Abafazi AbangamaKristu Bafanelwe Yimbeko Nentlonelo
“Nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi [nibanika imbeko, NW], njengesona sitya siethe-ethe.”—1 PETROS 3:7.
1, 2. (a) Incoko kaYesu nomSamariyakazi ngasequleni yabangela yiphi inkxalabo, yaye ngoba? (Bona nombhalo osemazantsi.) (b) Ngokushumayela kumSamariyakazi, uYesu wabonisa ntoni?
KWIQULA lamandulo ngakwisixeko saseSikare emini emaqanda ngasekupheleni kowama-30 C.E., uYesu watyhila indlela avakalelwa kukuba bafanele baphathwe ngayo abafazi. Wayechithe intsasa ecanda kwilizwe elineenduli laseSamariya waza wafika kweli qula ediniwe, elambile yaye enxaniwe. Njengoko wayehleli ngasequleni, umSamariyakazi othile weza kukha amanzi. UYesu wathi kuye: “Ndiphe ndisele.” Lo mfazi umele ukuba wamjonga emangalisiwe. Wabuza: “Uthini na wena, ungumYuda nje, ukucela kum into eselwayo, ndingumSamariyakazi nje?” Kamva, xa abafundi bakhe bafika bevela kuthenga ukutya, bakhwankqiswa, bemangalisiwe kukuba uYesu “athethe nomntu oyinkazana.”—Yohane 4:4-9, 27.
2 Yintoni eyabangela ukuba lo mfazi abuze umbuzo neyabangela ukuba abafundi baxhalabe? WayengumSamariya, yaye amaYuda ayengenabudlelane namaSamariya. (Yohane 8:48) Kodwa kubonakala ukuba kwakukho nesinye isizathu esabangela le nkxalabo. Ngelo xesha, isithethe soorabhi sasingawakhuthazi amadoda ukuba athethe nabafazi ekuhleni.a Kodwa, uYesu washumayela ngokukhululekileyo kulo mfazi unyanisekileyo, wada wamxelela ukuba unguMesiya. (Yohane 4:25, 26) Ngoko uYesu wabonisa ukuba wayengayi kubotshelelwa zizithethe ezingekho zibhalweni, kuquka ezo zazibajongela phantsi abafazi. (Marko 7:9-13) Ngokwahlukileyo koko, ngoko wayekwenza noko wayekufundisa, uYesu wabonisa ukuba abafazi bafanele baphathwe ngembeko nentlonelo.
Indlela UYesu Awayebaphatha Ngayo Abafazi
3, 4. (a) UYesu wasabela njani kumfazi owachukumisa ingubo yakhe? (b) UYesu wawamisela njani umzekelo omhle amadoda angamaKristu, ngokukodwa abaveleli?
3 Uvelwano lukaYesu ngabantu lwabonakala kwindlela awayeqhubana ngayo nabafazi. Ngesinye isihlandlo umfazi owayenethombo legazi kangangeminyaka eli-12 wafuna uYesu phakathi kwesihlwele. Imeko yakhe yayimenza inqambi, ngoko wayengamele abekho apho. (Levitikus 15:25-27) Kodwa wayefuna uncedo kakhulu kangangokuba wathubeleza ngasemva koYesu. Xa wachukumisa ingubo yakhe, waphiliswa ngoko nangoko! Nangona wayesiya emzini kaYayiro, intombi yakhe eyayigulela ukufa, uYesu wema. Akuva kuphuma amandla kuye, wakhangela lowo wayemchukumisile. Ekugqibeleni, lo mfazi weza waza wawa phambi kwakhe esoyika. Ngaba uYesu wayeza kumngxolisa kabukhali ngokuba phakathi kwesihlwele okanye ngokuchukumisa ingubo yakhe ngaphandle kwemvume yakhe? Ngokwahlukileyo koko, wafumanisa ukuba wayenobubele kakhulu. Wathi: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile.” Esi kuphela kwesihlandlo uYesu athetha nomfazi ngokungqalileyo embiza ngokuthi “ntombi yam.” Hayi indlela amele ukuba amthuthuzela ngayo loo mazwi!—Mateyu 9:18-22; Marko 5:21-34.
