Umbumbi Ozukileyo Nomsebenzi Wakhe
“[Yiba] sisitya senjongo ebekekileyo, . . . silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo.”—2 TIMOTI 2:21.
1, 2. (a) Wawubalasele ngantoni umsebenzi kaThixo wokudala indoda nomfazi? (b) Kwakutheni ukuze uMbumbi Ozukileyo adale uAdam noEva?
UYEHOVA nguMbumbi Ozukileyo. Ubugcisa bakhe bokudala bunokubonwa kumzali wethu wokuqala, uAdam. IBhayibhile isixelela oku: “UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo,” ngamany’ amazwi, “isidalwa esiphefumlayo.” (Genesis 2:7, umbhalo osemazantsi weNW) Eso sidalwa sokuqala esingumntu sasigqibelele, senziwe ngokomfanekiselo kaThixo ngokwakhe, singqina ubulumko, uthando, nokuthanda ubulungisa bokwenene nokusesikweni kukaThixo.
2 Ethabatha kubambo luka-Adam, uThixo waphinda wabumba umphelelisi nomncedi wendoda—umfazi. Ubuhle obungenasiphako bantlandlolo bukaEva babubugqwesa lee kwanobezona nzwakazi zihlamba ngobisi namhlanje. (Genesis 2:21-23) Ngaphezu koko, esi sibini sokuqala singabantu sajizekwa ngemizimba nangamandla alungiselelwe ngokugqibeleleyo ukuze siphumeze umsebenzi esasiwunikiwe wokwenza lo mhlaba ube yiparadesi. Kwakhona sanikwa amandla okuphumeza umyalelo kaThixo ochazwe kwiGenesis 1:28 othi: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.” Ekugqibeleni, lo mhlaba ungumyezo wawuza kumiwa ngamawaka ezigidi zabantu abonwabileyo, abamanyaniswa luhlobo lothando ‘olungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.’—Kolose 3:14.
3. Kwenzeka njani ukuba abazali bethu bokuqala babe zizitya ezingabekekanga, ibe waba yintoni umphumo?
3 Okulusizi ke kukuba, ngabom abazali bethu bokuqala bakhetha ukuvukela igunya loMdali onguMongami, uMbumbi Ozukileyo. Ikhondo labo lafana twatse nelo lichazwe kuIsaya 29:15, 16: “Yeha ke abangxokayo, besithelisa iqhinga labo kuYehova, zibe semnyameni izenzo zabo; bathi, Ngubani na osibonayo? Ngubani na osaziyo? . . . Kuya kuthiwa umbumbi unjengodongwe na? Into eyenziweyo ithi na kumenzi wayo, Akandenzanga? Into ebunjiweyo ithi na kumbumbi wayo, Akaqondi.” Ukunxaxha kwabo kwadala intlekele—isigwebo sokufa unaphakade. Ngaphezu koko, lonke uhlanga loluntu abaluzalayo lwasizuz’ ilifa isono nokufa. (Roma 5:12, 18) Laa ndalo yoMbumbi Ozukileyo eyayisithi ndijonge yaba nesiva esikhulu.
4. Yiyiphi injongo ebekekileyo esinokuyiphumeza?
4 Noko ke, nangona sikule meko sikuyo namhlanje, thina nzala ka-Adam owonayo sinako ukumdumisa uYehova ngamazwi eNdumiso 139:14 athi: “Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; zibalulekile izenzo zakho, umphefumlo wam uyazi kakuhle.” Noko ke, hayi indlela ebuhlungu ngayo into yokuba umsebenzi wezandla zoMbumbi Ozukileyo uye wanesiphako esingaka!
UMbumbi Uyaqhubeka Nomsebenzi Wakhe
5. Babuza kubonakaliswa njani ubuchule boMbumbi Ozukileyo?
5 Okuvuyisayo kukuba, ubuchule boMdali wethu njengoMbumbi babuza kuqhubeka kwanasemva kokubumba indalo yakhe yokuqala engabantu. Umpostile uPawulos usixelela oku: “Owu mntundini, xa ungubani wena ngokwenene, ukuba ungade uphendulane noThixo? Inako kusini na into exonxiweyo ukuthi kulowo uyixonxileyo, ‘Kutheni undenze ngale ndlela nje?’ Intoni? Akanagunya na umbumbi phezu kodongwe lokuba enze ngentlama enye esinye isitya sibe sesomsebenzi obekekileyo, esinye sibe sesomsebenzi ongabekekanga?”—Roma 9:20, 21.
