Isihlwele Esikhulu Sabanquli Bokwenyaniso—Sivela Phi?
“Naso isihlwele esikhulu, . . . siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana.”—ISITYHILELO 7:9.
1. Kutheni imibono yeziprofeto ekwiSityhilelo ibaluleke kangaka kuthi namhlanje?
NGASEKUPHELENI kwenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, umpostile uYohane wabona imibono yezinto ezimangalisayo eziphathelelene nenjongo kaYehova. Ezinye zezinto awazibona embonweni zizaliseka kanye ngoku. Ezinye zimele zizaliseke kungekudala. Zonke zinokuthanani novuthondaba olumangalisayo lwenjongo kaYehova ezukileyo yokungcwalisa igama lakhe phambi kwendalo yonke. (Hezekile 38:23; ISityhilelo 4:11; 5:13) Ngaphezu koko, zibandakanya amathemba obomi akhe ngamnye wethu. Kwenzeka njani oko?
2. (a) Umpostile uYohane wabona ntoni kumbono wakhe wesine? (b) Yiyiphi imibuzo ephathelele lo mbono esiza kuyiqwalasela?
2 Kowesine kungcelele lwemibono yeSityhilelo, uYohane wabona izithunywa zezulu zibambe imimoya yentshabalaliso de “abakhonzi boThixo wethu” batywinwe emabunzini abo. Wandula ke wabona kusenzeka into echulumancisa ngokwenene—“isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi,” simanyene ekunquleni uYehova nasekuzukiseni uNyana wakhe. UYohane waxelelwa ukuba, aba ngabantu ababeya kuphuma embandezelweni enkulu. (ISityhilelo 7:1-17) Ngoobani abo bachazwa ngokuthi ‘ngabakhonzi boThixo wethu’? Yaye siya kubunjwa ngoobani “isihlwele esikhulu” sabantu abasinde embandezelweni? Ngaba uya kuba ngomnye wabo?
Ngoobani “Abakhonzi BoThixo Wethu”?
3. (a) KuYohane 10:1-18, uYesu waluzekelisa njani ulwalamano lwakhe nabalandeli bakhe? (b) Yintoni uYesu awayilungiselela izimvu zakhe ngokufa kwakhe njengedini?
3 Malunga neenyanga ezine ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu wathi ‘ungumalusi olungileyo’ yaye abalandeli bakhe ‘zizimvu’ awayeya kuzincamela ubomi bakhe. Wathetha ngokukhethekileyo ngezimvu azifumene kubuhlanti bokomfuziselo waza wazinyamekela ngokukhethekileyo. (Yohane 10:1-18)a Ngothando, uYesu wazincamela umphefumlo wakhe izimvu zakhe, elungiselela ixabiso lentlawulelo elalifuneka ukuze zikhululwe esonweni nasekufeni.
4. Ngoobani abokuqala ukuhlanganiswa njengezimvu ngokuvisisana noko uYesu wakuthethayo apha?
4 Noko ke, ngaphambi kokuba enjenjalo, uYesu njengoMalusi Olungileyo wabahlanganisa ngokobuqu abafundi. Abokuqala baziswa kuye nguYohane uMbhaptizi, “umgcini-sango” womzekeliso kaYesu. UYesu wayefuna abantu ababeya kulivuyela ithuba lokuba yinxalenye ‘yembewu ka-Abraham’ eyintlanganisela. (Genesis 22:18; Galati 3:16, 29) Ezintliziyweni zabo wahlakulela uxabiso ngoBukumkani bamazulu, yaye wabaqinisekisa ukuba wayeya kubalungiselela indawo endlwini kaYise wasezulwini. (Mateyu 13:44-46; Yohane 14:2, 3) Ngokufanelekileyo wathi: “Kususela ke kwimihla kaYohane uMbhaptizi kude kube kalokunje, ubukumkani bamazulu lusukelo abatyhalela kulo abantu, bathi ke abatyhalela phambili babufumane.” (Mateyu 11:12, NW) Abo babemlandela ukuze bafumane olo sukelo bangqineka bengaphakathi kubuhlanti uYesu awayethetha ngabo.
5. (a) Ngoobani “abakhonzi boThixo wethu” ekuthethwa ngabo kwiSityhilelo 7:3-8? (b) Yintoni ebonisa ukuba abaninzi ngakumbi babeya kuthelela amaSirayeli okomoya elunqulweni?
