‘Isigidimi Esichulumancisayo’ Esivela KwiSityhilelo
“Ndabona enye ingelosi iphaphazela esazulwini sezulu, kwaye yayineendaba ezilungileyo ezingunaphakade ukuba izivakalise njengesigidimi esichulumancisayo kwabo bahleli emhlabeni.”—ISITYHILELO 14:6.
1. Ngoxa amaNgqina kaYehova ekholelwa ekubeni incwadi yeSityhilelo iphefumlelwe, kutheni engelilo “ihlelo lembubhiso”?
NGOKUCHASENEYO nezityholo abhutywa ngazo, amaNgqina kaYehova akalilo “ihlelo lembubhiso” okanye “ihlelo elivakalisa umhla wentshabalalo.” Noko ke, ayayamkela incwadi yeSityhilelo njengenxalenye yeLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. Kuyinyaniso ukuba iSityhilelo siqulethe izigidimi zomgwebo ezinxamnye nabangendawo. Kodwa ke xa benikela ubungqina esidlangalaleni, abakhonzi bakaThixo bajolisa ingqalelo kwithemba elimangalisayo elinikelwa yiBhayibhile, kuquka nelo likwiSityhilelo. Ngenxa yoko, abongezi okanye baphungule kumazwi esiprofeto afumaneka kuyo.—ISityhilelo 22:18, 19.
Abavakalisi Besigidimi Esichulumancisayo
2. Ziziphi ezinye zezibhalo ezidla ngokusetyenziswa ngamaNgqina kaYehova kumsebenzi wawo wokushumayela?
2 ISibhalo esidla ngokucatshulwa xa kuxhaswa ubulungiseleli basesidlangalaleni bamaNgqina kaYehova ngamazwi kaYesu athi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Ziziphi “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani”? AmaNgqina amaninzi aya kuphendula ngokucaphula iindinyana zeSityhilelo isahluko 20 nesama-21 ezithetha ngoLawulo Lwewaka Leminyaka lukaKristu nangorhulumente woBukumkani bakhe kunye nebutho labantu, apho “kungayi kubakho” kufa, nakukhedama, nantlungu.—ISityhilelo 20:6; 21:1, 4.
3. Ubulungiseleli basesidlangalaleni bamaNgqina kaYehova buhambelana naliphi iphulo?
3 Njengabavakalisi besi sigidimi sichulumancisayo, ngokwenene amaNgqina kaYehova angumlomo womthunywa wokomfuziselo wasezulwini othumo lwakhe luchazwe kwiSityhilelo. “Ndabona enye ingelosi iphaphazela esazulwini sezulu, kwaye yayineendaba ezilungileyo ezingunaphakade ukuba izivakalise njengesigidimi esichulumancisayo kwabo bahleli emhlabeni, nakuzo zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu.” (ISityhilelo 14:6) ‘Iindaba ezilungileyo ezingunaphakade’ ziquka isibhengezo sokuba “ubukumkani [okanye ulawulo] behlabathi” buye “baba bubukumkani beNkosi yethu nobukaKristu wayo” nokuba ‘ixesha elimiselweyo’ likaYehova lifikile ukuza “konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.” (ISityhilelo 11:15, 17, 18) Ngaba asizondaba ezilunge ngokwenene ezo?
Oko Sikuphathelwe SiSityhilelo
4. (a) Ziziphi iinyaniso ezisisiseko ezichazwe kwisahluko 1 seSityhilelo? (b) Yintoni efunekayo kwabo banqwenela ukungenelwa kwiindaba ezichulumancisayo?
4 Isahluko sokuqala sencwadi yeSityhilelo sichaza uYehova ngokuthi “nguAlfa no-Omega, . . . Lowo ukhoyo nowayekho nozayo, uSomandla.” Kwaye sichaza uNyana wakhe, uYesu Kristu, ngokuthi ‘liNgqina Elithembekileyo,’ “Izibulo kwabafileyo,” “noMphathi wookumkani bomhlaba.” Sikwachaza uYesu ‘njengalowo usithandayo nowasikhululayo kwizono zethu ngegazi lakhe.’ (ISityhilelo 1:5, 8) Ngaloo ndlela, zisuka nje, ISityhilelo sinikela iinyaniso ezisisiseko nezisindisa ubomi. “Abo bahleli emhlabeni,” abayi kungenelwa kwisigidimi esichulumancisayo esisiwa kubo ngaphandle kokuba bayalugqala ulongamo lukaYehova, baba nokholo kwigazi elaphalalayo likaYesu, kwaye bayakholelwa ukuba uYehova wamvusa nokuba sithethanje uKristu unguMphathi kaThixo omiselweyo.—INdumiso 2:6-8.