4 UYesu wakhangela ngaphaya koko kwakufunwa nguMthetho. Wabona intsingiselo yawo nemfuneko yenceba novelwano. (Thelekisa uMateyu 23:23.) UYesu wabona iimeko zalo mfazi ugulayo nendlela awayelufuna ngayo uncedo waza waqonda ukuba wayeshukunyiswa lukholo. Ngoko wawamisela umzekelo omhle amadoda angamaKristu, ngokukodwa abaveleli. Ukuba udade ongumKristu uneengxaki zobuqu okanye ujamelene nemeko eluvavanyo, abadala bafanele bazame ukukhangela ngaphaya kwamagama okanye izenzo ezikhawulezileyo baze baqonde iimeko neentshukumisa. Ubulumko obunjalo bunokubonisa ukuba kufuneka umonde, ukuqonda novelwano kunesiluleko nokulungisa.—IMizekeliso 10:19; 16:23; 19:11.
5. (a) Abafazi babesikelwe umda ngayiphi indlela zizithethe zoorabhi? (Bona umbhalo osemazantsi.) (b) Yayingoobani abokuqala ukubona nokunikela ubungqina ngoYesu ovusiweyo?
5 Bebanjiswe zizithethe zoorabhi, abafazi ababephila ngoxa uYesu wayesemhlabeni babengavunyelwa babe ngamangqina asemthethweni.b Khawucinge ngoko kwenzeka kamsinya emva kokuvuswa kukaYesu kwabafileyo ngentsasa yangoNisan 16, 33 C.E. Ngoobani ababeza kuba ngabokuqala ukubona uYesu ovusiweyo baze banikele ubungqina kwabanye abafundi bokuba iNkosi yabo yayivusiwe? Ngabafazi abahlala kufutshane nendawo awabethelelwa kuyo kwada kwasekufeni kwakhe.—Mateyu 27:55, 56, 61.
6, 7. (a) UYesu wabaxelela ntoni abafazi ababeze engcwabeni lakhe? (b) Abafundi bakaYesu abangamadoda basabela njani ekuqaleni kubungqina obanikelwa ngabafazi, yaye yintoni enokufundwa koku?
6 Ekuseni ngosuku lokuqala lweveki, uMariya waseMagadala nabanye abafazi baya engcwabeni neziqholo ukuze baqhole umzimba kaYesu. Bakufumana ingcwaba lingenanto, uMariya wabaleka waya kuxelela uPetros noYohane. Abanye abafazi basala. Ngokukhawuleza, kwabonakala isithunywa sezulu kubo saza sabaxelela ukuba uYesu wayevusiwe. Isithunywa sezulu sabayalela: “Yiyani ngokukhawuleza, nibaxelele abafundi bakhe.” Ngoxa aba bafazi babekhawuleza besiya kubalisa ezi ndaba, uYesu wabonakala kubo. Wabaxelela oku: “Yiyani kubatyela abazalwana bam.” (Mateyu 28:1-10; Marko 16:1, 2; Yohane 20:1, 2) Engazi nto ngotyelelo lwesithunywa sezulu yaye ekhathazeke gqitha, uMariya waseMagadala wabuyela kwingcwaba elingenanto. UYesu wabonakala kuye apho, yaye akuba ekugqibeleni emazile, wathi: “Yiya kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu.”—Yohane 20:11-18; thelekisa uMateyu 28:9, 10.