5 KwiSityhilelo 7:3-8, abo batyhalela phambili ngempumelelo kusukelo lwasezulwini kukwabhekiselwa kubo ngokuthi “abakhonzi boThixo wethu.” (Bona eyoku-1 kaPetros 2:9, 16.) Ngaba i-144 000 elikhankanywa apho ngamaYuda okwemvelo kuphela? Ngaba abo bakubuhlanti bokomfuziselo bomzekeliso kaYesu ngamaYuda kuphela? Ngokuqinisekileyo akunjalo; ngamalungu oSirayeli wokomoya kaThixo, bonke zizinxulumani zikaKristu kwimbewu yokomoya ka-Abraham. (Galati 3:28, 29; 6:16; ISityhilelo 14:1, 3) Kakade ke, ekugqibeleni laliya kufika ixesha lokuba elo nani liqingqiweyo liphelele. Kuze kwenzeke ntoni ke? Njengoko iBhayibhile yaxela kwangaphambili, abanye—abasisihlwele esikhulu—babeya kuthelela la maSirayeli okomoya ekunquleni uYehova.—Zekariya 8:23.
“Ezinye Izimvu”—Ngaba NgamaKristu EeNtlanga?
6. UYohane 10:16 uthetha ngasiphi isiganeko?
6 Emva kokukhankanya ubuhlanti obunye kuYohane 10:7-15, uYesu wathetha ngelinye iqela, esithi: “Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.” (Yohane 10:16) Ngoobani abo ‘bazezinye izimvu’?
7, 8. (a) Kutheni ingcamango yokuba ezinye izimvu ngamaKristu eeNtlanga isekelwe kwingcaciso ephosakeleyo? (b) Ziziphi izibakala ezingenjongo kaThixo ngomhlaba ezifanele ziphembelele indlela esikuqonda ngayo ukuba zingoobani ezinye izimvu?
7 Ngokuqhelekileyo abahlalutyi beNgqobhoko banembono yokuba ezi zimvu zizezinye ngamaKristu eeNtlanga ibe abo basebuhlanti bekubhekiselwe kubo ngaphambilana ngamaYuda, lawo ayengaphantsi komnqophiso woMthetho, ibe omabini la maqela aya ezulwini. Kodwa uYesu wazalwa engumYuda yaye ngenxa yohlanga awazalelwa kulo wayengaphantsi komnqophiso woMthetho. (Galati 4:4) Ngokubhekele phaya, abo bazigqala ezinye izimvu njengamaKristu eeNtlanga aya kuvuzwa ngobomi ezulwini bayayityeshela inkalo ebalulekileyo yenjongo kaThixo. Xa uYehova wadala abantu bokuqala waza wababeka kumyezo wase-Eden, wakwenza kwacaca ukuba injongo yakhe yayikukuba lo mhlaba umiwe, wonke ube yiparadisi, baze abantu abawunyamekelayo banandiphe ubomi ngonaphakade—logama nje behlonela baze bathobele uMdali wabo.—Genesis 1:26-28; 2:15-17; Isaya 45:18.
8 Xa uAdam wonayo, injongo kaYehova ayizange iwe phantsi. Ngothando uThixo wenza ilungiselelo lokuba inzala ka-Adam ifumane ithuba lokunandipha oko uAdam angazange akuxabise. UYehova waxela kwangaphambili ukuba wayeya kuvelisa umhlanguli, imbewu, ezaziya kusikelelwa ngayo zonke iintlanga. (Genesis 3:15; 22:18) Elo dinga lalingathethi ukuba bonke abantu abalungileyo emhlabeni babeya kuthatyathelwa ezulwini. UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuthandaza benjenje: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.” (Mateyu 6:9, 10, akekeliswe sithi.) Ngaphambilana nje kokuba enze umzekeliso obhalwe kuYohane 10:1-16, uYesu wayexelele abafundi bakhe ukuba ‘ngumhlambi omncinane’ kuphela ekwakukholekile kuYise ukuba awunike uBukumkani bamazulu. (Luka 12:32, 33) Ngoko xa sifunda umzekeliso kaYesu anguMalusi Olungileyo oncama umphefumlo wakhe ngenxa yezimvu zakhe kuwo, bekuya kuba yimpazamo ukuyikhuphela ecaleni inkoliso yabo uYesu abafaka ngaphantsi kwenyameko yakhe enothando, abathe baba ngabalawulwa basemhlabeni boBukumkani bakhe basezulwini.—Yohane 3:16.
