Vumela Ukuqonda Kukulondoloze
“Ukunkqangiyela kokugcina, ukuqonda kokulondoloza.”—IMIZEKELISO 2:11.
1. Ukuqonda kunokusilondoloza entwenini?
UYEHOVA ufuna usebenzise ukuqonda. Ngoba? Ngenxa yokuba uyazi ukuba kuya kukulondoloza kwiingozi ezahlukahlukeneyo. IMizekeliso 2:10-19 iqala ngala mazwi: “Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho, ukwazi kwenze mnandi umphefumlo wakho, ukunkqangiyela kokugcina, ukuqonda kokulondoloza.” Kuya kukulondoloza entwenini? Kwizinto ‘ezinjengendlela embi,’ abo bashiya umendo othe tye, nakubantu abaneendledlana ezinxaxhileyo.
2. Kuyintoni ukuqonda, ibe ngokukhethekileyo amaKristu anqwenela luphi uhlobo lokuqonda?
2 Ngokunokwenzeka uya kukhumbula ukuba ukuqonda bubuchule bengqondo obuyenza yahlule into ethile kwenye. Umntu osebenzisa ukuqonda uyawuphawula umahluko ophakathi kweengcamango okanye kwezinto ibe wenza isigqibo esilungileyo. NjengamaKristu, sikunqwenela ngokukhethekileyo ukuqonda kokomoya okusekelwe kulwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo. Xa sifundisisa iZibhalo, kuba ngathi simba amatye okwakha ukuqonda kokomoya. Oko sikufundayo kunokusinceda senze izigqibo ezimkholisayo uYehova.
3. Sinokukufumana njani ukuqonda kokomoya?
3 Xa uThixo wabuza uKumkani uSolomon wakwaSirayeli ukuba wayefuna ukusikelelwa ngantoni na, lo mlawuli uselula wathi: “Mnike umkhonzi wakho intliziyo evayo, yokubalawula abantu bakho, ahlule [“aqonde,” NW] phakathi kokulungileyo nokungendawo.” USolomon wacela ukuqonda, ibe uYehova wamnika kona ngomlinganiselo ongaqhelekanga. (1 Kumkani 3:9; 4:30) Ukuze sifumane ukuqonda, kufuneka sithandaze, yaye kufuneka sifundisise iLizwi likaThixo ngoncedo lweempapasho ezinikela ukukhanya ezilungiselelwa “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mateyu 24:45-47) Oku kuya kusinceda sihlakulele ukuqonda kokomoya ukusa kwinqanaba lokuba sibe “ngabakhule ngokupheleleyo emandleni okuqonda,” sikwazi “ukubalula [okanye, ukuqonda] kokubini okulungileyo nokubi.”—1 Korinte 14:20; Hebhere 5:14.
Imfuneko Ekhethekileyo Yokuqonda
4. Kuthetha ukuthini ukuba neliso ‘elingenakumbi,’ ibe kunokuba yingenelo njani kuthi?
4 Xa sinokuqonda okufanelekileyo, sinokwenza ngokuvisisana namazwi kaYesu Kristu athi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa [bukaThixo], yaye zonke ezinye izinto [eziphathekayo] ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:33) Kwakhona uYesu wathi: “Isibane somzimba liliso lakho. Xa iliso lakho lingenakumbi, nomzimba wakho uphela uqaqambile.” (Luka 11:34) Iliso lisisibane sokomfuziselo. Iliso ‘elingenakumbi’ linyanisekile, linikel’ ingqalelo. Ngeliso elinjalo, sinokubonakalisa ukuqonda size sihambe ngaphandle kokukhubeka ngokomoya.
