Bakwenza Ukuthanda KukaYehova
Umfazi Olumkileyo Uthintela Intlekele
UMFAZI onengqondo otshate netshijolo lendoda—yayinjalo imeko ka-Abhigali noNabhali. UAbhigali “wayenengqondo entle, eyinzwakazi.” Ukanti, uNabhali ‘wayeyingcuka, zimbi iintlondi zakhe.’ (1 Samuweli 25:3) Isiganeko esenzekayo esasibandakanya esi sibini singafanelaniyo senza ukuba amagama aso ahlale ekhunjulwa kwimbali yeBhayibhile. Makhe sibone ukuba kwenzeka njani oku.
Ukungabi Nambulelo
Kwakuyinkulungwane ye-11 B.C.E. UDavide wayethanjiswe njengowayeza kuba ngukumkani kwaSirayeli, kodwa kunokuba alawule wacela kwabanentsente. Ukumkani owayelawula, uSawule, wayezimisele ukumcim’ igama. Ngenxa yoko, uDavide wanyanzeleka ukuba abe sisibhadubhadu. Ekugqibeleni yena noogxa bakhe abangama-600 babalekela kwintlango yeParan, ekumzantsi welakwaYuda nakwintlango yeSinayi.—1 Samuweli 23:13; 25:1.
Ngoxa babelapho, badibana nabalusi ababeqeshwe yindoda egama linguNabhali. Le ndoda isisityebi iyinzala kaKalebhi yayineegusha ezingama-3000 neebhokhwe ezili-1000, ibe iigusha zayo yayizicheba eKarmele, isixeko esikumzantsi weHebron ibe mhlawumbi esikwiikhilomitha nje ezingama-40 ukusuka eParan.a UDavide namadoda akhe banceda abalusi bakaNabhali ngokukhusela imihlambi yabo kumatutu awayesihla enyuka kuyo yonke loo ntlango.—1 Samuweli 25:14-16.
Ngelo xesha, kwakusele kuqalisiwe ukuchetywa kweegusha eKarmele. Eli yayilixesha lemivuyo, lifana nexesha lokuvuna kubalimi. Yayikwalixesha lokupha ngesisa, ixesha lokuba abanini mihlambi yeegusha bavuze abasebenzi babo. Ngoko uDavide wayengagabadeli xa wayethumela amadoda alishumi kwisixeko saseKarmele ukuba aye kucela ukuba uNabhali abahlawule ngokutya ngenxa yomsebenzi ababewenzile kwimihlambi yakhe.—1 Samuweli 25:4-9.
UNabhali wasuka waligqolo. Enyuse impumlo wathi: “Ngubani na yena uDavide?” Wandula ke, ebonisa ukuba uDavide namadoda akhe wayebagqala njengabakhonzi abaqhweshe enkosini yabo, wabuza: “Ndingathini na ukuthabatha isonka sam, namanzi am, nento yam exheliweyo, endiyixhelele abachebi bam, ndiyinike amadoda endingawaziyo nokuba avela phi na?” Akuyiva le nto, uDavide wathi kumadoda akhe: “Nxibani elowo ikrele lakhe.” Amadoda amalunga nama-400 alungiselela idabi.—1 Samuweli 25:10-13.
Ubukrelekrele Buka-Abhigali
Umfazi kaNabhali, uAbhigali waziva izithuko zomyeni wakhe. Mhlawumbi esi yayingesosihlandlo sokuqala sokuba angenelele aze acelele uNabhali uxolo. Phofu ke, uAbhigali wathabatha inyathelo elikhawulezileyo. Engamxelelanga uNabhali, waqokelela ukutya—okwakuquka iigusha ezintlanu nentabalala yokutya—waza waya kuhlangabeza uDavide entlango.—1 Samuweli 25:18-20.