9. Emva phayaa ngowe-1884, aBafundi beBhayibhile babeziqonda ziingoobani ezinye izimvu?
9 Emva phayaa ngowe-1884, iWatch Tower yachaza ezinye izimvu njengabantu ababeya kunikwa ithuba lokuphila kulo mhlaba ngaphantsi kweemeko eziya kuzalisekisa injongo kaThixo yantlandlolo. Abo Bafundi beBhayibhile bokuqala baqonda ukuba ezinye zezi zimvu zaziya kuba ngabantu ababephile baza bafa ngaphambi kobulungiseleli bukaYesu basemhlabeni. Noko ke, kwakukho iinkcukacha ezithile ababengaziqondi ngokuchanileyo. Ngokomzekelo, babecinga ukuba ezinye izimvu zaziya kuhlanganiswa emva kokuba bonke abathanjiswa befumene umvuzo wabo wasezulwini. Sekunjalo, babeqonda ukuba ngokuqinisekileyo ezinye izimvu zazingengomaKristu eeNtlanga nje kuphela. Ithuba lokuba ngowezinye izimvu livuleke kumaYuda nakwabeeNtlanga, kubantu bazo zonke iintlanga nezizwe.—Thelekisa IZenzo 10:34, 35.
10. Ukuze sibe ngabo uYesu abagqala njengezinye izimvu zakhe ngokwenene, yintoni emele ibe yinyaniso ngathi?
10 Ukuze zifanelekele ingcaciso kaYesu, ezinye izimvu zimele zibe ngabantu, kungakhathaliseki ukuba ngabesiphi na isizwe okanye uhlanga, abamvumayo uYesu Kristu njengoMalusi Olungileyo. Kuquka ntoni oko? Zimele zibonise ukululama nokulungela ukukhokelwa, mpawu ezo ezibonakala ngazo izimvu. (INdumiso 37:11) Njengokuba kunjalo ngomhlambi omncinane, zimele ‘zilazi ilizwi lomalusi olungileyo’ yaye zingavumi ukukhokelwa ngabanye abasenokufuna ukuziphembelela. (Yohane 10:4; 2 Yohane 9, 10) Zimele zikuqonde ukubaluleka koko uYesu wakwenzayo xa wancama umphefumlo wakhe ngenxa yezimvu zakhe zize zibe nokholo ngokupheleleyo kwelo lungiselelo. (IZenzo 4:12) Zimele ‘zilive’ ilizwi loMalusi Olungileyo xa ezibongoza ukuba zinikele inkonzo engcwele kuYehova kuphela, ziqhubeke zifuna kuqala uBukumkani, zihlale zahlukile ehlabathini, zize zibonise uthando lokuzincama omnye komnye. (Mateyu 4:10; 6:31-33; Yohane 15:12, 13, 19) Ngaba uyayifanelekela loo nkcazelo yabo uYesu abagqala njengezinye izimvu zakhe? Ngaba uyafuna ukuyifanelekela? Olunjani ukuxabiseka ulwalamano oluvulekela bonke abo ngokwenene bafuna ukuba zezinye izimvu zikaYesu!
Ukuhlonela Igunya LoBukumkani
11. (a) Kumqondiso wobukho bakhe, wathini uYesu ngezimvu neebhokhwe? (b) Ngoobani abazalwana abhekisela kubo uYesu?
11 Emva kweenyanga eziliqela enze lo mzekeliso ungasentla, uYesu wayeseYerusalem kwakhona. Ehleli kwiNtaba yemiNquma ekhangele ummandla wetempile, wanika abafundi bakhe iinkcukacha ‘zomqondiso wobukho bakhe nokupheliswa kwale nkqubo yezinto.’ (Mateyu 24:3, NW) Waphinda wathetha ngokuhlanganiswa kwezimvu. Phakathi kwezinye izinto, wathi: “Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe; zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni; athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo.” Kulo mzekeliso, uYesu wabonisa ukuba abo baya kunikelwa ingqalelo ngaloo ndlela nguKumkani babeya kugwetywa ngokusekelwe kwindlela ababebaphathe ngayo ‘abazalwana’ bakhe. (Mateyu 25:31-46) Ngoobani aba bazalwana? NgamaKristu azelwe ngomoya ngoko ke ‘angoonyana bakaThixo.’ UYesu nguNyana kaThixo wamazibulo. Ngenxa yoko, bangabazalwana bakaKristu. ‘Bangabakhonzi boThixo wethu’ abakhankanywe kwiSityhilelo 7:3, abo bakhethwe phakathi koluntu ukuze babe nesabelo kunye noKristu kuBukumkani bakhe basezulwini.—Roma 8:14-17.
12. Kutheni indlela abantu ababaphatha ngayo abazalwana bakaKristu ibaluleke kakhulu?
12 Indlela abanye abantu abaziphatha ngayo ezi ndlalifa zoBukumkani ibaluleke ngokwenene. Ngaba uzigqala njengokuba uYesu Kristu esenza noYehova esenza? (Mateyu 24:45-47; 2 Tesalonika 2:13) Isimo sengqondo somntu ngakwaba bathanjiswa sibonisa isimo sakhe sengqondo ngakuYesu Kristu nakuYise, uMongami Wendalo Iphela.—Mateyu 10:40; 25:34-46.