5. Ngokuphathelele iinkqubano zoshishino, yintoni esifanele siyikhumbule ngenjongo yebandla lamaKristu?
5 Kunokuba bagcine iliso labo lingenakumbi, bambi baye babenza nzima ubomi babo nobabanye ngeenkqubano zoshishino ezibonakala zinomtsalane. Kodwa sifanele sikhumbule ukuba ibandla lamaKristu ‘yintsika nesixhaso senyaniso.’ (1 Timoti 3:15) Njengeziseko eziluqilima zesakhiwo, ibandla lixhasa inyaniso kaThixo, kungekhona ishishini lakhe nabani na. Amabandla amaNgqina kaYehova akamiselwanga njengendawo yokukhuthaza izilangazelelo zorhwebo, iimpahla okanye iinkonzo ezithile. Simele sizikhwebule ekwenzeni imicimbi yoshishino lobuqu kwiHolo yoBukumkani. Ukusebenzisa ukuqonda kusinceda sibone ukuba iiHolo zoBukumkani, iZifundo Zencwadi ZeBandla, neendibano ezinkulu nezincinane zamaNgqina kaYehova ziindawo zonxulumano lobuKristu nengxubusho yokomoya. Ukuba besiya kusebenzisa ulwalamano lokomoya ukuze sikhuthaze naluphi na uhlobo lorhwebo, ngaba oku bekungayi kubonisa ubuncinane ukungabi naluxabiso ngezinto zokomoya? Unxulumano lwebandla alufanele lusetyenziselwe inzuzo yemali.
6. Kutheni iimveliso neenkonzo zorhwebo zingafanele zithengiswe okanye zikhuthazwe kwiintlanganiso zebandla?
6 Bambi baye basebenzisa izihlandlo zonxulumano lobuthixo ukuze bathengise amayeza okanye izithambiso, iimveliso zeevithamin, izixhobo zonxibelelwano, izinto zokwakha, amalungiselelo okhenketho, iinkqubo nezixhobo zekhompyutha, njalo njalo. Noko ke, iintlanganiso zebandla aziyondawo yokuthengisa okanye yokukhuthaza iimveliso okanye iinkonzo zorhwebo. Sinokuwuqonda umgaqo obandakanyekileyo ukuba sikhumbula ukuba uYesu “wabagxotha etempileni bonke abo babenezimvu neenkomo, yaye waziphalaza iingqekembe zabatshintshi bemali waza wazibhukuqa iitafile zabo. Waza wathi kwabo babethengisa amahobe: ‘Zisuseni ezi zinto apha! Yekani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokurhweba!’”—Yohane 2:15, 16.
Kuthekani Ngokutyala Imali?
7. Kutheni ukuqonda nobulumko zifuneka kumbandela wokutyala imali?
7 Ukuqonda nobulumko kuyafuneka xa ucinga ngokutyala imali kwishishini elithile. Masithi umntu othile ufuna ukuboleka imali aze enze izithembiso ezifana nezi: “Ndiyakuqinisekisa ukuba uza kufumana imali.” “Soze ulahlekelwe. Ndiqinisekile ngale nto.” Lumka xa nabani na ekuqinisekisa ngolo hlobo. Usenokuba akaqiqi kakuhle okanye akanyanisekanga, kuba ukutyala imali akufane kube yinto eqinisekileyo. Enyanisweni, bambi abantetho igudileyo, nabanobuqhinga baye bawaqhatha amalungu ebandla. Oku kusikhumbuza “abantu abangenabuthixo” abathwethwela ngaphakathi kwebandla lenkulungwane yokuqala baza ‘bajika ububele obungasifanelanga boThixo wethu baba sisingxengxezo sehambo evakalala.’ Babefana nolwalwa olufihlakele phantsi kwamanzi olunokwenzakalisa luze lubulale iindadi. (Yude 4, 12) Kuyinyaniso ukuba, iintshukumisa zala maqothaqikili zahlukile, kodwa nawo ahlasela amalungu ebandla.
