Xa Abaphangi Abaxhobileyo Behlasela
EIKOYI, ihlomela dolophu elikumgangatho ophezulu kwiNtshona Afrika, linezindlu ezinjengeenqaba. Uninzi lwazo lubiyelwe ngeendonga eziphakame kangangeemitha ezintathu, ezinezikhonkwane, iiglasi ezibukhali, okanye iingcingo ezisikayo ngaphezulu. Amasango amakhulu anqatyiswe ngeebholithi, imivalo yeentsimbi, amatyathanga namaqhaga. Iifestile zineentsimbi zokuthintela amasela. Kukho amasango entsimbi ahlula amagumbi okulala kwamanye. Ebusuku, izinja ezinkulu—iiAlsatians neRottweilers—ziyakhululwa. Izibane eziqaqambileyo zitsho kube semini, kwaneenkqubo zokucupha zekhompyutha zitsholo phantsi xa kungekho ndonakele.
Akakho osithandabuzayo isizathu sokuba bakhusele imizi yabo. Imixholo ephambili yamaphephandaba ikhalaza ngelithi: “Abaphangi Abaxhobileyo Bayazixhwithela Eluntwini”; “Abantwana Abaphangayo Bathath’ Unyawo”; nethi “Uloyiko, Njengoko Imigulukudu Yasesitratweni Igqugqisa [iLokishi].” Oku kwenzeka kumazwe amaninzi. Njengoko iBhayibhile yaxela kwangaphambili, ngokwenene siphila kumaxesha amanqam.—2 Timoti 3:1.
Ulwaphulo-mthetho, kuquka nokuphangwa kuxhotyiwe, kwandile emhlabeni wonke. Oorhulumente baya besoyiswa okanye bengakulungeli ukukhusela abantu babo. Kwamanye amazwe amapolisa anqongophele yaye akanamipu, akakuxhobelanga ukusukelisa xa kufuneka uncedo. Inkoliso yabo babukeleyo iba mathidala ukuzibandakanya.
Engenathemba lakuncedwa ngamapolisa okanye ngabantu, amaxhoba ayekwa nje azibonele. Umdala ongumKristu kwelinye ilizwe elisakhasayo wathi: “Ukuba uhlaba umkhosi, abaphangi baya kukwenzakalisa okanye bakubulale. Libala ngoncedo lwabanye abantu. Ukuba uncedo luyafumaneka, intle loo nto, kodwa sukululindela okanye ulucele kuba ukucela uncedo kusenokuba kukuzithezela olunenkume.”
Ukhuseleko Nelizwi LikaThixo
Ngoxa amaKristu engeyonxalenye yehlabathi, aphila ehlabathini. (Yohane 17:11, 16) Ngoko njengaye wonke ubani, enza amalungiselelo asengqiqweni okuzikhusela. Kodwa, ngokungafaniyo nabaninzi abangamkhonziyo uYehova, abantu bakaThixo bakhangela iindlela zokuzikhusela ezivisisanayo nemigaqo yobuKristu.
Ngokwahlukileyo koko, kwamanye amazwe aseAfrika abantu basebenzisa imilingo ukuze bazikhusele ekuphangweni. Igqirha lisenokumqaphula esihlahleni, esifubeni okanye emqolo umntu oze kucela uncedo. Landula ke lihlikihle iyeza elithile kwelo nxeba lize lithethe amazwi athile, yaye loo mntu umele ukuba akhuseleke kubaphangi. Abanye baxhoma amakhubalo okanye amayeza ethamsanqa emakhayeni abo, benenkolo yokuba loo “inshorensi” iya kwenza abaphangi bangabenzi nto.
AmaKristu okwenyaniso akabandakanyeki kulo naluphi na uhlobo lwemilingo. IBhayibhile izigatya zonke iintlobo zokusebenzelana nemimoya, yaye kufanelekile oko, ekubeni uqheliselo olunjalo lunokubenza abantu banxibelelane needemon, abona baphembeleli baphambili bogonyamelo emhlabeni. (Genesis 6:2, 4, 11) Ngokucacileyo iBhayibhile ithi: “Ize ningabi ngamatola [ningaqheliseli mlingo, NW].”—Levitikus 19:26.
Bambi abantu bazama ukuzikhusela ngokuxhoba ngemipu. Noko ke, amaKristu awathabatha nzulu amazwi kaYesu, owathi: “Bonke abo bathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.” (Mateyu 26:52) Abantu bakaThixo baye ‘bawakhanda amakrele abo aba ngamakhuba’ yaye abathengi mipu ukuze bazikhusele ekuphangweni okanye ekwenzakalisweni.—Mika 4:3.