7 UYesu ngewayebonakele okokuqala kuPetros, uYohane, okanye komnye umfundi oyindoda. Kunoko, wakhetha ukunikela ingqalelo kwaba bafazi ngokubenza amangqina okuqala okuzibonela uvuko lwakhe nangokubayalela ukuba banikele ubungqina ngalo kubafundi bakhe abangamadoda. Amadoda asabela njani ekuqaleni? Ingxelo ithi: “Amazwi abo abonakala emehlweni abo engathi kukulavuza; abakholwa ngabo.” (Luka 24:11) Ngaba kunokwenzeka ukuba ayekufumanisa kunzima ukukholelwa obu bungqina ngenxa yokuba babuze nabafazi? Ukuba kwakunjalo, ekuhambeni kwexesha bafumana ubungqina obuyintabalala bokuba uYesu wayevusiwe kwafileyo. (Luka 24:13-46; 1 Korinte 15:3-8) Namhlanje, amadoda angamaKristu enza ngobulumko xa enikela ingqalelo kwiimbono zoodade bokomoya.—Thelekisa iGenesis 21:12.
8. Ngendlela awayeqhubana ngayo nabafazi, uYesu wabonisa ntoni?
8 Kuyakhuthaza ngokwenene ukubona indlela uYesu awayeqhubana ngayo nabafazi. Wayesoloko enovelwano yaye elungelelene ngokupheleleyo xa eqhubana nabafazi, akazange abaphakamise okanye abajongele phantsi. (Yohane 2:3-5) Wazigxeka izithethe zoorabhi ezazibathoba isidima nezazilenza iLizwi likaThixo lingasebenzi. (Thelekisa uMateyu 15:3-9.) Ngokuphatha abafazi ngembeko nentlonelo, uYesu wabonisa ngokoqobo indlela uYehova uThixo avakalelwa kukuba bafanele baphathwe ngayo. (Yohane 5:19) Kwakhona uYesu wawamisela umzekelo obalaseleyo amadoda angamaKristu ukuba awuxelise.—1 Petros 2:21.
Iimfundiso ZikaYesu Ngokuphathelele Abafazi
9, 10. UYesu wazingqina njani ziphosakele izithethe zoorabhi ngokuphathelele abafazi, yaye wathini emva kokuba abaFarisi bebuze umbuzo ngoqhawulo-mtshato?
9 UYesu wazingqina ziphosakele izithethe zoorabhi waza wabonisa intlonelo ngesidima sabafazi kungekuphela nje ngezenzo zakhe kodwa kwanangeemfundiso zakhe. Ngokomzekelo, khawuqwalasele oko wakufundisa ngoqhawulo-mtshato nokukrexeza.
10 Ngokuphathelele uqhawulo-mtshato, uYesu wabuzwa lo mbuzo: “Kuvumelekile na ukuba umntu amale umfazi wakhe nangasiphi na isizathu?” Ngokutsho kwengxelo kaMarko, uYesu wathi: “Othe wamala umfazi wakhe [kungengaluhenyuzo], wazeka omnye uyakrexeza kulowa. Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye uyakrexeza.” (Marko 10:10-12; Mateyu 19:3, 9) Loo mazwi abekwe ngokulula abonisa intlonelo ngesidima sabafazi. Njani?
11. Amazwi kaYesu athi “kungengaluhenyuzo” abonisa ntoni ngeqhina lomtshato?
11 Okokuqala, ngamazwi athi “kungengaluhenyuzo” (afumaneka kwingxelo yeVangeli kaMateyu), uYesu wabonisa ukuba iqhina lomtshato alimele lijongwe njengento engabalulekanga okanye liqhawulwe ngokulula. Imfundiso yoorabhi yayiluvumela uqhawulo-mtshato ngezizathu ezingabalulekanga njengaxa umfazi engakuphekanga kamnandi ukutya okuthile okanye ethetha nendoda engaziwayo. Kaloku, uqhawulo-mtshato lwaluvunyelwa naxa indoda yayifumene umfazi onomtsalane emehlweni ayo! Omnye umphengululi weBhayibhile uthi: “Xa uYesu wathetha oko . . . wayexhasa abafazi ngokufuna ukubuyisela umtshato kwimeko omele ube kuyo.” Eneneni, umtshato umele ube lumanyano oluhlala luhleli apho umfazi anokuziva enqabisekile.—Marko 10:6-9.