6, 7. (a) Namhlanje abaninzi bazikhethela njani ukuba babunjelwe umsebenzi ongabekekanga? (b) Amalungisa abunjwa njani ukuze enze umsebenzi obekekileyo?
6 Ewe, ezinye zezinto ezibunjwe nguMbumbi Ozukileyo zaziya kubunjelwa umsebenzi obekekileyo, zize ezinye zenzelwe ongabekekanga. Abo bakhetha ukuthi nca kwihlabathi njengoko lisiya lizika kumgxobhozo wokungahloneli Thixo babunjwa ngendlela eya kubaphawulela intshabalalo. Xa uKumkani ozukileyo, uKristu Yesu, ezokugweba, ezo zitya zingabekekanga ziya kuquka bonke abantu abanjengeebhokhwe ezingooncanyelweni, ngokutsho kukaMateyu 25:46, abaza “kumka baye kunqunyulo lukanaphakade.” Kodwa “abangamalungisa” abanjengezimvu, abo babunjelwe umsebenzi “obekekileyo,” baya kuzuza ‘ubomi obungunaphakade’ njengelifa.
7 Ngokuthobeka, la malungisa aya kuba sele ebonakalisile ukuba ayavuma ukubunjwa nguThixo. Sele engene kwindlela kaThixo yokuphila. Asamkele isiluleko esikweyoku-1 kuTimoti 6:17-19 esithi: ‘Beka ithemba lakho, kungekhona kubutyebi obungaqinisekanga, kodwa kuThixo, osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze siyoliswe.’ Aye azibhokoxa ukuze ‘asebenze okulungileyo, atyebe emisebenzini emihle, angagogotyi lutho, alungele ukwabelana nabanye ngezinto, eziqwebela ngokukhuselekileyo isiseko esihle sekamva, ukuze abubambe ngokuqinileyo ubomi benene.’ Abunjwa yinyaniso kaThixo nakukuba nokholo olungenakugungqiswa mntu kwilungiselelo elenziwe nguYehova ngoKristu uYesu, “owazinikela waba yintlawulelo elinganayo” ukuze kubuyiselwe yonke ilahleko eyadalwa sisono sika-Adam. (1 Timoti 2:6) Ngoko ke, hayi indlela esifanele sisamkele lula ngayo isiluleko sikaPawulos sokuba ‘sambathe ubuntu obutsha, obuthi ngolwazi oluchanileyo benziwe bube butsha ngokomfanekiso waLowo wabudalayo’!—Kolose 3:10.
Ngaba Wena Uza Kuba Sisitya Esinjani?
8. (a) Yintoni egqiba ngohlobo lwesitya ubani aba lulo? (b) Ziziphi izinto ezimbini eziba nempembelelo ekubunjweni kukabani?
8 Yintoni egqiba ngohlobo lwesitya ubani aba siso? Sisimo sengqondo kunye nehambo yakhe. Ezi zinto ziqala zixonxwe yiminqweno nalutyekelo lwentliziyo. UKumkani osisilumko uSolomon wathi: “Intliziyo yomntu icinga indlela yakhe; nguYehova oyalela ukunyathela kwakhe.” (IMizekeliso 16:9) Okwesibini, zixonxwa zizinto aziphulaphulayo nazibonayo, abahlobo kunye nezinto ezenzeka ebomini bakhe. Ngoko ke, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuthobela esi siluleko sithi: “Ohamba nezilumko uba sisilumko naye; ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa.” (IMizekeliso 13:20) Kwananjengokuba eyesi-2 kaPetros 1:16 isilumkisa, simele sikuphephe ukulandela “amabali obuxoki ayilwe ngobuqhetseba,” okanye ngokutsho kwenguqulelo yamaRoma Katolika kaKnox, “iintsomi eziyilwe ngabantu.” Ezi ziquka inkoliso yeemfundiso kunye nemibhiyozo yeNgqobhoko ewexukileyo.