Kuthekani ngokuba nabalindi abaxhobileyo? Ngoxa oku kuya kuba ngumbandela wesigqibo sobuqu, umele ukhumbule ukuba ukwenjenjalo kukuphathisa omnye umntu umpu. Yintoni ebiya kulindelwa ngumqeshi kubalindi ukuba umphangi uyeza? Ngaba ebengayi kulindela ukuba abalindi balidubule isela xa kuyimfuneko ukuze bakhusele abantu kwanezo zinto zilindiweyo?
Ukuma kwamaKristu kokungasebenzisi imilingo nezixhobo njengezinto zokuzikhusela kusenokubonakala kububudenge kwabo bangamaziyo uThixo. Noko ke, iBhayibhile isiqinisekisa ngelithi: “Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.” (IMizekeliso 29:25) Ngoxa uYehova ekhusela bonke abantu bakhe, akangeneleli kuzo zonke iimeko ukuze akhusele abakhonzi bakhe ekuphangweni. UYobhi wayengumzekelo obalaseleyo ngokuthembeka, sekunjalo uThixo wavumela abaphangi bemka nemfuyo kaYobhi, kwaza kwafa abasebenzi bakhe. (Yobhi 1:14, 15, 17) UThixo wavumela nompostile uPawulos ukuba ajamelane ‘neengozi zezihange.’ (2 Korinte 11:26) Sekunjalo, uThixo ufundisa abakhonzi bakhe ukuba baphile ngemigaqo eya kubanciphisela amathuba okuphangwa. Ubaxhobisa nangolwazi olubanceda bakwazi ukusabela ngendlela eya kunciphisa amathuba okuba benzakaliswe xa bephangwa.
Ukunciphisa Amathuba Okuphangwa
Kwakudala indoda esisilumko yathi: “Ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo.” (INtshumayeli 5:12) Ngamanye amazwi, abo banentabalala yezinto basenokuba nexhala lokulahlekelwa zizinto zabo baze ke bangalali becinga ngazo.
Ngoko enye indlela yokunciphisa kungekuphela nje ixhala kodwa namathuba okuphangwa kukungazifumbeli intabalala yezinto zexabiso. Ephefumlelwe umpostile wabhala: “Yonk’ into esehlabathini—umnqweno wenyama nomnqweno wamehlo nokubonisa kukabani ngokuqhayisa ngezinto zakhe zobomi—ayiphumi kuBawo, kodwa iphuma ehlabathini.” (1 Yohane 2:16) Kwale minqweno ishukumisela abantu ukuba bawanqe izinto zexabiso, ikwashukumisela abanye ukuba bazibe. Yaye “nokubonisa kukabani ngokuqhayisa ngezinto zakhe zobomi” kunokubatsala abo batyekele ekuphangeni.
Ngaphandle kokungawuxhomi umgangatho, enye indlela yokuzikhusela ekuphangweni kukuzibonakalisa ukuba ungumKristu wokwenene. Ukuba ubonakalisa uthando kwabanye, uqhubana nabo ngokunyaniseka, uyazibhokoxa kubulungiseleli bamaKristu, unokuzenzela igama elihle kwindawo ohlala kuyo ngokuba ngumntu olungileyo, ofanelwe yintlonelo. (Galati 5:19-23) Igama elihle ngolo hlobo kumKristu linokumkhusela ngakumbi kunesixhobo.
Xa Ufikelwa Ngabaphangi Abaxhobileyo
Noko ke, yintoni omele uyenze ukuba abaphangi bangenile kwikhaya lakho baza bakuhlasela? Khumbula ukuba ubomi bakho bubaluleke ngakumbi kunezinto onazo. UKristu Yesu wathi: “Musani ukumchasa lowo ungendawo; kodwa nabani na okumpakaza esidleleni sakho sasekunene, mphethulele nesinye. Kwaye ukuba umntu ufuna . . . ukusifumana njengesakhe isambatho sakho sangaphakathi, yeka nesambatho sakho sangaphandle sihambe naye.”—Mateyu 5:39, 40.
Esi sisiluleko sobulumko. Nangona amaKristu enganyanzelekanga ukuba achazele izaphuli-mthetho ngezinto anazo, abaphangi baba nogonyamelo ngakumbi ukuba barhanela ukuba uyaxhathisa, awusebenzisani nabo okanye uyabakhohlisa. ‘Ingasaziva konke konke ngokokuziphatha,’ inkoliso yabo icaphuka msinya ize yenze ngenkohlakalo, ingasenalusini kwaphela.—Efese 4:19.
