Iintsikelelo Okanye Iziqalekiso—Imizekelo Kuthi Namhlanje
“Ezi zinto zathi zabahlela njengemizekelo, yaye zabhalelwa ukuze kulunyukiswe thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto.”—1 KORINTE 10:11.
1. Kanye njengokuba ubani esihlola isixhobo sakhe, luluphi uhlolisiso esifanele silwenze?
UMHLWA ongabonakaliyo kuba ugqunywe yipeyinti, unokuqalisa ukusidla isixhobo esenziwe ngentsimbi. Kusenokudlula ixesha elithile ngaphambi kokuba ubonakale loo mhlwa. Ngokufanayo, isimo sengqondo neminqweno yentliziyo kabani isenokuqalisa ukonakala kwixesha elide ngaphambi kokuba oko kube nemiphumo okanye abanye bakuphawule. Njengoko ngobulumko besiya kusihlola isixhobo sethu ukuze singangenwa ngumhlwa, ngoko ukuzihlolisisa iintliziyo zethu nokuzilungelelanisa kusenokuyilondoloza ingqibelelo yethu njengamaKristu. Ngamanye amazwi, sinokusikelelwa nguThixo size sikuphephe ukuqalekiswa nguThixo. Bambi basenokucinga ukuba iintsikelelo neziqalekiso ezavakaliswa kumaSirayeli amandulo zinentsingiselo engephi kwabo bajamelene nokuqosheliswa kwale nkqubo yezinto. (Yoshuwa 8:34, 35; Mateyu 13:49, 50; 24:3) Noko ke, oko akunjalo. Sinokungenelwa gqitha kwimizekelo esilumkisayo ephathelele uSirayeli, njengoko kubhaliwe kweyoku-1 kwabaseKorinte isahluko 10.
2. Eyoku-1 kwabaseKorinte 10:5, 6 ithini ngamava amaSirayeli entlango?
2 Umpostile uPawulos ufanisa amaSirayeli awayengaphantsi kukaMoses namaKristu angaphantsi kukaKristu. (1 Korinte 10:1-4) Nangona abantu bakwaSirayeli ngebabengenile kwiLizwe Ledinga, “kwinkoliso yabo uThixo akazange abonakalise nkoliseko yakhe, kuba bathiwa waca entlango.” Ngoko ke uPawulos wawaxelela oku amanye amaKristu: “Ke kaloku ezi zinto zaba yimizekelo yethu, ukuze thina singabi ngabantu abanqwenela izinto ezimbi, kwananjengoko bona bazinqwenelayo.” (1 Korinte 10:5, 6) Iminqweno ifukanywa entliziyweni, ngoko kufuneka siyithobele imizekelo esilumkisayo esiyinikwa nguPawulos.
Isilumkiso Nxamnye Nonqulo-zithixo
3. AmaSirayeli ona njani ngokuphathelele ithole legolide?
3 Isilumkiso sokuqala sikaPawulos sithi: “Singabi ngabo nabanquli-zithixo, njengoko bambi kubo bathi benjenjalo; kanye njengoko kubhaliwe kwathiwa: ‘Abantu bahlala phantsi ukuba badle baze basele, yaye basukuma ukuze babe nexesha elimnandi.’” (1 Korinte 10:7) Lo mzekelo usilumkisayo ngowamaSirayeli awabuyela kwiindlela zaseYiputa aza enza ithole legolide ukuze alinqule. (Eksodus, isahluko 32) Umfundi uStefano wayichaza eyona ngxaki: “Ookhokho bethu bala ukumthobela [uMoses, ummeli kaThixo], kodwa bamtyhalela bucala baza ezintliziyweni zabo babuyela eYiputa, besithi kuAron, ‘Senzele oothixo bokuhamba phambi kwethu. Kuba lo Moses, owasikhokelela ngaphandle kwelizwe laseYiputa, asikwazi oko kwenzeke kuye.’ Ngoko benza ithole ngaloo mihla yaye banyusa umbingelelo kwisithixo baza baqalisa ukuziyolisa ngemisebenzi yezandla zabo.” (IZenzo 7:39-41) Phawula ukuba la maSirayeli anemvukelo ayeyifukame ‘ezintliziyweni zawo’ iminqweno ephosakeleyo eyakhokelela kunqulo-zithixo. “Benza ithole . . . yaye banyusa umbingelelo kwisithixo.” Ukongezelela, “baqalisa ukuziyolisa ngemisebenzi yezandla zabo.” Kwakukho umculo, nabo becula, bengqungqa, besitya yaye besela. Kucacile ukuba olo nqulo-zithixo lwalumnandi yaye luyolisa.