8. Yintoni eye yenzeka kwamanye amashishini abonakala enenzuzo?
8 KwanamaKristu aneenjongo ezintle aye abelana nabanye ngenkcazelo yeendlela ezibonakala zinengeniso, kodwa abe wona kunye nabo baye balandela umzekelo wawo bephulukene nemali abaye bayityala. Ngenxa yoko, uninzi lwamaKristu luye lwaphulukana namalungelo ebandleni. Xa iindlela ezenza umntu abe sisityebi ngokukhawuleza zibonakala zinobuqhinga, iba lelo qothaqikili kuphela elifumana ingeniso, ngokufuthi elithi kamsinya liphel’ emehlweni. Ukusebenzisa ukuqonda kunokumnceda njani ubani aphephe iimeko ezinjalo?
9. Kutheni ukuqonda kufuneka ukuze kuphononongwe oko kuthethwayo ngokutyala imali?
9 Ukuqonda kuthetha ukuba neliso elibukhali. Oku kuyimfuneko ukuze siphonononge oko kuthethwayo ngokutyala imali. AmaKristu ayathembana, ibe amanye asenokuqiqa ngelithi abazalwana noodade bawo bokomoya bebengayi kubandakanyeka kumacebo aya kubeka engozini izinto zamanye amakholwa. Kodwa isibakala sokuba usomashishini engumKristu asiqinisekisi ukuba uyincutshe kwezoshishino okanye ishishini lakhe liya kuphumelela.
10. Kutheni amanye amaKristu efuna imali-mboleko yeshishini kwabo akholwa nabo, ibe yintoni enokwenzeka kolo tyalo-mali?
10 Amanye amaKristu afuna imali-mboleko kwamanye amakholwa ngenxa yokuba amaziko aziwayo emali-mboleko engayi kuwanika imali yokuqhuba ishishini lawo elisenokungaphumeleli. Abaninzi baye bakhohliselwa ekubeni bakholelwe ukuba ngokutyala nje imali, banokuba zizityebi ngokukhawuleza ngaphandle kokusebenza kakhulu okanye bengakhange bawuchukumise umsebenzi. Bambi batsaleleka kutyalo-mali oluthile ngenxa yomtsalane olunawo, basuke baphulukane noko bebezibekele kona ukuzixhasa ubomi babo bonke! Omnye umKristu watyala intywenka yemali, elindele ukufumana umlinganiselo wenzala engama-25 ekhulwini kwiiveki nje ezimbini. Waphulukana nayo yonke loo mali xa elo shishini latshonayo. Kwelinye iphulo loshishino, umthengisi wezindlu waboleka imali eninzi kwabanye ebandleni. Wabathembisa ngenzala eninzi ngokungaqhelekanga kodwa watshona waza waphulukana nemali awayeyibolekile.
Xa Amashishini Etshona
11. Sisiphi isiluleko esanikelwa nguPawulos ngokuphathelele ukubawa nokuthanda imali?
11 Ukutshona kwamashishini kuye kwakhokelela ekuphoxekeni kwanasekwenzakaleni ngokomoya kumaKristu athile aye angena kumaphulo angekho ngqiqweni. Ukusilela ukwenza ukuqonda kuwalondoloze kuye kwangunozala wentlungu nengqumbo. Ukubawa kuye kwawabambisa amaninzi awo. UPawulos wabhala: “Ukubawa makungakhe kukhankanywe kwaukukhankanywa phakathi kwenu, kanye njengoko kubafaneleyo abantu abangcwele.” (Efese 5:3) Kwaye walumkisa: “Abo bazimisele ukuba zizityebi bawela ekuhendweni nakumgibe nakwiminqweno emininzi yokungabi nangqiqo neyenzakalisayo, ephosela abantu entshabalalweni nasekonakaleni. Kuba ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zezinto ezimbi, yaye ngokuzabalazela olu thando bambi baye balahlekaniswa nokholo kwaye baye bazixhokroza kuyo yonke indawo ngeentlungu ezininzi.”—1 Timoti 6:9, 10.