9. Yiyiphi indlela elungileyo esinokusabela ngayo kuMbumbi Ozukileyo?
9 UThixo unako ukusibumba, kodwa ke kuxhomekeke kwindlela esisabela ngayo. Xa sithandaza kuYehova, ngokuthobeka sinokuphinda amazwi omthandazo kaDavide athi: “Ndigocagoce, Thixo, uyazi intliziyo yam; ndicikide, uzazi iingcinga-ngcinga zam; ubone ukuba kukho ndlela yobubi na kum, undikhaphele kwindlela engunaphakade.” (INdumiso 139:23, 24) UYehova wenza ukuba isigidimi soBukumkani sishunyayelwe. Iintliziyo zethu sele zisabele ngoxabiso kwiindaba ezilungileyo nakulwalathiso lwakhe oluqhubekayo. Esebenzisa intlangano yakhe, usivava ngamalungelo ahlukahlukeneyo anxibelelene nokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo; masiwaxhakamfule ke size siwaxabise.—Filipi 1:9-11.
10. Sifanele sizibhokoxe njani ekulandeleni amalungiselelo okomoya?
10 Kubaluleke gqitha ukuba siqhubeke sinikela ingqalelo kwiLizwi likaThixo, silandele ucwangciso lwemihla ngemihla lokufunda iBhayibhile yaye xa sincokola neentsapho nabahlobo bethu sithethe ngeZibhalo nangenkonzo kaYehova. Ucwangciso lwenkonzo yakusasa eqhutywa ngaphambi kwesidlo sakusasa yintsapho yaseBheteli nganye nangamaqela abavangeli basemazweni abangamaNgqina kaYehova, ludla ngokuquka ukufundwa kweBhayibhile kule veki kuze kwelandelayo kufundwe INcwadi Yonyaka. Ngaba aninakwenza ilungiselelo elinjalo kweyenu intsapho? Ezinjani zona iingenelo esizifumanayo nathi sonke ngokunxulumana nebandla lamaKristu, xa sihlanganisene kunye, ibe ngokukodwa xa sisiba nenxaxheba kwisifundo seMboniselo!
Ukubunjwa Ukuze Umelane Nezilingo
11, 12. (a) Sinokusisebenzisa njani isiluleko sikaYakobi ngokuphathelele izilingo zobomi bethu bemihla ngemihla? (b) Okwenzeka kuYobhi kusikhuthaza njani ukuba sigcine ingqibelelo?
11 Kubomi bethu bemihla ngemihla, uThixo uvumela ukuba kubekho iimeko ezithile, ezinye zazo esinokuzifumanisa zinzima. Sifanele sizijonge njani ezo meko? Nanjengoko uYakobi 4:8 esiluleka, masingaze siqumbe ngenxa yazo, kodwa masisondele kuThixo, sikholose ngaye ngokusuka entliziyweni, siqinisekile ukuba njengoko ‘sisondela, uya kusondela kuthi.’ Kuyinyaniso kona ukuba, kuza kufuneka sinyamezele ubunzima neemvavanyo, kodwa ke zivunyelwe ukuba zifak’ isandla ekusibumbeni, ibe ekugqibeleni siya kufumana ulonwabo. UYakobi 1:2, 3 usiqinisekisa ngelithi: “Kugqaleni konke kuluvuyo, bazalwana bam, xa nihlangana nezilingo ezahlukahlukeneyo, nisazi njengoko kunjalo ukuba lo mlinganiselo uvavanyiweyo wokholo lwenu usebenza unyamezelo.”
12 Kwakhona uYakobi uthi: “Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’ Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye. Kodwa ngamnye ulingwa ngokutsalwa nokuwexulwa ngumnqweno wakhe.” (Yakobi 1:13, 14) Izilingo zisenokuza kuthi ziyimvula yaye ziziindidi ngeendidi, kodwa ke njengakwimeko kaYobhi, zonke zinendima eziyiphumezayo ekubunjweni kwethu. Esinjani ukuzuka isiqinisekiso esisinikwa ziZibhalo kuYakobi 5:11 othi: “Khangelani! Sibabhengeza njengabanoyolo abo baye banyamezela. Nivile ngonyamezelo lukaYobhi yaye niwubonile umphumo uYehova awawunikelayo, ngokuba uYehova unomsa wofefe olukhulu nenceba.” Njengezitya ezisezandleni zoMbumbi Ozukileyo, ngamana singagcina ingqibelelo ngawo onke amaxesha, sinentembelo efana nekaYobhi yokuba izinto ziza kuhamba kakuhle!—Yobhi 2:3, 9, 10; 27:5; 31:1-6; 42:12-15.
