuka nabo intaba apho wenziwa kumila kumbi phambi kwabo, yaye ngaloo ndlela baba nombono wakhe esebuqaqawulini boBukumkani. (Mateyu 17:1-9) Kodwa uBukumkani babungekamiselwa ngelo xesha. Babuya kumiselwa nini?
Omnye wemizekeliso kaYesu ubonisa ukuba wayengayi kubekwa esihlalweni ngoko nangoko njengoKumkani onguMesiya. KuLuka 19:11-15, sifunda oku: “Wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko. Wathi ngoko, Umntu othile olinene [“wasebukhosini,” NW] wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela uBukumkani, aze abuye. Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike. . . . Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi ababebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na.”
Ngaloo mihla kwakunokumthabatha ixesha elide umntu ukusuka kwaSirayeli esiya eRoma, alinde kweso sixeko ade azuze amandla obukumkani, aze abuyele kwilizwe lakowabo njengokumkani. UYesu ‘wayengumntu wasebukhosini.’ Wayeya kufumana amandla njengoKumkani kuYise ezulwini kodwa wayengayi kubekwa ngoko nangoko esihlalweni njengoKumkani onguMesiya. Abalandeli bakhe babeya kurhweba ngokwenza umsebenzi wokuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani kangangexesha elisengqiqweni ngaphambi kokuba abuye njengoKumkani.
Indlela Obufika Ngayo UBukumkani
Abathandi bakaThixo bacela ntoni xa bethandazela ukuba uBukumkani bakhe bufike? Eneneni bacela ukuba uBukumkani basezulwini buthabathe inyathelo elingqalileyo ngokutshabalalisa oorhulumente babantu abaye basilela ukuphila ngokuvisisana nedinga labo lokuzisa uxolo nolonwabo lokwenyaniso. Esalatha kwesi siganeko, umprofeti uDaniyeli wabhala oku: “Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.” (Daniyeli 2:44) Kuya kwenzeka nini oku?
UYesu waxela kwangaphambili ukuba oku kwakuya kwenzeka kwisizukulwana sabo babeya kuzibonela iziphithiphithi ezingaqhelekanga kwimicimbi yabantu. Ngokuphathelele “ubukho” bakhe, uYesu wanikela “umqondiso” oyintlanganisela oquka iziganeko ezinjengeemfazwe, iinyikima zomhlaba, iindlala, iindyikitya zokufa ezingenakulinganiswa nanto—nokushunyayelwa kwazwenibanzi kweendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.—Mateyu, isahluko 24, 25; Marko, isahluko 13; Luka, isahluko 21.
Isiprofeto sikaYesu sibandakanya iziganeko ezenzeka kanye ngoku—kwinkulungwane yethu yama-20. Ngenxa yoko, kungekudala uBukumkani bukaThixo buya kuzisa iintsikelelo ezizukileyo eluntwini. Unokuba phakathi kwabo baya kunandipha iingenelo zolawulo loBukumkani. Kodwa kanye kanye uBukumkani bukaThixo bunokuthetha ntoni kuwe nakwabathandekayo bakho?
Iintsikelelo Zolawulo LoBukumkani
Ulonwabo luya kwesamela emhlabeni ngokubanzi. Phantsi ‘kwezulu elitsha’—uBukumkani basezulwini—kuya kubakho ‘umhlaba omtsha,’ ibutho labantu basemhlabeni abangabalawulwa abathobekileyo boBukumkani. Umpostile uYohane wabhala oku: “Yena uThixo abe nabo. Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo.” Ngokufanelekileyo abantu ngelo xesha baya konwaba, kuba ‘akusayi kubakho sijwili, nakukhala nantlungu.’—ISityhilelo 21:1-4.
Ukufa akusayi kuphinda kubekho. Lo nobangela ungathandekiyo wentlungu awusayi kuphinda usiphulukanise nabahlobo nabathandekayo bethu. “Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa.” (1 Korinte 15:26) Olunjani uvuyo oluya kubakho xa imingcwabo iya kuthatyathelw’ indawo luvuko lwabo bakwinkumbulo kaThixo!—Yohane 5:28, 29.
Impilo edlamkileyo iya kukuthabathel’ indawo ukugula nokuba neziphene. Oomandlalo basesibhedlele abasayi kuphinda bazaliswe ngabantu abakhathazwa zizigulo zomzimba nezengqondo. UGqirha Oyinkunkqele, uYesu Kristu, uya kusebenzisa ixabiso ledini lakhe lentlawulelo ‘ukuphilisa iintlanga.’ (ISityhilelo 22:1, 2; Mateyu 20:28; 1 Yohane 2:1, 2) Ngokuphilisa abantu ngoxa wayesemhlabeni wayebonisa nje kuphela oko aya kukwenza ngoBukumkani.—Thelekisa uIsaya 33:24; Mateyu 14:14.
Kuya kubakho intabalala yokutya. Njengokuba umdumisi watshoyo, “[kuya kubakho] intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba.” (INdumiso 72:16) Koku, isiprofeto sikaIsaya songezelela oku: “UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo kule ntaba, isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sezinto ezityebileyo ezinomongo, sewayini egcinwe ngeentsipho, yaza yahluzwa.” (Isaya 25:6) Ngokuqinisekileyo, phantsi kolawulo loBukumkani abemi bomhlaba abayi kuthwaxwa linxele likaKhetsekile.
Wonke umhlaba uya kuba yiparadisi. Ngaloo ndlela liya kuzalisekiswa idinga likaYesu kumenzi wobubi owayeguqukile: “Uya kuba nam eParadisi.” (Luka 23:43) Nawe unokunandipha ubomi obungunaphakade kulo mhlaba, umhlaba ocociweyo ngokushenxiswa kobungendawo waza waguqulelwa ekubeni ngumhlaba othandekayo nobumyezo.—Yohane 17:3.
La mathemba amangalisayo abekwe phambi kwalo lonke uluntu oluthobelayo. ILizwi likaYehova eliphefumlelweyo, iBhayibhile, linikela ezi ziqinisekiso zisikelelweyo. Yaye konke oku koko uBukumkani bukaThixo bunokukuthetha kuwe.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ngaba uyakukholelwa oko uYesu wakuthethayo ngoBukumkani bukaThixo?