USamuel uhlala kwisakhiwo esinamagumbi aqeshisayo. Abaphangi basivingca esi sakhiwo baza bangena kwigumbi ngegumbi, bephanga. USamuel weva izithonga zemipu, amacango ekhatywa, yaye abantu bekhwaza, bekhala besenza isijwili. Kwakungekho thuba lakubaleka. USamuel waxelela umfazi wakhe noonyana bakhe abathathu ukuba baguqe ngamadolo, baxhome izandla zabo, bavale amehlo baze balinde. Ukungena kwabaphangi behlasela, uSamuel wathetha nabo ejonge phantsi, esazi ukuba xa ebajonge ebusweni, babesenokucinga ukuba uya kubakhomba kamva. Wathi: “Ningangena. Konke enikufunayo, kuthabatheni. Ningakuthabatha ngomzimba ongenaxhala. SingamaNgqina kaYehova, ibe asiyi kulwa nani.” Abaphangi bamangaliswa koku. Kwisithuba esinokuba ngaphezu kweyure, kwafika amadoda ali-12 ewonke axhobileyo engamaqela. Nangona azithabathela kwizinto zamatye anqabileyo, imali nezinto ze-elektroniki, intsapho yakhe ayizange ibethwe okanye ixhaxhwe ngeesabile njengabanye kweso sakhiwo. Intsapho kaSamuel yambulela uYehova ngenxa yobomi bayo.
Obu bubungqina bokuba xa kufikelelwa emalini nezinto eziphathekayo, amaxhoba okuphangwa angaxhathisiyo asenokuwanciphisa amathuba okwenzakaliswa.a
Maxa wambi ukunikela ubungqina komKristu kunokumkhusela ekwenzakalisweni. Xa abaphangi babehlasela ikhaya lika-Ade, wabaxelela esithi: “Ndiyazi ukuba nitsala nzima, yaye kungenxa yoko nisenza lo msebenzi. NjengamaNgqina kaYehova, sikholelwa ukuba ngenye imini wonke ubani uya kuba nokutya okwanele yena nentsapho yakhe. Wonke ubani uya kuba seluxolweni aze onwabe phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo.” Oko kwabatyhafisa abaphangi. Omnye wabo wathi: “Sicela uxolo ngokuza kwethu endlwini yakho, kodwa umele uqonde ukuba silambile.” Nangona bamkhuthuzayo uAde izinto zakhe, abazange bamchukumise kwaukumchukumisa yena okanye intsapho yakhe.
Ukuhlala Uzole
Akulula ukuzola xa usengozini, ingakumbi xa injongo yabaphangi ikukugonyamela amaxhoba abo ukuze agob’ uphondo. Umthandazo uya kusinceda. Ngokuthandazela uncedo, nangona sithandaza umthandazo omfutshane ngaphakathi, sinokuviwa nguYehova. IBhayibhile isiqinisekisa isithi: “Amehlo kaYehova akumalungisa, iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo.” (INdumiso 34:15) UYehova uyasi-va yaye unokusinika ubulumko bokujamelana nayo nayiphi na imeko sizolile.—Yakobi 1:5.
Ukongezelela emthandazweni, enye into enokukunceda uzole kukucinga kusengaphambili ngoko uya kukwenza noko ungayi kukwenza xa uphangwa. Kakade ke, akunakuyazi kusengaphambili imeko oya kuzifumanisa ukuyo. Sekunjalo, bubulumko ukugcina imigaqo ethile engqondweni, njengokuba kububulumko ukuhlala unamacebo okuzikhusela xa unokuba kwisakhiwo esitshayo. Ukuceba kusengaphambili kusinceda sikwazi ukuzola, singaphakuzeli, yaye siyiphephe ingozi.
Imbono kaThixo ngokuphanga ichazwe ngokucacileyo ngokuthi: “Kuba mna, Yehova, ndithanda okusesikweni, ndikuthiyile ukuphanga ngokugqwetha.” (Isaya 61:8) UYehova waphefumlela umprofeti wakhe uHezekile ukuba akuchaze njengesono esinzulu ukuphanga. (Hezekile 18:18) Kanti, kwale ncwadi inye yeBhayibhile ibonisa ukuba ngenceba uThixo uya kumxolela umntu oguqukayo aze abuyisele oko akuphangileyo.—Hezekile 33:14-16.