Ukubumba Ulutsha Lwethu
13, 14. (a) Abazali bafanele baqalise nini ukubumba abantwana babo, ibe nguwuphi umphumo abanokukhangela phambili kuwo? (b) Yiyiphi imiphumo oyikhumbulayo?
13 Abazali banokufak’ isandla ekubunjweni kwabantwana babo, ukususela beseziimveku, ibe abanjani ukufaneleka abagcini bengqibelelo olunokuba ngabo ulutsha lwethu! (2 Timoti 3:14, 15) Oku kuye kwenzeka kwanaphantsi kweemvavanyo eziqatha. Kwiminyaka ethile eyadlulayo, xa intshutshiso yayimi ngeenyawo kwelinye ilizwe laseAfrika, kwakukho intsapho ethembekileyo eyayishicilela IMboniselo ngokufihlakeleyo kwishedi engemva kwendlu yayo. Ngeny’ imini kwathi gqi amajoni esihlisa isitrato, egqogqa kwindlu ngendlu efuna abafana ababeza kungeniswa emkhosini. Abafana ababini bale ntsapho babesenalo ithuba lokuzimela, kodwa ngokuqinisekileyo xa la majoni egqogqa ayeza kubhaqa umatshini wokushicilela. Loo nto yayinokudala ukuba yonke loo ntsapho ingcungcuthekiswe okanye ide ibulawe. Babeza kuthini bethu? La makhwenkwe mabini athetha ngenkalipho, ecaphula uYohane 15:13 othi: “Akukho bani unothando olukhulu ngakumbi kunolu, lokuba uthile anikezele umphefumlo wakhe ngenxa yabahlobo bakhe.” Baqhubeka behleli kwigumbi lokuhlala. Amajoni ayeza kuwafumana ibe ngokuqinisekileyo ayeza kuwangcungcuthekisa ngolunya okanye ade awabulale xa engavumi ukungenelela emkhosini. Kodwa ke ayengayi kuqhubeka egqogqa. Wawuza kutsho usinde umatshini wokushicilela kunye namanye amalungu entsapho. Noko ke, kwasuka kwenzeka into engalindelekanga. Amajoni akazange angene kuloo ndlu, adlulela kwezinye! Zasinda ezo zitya zingabantu ezazibunjelwe umsebenzi obekekileyo, kunye nomatshini wokushicilela, ibe waqhubeka upapasha ukutya kokomoya okufika ngexesha elifanelekileyo. Ngoku enye yaloo makhwenkwe mabini kunye nodade wayo bakhonza eBheteli; isasebenza kulaa matshini mdala.
14 Abaselula banokufundiswa indlela yokuthandaza, ibe uThixo uyayiphendula imithandazo yabo. Umzekelo ozibaluleyo woku wenzeka ebudeni bokubulawa kwabantu okweempukane eRwanda. Xa intwazana eneminyaka emithandathu kunye nabazali bayo babelungiswa ukuze babulawe ngabavukeli ngesiqhushumbisi esiphoswayo, le ntwazana yathandaza ngokuvakalayo nangokusuk’ entliziyweni icela ukuba basindiswe ukuze baqhubeke bekhonza uYehova. Abo babeza kubabulala babaxolela, besithi, “Ngenxa yale ntwazana asikwazi kunibulala.”—1 Petros 3:12.
15. Ziziphi iimpembelelo ezonakalisayo awalumkisa ngazo uPawulos?
15 Inkoliso yabaselula bethu ayijamelani neemeko ezifana nezi zichazwe ngasentla, kodwa zininzi izilingo ezifikela abakwishumi elivisayo esikolweni nakwibutho labantu elonakeleyo lanamhlanje: kwiindawo ezininzi kusetyenziswa intetho ebolileyo, izinto ezibonisa amanyala, ukuzonwabisa okuthob’ isidima kunye nokuphenjelelwa ngoontanga kwizenzo eziphosakeleyo. Umpostile uPawulos walumkisa elumkisile ngezi mpembelelo.—1 Korinte 5:6; 15:33, 34; Efese 5:3-7.
