Umntu Unokuba Ngokomfanekiselo KaThixo Njani?
“WAMDALA ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana.” Itsho njalo ingxelo ephefumlelweyo, kodwa ithetha ukuthini? Indoda nomfazi bokuqala badalwa njani ngokomfanekiselo kaThixo?—Genesis 1:27.
Ngaba babefana noThixo ngomzimba? Hayi, oko akunakwenzeka. Umntu unomzimba, uyinyama, wenzelwe ukuphila emhlabeni. UThixo ungumoya, ehlala kuzuko lwasezulwini olungenakuthelekelelwa olo kungekho mntu unako nokusondela kulo. (Eksodus 33:18-20; 1 Korinte 15:50) Ngoko, wenziwa njani umntu ngokomfanekiselo kaThixo? Ngokuthi umntu anikwe amandla okubonakalisa iimpawu zikaThixo ezibalaseleyo—uthando, okusesikweni, ubulumko namandla—kwanezinye iimpawu.
Iimpawu ZikaYehova
Iimpawu zikaYehova uThixo zibonakala kuyo yonke indalo yakhe, kodwa zabonakaliswa ngokuphawulekayo kwiinkqubano zakhe nesibini sokuqala esingabantu, uAdam noEva. (Roma 1:20) Uthando lwakhe lwabonwa ngokuwudala kwakhe umhlaba ufanelekele kanye ukuba umntu ahlale kuwo. UYehova wadalela indoda umfazi ofezekileyo ukuba abe liqabane lakhe nonina wabantwana bayo. Wababeka bobabini kumyezo omhle waza wabanika intabalala yazo zonke izinto ezaziyimfuneko ukuze baqhubeke bephila baze bonwabe. Okona kumangalisa kakhulu kunako konke, uThixo wabanika ithuba lokuphila ngonaphakade.—Genesis 2:7-9, 15-24.
Ubulumko bukaThixo babonwa ekuvavanyeni kwakhe isibini sokuqala esingabantu. Ukuba babeza kuhlala bengamalungu entsapho kaYehova yendalo iphela nokuba babeza kuphila ngonaphakade bengabazali bohlanga lwabantu, kwakuya kufuneka babe yimizekelo ekuthembekeni nakunqulo lokwenyaniso. Ngenxa yoko, uYehova wabanika ithuba lokubonakalisa imeko yentliziyo yabo kuvavanyo olufanelekileyo—babengamele badle kumthi wokwazi okulungileyo nokubi. Hayi indlela uYehova awabonakalisa ngayo ubulumko ngokuvumela abantu ukungqina intobelo nothando lwabo ngaye ngaphambi kokubanika amalungelo amangalisayo awayecinga ngawo!
Ukuba sesikweni kukaThixo kwabonwa ngokugxininisa kwakhe kwimilinganiselo ephakamileyo kwizidalwa zakhe nangokungalalanisi kwakhe kuloo milinganiselo. Kwabonwa ngokunika kwakhe uAdam noEva lonke ithuba lokwenza oko kufanelekileyo. Kwaye xa basilelayo ukwenjenjalo, ukuba sesikweni kwakhe kwabonwa ekubagwebeni kwakhe ukuba bajamelane nobunzima besigwebo esasichaziwe sokuvukela.
Amandla kaYehova abonwa koko wakwenzayo emva kokukhupha kwakhe isigwebo. USathana, umvukeli omkhulu, wayedlulisele ingcamango yokuba uYehova wayelixoki, yaye uSathana wathembisa uEva izinto ezinkulu ukuba wayengamthobeli uThixo. (Genesis 3:1-7) Kodwa uSathana akazange akwazi ukuzalisekisa idinga lakhe. Wayengenako ukumthintela uYehova ekugxotheni uAdam noEva kumyezo wase-Eden, yaye akazange akwazi ukuthintela ukuzaliseka kwamazwi kaThixo kuAdam athi: “Uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.” (Genesis 3:19) Noko ke, uYehova akazange asiphumeze kwaoko isigwebo sokufa, yaye koku wabonisa ngokubhekele phaya uthando lwakhe. Wabapha uAdam noEva ixesha lokuvelisa abantwana eyayiya kuthi ngabo ekugqibeleni injongo awayenayo ntlandlolo ngoluntu izalisekiswe.—Genesis 1:28.