13. ABafundi beBhayibhile babewuqonda kangakanani umzekeliso wezimvu neebhokhwe ngowe-1884?
13 Kwinkupho yayo ka-Agasti 1884, iWatch Tower ngokuchanileyo yabonisa ukuba “izimvu” ezikulo mzekeliso ngabo babeke phambi kwabo ithemba lobomi obufezekileyo emhlabeni. Kwakhona kwakucingwa ukuba lo mzekeliso umele ukuba usebenza xa uKristu elawula ekwitrone yakhe yobuqaqawuli ezulwini. Kodwa, ngelo xesha babengaqondi ngokucacileyo ukuba uya kuwuqalisa nini umsebenzi wokwahlula ochazwe apho nokuba uya kuqhubeka ixesha elide kangakanani.
14. Intetho yendibano ngowe-1923 yabanceda njani aBafundi beBhayibhile baqonda ixesha umzekeliso kaYesu osisiprofeto owawuya kuzaliseka ngalo?
14 Noko ke, ngowe-1923, kwintetho yendibano, uJ. F. Rutherford, ngoko owayengumongameli weWatch Tower Society, walicacisa ixesha lokuzaliseka komzekeliso wezimvu neebhokhwe. Ngoba? Ngokuyinxenye, ngenxa yokuba lo mzekeliso ubonisa ukuba abazalwana boKumkani—ubuncinane abathile babo—babeya kuba besesemhlabeni. Phakathi kwabantu, kuphela ngabalandeli bakhe abazelwe ngomoya ekunokuthiwa ngabazalwana bakhe ngokwenene. (Hebhere 2:10-12) Aba babengayi kuba semhlabeni ukutyhubela lonke iWaka leMinyaka, nto leyo ebiya kunika abantu ithuba lokwenza okulungileyo kubo ngeendlela uYesu awazichazayo.—ISityhilelo 20:6.
15. (a) Ziziphi izinto ezenzekayo ezanceda aBafundi beBhayibhile baziqonda ngokuchanileyo izimvu zomzekeliso kaYesu? (b) Izimvu zilubonise njani uxabiso lwazo ngoBukumkani?
15 Kuloo ntetho ngowe-1923, kwenziwa umzamo wokuchaza abo bafanela ingcaciso yeNkosi yezimvu neebhokhwe, kodwa kwakusafuneka kuqondwe neminye imibandela ngaphambi kokuba imbaluleka epheleleyo yalo mzekeliso ibe nokucaca. Ebudeni beminyaka elandelayo, ngokuthe ngcembe uYehova watsalela ezi nkcukacha zibalulekileyo engqalelweni yabakhonzi bakhe. Ezi zaquka, ngowe-1927, ukuqonda ngokucacileyo ukuba ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ ngawo onke amaKristu athanjiswe ngomoya asemhlabeni; kwakhona, ngowe-1932, nokuqonda imfuneko yokuzimisa ngokungoyiki nabakhonzi bakaYehova abathanjisiweyo, njengokuba uYonadabhi wenzayo kuYehu. (Mateyu 24:45; 2 Kumkani 10:15) Ngelo xesha, ngokusekelwe kwiSityhilelo 22:17, aba bantu bafana nezimvu bakhuthazwa ngokukhethekileyo ukuba babe nesabelo ekudluliseleni isigidimi soBukumkani kwabanye. Uxabiso lwabo ngoBukumkani obungoMesiya lwaluya kubashukumisela kungekuphela nje ekudluliseleni ububele bobuntu kubathanjiswa beNkosi kodwa nasekubeni bahlulele ubomi babo kuYehova ngoKristu baze banxulumane ngokusondeleyo nabathanjiswa bakhe, babe nesabelo ngenzondelelo kumsebenzi abawenzayo. Ngaba uyakwenza oko? Kwabo bakwenzayo, uKumkani uya kuthi: “Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi.” Bagcinelwe ithemba elizukileyo lobomi obungunaphakade befezekile kummandla wasemhlabeni woBukumkani.—Mateyu 25:34, 46.
“Isihlwele Esikhulu”—Sisinge Phi?
16. (a) Ziziphi iingcamango eziphosakeleyo aBafundi beBhayibhile bokuqala ababenazo ngendimbane enkulu, okanye isihlwele esikhulu, esikwiSityhilelo 7:9? (b) Yalungiswa nini imbono yabo ibe ngokusekelwe kwintoni?