5. Yiyiphi indima ayiphumezayo uKristu ngokutsho kwesahluko 2 nesesi-3 zeSityhilelo?
5 Izahluko ezibini ezilandelayo zichaza uKristu uYesu njengoMveleli osezulwini onothando wamabandla abafundi bakhe abasemhlabeni. Umsongo owawusiya kumabandla asixhenxe amaKristu akhethiweyo awayeseAsia Minor ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo wawuqulethe ukhuthazo kunye nesiluleko esinamandla esisasebenza nanamhlanje. Izigidimi ezazithunyelwa kuloo mabandla zazidla ngokuqala ngamazwi athi “ndiyazazi izenzo zakho” okanye athi “ndiyayazi imbandezelo yakho.” (ISityhilelo 2:2, 9) Ewe uKristu wayekwazi kakuhle okwakusenzeka kumabandla abafundi bakhe. Wawancoma amanye ngokuba nothando, ukholo, ngokuzibhokoxa kubulungiseleli, ngokunyamezela nangokuthembeka kwigama nakwilizwi lakhe. Amanye wawakhalimela kuba ayevumele uthando awayenalo ngoYehova nangoNyana wakhe lwaphola, okanye eye abuyela ekuziphatheni okubi ngokwesini, kunqulo-zithixo okanye kumahlelo abawexuki.
6. Umbono obhalwe kwisahluko 4 unceda abantu ukuba baqonde ntoni?
6 Isahluko 4 sichaza umbono owoyikekayo wetrone yasezulwini kaYehova uThixo. Sisithela thsuphe ngozuko lukaYehova nolwabalawuli basezulwini aza kubasebenzisa. Abalawuli abathweswe izithsaba, abatrone zabo zijikeleze eyona trone inkulu kwindalo iphela, baqubuda kuYehova baze badanduluke besithi: “Ufanele, Yehova, okwanguThixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.”—ISityhilelo 4:11.
7. (a) Ingelosi ithi abemi bomhlaba mabenze ntoni? (b) Yiyiphi inxalenye ebalulekileyo yomsebenzi wethu wokufundisa?
7 Ngaba oku kunentsingiselo kubantu abaphila namhlanje? Ngokuqinisekileyo kunayo. Ukuba bafuna ukuphila kuBukumkani beMinyaka Eliwaka, bamele bathobele oko ‘ingelosi ephaphazela esazulwini sezulu’ ikuvakalisayo: “Moyikeni uThixo nize nimnike uzuko, ngenxa yokuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe.” (ISityhilelo 14:6, 7) Enye yezona njongo ziphambili zomsebenzi wokufundisa iBhayibhile owenziwa ngamaNgqina kaYehova kukunceda “abo bahleli emhlabeni” ukuba bamazi yaye bamnqule uYehova, baqonde ukuba unguMdali, yaye bazithobe ngokuzithandela kulongamo lwakhe lobulungisa.
IMvana Ifanelwe Yimbeko
8. (a) UKristu uchazwa njani kwisahluko 5 nesesi-6? (b) Yintoni abanokuyifunda bonke abaphulaphula iindaba ezichulumancisayo kulo mbono?
8 Izahluko ezibini ezilandelayo, esesi-5 nesesi-6, zichaza uYesu Kristu njengeMvana eyafunyaniswa ikufanelekela ukuvula umsongo owawunamatywina asixhenxe, ngaloo ndlela ityhila imifuziselo yeziganelo ezenzeka kumhla wethu. (Thelekisa uYohane 1:29.) Kukho amazwi asezulwini abhekisa kwiMvana yokomfuziselo esithi: “Ukufanele ukuwuthabatha umsongo uze uvule amatywina awo, ngenxa yokuba waxhelwa waza ngegazi lakho wathengela uThixo abantu bephuma kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga, waza wabenza baba bubukumkani nababingeleli kuThixo wethu, yaye baza kulawula njengookumkani phezu komhlaba.” (ISityhilelo 5:9, 10) Lo mbono ufundisa ukuba ngesizinzi segazi likaKristu elaphalalayo, abantu abathile abathatyathwe kuzo zonke iintlanga bayabizwa ukuze babe kunye naye ezulwini baze ‘balawule njengookumkani phezu komhlaba.’ (Thelekisa ISityhilelo 1:5, 6.) Inani labo eliqingqiweyo lityhilwa kamva kwiSityhilelo.