16. Ubani unokuba sisitya somsebenzi obekekileyo ngayiphi indlela?
16 Emva kokubhekisela kwizitya ‘ezinye ezigcinelwe injongo ebekekileyo kodwa ezinye zezenjongo yokuswela imbeko,’ uPawulos uthi: “Ukuba, ke ngoko, ubani uzigcina ekude nezi zamva, uya kuba sisitya senjongo ebekekileyo, singcwalisiwe, sinomsebenzi kumnini waso, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo.” Ngoko masikhuthaze ulutsha lwethu ukuba lubalumkele abahlobo balo. ‘Maluyisabe iminqweno ebakho ebutsheni, kodwa lusukele ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo, kunye nabo babiza eNkosini ngentliziyo ehlambulukileyo.’ (2 Timoti 2:20-22) Ucwangciso lwentsapho ‘lokwakhana’ lubaluleke gqitha ekubumbeni ulutsha lwethu. (1 Tesalonika 5:11; IMizekeliso 22:6) Ukufundisisa iBhayibhile imihla ngemihla, usebenzisa iimpapasho ezifanelekileyo zoMbutho, kunokunceda.
Ukubunjwa Komntu Wonke
17. Uqeqesho lunokusibumba njani, ibe nguwuphi umphumo ovuyisayo oza kulandela?
17 Ukuze asibumbe, uYehova usinika isiluleko esivela kwiLizwi lakhe yaye usebenzisa intlangano yakhe. Ungaze usichase eso siluleko sivela kuThixo! Samkele ngobulumko, uze usivumele ukuba sikubumbe ukuze uYehova akusebenzisele umsebenzi obekekileyo. IMizekeliso 3:11, 12 icebisa oku: “Uqeqesho lukaYehova, nyana wam, musa ukulucekisa, ungakruquki sisohlwayo sakhe; kuba lo amthandayo uYehova uyamohlwaya, njengoyise esohlwaya unyana akholwayo nguye.” Esinye isiluleko sobuzali sifumaneka kweyamaHebhere 12:6-11, ethi: “Kuba lowo uYehova amthandayo uyamqeqesha . . . Enyanisweni, akukho ngqeqesho ibonakala ivuyisa okwangoku, kodwa ibuhlungu; kodwa kamva ivelisa isiqhamo soxolo, oko kukuthi, ubulungisa, kwabo baqeqeshiweyo yiyo.” Ijelo eliyintloko elisetyenziswa nguThixo ukuze adlulisele loo ngqeqesho liLizwi lakhe eliphefumlelweyo.—2 Timoti 3:16, 17.
18. Ngokuphathelele inguquko, yintoni esiyifunda kuLuka isahluko 15?
18 Kwakhona uYehova unenceba. (Eksodus 34:6) Kwanokuba umntu wenze esona sono sakha sanzulu, xa eguquka ngokusuka entliziyweni uyamxolela. ‘Kwanoonyana bolahleko’ bale mihla banako ukubunjwa babe zizitya zomsebenzi obekekileyo. (Luka 15:22-24, 32) Sisenokuba asenzanga zono zinzulu njengonyana wolahleko. Kodwa ukusabela kwethu ngokuthobeka kwisiluleko seZibhalo kuya kusoloko kusibeka ekhondweni elisa ekubunjweni ukuze sibe zizitya zomsebenzi obekekileyo.
19. Sinokuqhubeka njani sikhonza njengezitya ezibekekileyo ezandleni zikaYehova?
19 Ukuqala kwethu ukufunda inyaniso, sabonisa ukukulungela ukuxonxwa nguYehova. Sazilahla iindlela zehlabathi, saqalisa ukwambatha ubuntu obutsha, saza saba ngamaKristu azahluleleyo nabhaptiziweyo. Sathobela isiluleko esikweyabase-Efese 4:20-24, ‘silahla ubuntu obudala obuvisisana nekhondo lethu lehambo yangaphambili, kunye neminqweno yabo ekhohlisayo, saza sambatha ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.’ Ngamana singahlala sithambile ezandleni zikaYehova, uMbumbi Ozukileyo, ngalo lonke ixesha sikhonza njengezitya zomsebenzi obekekileyo!
Impinda
◻ Yintoni injongo yoMbumbi Ozukileyo ngomhlaba wethu?
◻ Unokubunjwa njani ukuze wenze umsebenzi obekekileyo?
◻ Banokubunjwa njani abantwana bethu?
◻ Sifanele silugqale njani uqeqesho?
[Caption on page 10]
Ngaba uza kubunjwa ukuze wenze umsebenzi obekekileyo okanye uza kulahlwa?
[Caption on page 12]
Abaselula banokubunjwa beseziimveku