Ekugqibeleni, ukuba sesikweni, uthando, amandla nobulumko bukaYehova uThixo zabonakaliswa kwidinga lakhe lokulungiselela imbewu eyayiya kubhangisa imisebenzi kaSathana ize itshitshise imiphumo elusizi yaloo mvukelo yokuqala eyayinxamnye nolongamo lobuthixo. (Genesis 3:15) Onjani yena ukumangalisa uMdali esinaye!
Imigudu Yokuxelisa UThixo
Nangona bengasafezekanga, abantu basenako ukubonakalisa iimpawu zikaThixo. Ngenxa yoko, uPawulos wakhuthaza amaKristu omhla wakhe: “Yibani ngabaxelisa uThixo, ngokwabantwana abaziintanda.” (Efese 5:1) Noko ke, ukutyhubela yonke imbali, inkoliso iye yabonakalisa ukungazinanzi kakhulu iimpawu zikaThixo. Ngexesha likaNowa, abantu babonakele gqitha kangangokuba uYehova wazimisela ukutshabalalisa lonke uluntu ngaphandle kukaNowa nentsapho yakhe. UNowa waye “eyindoda elilungisa [esesikweni], egqibeleleyo ezizukulwaneni zakhe,” yaye wabonakalisa ukumthanda kwakhe uThixo ngokuphumeza imiyalelo kaThixo.a “Wenza uNowa konke uThixo abemwisele umthetho ngako, wenza njengoko.” (Genesis 6:9, 22) UNowa wabonisa ukubathanda abantu awayephila nabo nokunamathela kwakhe kokusesikweni ngokuba ‘ngumvakalisi wobulungisa.’ (2 Petros 2:5) Wabonisa ubulumko yaye wawasebenzisa ngokufanelekileyo amandla akhe asemzimbeni ngokulandela ulwalathiso lukaThixo lokwakha umkhombe omkhulu, ukugcina ukutya kuwo, ukuqokelela izilwanyana nokungena emkhombeni ngokomyalelo kaYehova. Kanjalo wabonisa ukubuthanda kwakhe ubulungisa ngokungabavumeli abamelwane bakhe ukuba bamonakalise.
IBhayibhile ichaza abanye abaninzi abathi ngokufanayo babonakalisa iimpawu zobuthixo. Owayebalasele yayinguYesu Kristu, owayengokomfanekiselo kaThixo ngokugqibeleleyo yaye ngaloo ndlela enokuthi: “Lowo undibonileyo mna umbonile uBawo.” (Yohane 14:9) Phakathi kweempawu awazibonakalisayo uYesu, uthando lwakhe lwalubalasele. Ukuthanda uYise noluntu kwamshukumisela ukuba alishiye ikhaya lakhe elisezulwini aze aphile njengomntu emhlabeni. Lwamshukumisela ukuba azukise uYise ngehambo yakhe yobulungisa nokushumayela iindaba ezilungileyo zosindiso eluntwini. (Mateyu 4:23; Yohane 13:31) Kamva, uthando lwashukumisela uYesu ukunikela ubomi bakhe obufezekileyo ukwenzela ukusindiswa koluntu kunye, okubaluleke ngakumbi, nokungcwaliswa kwegama likaThixo. (Yohane 13:1) Ekuzabalazeleni ukuxelisa uThixo, ngaba kukho nawuphi na umzekelo olunge ngakumbi wokulandelwa kunoYesu Kristu?—1 Petros 2:21.