Phezu kwako nje ukuphila kwihlabathi elizaliswe lulwaphulo-mthetho, amaKristu avuyiswa lithemba lobomi phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo, xa ukuphanga kuya kube kungasekho. Ngokuphathelele elo xesha, iBhayibhile ithembisa isithi: “[Abantu bakaThixo] baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo; kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.”—Mika 4:4.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kakade ke, intsebenziswano isikelwe umda. Abakhonzi bakaYehova abavumeli nayo nayiphi na into eyaphula umthetho kaThixo. Ngokomzekelo, umKristu akayi kuvumela ukuba adlwengulwe.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 24]
Uphango Olwaphanzayo ENtshona Afrika
Ngokubaliswa nguEunice Ebuh
“Abaphangi abaxhobileyo babecebe ukuhlasela ngosuku ngokuqhelekileyo lweSifundo Sencwadi Sebandla kwikhaya lethu. Amasango sasiwavula genge ukuze abazalwana noodade nabo banomdla bakwazi ukungena. Kusenokwenzeka ukuba abaphangi babekwazi oko sasiqhele ukukwenza nexesha lentlanganiso. Siqinisekile ukuba beba inqwelo-mafutha kwenye indawo baza beza kulinda ngasesangweni lethu ngolo suku ngexesha lesifundo sencwadi.
“Kwenzeka, le veki beza ngayo ibe yiveki yotyelelo lomveleli wesiphaluka. Kunokuhlanganisana kwikhaya lethu, sahlanganisana kwiHolo YoBukumkani. Emva kwentlanganiso, kwabakho intlanganiso yabadala. Ngokuqhelekileyo mna nabantwana sasidla ngokugoduka, kodwa umyeni wam ongumdala wacela ukuba simlinde. Wathi wayengaz’ ukuhlala ixesha elide. Ngoko ke salinda.
“Emva koko safumanisa ukuba inqwelo-mafutha yethu ayidumi. Umveleli wesiphaluka nomyeni wam abazange bakwazi ukuyilungisa. Nomkhandi wenqwelo-mafutha esasimbizile watsho phantsi.
“Kwanyanzeleka ukuba abantwana bagoduke ngeenyawo. Emva kwethutyana, nam ndagoduka. Ndaya kufika malunga nentsimbi yeshumi. Mna nabantwana asizange singene ngesango leenqwelo-mafutha, apho kwakuza kufuneka sivule isango elikhulu.
“Xa ndandingena egumbini lam lokulala, ndeva isithonga sompu, sisitsho ngamandla. Andizange ndikwazi oko kwakusenzeka. Ndazama ukutsalela amapolisa umnxeba, kodwa umnxeba wawungasebenzi. Ndakhawuleza ndatshixa ucango lwentsimbi kumgangatho osezantsi, ndenza amatshe ndatshixa ucango olusembindini. Ndacima izibane. Abantwana bam babephaphazela, ngoko ndabaxelela ukuba bazole. Sathandaza kunye sicela ukukhuselwa nguYehova. Ngelo xesha, umyeni wam wayesekwiHolo YoBukumkani ezama ukulungisa inqwelo-mafutha.
“Ndakhangela ngefestile ndaza ndabona indoda ithe tywa esitratweni ngaphaya kwesango. Kwakukhangeleka ngathi abaphangi bemkile, ngoko ndafaka lo ndoda ingxwelerhekileyo kwinqwelo-mafutha yam ndayibalekisela esibhedlele. Yayikukuzifaka engozini oko, kodwa ndandingenakusuka nje ndisonge izandla. Noko ke, okubuhlungu kukuba yafa kusuku olulandelayo.
“Phezu kwayo nje loo ntlungu, izinto ngezazibe mandundu ngakumbi. Utyelelo lomveleli wesiphaluka lwathetha ukuba sasingaz’ ukuqhubela isifundo sencwadi endlwini yethu. Ukonakala kwenqwelo-mafutha kwathetha ukuba sasingaz’ ukugoduka njengentsapho. Umyeni wam, ngokuqinisekileyo ongewayehlaselwe ngabaphangi, akazange afike ekhaya de kwasebusuku kakhulu. Ezi nezinye izinto zaba luncedo kuthi ngobo busuku.
“UYehova ulihlathi kwanegwiba lethu. Kunjengokuba isibhalo sisithi: ‘Ukuba umzi akawugcini uYehova, ufumana ephaphama owugcinayo.’”—INdumiso 127:1.