4, 5. Ziziphi izenzo zonqulo-zithixo esifanele siziphephe?
4 Okwakufanekiselwa yiYiputa—ihlabathi likaSathana—likunqula ngokwenene ukuzonwabisa. (1 Yohane 5:19; ISityhilelo 11:8) Linqula abadlali beqonga, iimvumi namaqhawe ezemidlalo, kwanendlela abangqungqa ngayo, nomculo wabo, neendlela abazonwabisa ngayo. Abaninzi baye bahendelwa ekubeni babandakanyeke ngokupheleleyo kwiziyolo ngoxa besithi banqula uYehova. Xa umKristu efanele alulekwe ngesenzo esibi, ngokufuthi ubuthathaka bakhe bokomoya bubangelwa kukusela iziselo ezinxilisayo, ukungqungqa nokuzonwabisa ngendlela enxulumene nonqulo-zithixo. (Eksodus 32:5, 6, 17, 18) Ezinye iindlela zokuzonwabisa zifanelekile yaye zimnandi. Ukanti, namhlanje inkoliso yomculo, umngqungqo, imifanekiso eshukumayo neevidiyo zehlabathi zikhuthaza iminqweno engcolileyo yokwenyama.
5 AmaKristu okwenyaniso akazibandakanyi nonqulo-zithixo. (2 Korinte 6:16; 1 Yohane 5:21) Ngamana ngamnye kuthi angakulumkela ukukhotyokiswa kukuzonwabisa okunqulwayo aze azibeke esichengeni sokufumana imiphumo eyintlekele yokubandakanyeka ngokugqithiseleyo kukuzonwabisa ngeendlela zehlabathi. Ukuba sizichanaba kwiimpembelelo zehlabathi, iminqweno nesimo sengqondo esiyingozi sinokungena kwiingqondo neentliziyo zethu singaqondanga. Xa zingalungiswa, ekugqibeleni ezi zinto zinokukhokelela ekubeni ‘sithiwe waca kwintlango’ yenkqubo kaSathana.
6. Liliphi inyathelo elifanelekileyo esifanele silithabathe ngokuphathelele ukuzonwabisa?
6 Njengoko uMoses watsho emva kwesiganeko sokunqulwa kwethole legolide, “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” lithi: “OngakuYehova makeze kum apha.” Ukulithabatha ngokukhawuleza inyathelo elibonisa ukuba silumele ngokuqinileyo unqulo lokwenyaniso kunokusisindisa. Isizwe sabaLevi sikaMoses sasabela ngokukhawuleza ekupheliseni iimpembelelo ezimbi. (Mateyu 24:45-47; Eksodus 32:26-28) Ngoko ke, luhlolisise ngenyameko uhlobo lokuzonwabisa olukhethayo, umculo, iividiyo nezinto ezinjengezo. Ukuba azifanelekanga ngandlel’ ithile, mela uYehova. Emva kokuzilahlela kuThixo ngomthandazo, yenza iinguqulelo kuhlobo lokuzonwabisa nomculo owukhethayo, uze uzitshabalalise ezo zinto ziyingozi kwimpilo yakho yokomoya, kanye njengokuba uMoses walitshabalalisayo ithole legolide.—Eksodus 32:20; Duteronomi 9:21.
7. Sinokuyikhusela njani intliziyo yokomfuziselo?
7 Sinokuwulwa njani umhlwa osenokuyileka ezintliziyweni zethu? Ngokulifundisisa ngenkuthalo iLizwi likaThixo, sivumela iinyaniso zalo ukuba zingene kwiingqondo neentliziyo zethu. (Roma 12:1, 2) Kakade ke, sifanele siye rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu. (Hebhere 10:24, 25) Ukuya njee kwiintlanganiso kunokufaniswa nokupeyinta indawo enomhlwa. Oko kunokusenza sonwabe okwexeshana, kodwa akuyicombululi eyona ngxaki. Kunoko, ngokulungiselela kusengaphambili, sicamngce, size sibe nenxaxheba kwiintlanganiso, sinokuzishenxisa ngokupheleleyo izinto ezibangel’ umhlwa kwiintliziyo zethu zokomfuziselo. Oku kuya kusinceda sinamathele kwiLizwi likaThixo yaye kuya kusomeleza ukuze sinyamezele iimvavanyo size sibe ‘ngabaphilileyo kwiinkalo zonke.’—Yakobi 1:3, 4; IMizekeliso 15:28.