12. Ngamazwi athi “uyakrexeza kulowa,” uYesu wavelisa yiphi ingcamango?
12 Okwesibini, ngebinzana elithi “uyakrexeza kulowa,” uYesu wavelisa imbono eyayingagqalwa kwiinkundla zoorabhi—ingcamango yendoda ekrexezayo kumfazi wayo. IThe Expositor’s Bible Commentary iyacacisa: “KubuYuda boorabhi umfazi ngokunganyaniseki wayekrexeza kwindoda yakhe; yaye indoda, ngokuba neentlobano zesini nomfazi wenye indoda, wayekrexeza kuloo ndoda. Kodwa indoda yayingenakuze ikrexeze kumfazi wayo, kungakhathaliseki ukuba yayenze ntoni. UYesu, ngokubeka indoda nomfazi phantsi komlinganiselo wokuziphatha omnye, waphakamisa isikhundla nesidima sabafazi.”
13. Ngokuphathelele uqhawulo-mtshato, uYesu wabonisa njani ukuba phantsi kwenkqubo yamaKristu, kwakuya kubakho umlinganiselo omnye kumadoda nabafazi?
13 Okwesithathu, ngebinzana elithi ‘othe wayala indoda yakhe,’ uYesu wayelivuma ilungelo lomfazi lokuqhawula umtshato nendoda engathembekanga—nto leyo ekubonakala ukuba yayisaziwa kodwa ingaxhaphakanga phantsi komthetho wamaYuda ngaloo mihla.c Kuthiwa “kunokuqhawulwa umtshato nomfazi ngemvume yakhe okanye ngaphandle kwayo, kodwa kunokuqhawulwa umtshato nendoda kuphela ngemvume yayo.” Noko ke, ngokutsho kukaYesu, phantsi kwenkqubo yobuKristu, kwakuya kusebenza umlinganiselo ofanayo kumadoda nabafazi.
14. Ngeemfundiso zakhe, uYesu wabonisa ntoni?
14 Iimfundiso zikaYesu ngokucacileyo zityhila inkxalabo enzulu ngentlalo-ntle yabafazi. Ngoko ke, akunzima ukusiqonda isizathu sokuba abafazi abathile bazive bemthanda uYesu ngokokude banyamekele iimfuno zakhe besebenzisa izinto zabo. (Luka 8:1-3) UYesu wathi: “Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo.” (Yohane 7:16) Ngoko wayekufundisa, uYesu wabonisa ulwazelelelo uYehova analo ngabafazi.
‘Nibanika Imbeko’
15. Umpostile uPetros wabhala ntoni ngendlela amadoda afanele abaphathe ngayo abafazi bawo?
15 Umpostile uPetros wazibonela ngokwakhe indlela uYesu awayeqhubana ngayo nabafazi. Kwiminyaka enokuba ngama-30 kamva, uPetros wabaluleka ngokunothando abafazi waza wabhala wathi: “Nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi [nibanika imbeko, NW], njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.” (1 Petros 3:7) Wayethetha ukuthini uPetros ngamazwi athi “nibanika imbeko”?
16. (a) Iyintoni intsingiselo yesibizo sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi “imbeko”? (b) UYehova wambeka njani uYesu ebudeni bokwenziwa kumila kumbi kwakhe, yaye sifunda ntoni koku?
16 Ngokutsho komnye umbhali wesichazi-magama, isibizo sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi “imbeko” (ti·meʹ) sithetha “ixabiso, imbeko, intlonelo.” Eli gama lesiGrike kwezinye iimeko liguqulelwa ngokuthi “izipho” nokuthi ‘ukuxabiseka.’ (IZenzo 28:10, NW; 1 Petros 2:7, NW) Singakuqonda oko kuthethwa kukubeka umntu ukuba sihlolisisa indlela uPetros alisebenzisa ngayo eli gama linye kwimeko eyahlukileyo kweyesi-2 kaPetros 1:17. Apho ethetha ngokwenziwa kumila kumbi kukaYesu wathi: “Wamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, ekuzisweni kuye, bubuqaqawuli obubalaseleyo, izwi elinjengeli: Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo mna nguye.” Ngoxa uYesu wayenziwe kumila kumbi, uYehova wambeka uNyana wakhe ngokuvakalisa ukukholiswa kwakhe nguYesu, yaye uThixo wakwenza oko abanye abantu bephulaphule. (Mateyu 17:1-5) Ngoko, indoda embekayo umfazi wayo ayimhlazisi okanye imjongele phantsi. Kunoko, ibonisa ngamazwi nangezenzo zayo—emfihlekweni nasekuhleni—ukuba iyamxabisa.—IMizekeliso 31:28-30.
