Umvuzo Wekratshi—Mbi Kangakanani?
NGABA wakha wasebenzisana nomntu ozama ukukuthoba isidima ngabom? Mhlawumbi umphathi, umqeshi, umveleli, okanye kwanesalamane esikujongela phantsi size sikudelele? Wacinga ntoni ngaloo mntu? Ngaba watsaleleka kubuntu bakhe? Ngokuqinisekileyo akunjalo! Ngoba? Ngenxa yokuba ikratshi libangela imiqobo lize lithintele ukuncokolisana.
Ikratshi lenza umntu abajongele phantsi bonke abanye abantu, ukuze yena ngalo lonke ixesha abonakale ebhetele kunabo. Umntu onesimo sengqondo esinjalo akafane athethe kakuhle ngabanye. Usoloko efakela ibinzana elingafanelekanga—“ewe, kusenokuba kuyinyaniso oko, kodwa unale ngxaki okanye esi siphene.”
Kwincwadi ethi Thoughts of Gold in Words of Silver, ikratshi lichazwa “njengesilonda esibi. Liyamntsentsetha umntu walo, lize limshiye engathandeki nakancinane.” Ngaba kuyamangalisa ke ngoko ukuba kungekho mntu uziva ekhululekile xa ehleli nomntu onekratshi? Enyanisweni, umvuzo wekratshi ngokufuthi uba kukungabi nabahlobo bokwenene. Kwale ncwadi inye ithi: “Kwelinye icala abantu ngokubanzi bayabathanda abo bathobekileyo—kungekhona abo bazingcayo ngokuthobeka kwabo, kodwa abo bathobeke ngokwenene.” Ngokufanelekileyo, iBhayibhile ithi: “Ikratshi lomntu liya kumthoba; ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.”—IMizekeliso 29:23.
Noko ke, okona kubaluleke ngakumbi kunobuhlobo okanye ukuhlonelwa ngabantu, kukuba ikratshi liluchaphazela njani ulwalamano lukabani noThixo? UThixo umjonga njani umntu onekratshi, oziphakamisileyo nozikhukhumalisayo? Ukuba nekratshi okanye ukuthobeka—ngaba zizinto azikhathaleleyo ezo?
Isifundo Ngokuthobeka
Umbhali ophefumlelweyo weMizekeliso uthi: “Ikratshi likhokela intshabalalo; ukuzidla kukhokela ukukhubeka. Kulungile ukuba nomoya othobekileyo phakathi kwabalulamileyo ngaphezu kokwaba amaxhoba nabanekratshi.” (IMizekeliso 16:18, 19) Ubulumko baloo mazwi buqinisekiswa kwimeko kanjengele Nahaman owayengumSiriya, owayephila ngexesha lomprofeti wakwaSirayeli uElisha.
UNahaman wayeneqhenqa. Xa wayefuna ukunyangwa waya kwelaseSamariya ecinga ukuba wayeza kuthetha noElisha ngenkqu. Kunoko, umprofeti wathumela isicaka sakhe kuNahaman ukuba simxelele ukuba ahlambe izihlandlo ezisixhenxe kuMlambo iYordan. UNahaman wacatshukiswa yindlela awaphathwa ngayo nangulo myalelo. Kwakutheni ukuze umprofeti athumele isicaka angezi ukuza kuthetha naye? Yaye ngokuqinisekileyo, iYordan yayingahlukanga nganto kwimilambo yaseSiriya! Ingxaki yakhe wayenekratshi. Waba yintoni umphumo? Okwamvuyisayo kukuba, icebiso lobulumko lasebenza ngakumbi. “Wehla ke, wantywila izihlandlo ezisixhenxe eYordan, ngokwelizwi lomfo wakwaThixo; yabuya ke inyama yakhe yanjengenyama yomntwana, wahlambuluka.”—2 Kumkani 5:14.
Maxa wambi zininzi iingenelo ezifumanekayo ngokuthobeka nje okuncinane.
Umvuzo Wokukhukhumala
Noko ke, umvuzo wokuba nekratshi usenokuba ngaphezu kokulahlekelwa ziingenelo okanye ukuzuza okuthile. Kukho nelinye inqanaba lekratshi elisekelwe ngokupheleleyo kwigama lesiGrike elithi hybris. Ngokutsho komphengululi ongumGrike uBarclay, igama elithi “hubris [ukuzingca] linxulunyaniswa nokuba nekratshi nenkohlakalo . . . , ukukhukhumala okubangela [umntu] atyumze iintliziyo zabanye abantu.”
Kukho umzekelo ocacileyo woku kubaxwa kwekratshi eBhayibhileni. Yimeko kaHanun, ukumkani wama-Amon. I-Insight on the Scriptures iyacacisa: “Ngenxa yobubele obabonakaliswa nguNahashe kuye, uDavide wathumela abathunywa ukuba baye komeleza uHanun ngenxa yokufelwa kwakhe nguyise. Kodwa uHanun ehlohlwe ziinkosana zakhe zisithi la ngamaqhinga kaDavide okufuna ukuhlola isixeko, wazihlazisa izicaka zikaDavide ngokucheba isiqingatha seendevu zazo nangokusika izinxibo zazo zibe mfutshane waza wazigxotha.”a Ngokuphathelele esi siganeko, uBarclay uthi: “Eso senzo sasiyihubris. Yayisisithuko, isikhubekiso nokuhlaziswa ekuhleni.”—2 Samuweli 10:1-5.
