Uenoki—Wayengoyiki Nakuba Wayejamelene Nobunzima
KUMNTU olilungisa, yayilelona xesha libi ezimbalini. Ubungendawo babuwuzalisile umhlaba. Imilinganiselo yokuziphatha yoluntu yayiwohloka ngokuthe ngcembe. Eneneni, kungadlulanga xesha lide kwakuza kuthiwa: “Wabona uThixo ukuba ububi babantu bandile ehlabathini, konke ukuyila kweengcinga zentliziyo yabo kubububi bodwa imihla yonke.”—Genesis 6:5.
UEnoki, indoda yesixhenxe kumnombo wenzala ka-Adam, wayenenkalipho yokuba ngumntu owahlukileyo. Wabumela ngenkalipho ubulungisa nakuba imiphumo yoko yayisenokuba mibi. Isigidimi sikaEnoki sasibacaphukisa aboni abongamoyikiyo uThixo kangangokuba babeceba ukumbulala, yaye nguYehova kuphela owayenokumnceda.—Yude 14, 15.
UEnoki Nembambano Yendalo Iphela
Kwiminyaka emininzi ngaphambi kokuzalwa kukaEnoki, kwavela imbambano yolongamo lwendalo iphela. Ngaba uThixo wayenelungelo lokulawula? Eneneni, uSathana uMtyholi wathi akanalo. Wema ngelithi izidalwa ezinengqondo zazinokuqhuba kakuhle ngakumbi ngaphandle kolwalathiso lukaThixo. USathana wazama ukulixhasa elo bango linxamnye noYehova uThixo ngokurhwebeshela abantu kwicala lakhe ngobuqhophololo. UAdam, umfazi wakhe uEva nonyana wabo wamazibulo, uKayin, badume kakubi ngokuba ngakwicala likaSathana kuba bakhetha ukuzilawula kunokulawulwa nguThixo. Isibini sokuqala esingabantu senjenjalo ngokutya isiqhamo uThixo awayesalele, yaye uKayin wenjenjalo ngokugebenga umntakwabo olilungisa, uAbheli.—Genesis 3:4-6; 4:8.
Ngenkalipho uAbheli wema ngakwicala likaYehova. Ekubeni ingqibelelo ka-Abheli yayisekela unqulo olunyulu, ngokungathandabuzekiyo uSathana wakuvuyela ukubukela uKayin embulala ngenkohlakalo. Ukususela ngelo xesha, uSathana ebesebenzisa ‘ukoyika ukufa’ njengesixhobo sokoyikisa. Ufuna ukoyikisa nawuphi na umntu onentliziyo etyekele ekunquleni uThixo wokwenyaniso.—Hebhere 2:14, 15; Yohane 8:44; 1 Yohane 3:12.
Ngexesha lokuzalwa kukaEnoki, mhlawumbi ibango likaSathana lokuba abantu abasayi kuluxhasa ulongamo lukaYehova lalibonakala lichanile. UAbheli wayefile, yaye umzekelo wakhe wokuthembeka wawungalandelwa bani. Sekunjalo, uEnoki wazingqina engowahlukileyo. Wayenesiseko esomeleleyo sokholo, kuba wayezazi kakuhle iziganeko ezazenzeke kumyezo wase-Eden.a Hayi indlela amele ukuba wayesixabisa ngayo isiprofeto sikaYehova sokuba iMbewu yesithembiso yayiya kumbhangisa uSathana neendlela zakhe!—Genesis 3:15.
Ekubeni eli themba laliqaqambile phambi kwakhe, uEnoki akazange agungqe ngenxa yembali yokufa kuka-Abheli okwaphenjelelwa nguMtyholi. Kunoko, waqhubeka ehamba noYehova, elandela ikhondo lobulungisa ubomi bakhe bonke. UEnoki wazigcina ahlukile ehlabathini, ewuphepha umoya walo wokuzimela geqe.—Genesis 5:23, 24.
Ukongezelela, ngenkalipho uEnoki wathetha ngokuphandle ibe walenza lacaca elokuba imisebenzi engendawo yoMtyholi yayingayi kuphumelela. Ephefumlelwe ngomoya oyingcwele kaThixo, okanye amandla akhe asebenzayo, uEnoki waprofeta ngokuphathelele abangendawo esithi: “Khangela! UYehova weza enamashumi amawaka akhe angcwele, ukuza kuphumeza umgwebo nxamnye nabo bonke, nokuza kubafumanisa benetyala bonke abangenabuthixo ngokuphathelele zonke izenzo zabo ezingezozabuthixo abazenzayo ngendlela engeyoyabuthixo, nangokuphathelele zonke izinto ezothusayo aboni abangenabuthixo abazithetha nxamnye naye.”—Yude 14, 15.