17. (a) Kutheni abafazi abangamaKristu befanelwe yimbeko? (b) Kutheni indoda ingafanele ivakalelwe kukuba ixabiseke kakhulu emehlweni kaThixo kunomfazi?
17 UPetros uthi, amadoda angamaKristu afanele ‘abanike’ le mbeko abafazi bawo. Imele inikelwe, kungekhona njengento yokubonisa imfesane, kodwa njengento eyimfanelo yabafazi bawo. Kutheni abafazi benelungelo lembeko enjalo? UPetros ucacisa esithi kungenxa yokuba ‘baziindlalifa kunye nani zobabalo lobomi.’ Ngenkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo, onke amadoda nabafazi abafumana ileta kaPetros babebizelwe ukuba ziindlalifa kunye noKristu. (Roma 8:16, 17; Galati 3:28) Babengenazimbopheleleko zifanayo ebandleni, kodwa ekugqibeleni babeya kuba nesabelo ekulawuleni noKristu ezulwini. (ISityhilelo 20:6) Nanamhlanje, xa abantu bakaThixo abaninzi benethemba lasemhlabeni, bekuya kuba yimpazamo enkulu ngayo nayiphi na indoda engumKristu ukuvakalelwa kukuba ngenxa yamalungelo enawo ebandleni, ixabiseke ngakumbi emehlweni kaThixo kunokuba benjalo abafazi. (Thelekisa uLuka 17:10.) Amadoda nabafazi bakumgangatho ofanayo ngokomoya phambi koThixo, kuba ukufa kukaYesu okulidini kwavulela ithuba elifanayo amadoda nabafazi—lokukhululwa kwisohlwayo sesono nokufa, ukuze bafumane ubomi obungunaphakade.—Roma 6:23.
18. Sisiphi isizathu esinyanzelayo esinikelwa nguPetros sokuba indoda imbeke umfazi wayo?
18 UPetros unikela esinye isizathu esinyanzelayo sokuba indoda imbeke umfazi wayo, “ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.” Ibinzana elithi ‘thinteleka’ livela kwisenzi sesiGrike (en·koʹpto) ngokoqobo esithetha “ukunqumla.” Ngokutsho kwe-Expository Dictionary of New Testament Words kaVine, “lalisetyenziswa kubantu abathintelayo ngokonakalisa indlela, okanye ngokubeka umqobo phakathi endleleni.” Ngenxa yoko, indoda engamnikiyo umfazi wayo imbeko inokufumanisa ukuba ivaliwe indlela phakathi kwemithandazo yayo nokuphulaphulwa nguThixo. Indoda inokuziva ingafaneleki ukuba ithethe noThixo, okanye uYehova usenokungaphulaphuli. Ngokucacileyo, uYehova uyixhalabela kakhulu indlela amadoda abaphatha ngayo abafazi.—Thelekisa IZililo 3:44.