12. Ukuba amaKristu enza ishishini kunye, yintoni afanele ayikhumbule ngokukhethekileyo?
12 Ukuba umKristu uqalisa ukuthanda imali, uya kuzenzakalisa kakhulu ngokomoya. AbaFarisi babengabathandi bemali, ibe olu lutyekelo lwabaninzi kule mihla yokugqibela. (Luka 16:14; 2 Timoti 3:1, 2) Ngokungafaniyo noko, indlela yokuphila yomKristu ifanele ibe ‘yekhululekileyo kuthando lwemali.’ (Hebhere 13:5) Kakade ke, amaKristu anokuqhuba okanye aqalise ishishini kunye. Noko ke, ukuba enjenjalo, iingxubusho nothethathethwano olunjalo azifanele zidityaniswe nezinto zebandla. Kwaye khumbulani: Kwanaphakathi kwabazalwana bokomoya, ngamaxesha onke zibhaleni phantsi izivumelwano zoshishino. Inqaku elithi “Yibhaleni Phantsi!,” elapapashwa kuVukani! kaFebruwari 8, 1983, iphepha 13 ukusa kwele-15 linokuba luncedo kulo mba.
13. Ubunokuyisebenzisa njani IMizekeliso 22:7 kumbandela wamashishini?
13 IMizekeliso 22:7 isixelela oku: “Nobolekayo ngumkhonzi kwindoda embolekayo.” Ngokufuthi akubobulumko ukuba sizibeke okanye sibeke umzalwana wethu kwimeko yaloo mkhonzi. Xa nabani na esicela ukuba simboleke imali yokuqhuba ishishini, kuya kucebiseka ukuba sihlolisise enoba uya kukwazi ukuyibuyisa kusini na. Ngaba ungumntu onokuthenjwa? Kakade ke, sifanele siqonde ukuba ukubolekisa ngemali okulolo hlobo kusenokuthetha ukulahlekelwa yiloo mali kuba uninzi lwamashishini luyatshona. Isivumelwano esibhalwe phantsi asiqinisekisi kuthi elo shishini liza kuphumelela. Ibe ngokuqinisekileyo akubobulumko ukuba nabani na abeke engozini izinto angakulungelanga ukulahlekelwa zizo.
14. Kutheni kufuneka sibonakalise ukuqonda ukuba umKristu esimboleke imali utshonelwa lishishini?
14 Kufuneka sibonakalise ukuqonda ukuba siye saboleka umKristu imali yokuqhuba ishishini yaza loo mali yemka namanzi, nangona kungakhange kubandakanyeke ubuqhetseba. Ukuba ukutshona kweshishini akubangelwanga ngulowo sikholwa kunye naye oboleke imali, ngaba sinokuthi soniwe? Akunjalo, kuba besimboleke ngokuzithandela loo mali, mhlawumbi besifumana nenzala ngayo, yaye akukho buqhetseba benziweyo. Ekubeni kungekho buqhetseba, asinasizathu sakummangalela lowo simbolekileyo. Kuya kusinceda ngantoni ukumangalela umKristu esikhonza naye onyanisekileyo ekuye kwafuneka afake ishishini lakhe abeneenjongo ezintle ngalo kuluhlu lwamashishini abhangileyo ngenxa yokuba liye latshona?—1 Korinte 6:1.
15. Ziziphi izibakala ezifuna ukuhlolisiswa ukuba ishishini liye lafakwa kuluhlu lwamashishini abhangileyo?
15 Maxa wambi abo batshonelwa ngamashishini baye bacele uncedo ngokufuna ishishini labo lifakwe kuluhlu lwamashishini abhangileyo. Ekubeni amaKristu engakuthabathi njengento encinane ukuba namatyala, kwanasemva kokuba ekhululwe ngokusemthethweni kumatyala athile, amanye aye aziva enyanzelekile ukuba azame ukuhlawula loo mali ukuba abo abatyalayo bayayamkela loo ntlawulo. Kodwa kuthekani ukuba lowo ubolekileyo utshonise imali yomzalwana waza emva koko waphila ubomi obutofotofo? Okanye kuthekani ukuba lowo ubolekileyo uye wafumana imali eyaneleyo yokuhlawula oko akubolekileyo kodwa wayiphosa kwelokulibala into yokuba umtyala imali umzalwana wakhe? Kaloku bekuya kuthandabuzeka ukukufanelekela kwalowo ubolekileyo ukukhonza kwisikhundla sembopheleleko ebandleni.—1 Timoti 3:3, 8; bona IMboniselo, kaSeptemba 15, 1994, iphepha 30-1.