Ewe, umntu onekratshi utyekele ekuzingceni, abe ngoqaqadekileyo, aze abathob’ isidima abanye abantu. Uyakuvuyela ukubenza buhlungu abanye ngendlela engenabuntu aze onwabe xa ebabona bekhathazekile yaye behlazekile. Kodwa ukuthob’ isidima okanye ukungcolisa igama elihle lomnye umntu kunjengekrele elintlangothi-mbini. Oko kuphumela ekubeni ulahlekelwe ngumhlobo, yaye kungenjalo ube notshaba.
UmKristu wokwenyaniso angalibonakalisa njani ikratshi elenzakalisayo, ekubeni iNkosi yakhe imyalele ukuba ‘umele athande ummelwane wakhe njengaye siqu’? (Mateyu 7:12; 22:39) Oku kuchasene ngokupheleleyo nayo nantoni na uThixo noKristu abayimelayo. Kule ngxelo, uBarclay uthetha into ebalulekileyo esithi: “Ihubris likratshi elimenza umntu angamthobeli uThixo.” Likratshi elithi: “Akukho Thixo.” (INdumiso 14:1) Okanye njengokuba kuchazwe kwiNdumiso 10:4: “Ongendawo ngobuchi bakhe uthi, akasayi kubuza. Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, akukho Thixo.” Ikratshi elinjalo, okanye ukuzikhukhumalisa, lenza ubani abe nobutshaba kunye nabahlobo nezalamane kwanoThixo. Onjani wona umvuzo!
Musa Ukuvumela Ikratshi Likonakalise
Ikratshi libangelwa zizinto eziliqela—ikratshi elibangelwa kukuthanda ilizwe, ubuhlanga, abantu abakumgangatho othile nokwahlukahlukana kwabantu, ngokwemfundo, ubutyebi, udumo namandla. Nokuba kungayiphi indlela, eli kratshi linokukuhlasela ngokulula ungalindelanga lize lonakalise ubuntu bakho.
Abaninzi babonakala bethobekile xa beqhubana nabo bakwizikhundla eziphezulu kunezabo okanye oontanga babo. Kodwa kuthekani xa lo mntu ebebonakala ethobekile eba kwisikhundla esiphezulu? Ngesiquphe, uba ngumlawuli onogonyamelo obenza ubomi bube maxongo kwabo bangaphantsi kwakhe! Oku kusenokwenzeka nakwabanye xa benxibe isinxibo okanye benxibe iibheji ezibabonakalisa benegunya. Kwanabasebenzi bakwarhulumente basenokuba nekratshi xa beqhubana nabantu, becinga ukuba abantu bamele bakhonze bona, kungekhona ngokwahlukileyo koko. Ikratshi lisenokukwenza ube ngqwabalala, ungabi nalwazelelelo; ukuzithoba kunokukwenza ube nobubele.
UYesu ngewaba nekratshi okanye abe ngqwabalala kubafundi bakhe. Wayefezekile, enguNyana kaThixo, eqhubana nabalandeli abangafezekanga, abazizingxami nabadyuduzelayo. Ukanti, wabamema wathini abo babemphulaphule? “Yizani kum, nonke nina nixhamlekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathelani kuni idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali ibe ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.”—Mateyu 11:28-30.
Ngaba sisoloko sizama ukulandela umzekelo kaYesu? Okanye ngaba sizifumanisa singqwabalala, singayekeleli, singoozwilakhe, singenanceba, sinekratshi? NjengoYesu, zama ukuhlaziya, ungacinezeli. Luxhathise utyekelo lokuba nekratshi.
Ngokuphathelele oku sele kuthethwe ngaphambili, kunokuthiwani ngokuzihlonela?
Ukuzihlonela Nxamnye Nokuzidla
Ukuzihlonela kuthetha ukuhlonela isiqu sakho. Kuthetha ukuba ukukhathalele oko kucingwa ngabanye ngawe. Uyikhathalele indlela obonakala ngayo nendlela owaziwa ngayo. Iqhalo laseSpeyin linyanisile xa lisithi, “Ndixelele abantu ohamba nabo yaye ndiya kukuxelela ukuba ungumntu onjani.” Ukuba ukhetha ukunxulumana nabantu abakhangeleka bengandilisekanga, abonqenayo, abakrwada, nabathanda ukuthuka, uya kuba njengabo. Uya kwasulelwa sisimo sabo sengqondo, yaye njengabo, uya kuphelelwa kukuzihlonela.
Kakade ke, kukho enye ingozi enkulu—ikratshi elikhokelela ekuzikhukhumaliseni. Ngomhla kaYesu ababhali nabaFarisi babezingca ngezithethe zabo nangembonakalo yabo yokuthanda unqulo. UYesu walumkisa wathi ngabo: “Yonke imisebenzi abayenzayo bayenza ukuze babonwe ngabantu; kuba bawenza banzi amaqhaga [aqulethe izibhalo] abawanxiba njengezikhuselo, yaye bandisa imiphetho yezambatho zabo. Bathanda eyona ndawo iphambili kwizidlo zangokuhlwa nezihlalo eziphambili kwizindlu zesikhungu, nemibuliso kwiindawo zemarike nokubizwa ngabantu kuthiwe Rabhi.”—Mateyu 23:5-7.
Ngoko ke, into efunekayo, kukulungelelana. Kwakhona, khumbula ukuba uYehova ubona intliziyo, kungekhona nje umphandle. (1 Samuweli 16:7; Yeremiya 17:10 ) Ukuzenza ilungisa ngokugqithiseleyo asibubo ubulungisa bukaThixo. Noko ke, umbuzo ngulo, Sinokukuhlakulela njani ukuthobeka kokwenene size siphephe umvuzo omkhulu wekratshi?
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Ukuthobeka nje okuncinane kwabangela ukuba uNahaman afumane iingenelo ezininzi