Akubona uDavide, ngoko nangoko uAbhigali waguqa phambi kwakhe. Wamcenga esithi: “Inkosi yam mayingakhe ikhathale ngulo mntu ulitshijolo, uNabhali. Ngoko le ntsikelelo, ayizisileyo umkhonzazana wakho enkosini yam, mayinikwe amadodana alandela inkosi yam.” Wahlabela mgama esithi: “Oku [kwenziwe nguNabhali] kungabi sisiwiso kuwe, nesikhubekiso sentliziyo yenkosi yam.” Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “isiwiso” lithetha ukuba nesazela. Ngoko uAbhigali walumkisa uDavide ukuba angangxami ngokwenza into aya kuthi kamva azisole ngayo.—1 Samuweli 25:23-31.
UDavide wamphulaphula uAbhigali. Wathi kuye: “Mayibongwe imvo yakho, ubongwe wena, ondaleleyo namhla ukuba ndiphalaze igazi, ndizisindise ngesandla sam. Ukuba ubungangxamanga uze kundikhawulela, inene, ngekungadanga kuse ngomso kusasele kwaNabhali into eyindoda.”—1 Samuweli 25:32-34.
Oko Sikufundayo
Le ngxelo yeBhayibhile ibonisa ukuba akuphosakalanga tu kwaphela ukuba umfazi owoyika uThixo athabathe amanyathelo kuqala xa kuyimfuneko. UAbhigali wenza into eyayingafunwa ngumyeni wakhe, uNabhali, kodwa iBhayibhile ayimgxeki ngokwenza oko. Kunoko, iyamncoma isithi ungumfazi onengqondo nonengqiqo. Ngokuthabatha inyathelo kuqala kwimeko emaxongo ngolu hlobo, uAbhigali wasindisa ubomi babantu abaninzi.
Nangona ngokuqhelekileyo umfazi efanele abonakalise umoya wokuthobela ngokobuthixo, ngendlela efanelekileyo usenokungavumelani nomyeni wakhe xa imigaqo elungileyo isengozini yokwaphulwa. Kakade ke, ufanele azabalazele ukugcina ‘umoya ozolileyo nowobulali’ yaye akafanele azenzele izinto eqhutywa lulunya, ikratshi okanye imvukelo. (1 Petros 3:4) Noko ke, umfazi ohlonel’ uThixo akafanele azive enyanzelekile ukuba enze nayiphi na into ayaziyo ukuba ibubuyatha okanye ingqubana nemigaqo yeBhayibhile. Ngokwenene, ingxelo engoAbhigali ivelisa isibakala esivakalayo esinxamnye nabo babambelela kwelithi iBhayibhile ibonisa amabhinqa njengamakhoboka.
Le ngxelo ikwasifundisa ngokuzeyisa. Ngamaxesha athile, uDavide walubonakalisa ngokupheleleyo olu phawu. Ngokomzekelo, akazange avume ukumbulala uKumkani uSawule owayezele impindezelo, nangona wayenethuba elaneleyo lokwenjenjalo yaye ukufa kukaSawule kwakuya kubangela ukuba uDavide aphile ngoxolo. (1 Samuweli 24:2-7) Ngokungafaniyo neso sihlandlo, xa uNabhali wamkhubekisa ngokumthuka, uDavide wafunyanwa engalindelanga waza wamunc’ iintupha efuna ukuziphindezelela. Esi sisilumkiso esicacileyo kumaKristu, azabalazela ‘ukungabuyiseli ububi ngobubi nakubani na.’ Ngalo lonke ixesha, afanele alandele isibongozo sikaPawulos esithi: “Ukuba kunokwenzeka, ngokuxhomekeke kuni, yibani noxolo nabantu bonke. Musani ukuziphindezelela, zintanda, kodwa yikhweleleni ingqumbo.”—Roma 12:17-19.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kuthiwa intlango yeParan ide iye kufika kumntla okude weBher-shebha. Esi siqwenga somhlaba sasinedlelo.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UAbhigali uzisa izipho kuDavide