Sinokufana Ngakumbi Njani NoThixo Namhlanje?
Thina, namhlanje, sinokuzibonakalisa njani iimpawu zikaThixo size ngaloo ndlela senze ngokomfanekiselo kaThixo? Kaloku, khawuqwalasele kuqala uphawu lothando. UYesu wathi: “Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.” Sikubonisa njani ukuthanda uThixo? Umpostile uYohane uyaphendula: “Ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe.”—Mateyu 22:37; 1 Yohane 5:3.
Kambe ke, ukuze siyithobele imithetho kaYehova, kufuneka siyazi. Oko kubandakanya ukufunda, ukufundisisa nokucamngca ngeLizwi likaThixo, iBhayibhile, nangoncwadi lweBhayibhile. Njengomdumisi, sifanele sikwazi ukuthi: “Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.” (INdumiso 119:97) Njengoko siliqonda ngokunzulu ngakumbi nangakumbi iLizwi likaThixo, sithi siphenjelelwe yindlela kaThixo yokucinga. Sithi sibuthande ubulungisa size sithiye ukuchas’ umthetho. (INdumiso 45:7) Kulapho waphazama khona uAdam. Wayewazi umyalelo kaYehova, kodwa wayengawuthandi ngokwaneleyo ngokokude anamathele kuwo. Xa sifunda iLizwi likaThixo, sifanele ngamaxesha onke sizibuze, ‘Oku kusebenza njani kum? Ndinokwenza ntoni ukuze ndenze ihambo yam ivisisane ngakumbi neempawu zikaThixo?’
Kwakhona uYesu wathi: “Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.” (Mateyu 22:39) Wonke umntu ophilileyo uyazithanda yaye uzifunela okona kulungileyo. Akuphosakalanga oko. Kodwa ngaba sibonakalisa uthando olufanayo ngommelwane wethu? Ngaba silandela lo myalelo weBhayibhile: “Musa ukwala nento elungileyo kolunge nayo, kwakuba kusemandleni esandla sakho ukuyenza”?—IMizekeliso 3:27; Galati 6:10.
Kuthekani ngophawu lobulumko? Ukufuna kwethu ukubonakalisa olu phawu kusikhokelela ekufundisiseni iBhayibhile ngenxa yokuba lowo ngumthombo wobulumko bukaThixo. INdumiso 119:98-100 ifundeka ngolu hlobo: “Indifundisa ubulumko ngaphezu kweentshaba zam imithetho yakho, ngokuba yeyam ngonaphakade. Ndinokuqiqa ngaphezu kwabafundisi bam bonke, ngokuba ngezingqiniso zakho ndiyacamngca. Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu, ngokuba ndizibamba iziyalezo zakho.” KwiMizekeliso 3:18, ubulumko buchazwa ‘njengomthi wobomi.’ Ukuba sizuza ubulumko size sibusebenzise, siya kufumana inkoliseko kaThixo nomvuzo wobomi obungunaphakade.—INtshumayeli 7:12.
Kuthekani ngokusesikweni? Kweli hlabathi lingendawo, okusesikweni luphawu olubalulekileyo kwabo baya kukholisa uThixo. UYesu wathanda ubulungisa (okusesikweni) waza wakuthiya ukuchas’ umthetho. (Hebhere 1:9) AmaKristu namhlanje enza okufanayo. Okusesikweni kuwashukumisela ukuba azixabise iimpawu ezifanelekileyo. Ayaziphepha iindlela ezingezozabulungisa zeli hlabathi yaye enza ukuba kubomi bawo ukwenza ukuthanda kukaThixo kube yeyona nto ibalulekileyo.—1 Yohane 2:15-17.