Isilumkiso Nxamnye Nohenyuzo
8-10. (a) Nguwuphi umzekelo osilumkisayo okhankanywe kweyoku-1 kwabaseKorinte 10:8? (b) Anokuba yingenelo njani amazwi kaYesu afumaneka kuMateyu 5:27, 28?
8 Kumzekelo kaPawulos olandelayo, sifumana esi siluleko: “Masingaqheliseli luhenyuzo, njengoko abathile kubo bathi bahenyuza, suke bawa, amawaka angamashumi amabini anesithathu kubo ngamini-nye.”a (1 Korinte 10:8) Lo mpostile wayebhekisela kwixesha awathi amaSirayeli aqubuda koothixo bobuxoki aza “ahenyuza neentombi zakwaMowabhi.” (Numeri 25:1-9) Isohlwayo sokuziphatha okubi ngokwesini kukufa! Ukuzivumela iingcinga neminqweno yokuziphath’ okubi isilawule kufana nokuvumela “umhlwa” uyileke entliziyweni. UYesu wathi: “Neva ukuba kwathiwa, ‘Umele ungakrexezi.’ Kodwa ndithi kuni wonk’ ubani othi gqolo ekhangela umfazi khon’ ukuze abe nenkanuko ngaye sele ekrexezile naye entliziyweni yakhe.”—Mateyu 5:27, 28.
9 Iingcinga ezimbi zeengelosi ezingenantobelo zangaphambi koMkhukula womhla kaNowa zingqina isiqhamo ‘sokukhangela umfazi khon’ ukuze abe nenkanuko ngaye.’ (Genesis 6:1, 2) Kwakhona, khumbula ukuba esinye sezona ziganeko ziyintlekele ebomini bukaKumkani uDavide sabangelwa kukuqhubeka kwakhe ekhangele umfazi eneenjongo ezimbi. (2 Samuweli 11:1-4) Ngokwahlukileyo koko, indoda etshatileyo elilungisa uYobhi ‘yenza umnqophiso namehlo ayo ukuba ingaqwalaseli entombini,’ ngaloo ndlela iphephe ukuziphatha okubi yaye izingqine ingumgcini wengqibelelo. (Yobhi 31:1-3, 6-11) Amehlo anokufaniswa neefestile zentliziyo. Yaye izinto ezininzi ezingendawo ziphuma kwintliziyo eyonakeleyo.—Marko 7:20-23.
10 Ukuba siyawasebenzisa amazwi kaYesu, asisayi kuzivumela ukuba silawulwe ziingcinga eziphosakeleyo ngokubukela izinto ezibonisa amanyala okanye ngokuhlala sineengcinga zokuziphath’ okubi ngomnye umKristu, umntu esisebenza naye, okanye nawuphi na omnye umntu. Umhlwa awususwa entsimbini ngokusula indawo eyonakeleyo kuphela. Ngoko ke, musa ukuzityhalela ecaleni iingcamango notyekelo lokuziphatha okubi ngokungathi zizinto ezingenamsebenzi. Thabatha amanyathelo akhawulezileyo ukulushenxisa utyekelo lokuziphath’ okubi. (Thelekisa uMateyu 5:29, 30.) UPawulos ubongoza amanye amakholwa esithi: “Bhubhisani . . . amalungu enu omzimba asemhlabeni ngokuphathelele uhenyuzo, ukungahlambuluki, umnqweno wesini, umnqweno owenzakalisayo, nenkanuko, elunqulo-zithixo. Iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo.” Ewe, ngenxa yezinto ezinjengokuziphatha okubi ngokwesini, ‘ingqumbo kaThixo iyeza’ njengesiqalekiso sakhe. Ngoko kufuneka ‘siwabhubhise’ amalungu ethu omzimba ngokuphathelele ezi zinto.—Kolose 3:5, 6.
Isilumkiso Nxamnye Nezikhalazo Zemvukelo
11, 12. (a) Sisiphi isilumkiso esinikelwayo kweyoku-1 kwabaseKorinte 10:9, yaye kwakubhekiselwa kwisiphi isiganeko? (b) Isilumkiso sikaPawulos sifanele sisichaphazele njani?
11 Ngokulandelayo uPawulos ulumkisa ngelithi: “Masingambeki luvavanyweni uYehova, njengoko abathile kubo bathi bambeka eluvavanyweni, suke batshabalala ziinyoka.” (1 Korinte 10:9) Ngoxa ayehamba entlango kufutshane nomda wamaEdom, amaSirayeli ‘athetha kakubi ngoThixo nangoMoses, esithi, Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, size kufela entlango? Ngokuba tu isonka, tu namanzi; umphefumlo wethu ukruqukile sesi sonka sinkatshunkatshu,’ ethetha ngemana awayeyifumana ngokungummangaliso. (Numeri 21:4, 5) Khawufan’ ucinge! Loo maSirayeli ‘athetha kakubi ngoThixo,’ esithi amalungiselelo akhe alizothe!