19. Amadoda nabafazi ebandleni banokukhonza njani kunye ngokuhlonelana?
19 Asingomadoda kuphela anembopheleleko yokubonisa imbeko. Ngoxa indoda ifanele imbeke umfazi wayo ngokumphatha ngothando nangesidima, umfazi ufanele ayibeke indoda yakhe ngokuzithoba nangokubonisa intlonelo enzulu. (1 Petros 3:1-6) Ngaphezu koko, uPawulos wayala amaKristu ukuba ‘abonise imbeko omnye komnye.’ (Roma 12:10, NW) Esi sisibongozo sokuba amadoda nabafazi ebandleni bakhonze kunye ngokuhlonelana. Xa kukho umoya onjalo, abafazi abangamaKristu abayi kuthetha ngendlela elisingela phantsi igunya labo bakhokelayo. Kunoko, baya kubaxhasa abadala baze basebenzisane nabo. (1 Korinte 14:34, 35; Hebhere 13:17) Ngoko ke, abaveleli abangamaKristu baya kubaphatha “abafazi abakhulu, njengoonyoko; abancinane, njengoodade, benobunyulu bonke.” (1 Timoti 5:1, 2) Ngobulumko, abadala baya kunikela ingqalelo ngobubele koko kuthethwa ngoodade abangamaKristu. Ngaloo ndlela, xa udade ebonisa ukwamkela kwakhe ubuntloko bobuthixo aze ngentlonelo abuze umbuzo okanye alathe into ethile efuna ingqalelo, ngovuyo abadala baya kunikela ingqalelo kumbuzo okanye kuloo ngxaki.
20. Ngokwengxelo yeZibhalo, abafazi bafanele baphathwe njani?
20 Ukususela ekungeneni kwesono e-Eden, kumabutho amaninzi abafazi baye babekwa kwindawo engeyiyo eyembeko. Kodwa leyo asiyondlela uYehova ekuqaleni awayefuna baphathwe ngayo. Kungakhathaliseki ukuba ziziphi iimbono ezingokwesithethe ezikhoyo ngabafazi, ingxelo yeZibhalo zesiHebhere nezamaKristu zesiGrike ibonisa ngokucacileyo ukuba abafazi abahlonela uThixo bafanele baphathwe ngembeko nangentlonelo. Leyo yimfanelo yabo abayinikwe nguThixo.
[Imibhalo esemazantsi]
a IThe International Standard Bible Encyclopedia iyacacisa: “Abafazi babengatyi neendwendwe ezingamadoda, yaye amadoda ayengakhuthazwa ukuba athethe nabafazi. . . . Ukuncokola nomfazi ekuhleni kwakulihlazo gqitha.” IMishnah yamaYuda, ingqokelela yeemfundiso zoorabhi, yacebisa: “Musa ukuthetha kakhulu nabafazi. . . . Lowo uthetha kakhulu nabafazi uzizisela ububi yaye uyayityeshela imfundiso yoMthetho yaye ekugqibeleni uya kuba lilifa leGehena.”—Aboth 1:5.
b Incwadi ethi Palestine in the Time of Christ ithi: “Kwiimeko ezithile, umfazi wayejongwa njengokumgangatho wekhoboka. Ngokomzekelo, wayengenako ukunikela ubungqina kwinkundla yomthetho, ngaphandle kokuba unikela ubungqina ngokufa kwendoda yakhe.” Ithetha ngeLevitikus 5:1, iThe Mishnah iyacacisa: “[Umthetho] ‘ongelizwi lesifungo’ usebenza emadodeni kungekhona ebafazini.”—Shebuoth 4:I.
c Umbhali-mbali ongumYuda wenkulungwane yokuqala uJosephus unikela ingxelo yokuba udade boKumkani uHerode uSalomi wathumela kwindoda yakhe “uxwebhu oluphelisa umtshato wabo, nto leyo eyayingavisisani nomthetho wamaYuda. Kuba yindoda (kuphela) esiyivumelayo ukuba yenze oko.”—Jewish Antiquities, XV, 259 [vii, 10].
Ithini Impendulo Yakho?
◻ Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba uYesu wayebaphatha ngembeko nentlonelo abafazi?
◻ Iimfundiso zikaYesu zayibonisa njani intlonelo ngesidima sabafazi?
◻ Kutheni indoda ifanele imnike imbeko umfazi wayo ongumKristu?
◻ Yiyiphi imbopheleleko yokubonisa imbeko anayo onke amaKristu?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Abafazi abahlonela uThixo bavuyiswa kukuba ngabokuqala ukubona uYesu ovusiweyo, owabayalela ukuba banikele ubungqina kubazalwana bakhe