Ngokuphathelele amandla, sonke sinawo ngokomlinganiselo othile. Ngokwemvelo sinamandla omzimba nawengqondo, yaye njengoko sikhula njengamaKristu, sivelisa amandla ngengqiqo yokomoya. UYehova uyawongezelela amandla ethu ngomoya oyingcwele wakhe ukusa kumlinganiselo wokuba, nakubeni sibonakala sibuthathaka, sinako ukufeza ukuthanda kukaYehova. UPawulos wathi: “Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo uKristu.” (Filipi 4:13) Amandla afanayo sinokuwafumana ukuba sithandazela umoya kaYehova.
Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo
Ukubonakalisa kwethu iimpawu eziphambili ezine zikaThixo kubonwa kakuhle ekuthobeleni kwethu lo myalelo: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.” (Mateyu 28:19, 20) Loo msebenzi wokufundisa ubazisela ubomi abo basabelayo. Enjani yona ukuba ntle imbonakaliso yothando ngabo, ubukhulu becala, ekuqaleni singabazi nokubazi thina!
Ngaphezu koko, imfundiso enjalo likhondo lobulumko. Izisa isiqhamo esihlala sihleli. Nguwuphi omnye umsebenzi ekunokuthiwa ngawo: “Ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo”? (1 Timoti 4:16) Akukho bantu balahlekelwayo kumsebenzi wokwenza abafundi. Abo baphulaphulayo nabo bafundisayo bazuza iintsikelelo ezingunaphakade.
Mayela nokusesikweni, amaKristu afundisa abafundi bawo beBhayibhile imigaqo yokusesikweni nobulungisa. Siyabanceda ukuba bakhonze uYehova, “uThixo wokugweba [“wokusesikweni,” NW].” (Malaki 2:17) Abo namhlanje bahlulela ubomi babo ukuze bakhonze uYehova baze bahambe ngokuthembeka bayagwetyelwa, beboniswa njengabathanda okusesikweni, nto leyo ekhokelela ekusindeni kwabo kwiArmagedon.—Roma 3:24; Yakobi 2:24-26.
Enjani yona imbonakaliso yamandla okuyiyo ukushumayela nokufundisa ngeendaba ezilungileyo ehlabathini lonke! (Mateyu 24:14) Kufuneka unyamezelo ukuze kushunyayelwe ngokuqhubekayo kwimimandla apho inkoliso inganqweneli kuva. Kodwa uYehova, ngomoya wakhe, unikela amandla ayimfuneko okunyamezela kuse ekupheleni.—Isaya 40:30, 31; Mateyu 24:13; Luka 11:13.
Kuyinyaniso ukuba, njengenzala engafezekanga ka-Adam, asinakuzibonakalisa ngokugqibeleleyo ezi mpawu zintle. Noko ke, khumbula ukuba umntu wenziwa ngokomfanekiselo kaThixo, yaye ukuba sizabalazela ukufana ngakumbi nangakumbi noThixo, ngoko ngokuyinxenye sizalisekisa isizathu sobukho bethu. (INtshumayeli 12:13) Ukuba siyazibhokoxa ukwenza unako-nako size sicele ukuxolelwa xa sisilela, ngoko sinokuba nethemba lokusindela kwihlabathi likaThixo lobulungisa elitsha, apho ekugqibeleni sisenokuzuza imfezeko. Ngoko, siya kuba kumhlaba oyiparadisi onabemi abangabantu abafezekileyo, bonke bebonakalisa ngokuzeleyo iimpawu zikaYehova uThixo. Olunjani lona uvuyo! Ekugqibeleni, ngeyona ngqiqo izeleyo yelo binzana, abantu baya kuba ngokomfanekiselo kaThixo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama elithi “ubulungisa” nelithi “okusesikweni” anxulumene ngokusondele gqitha. KwiZibhalo zesiGrike, amelwa ligama elinye, elithi diʹkai·os.
[Umfanekiso okwiphepha 25]
UYesu wasibonisa indlela yokuhlakulela iimpawu zobuthixo zikaYehova
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ekugqibeleni, abantu ngeyona ngqiqo izeleyo baya kuba ngokomfanekiselo kaThixo