12 Ngokuqhubeka ekhalaza, amaSirayeli ayevavanya umonde kaYehova. Ngeso sizathu ohlwaywa, kuba uYehova wawathumela ngeenyoka ezinobuhlungu, yaye kwafa abaninzi bebulawa zezo nyoka. Emva kokuba abo bantu beguqukile noMoses ebalamlele, eso sibetho sapheliswa. (Numeri 21:6-9) Ngokuqinisekileyo esi siganeko sifanele sisilumkise nxamnye nokubonakalisa imvukelo, umoya wokukhalaza, ngokukodwa ngokunxamnye noThixo namalungiselelo akhe obuthixo.
Isilumkiso Nxamnye Nokumbombozela
13. Eyoku-1 kwabaseKorinte 10:10 ilumkisa nxamnye nantoni, yaye uPawulos wayecinga ngayiphi imvukelo?
13 Ecaphula umzekelo wakhe wokugqibela ophathelele amaSirayeli entlango, uPawulos ubhala oku: “Singabi ngabambombozeli, kanye njengoko abathile kubo bathi bambombozela, suke batshabalala ngumtshabalalisi.” (1 Korinte 10:10) Kwaqhambuka imvukelo xa uKora, uDatan, uAbhiram nezinxulumani zabo bakutyeshela ukuthanda kukaThixo baza balucel’ umngeni igunya likaMoses noAron. (Numeri 16:1-3) Emva kokutshatyalaliswa kwabo bavukeli, amaSirayeli aqalisa ukumbombozela. Oku kwakungenxa yokuba ayecinga ukuba babengafanelanga batshatyalaliswe abo bavukeli. INumeri 16:41 ithi: “Lamkrokrela uMoses noAron ngengomso lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, lisithi, Nina nibabulele abantu bakaYehova.” Ngenxa yokugxeka indlela ekwakuphunyezwe ngayo okusesikweni ngeso sihlandlo, amaSirayeli ali-14 700 abulawa sisibetho esivela kuThixo.—Numeri 16:49.
14, 15. (a) Sisiphi esinye sezono ‘zabantu abangenabuthixo’ ababethwethwele ebandleni? (b) Yintoni enokufundwa kwisiganeko esibandakanya uKora?
14 Ngenkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo, “abantu abangenabuthixo” ababethwethwele kwibandla lamaKristu bangqineka bengabafundisi bobuxoki kwanabambombozeli. La madoda ‘ayebugatya ubukhosi yaye ethetha ngokutshabhisayo ngabo bazukileyo,’ amadoda athanjisiweyo awayenikwe imbopheleleko yokunyamekela impilo yebandla yokomoya. Ngokuphathelele abo bawexuki bangenabuthixo, umfundi uYude wakwathi: “Aba bantu ngabambombozeli, ngabakhalazeli boko banako ebomini, beqhubeka ngokweminqweno yabo.” (Yude 3, 4, 8, 16) Namhlanje, abanye abantu baba ngabambombozeli kuba bavumela isimo sengqondo esiyingozi ngokomoya sikhule ezintliziyweni zabo. Ngokufuthi banikela ingqalelo kukungafezeki kwabo bakwizikhundla zokuvelela ebandleni baze baqalise ukubakhalazela. Ukumbombozela nokukhalaza kwabo kunokude kuphelele ekugxekeni iimpapasho ‘zekhoboka elithembekileyo.’
15 Kufanelekile ukubuza imibuzo ngokunyanisekileyo ngemibandela yeZibhalo. Kodwa kuthekani xa sihlakulela isimo sengqondo esingafanelekanga sokuthanda ukuhlaba amadlala xa sincokola nabahlobo abasenyongweni? Bekuya kuba kuhle ukuba sizibuze oku, ‘Kuza kuphelela entwenini oku? Ngaba bekungayi kuba kuhle ngakumbi ukuyeka ukumbombozela ndize ngokuthobeka ndithandazele ubulumko?’ (Yakobi 1:5-8; Yude 17-21) UKora nabaxhasi bakhe, abavukela igunya likaMoses noAron, basenokuba babeyisekile ukuba babenembono echanileyo kangangokuba abazange bazihlole iintshukumisa zabo. Sekunjalo, babephazama ngokupheleleyo. Kwakunjalo nangamaSirayeli awambombozelayo ekutshatyalalisweni kukaKora nabanye abavukeli. Hayi indlela ekububulumko ngayo ukuvumela imizekelo enjalo isishukumisele ekubeni sihlolisise iintshukumisa zethu, siyeke ukumbombozela okanye ukukhalaza, size sivumele uYehova asisulungekise!—INdumiso 17:1-3.