Ngenxa yezigidimi zenkalipho zikaEnoki, ebhalela amaKristu angamaHebhere, umpostile uPawulos wamquka njengoyinxalenye ‘yelifu elikhulu lamangqina’ awamisela umzekelo omhle wokubonakalisa ukholo.b (Hebhere 11:5; 12:1) Njengendoda yokholo, uEnoki walondoloza ingqibelelo kangangeminyaka engaphezu kwama-300. (Genesis 5:22) Hayi indlela ezimele ukuba zazicaphuka ngayo iintshaba zikaThixo ezisezulwini nezisemhlabeni ngenxa yokuthembeka kukaEnoki! Isiprofeto esihlabayo sikaEnoki saqhwaya intiyo kaSathana, kodwa uYehova wamkhusela.
UThixo Wamthabatha UEnoki—Njani?
UYehova akazange amvumele uSathana okanye izicaka zakhe zasemhlabeni ukuba zimbulale uEnoki. Kunoko, ingxelo ephefumlelweyo ithi: “UThixo wamthabatha.” (Genesis 5:24) Umpostile uPawulos ukuchaza ngale ndlela oku: “Ngokholo uEnoki wafuduswa khon’ ukuze angaboni kufa, yaye akukho naphi na apho wayenokufunyanwa khona ngenxa yokuba uThixo wayemfudusile; kuba ngaphambi kokufuduswa kwakhe wayenobungqina bokuba wayemkholise kakuhle uThixo.”—Hebhere 11:5.
UEnoki ‘wafuduswa njani khon’ ukuze angaboni kufa’? Okanye njengoko inguqulelo kaR. A. Knox ibonisa, uEnoki ‘wathatyathwa njani ukuze angajamelani nokufa’? Ngokuzolileyo uThixo wabunqamla ubomi bukaEnoki, emsindisa kwiintlungu zokufa okwakunokubangelwa kukugula okanye ugonyamelo lweentshaba zakhe. Ewe, uYehova wabunqamla babufutshane ubomi bukaEnoki eneminyaka engama-365 ubudala—engumntu osemtsha gqitha xa ethelekiswa nabantu bexesha lakhe.
UEnoki wabunikwa njani ‘ubungqina bokuba wayemkholise kakuhle uThixo’? Bubuphi ubungqina awayenabo? Mhlawumbi, uThixo wamenza wazungubala uEnoki, kanye njengoko umpostile uPawulos ‘wathatyathwa,’ okanye wafuduswa, mhlawumbi eboniswa nombono weparadesi yokomoya elaliza kuba kuyo ibandla lamaKristu. (2 Korinte 12:3, 4) Ubungqina bokuba uEnoki wayemkholisa uThixo busenokuba babuquka umbono weParadesi yasemhlabeni yexesha elizayo neza kuba nabemi abaluxhasayo ulongamo lukaThixo. Mhlawumbi ngoxa uEnoki wayebona loo mbono ukhwankqisayo uThixo wamthabatha ngokumlalisa ngokufa okungenazintlungu de kufike umhla wokuvuswa kwakhe. Kubonakala ngathi, njengakwimeko kaMoses, uYehova wawungcwaba umzimba kaEnoki, kuba “akukho naphi na apho wayenokufunyanwa khona.”—Hebhere 11:5; Duteronomi 34:5, 6; Yude 9.
Ukuzaliseka Kwesiprofeto
Namhlanje, amaNgqina kaYehova avakalisa umongo wesiprofeto sikaEnoki. Ngokusuka eZibhalweni, abonisa indlela esiya kuzaliseka ngayo xa kungekudala uThixo etshabalalisa abangendawo. (2 Tesalonika 1:6-10) Isigidimi sawo siwenza angathandwa ngabathile, kuba sahluke ngokupheleleyo kwiimbono nosukelo lweli hlabathi. Akothuswa yinkcaso, kuba uYesu wabalumkisa abalandeli bakhe esithi: “Niya kuba zizinto zokuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam.”—Mateyu 10:22; Yohane 17:14.
Noko ke, ngokufanayo noEnoki, amaKristu anamhlanje anethemba eliqinisekileyo lokuhlangulwa kwiintshaba zawo. Umpostile uPetros wabhala: “UYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo, kodwa ukubekela abantu abangengomalungisa imini yomgwebo ukuze banqunyulwe.” (2 Petros 2:9) UThixo usenokukubona kufanelekile ukuyishenxisa ingxaki okanye isilingo esithile. Intshutshiso isenokufikelela esiphelweni. Noko ke, ukuba akwenzeki oko, uyakwazi ukuvula ‘indlela yokuphuma’ kuso ukuze abantu bakhe bakwazi ukuzinyamezela ngempumelelo izilingo zabo. UYehova ubanika ‘namandla angaphaya koko kuqhelekileyo’ xa kuyimfuneko.—1 Korinte 10:13; 2 Korinte 4:7.
‘Njengomvuzi wabo bamfuna ngokunyamekileyo,’ uYehova uya kubasikelela nangobomi obungunaphakade abakhonzi bakhe abathembekileyo. (Hebhere 11:6) Kwinkoliso yabo, obo iya kuba bubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi. NjengoEnoki, ngamana singasivakalisa ngenkalipho isigidimi sikaThixo. Ngokholo, masenjenjalo nakuba sisenokujamelana nobunzima.