16 Okwethuba elithile abakhonzi bakaYehova babekholelwa ukuba indimbane enkulu (okanye, isihlwele esikhulu) ekwiSityhilelo 7:9, 10 yayahlukile kwezinye izimvu ezikuYohane 10:16 nezimvu ezikuMateyu 25:33. Ngenxa yokuba iBhayibhile isithi “simi phambi kwetrone,” kwakucingwa ukuba sasiya kuba sezulwini, kungekhona ezitroneni, ukuze silawule njengeendlalifa noKristu, kodwa kwisikhundla esingezantsi ngaphambi kwetrone. Sasigqalwa njengamaKristu angathembekanga kangako, lawo angabonisanga umoya wokuzincama ngokwenene. Ngowe-1935 loo mbono yalungiswa.b Ukuhlolisisa ISityhilelo 7:9 kuqwalaselwa noko kuthethwa kwiindinyana ezifana noMateyu 25:31, 32 kwenza kwacaca ukuba abantu abalapha emhlabeni banokuba “phambi kwetrone.” Kwakhona kwaboniswa ukuba uThixo akanamilinganiselo yahlukahlukeneyo yokuthembeka. Bonke abo aya kukholiswa ngabo bamele bagcine ingqibelelo kuye.—Mateyu 22:37, 38; Luka 16:10.
17, 18. (a) Lubangelwa yintoni ulwando olukhulu, ukususela ngowe-1935, lwabo bakhangele phambili kubomi obungunaphakade emhlabeni? (b) Abo besihlwele esikhulu banesabelo ngenzondelelo kuwuphi umsebenzi obalulekileyo?
17 Kangangeminyaka emininzi abantu bakaYehova babethetha ngamadinga kaThixo ngalo mhlaba. Ngenxa yoko babelindele ukuba kwenzeke emva phayaa ngeminyaka yee-1920, babevakalisa ukuba “Izigidi Eziphilayo Ngoku Azisayi Kuze Zife.” Kodwa babengezozigidi ababesamkela ilungiselelo likaThixo lobomi ngelo xesha. Kwinkoliso yabo babesamkela inyaniso, umoya oyingcwele wawukhulisa ithemba lobomi ezulwini. Noko ke, ngokukodwa emva kowe-1935, kwenzeka inguqulelo ephawulekayo. Oku akuthethi ukuba iThe Watchtower yayilityeshele ithemba lobomi obungunaphakade emhlabeni. Kangangamashumi eminyaka abakhonzi bakaYehova babethetha ngoku ibe babekhangela abo babefanelekela ingcaciso yeBhayibhile. Noko ke, ngexesha likaYehova elifanelekileyo, waqinisekisa ukuba aba babezibonakalisa.
18 Iingxelo esinazo zibonisa ukuba kangangeminyaka emininzi abaninzi ababebakho eSikhumbuzweni babethabatha kwimifuziselo. Kodwa kungaphelanga neminyaka engama-25 emva kowe-1935, inani lababebakho eSikhumbuzweni saminyaka le sokufa kukaKristu lantinga laliphinda ngaphezu kwezihlandlo ezilikhulu inani labo babethabatha. Yayingoobani aba? Ngabo babeza kuba ngamalungu esihlwele esikhulu. Ngokucacileyo, lalifikile ixesha lokuba uYehova abahlanganise aze abalungiselele ukusinda kwimbandezelo enkulu eyayisondela. Njengoko kwakuxelwe kwangaphambili, babefike ‘bephuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi.’ (ISityhilelo 7:9) Ngenzondelelo banesabelo kumsebenzi uYesu awawuxela kwangaphambili xa wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.”—Mateyu 24:14.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane ingxubusho eneenkcukacha nesexesheni yobuhlanti obukuYohane isahluko 10, bona IMboniselo, ka-Agasti 1, 1984, iphepha 10-20, 29.
b The Watchtower, Agasti 1 neye-15, 1935.
Ungagqabaza Uthini?
◻ Kutheni umbono okwiSityhilelo isahluko 7 ubaluleke ngokukhethekileyo?
◻ Kutheni ezinye izimvu ezikuYohane 10:16 zingapheleliselwanga kumaKristu eeNtlanga?
◻ Bafanele babe njani abo bafanelekela inkcazelo yeBhayibhile yezinye izimvu?
◻ Umzekeliso wezimvu neebhokhwe ukubalaselisa njani ukuhlonela igunya loBukumkani?
◻ Yintoni ebonisa ukuba lafika nini ixesha likaYehova lokuhlanganisa isihlwele esikhulu seSityhilelo 7:9?