Kuthekani Ukuba Kukho Ubuqhinga?
16. Ngawaphi amanyathelo asenokuthatyathwa ukuba sibonakala singamaxhoba obuqhinga eshishinini?
16 Ukusebenzisa ukuqonda kuya kusinceda sibone ukuba asilulo lonke utyalo-mali oluzisa ingeniso. Kodwa, kuthekani ukuba kubandakanyeke ubuqhinga? Ubuqhinga “kukusebenzisa ngabom inkohliso, ukugqwetha inyaniso ngenjongo yokulukuhlela omnye umntu ekubeni akuncamele into yakhe yobuqu okanye ilungelo lakhe elingokwasemthethweni.” UYesu Kristu wachaza amanyathelo asenokuthatyathwa xa umntu ecinga ukuba uqhathiwe ngulowo akhonza naye. Ngokutsho kukaMateyu 18:15-17, uYesu wathi: “Ukuba umzalwana wakho wenza isono, yiya usidandalazise isiphoso sakhe phakathi kwakho naye ninedwa. Ukuba uyakuphulaphula, umzuzile umzalwana wakho. Kodwa ukuba akaphulaphuli, thabatha omnye okanye ababini abangakumbi, ukuze ngomlomo wamangqina amabini okanye amathathu wonke umbandela umiselwe. Ukuba akabaphulaphuli, thetha nebandla. Ukuba akaliphulaphuli nebandla, kuwe makabe kanye njengomntu weentlanga nomqokeleli werhafu.” Le ngcaciso kaYesu ibonisa ukuba wayecinga ngezono ezinjengezo zibandakanya imali, kuquka ubuqhinga.—Mateyu 18:23-35.
17, 18. Ukuba lowo uthi ungumKristu uyasiqhatha, ukuqonda kunokusilondoloza njani?
17 Kakade ke, akukho siseko singokweZibhalo sakuthabatha amanyathelo achazwe kuMateyu 18:15-17 ukuba akukho bungqina okanye kwanto ebonakalisa ubuqhinga. Sekunjalo, kuthekani ukuba lowo uthi ungumKristu uye wasiqhatha? Ukusebenzisa ukuqonda kunokusilondoloza ukuze singathabathi inyathelo elinokuhlazisa ibandla. UPawulos wacebisa amanye amaKristu ukuba avume ukoniwa nokuqhathwa kunokusa umzalwana enkundleni.—1 Korinte 6:7.
18 Abazalwana noodade bethu bokwenene ‘abazaliswanga yinkqatho nobutshijolo,’ njengomkhafuli ogama linguBhar-Yesu. (IZenzo 13:6-12) Ngoko masisebenzise ukuqonda xa imali itshone kwishishini elibandakanya abo sikholwa nabo. Ukuba sicinga ngokuthabatha inyathelo elingokwasemthethweni, sifanele sicinge ngomphumo oko okusenokuba nawo kuthi, komnye okanye kwabanye abantu, kwibandla, nakwabangaphandle. Ukufuna imbuyekezo kusenokusichithela ixesha elininzi, amandla nezinye izinto. Umphumo usenokuba kukuzalisa izipaji zamagqwetha nezabanye abasebenzi abahlawulwayo. Okulusizi kukuba, amanye amaKristu aye ancama amalungelo angokobuthixo ngenxa yokuzixakekisa ngezi zinto. Ukuphambukiswa kwethu ngolu hlobo kumele kumvuyise uSathana, kodwa sifuna ukuvuyisa intliziyo kaYehova. (IMizekeliso 27:11) Kwelinye icala, ukuvuma ukulahlekelwa kusenokusenza siphephe ukuba buhlungu kuze kusongele ixesha thina kunye nabadala. Kuya kusinceda sigcine uxolo ebandleni yaye kusenze siqhubeke sifuna tanci uBukumkani.