[Imibhalo esemazantsi]
a UAdam wayeneminyaka engama-622 ngexesha lokuzalwa kukaEnoki. UEnoki waphila iminyaka emalunga nama-57 emva kokufa kuka-Adam. Ngenxa yoko, babephila kunye kangangeminyaka eliqela.
b Inguqulelo ethi “amangqina” ekumaHebhere 12:1 ivela kwigama lesiGrike elithi marʹtys. Ngokutsho kwe-Wuest’s Word Studies From the Greek New Testament, eli gama libhekisela “kumntu onikela ubungqina, okanye onokungqina, ngento ayibonileyo okanye ayivileyo okanye ayaziyo ngandlel’ ithile.” Incwadi ethi Christian Words, ebhalwe nguNigel Turner, ithi eli gama libhekisela kumntu othetha “ngokusuka kumava obuqu . . . , noweyisekileyo ngenxa yeenyaniso nezibakala.”
[Box On Page 30]
Ukungcoliswa Kwegama LikaThixo
Malunga neenkulungwane ezine ngaphambi kwexesha likaEnoki, kwazalwa umzukulwana ka-Adam uEnoshe. IGenesis 4:26 ithi: “Kwaqalwa oko ukunqulwa igama likaYehova.” Bambi abaphengululi bolwimi lwesiHebhere bakholelwa ukuba le ndinyana ifanele ithi ukunqulwa kwegama likaThixo “kwaqala ukungcoliswa” okanye, “laqalisa ngelo xesha ukungcoliswa.” Ngokuphathelele elo xesha lasezimbalini, iJerusalem Targum ithi: “Ebudeni beso sizukulwana abantu baqalisa ukunxaxha, nokuzenzela izithixo, nokuzibiza ezo zithixo ngegama leLizwi leNkosi.”
Abantu abaninzi babelisebenzisa kakubi igama likaYehova ngexesha likaEnoshe. Kunokwenzeka ukuba abanye abantu babezibiza ngegama likaThixo okanye belisebenzisa kubantu abathile ababebanqula esikhundleni sikaYehova uThixo. Okanye kusenokwenzeka ukuba izithixo zabo babezibiza ngegama likaThixo. Enoba imeko yayinjani, uSathana uMtyholi wayelubambise ngomgibe wonqulo zithixo uluntu. Ngexesha lokuzalwa kukaEnoki, unqulo lokwenyaniso lwalunqabile. Nabani na owayenjengoEnoki, owayephila ngokuvisisana nenyaniso nowayeyishumayela, wayengathandwa yaye ngoko esisisulu sentshutshiso.—Thelekisa uMateyu 5:11, 12.
[Box On Page 31]
Ngaba Uenoki Waya Ezulwini?
“Ngokholo uEnoki wafuduswa khon’ ukuze angaboni kufa.” Xa ziguqulela le ndinyana yamaHebhere 11:5, ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zibonisa ukuba eneneni uEnoki akazange afe. Ngokomzekelo, iBhayibhile yesiXhosa ithi: “Ngokholo uEnoki wafuduselwa emazulwini ukuba angaboni kufa.”
Noko ke, kwiminyaka emalunga nama-3000 emva komhla kaEnoki, uYesu Kristu wathi: “Akukho mntu unyukele ezulwini ngaphandle kwalowo wehla evela ezulwini, uNyana womntu.” (Yohane 3:13) IBhayibhile yesiXhosa ithi: “Akukho namnye unyukileyo waya emazulwini, ngulowo yedwa wehla ephuma emazulwini, uNyana woMntu.” Xa uYesu wayethetha loo mazwi, naye wayengekanyukeli emazulwini.—Thelekisa uLuka 7:28.
Umpostile uPawulos uthi uEnoki nabanye abayinxalenye yelifu elikhulu lamangqina angaphambi kobuKristu ‘bonke bafa’ yaye “abazange bayifumane inzaliseko yesithembiso.” (Hebhere 11:13, 39) Ngoba? Ngenxa yokuba bonke abantu, kuquka uEnoki, banesono abasizuza njengelifa kuAdam. (INdumiso 51:5; Roma 5:12) Ekuphela kwendlela yosindiso ifumaneka ngedini lentlawulelo likaKristu Yesu. (IZenzo 4:12; 1 Yohane 2:1, 2) Ngomhla kaEnoki loo ntlawulelo yayingekafumaneki. Ngoko ke, uEnoki akazange aye ezulwini, kodwa ulele ekufeni elindele uvuko lwasemhlabeni.—Yohane 5:28, 29.
[Picture Credit Line On Page 29]
Reproduced from Illustrirte Pracht - Bibel/Heilige Schrift des Alten und Neuen Testaments, nach der deutschen Uebersetzung D. Martin Luther’s