9. UKristu uchazwa njani kwisahluko 6?
9 Komnye umbono, uKristu ukwachazwa njengomkhweli wehashe elimhlophe othweswe isithsaba, ophuma “esoyisa nokuze akuphelelise ukoyisa kwakhe.” Okuvuyisayo kukuba uza kuyoyisa imiphumo engendawo efuziselwa ngabanye abakhweli bamahashe eSityhilelo amathathu, abaye bawaphalisa ngamandla besizisa imfazwe, indlala kunye nokufa eluntwini ukususela kunyaka obalaseleyo we-1914. (ISityhilelo 6:1-8) Indima ekhethekileyo kaKristu, iMvana kaThixo, ekusindisweni koluntu nasekuzalisekeni kweenjongo zikaYehova ezimangalisayo ingumxholo oyintloko kumsebenzi wokufundisa iBhayibhile wamaNgqina kaYehova.
10. (a) Yiyiphi inkcazelo ebalulekileyo enikelwa kwisahluko 7? (b) UKristu wathetha wathini ngabo bafumana uBukumkani?
10 Isahluko 7 siqulethe isigidimi esichulumancisa ngokwenene. Kukwincwadi yeSityhilelo kuphela apho sifumana inani labo uYesu wababiza ngokuthi ‘ngumhlambi omncinane’ abathi banikwe uBukumkani nguYise weMvana. (Luka 12:32; 22:28-30) Aba batywinwa nguYehova uThixo ngomoya wakhe. (2 Korinte 1:21, 22) Umpostile uYohane, owanikwa iSityhilelo, uyangqina: “Ndaliva inani labo batywinwayo, ikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka.” (ISityhilelo 7:4) Eli nani liqingqiweyo liphinda kamva liqinisekiswe njengenani labo “bathengwa phakathi koluntu” ukuze balawule neMvana kwiNtaba yeZiyon yasezulwini. (ISityhilelo 14:1-4) Ngoxa iicawa zeNgqobhoko zinikela ingcaciso engavakaliyo nengenasihlahla ngeli nani, okubangel’ umdla kukuba, umphengululi weBhayibhile uE. W. Bullinger uthetha enjenje ngalo: “Ilula nje le nto: kuthethwa ngenani eliqingqiweyo elahlukileyo kwinani elingaqingqwanga elikwakwesi sahluko.”
11. (a) Ziziphi iindaba ezichulumancisayo ezinokufunyanwa kwisahluko 7? (b) Ngawaphi amathemba abekwe phambi kwamalungu ‘esihlwele esikhulu’?
11 Liliphi ngoku eli nani lingaqingqwanga awayebhekisela kulo lo kaBullinger? Kwindinyana 9, umpostile uYohane wabhala: “Emva kwezi zinto ndabona, yaye, khangela! isihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe namaqela abantu neelwimi.” (ISityhilelo 7:9) Ngoobani abayila esi sihlwele esikhulu, namhlanje sinaluphi ulwalamano noThixo, kwaye liyintoni ikamva laso? Impendulo etyhilwayo iziindaba ezilungileyo kwabo bahleliyo emhlabeni. Siyafunda: “Aba ngabo baphuma embandezelweni enkulu, yaye baye bayihlamba imiwunduzo yabo baza bayenza mhlophe egazini leMvana.” Ngenxa yokuba nokholo kwigazi eliphaleleyo likaKristu, baya kukhuselwa ebudeni ‘bembandezelo enkulu.’ UKristu ‘uya kubakhokelela emithonjeni yamanzi obomi. Yaye uThixo uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo.’ (ISityhilelo 7:14-17) Ewe, izigidi zabantu abaphila namhlanje zinokuba yinxalenye yesihlwele esingenakubalwa esiya kusinda ekupheleni kwale nkqubo ingendawo ikhoyo yezinto. Njengabalawulwa bakaKumkani uYesu Kristu ebudeni boLawulo lwakhe Lweminyaka Eliwaka, uya kusikhokelela kubomi obungunaphakade emhlabeni. Ngaba asizondaba zilungileyo ezo?
“Imigwebo Yakhe Iyinyaniso Yaye Ibubulungisa”
12, 13. (a) Isahluko 8 ukusa kwese-19 ziqulethe ntoni? (b) Kutheni abantu abantliziyo zinyanisekileyo bengafanele baphazanyiswe zezo ziprofeto?