Ukuqonda Nokwenza Izigqibo
19. Ukuqonda kokomoya nomthandazo zingasenzela ntoni xa sisenza izigqibo ezinzima?
19 Ukwenza izigqibo ngokuphathelele imibandela yemali okanye yeshishini kunokuba nzima gqitha. Kodwa ukuqonda kokomoya kunokusinceda sihlole izibakala size senze izigqibo zobulumko. Ngaphezu koko, ukwayama ngoYehova ngomthandazo kunokusizisela “uxolo lukaThixo.” (Filipi 4:6, 7) Luyinzolo ebangelwa lulwalamano lobuqu olusondeleyo noYehova. Ngokuqinisekileyo, uxolo olunjalo lunokusinceda sigcine ulungelelwano lwethu xa sijamelene nezigqibo ezinzima.
20. Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza ngokuphathelele imibandela yoshishino nebandla?
20 Masizimisele ukuba singavumeli iimbambano zamashishini ziphazamise uxolo lwethu okanye olwebandla. Kufuneka sikhumbule ukuba ibandla lamaKristu lenzelwe ukusinceda ngokomoya, kungekhona ukusebenza njengesazulu sorhwebo. Ngalo lonke ixesha izinto zoshishiso zifanele zingadityaniswa nemisebenzi yebandla. Kufuneka ukuqonda nobulumko xa siqalisa ishishini. Kwaye masisoloko sigcine imbono elungeleleneyo kwimibandela enjalo, sifune izilangazelelo zoBukumkani kuqala. Ukuba ishishini elibandakanya abo sinqula nabo liyatshona, ngamana singafuna ukulungelwa kwabo bonke ababandakanyekileyo.
21. Sinokukusebenzisa njani ukuqonda size senze ngokuvisisana neyabaseFilipi 1:9-11?
21 Kunokuba sizixhalabise ngokugqith’ emgceni ngemibandela yemali nezinye izinto ezingabalulekanga, ngamana sonke singayithobela ukuqonda intliziyo yethu, sithandazele ulwalathiso lukaThixo, size sibeke kuqala izilangazelelo zoBukumkani. Ngokuvisisana nomthandazo kaPawulos, ‘ngamana uthando lwethu lungaphuphuma ngakumbi nangakumbi lulwazi oluchanileyo nokuqonda okuzeleyo ukuze siqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi yaye singakhubekisi abanye’ okanye sizikhubekise. Ngoku ekubeni uKristu uKumkani esetroneni yakhe yasezulwini, masibonakalise ukuqonda kokomoya kuzo zonke iinkalo zobomi. Kwaye ‘ngamana singazaliswa sisiqhamo sobulungisa esingoYesu Kristu, kuse kuzuko nendumiso kuye uThixo wethu,’ iNkosi enguMongami uYehova.—Filipi 1:9-11.
Ubunokuphendula Uthini?
◻ Kuyintoni ukuqonda?
◻ Kutheni kufuneka ngokukhethekileyo ukubonakalisa ukuqonda ngokuphathelele iinkqubano zoshishino phakathi kwamaKristu?
◻ Ukusebenzisa ukuqonda kunokusinceda njani xa sivakalelwa kukuba omnye esikholwa kunye naye usiqhathile?
◻ Ukuqonda kumele kube nayiphi indima xa kusenziwa izigqibo?
[Picture On Page 18]
Ukuba nokuqonda kuya kusinceda sisebenzise isiluleko sikaYesu sokuba siqhubeka sifuna kuqala uBukumkani
[Pictures On Page 21]
Ngalo lonke ixesha zibhaleni phantsi izivumelwano zoshishino