Funda, Uze Unandiphe Iintsikelelo
16. Uyintoni umongo wesibongozo esikweyoku-1 kwabaseKorinte 10:11, 12?
16 Ephefumlelwe nguThixo, uPawulos uqukumbela uludwe lwezigidimi ezisilumkisayo ngesi sibongozo: “Ke kaloku ezi zinto zathi zabahlela njengemizekelo, yaye zabhalwa ukuze kulunyukiswe thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto. Ngenxa yoko lowo ucinga ukuba umile makalumke angawi.” (1 Korinte 10:11, 12) Ngamana asingekuthabathi lula ukuma kwethu kwibandla lamaKristu.
17. Ukuba sifumana iintshukumisa ezingafanelekanga ezintliziyweni zethu, yintoni esifanele siyenze?
17 Njengoko intsimbi ithandwa ngumhlwa, ngokufanayo nathi saluzuza njengelifa utyekelo lokwenza okubi njengenzala ka-Adam owonayo. (Genesis 8:21; Roma 5:12) Ngoko, asifanele sidimazeke ukuba sineentshukumisa ezingafanelekanga ezintliziyweni zethu. Kunoko, sifanele sithabathe inyathelo lokuzishenxisa. Xa intsimbi ifunyanwa ngumbethe okanye ishiywa kwindawo enemichiza, ikhawuleza yonakale. Kufuneka sikuphephe ukuzichanaba ‘kumoya’ wehlabathi likaSathana, nokuzonwabisa kwalo okuthob’ isidima, ukuziphatha okubi okwandileyo notyekelo olubi lwengqondo.—Efese 2:1, 2.
18. UYehova wenze ntoni ngokuphathelele utyekelo olubi loluntu?
18 UYehova wenze ilungiselelo lokuba uluntu luloyise utyekelo olubi esaluzuza njengelifa. Wanikela ngokuphela koNyana wakhe amzeleyo ukuze abo banokholo kuye bafumane ubomi obungunaphakade. (Yohane 3:16) Ukuba silandela emanyathelweni kaYesu size sibe nobuntu obufana nobukaKristu, siya kuba yintsikelelo kwabanye. (1 Petros 2:21) Kwakhona siya kufumana, kungekhona iziqalekiso, kodwa iintsikelelo ezivela kuThixo.
19. Sinokungenelwa njani ngokuhlolisisa imizekelo eseZibhalweni?
19 Nangona nathi namhlanje sinokuzenza iimpazamo njengamaSirayeli amandulo, iLizwi likaThixo elipheleleyo linokusikhokela. Kulo sifunda ngeenkqubano zikaYehova noluntu kwaneempawu zakhe ezabonakaliswa nguYesu, ‘imbonakaliso yozuko lukaThixo nembonakaliso yoko kanye akuko.’ (Hebhere 1:1-3; Yohane 14:9, 10) Ngomthandazo nangokuzifundisisa ngenkuthalo iZibhalo, sinokuba “nayo ingqondo kaKristu.” (1 Korinte 2:16) Xa sijamelene nezilingo nezinye izinto ezivavanya ukholo lwethu, sinokungenelwa ngokucinga ngemizekelo yamandulo eseZibhalweni ngokukodwa umzekelo obalaseleyo kaYesu Kristu. Ukuba senjenjalo, akusayi kuba yimfuneko ukuba sifunyanwe ziziqalekiso zikaThixo. Kunoko, siya kufumana inkoliseko kaYehova namhlanje size sifumane iintsikelelo zakhe ngonaphakade.
[Umbhalo osemazantsi]
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Sinokusisebenzisa njani isiluleko sikaPawulos sokunganquli izithixo?
◻ Yintoni esinokuyenza ukuthobela isilumkiso sikaPawulos nxamnye nohenyuzo?
◻ Kutheni sifanele sikuphephe ukumbombozela nokukhalaza?
◻ Sinokuzifumana njani iintsikelelo zikaThixo, kungekhona iziqalekiso?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukuba sifuna ukusikelelwa nguThixo, simele siluphephe unqulo-zithixo
[Imifanekiso ekwiphepha 20]
Kanye njengokuba umhlwa ufanele ususwe, masithabathe amanyathelo afanelekileyo ukushenxisa iminqweno ephosakeleyo ezintliziyweni zethu