12 Ubukhulu becala sisahluko 8 ukusa kwese-19 ezibangela ukuba incwadi yeSityhilelo yaziwe njengencwadi exela kusengaphambili ngentshabalalo eyoyikekayo. Ziqulethe izigidimi zemigwebo eziqatha (ezifanekiselwa kukuvuthelwa kwamaxilongo, izibetho kunye nezitya zomsindo kaThixo) ezijoliswe koothunywashe abahlukahlukeneyo benkqubo yezinto kaSathana. Le migwebo iza kuqala iphunyezwe kunqulo lobuxoki (“iBhabhiloni Enkulu”), kuze kulandele iinkqubo zezobupolitika ezingahloneli Thixo, ezifanekiselwa ngamarhamncwa asendle.—ISityhilelo 13:1, 2; 17:5-7, 15, 16.a
13 Ezi zahluko zichaza ngokucocwa kwamazulu, kuze kuphoswe uSathana needemon zakhe kummandla womhlaba. Oku kutsho kusinike ekuphela kwesizathu esivakalayo sokuba kubekho unxunguphalo olungenakuthelekiswa nanto ukususela ngowe-1914. (ISityhilelo 12:7-12) Kwakhona ngelifuziselayo zichaza ngokutshatyalaliswa kwenkqubo yezinto engendawo kaSathana emhlabeni. (ISityhilelo 19:19-21) Ngaba abantu abantliziyo zinyanisekileyo bafanele bothuke xa bebona ezi ziganeko ziphawulekayo? Akunjalo, kuba kaloku ebudeni bomgwebo kaThixo, ingelosi yasezulwini iyamemelela isithi: “Dumisani uYa! Usindiso nozuko namandla ngakaThixo wethu, ngenxa yokuba imigwebo yakhe iyinyaniso yaye ibubulungisa.”—ISityhilelo 19:1, 2.
14, 15. (a) Isiphelo sale nkqubo ingendawo ikhoyo siza kuziswa njani ngobulungisa? (b) Kutheni le nxalenye yeSityhilelo ifanele ibavuyise abantu abantliziyo zinyanisekileyo?
14 UYehova akayi kuzisa inkqubo yezinto yobulungisa engabashenxisanga emhlabeni abo bawonakalisayo. (ISityhilelo 11:17, 18; 19:11-16; 20:1, 2) Noko ke, akakho umntu okanye urhulumente onegunya okanye onamandla okuphumeza oko. NguYehova noKumkani okwanguMgwebi wakhe, uKristu uYesu, kuphela abanokwenza oko ngobulungisa.—2 Tesalonika 1:6-9.
15 Njengoko ISityhilelo sibonisa ngokucacileyo, kuyinjongo kaYehova ukuphelisa le nkqubo ingendawo ikhoyo. Loo nto ifanele iwavuyise amadoda namabhinqa “agcumayo, ancwinayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo.” (Hezekile 9:4) Sifanele sigxininise imfuneko engxamisekileyo yokuthobela amazwi awathethwa yingelosi eyayineendaba ezichulumancisayo, eyavakalisa oku: “Moyikeni uThixo . . . ngenxa yokuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe, yaye ngoko mnquleni Lowo wenza izulu nomhlaba.” (ISityhilelo 14:7) Ngamana abo bantu bangamnqula yaye bamkhonze uYehova bekunye namaNgqina akhe, ‘agcina imiyalelo kaThixo nanomsebenzi wokunikela ubungqina kuYesu.’—ISityhilelo 12:17.
Ulawulo Oluzukileyo Lweminyaka Eliwaka
16. (a) Kutheni iicawa zeNgqobhoko ziye zalikhaba ngaw’ omane ithemba loLawulo Lweminyaka Eliwaka? ((b) Kutheni amaNgqina kaYehova ekholelwa ukuba umthandazo ongumzekelo uza kuphendulwa?
16 Isahluko 20 ukusa kwesama-22 zencwadi yeSityhilelo ziqulethe isiseko esingokweZibhalo sethemba loLawulo Lweminyaka Eliwaka. Zikukuphela kwendawo eBhayibhileni apho kuthethwa ngexesha lewaka leminyaka eliya kuhlahl’ indlela yephakade elonwabisayo ezulwini nasemhlabeni. Iicawa zeNgqobhoko ziye zalikhaba ngaw’ omane ithemba loLawulo Lweminyaka Eliwaka. Ekubeni imfundiso yecawa isithi amalungisa aya ezulwini baze abangendawo baye esihogweni, ayikwazi kungena ingcamango yomhlaba oyiparadesi. Umthandazo ongumzekelo, ocela ukuba ‘ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni njengoko kusenziwa ezulwini,’ ulahlekelwe yiyo yonke intsingiselo yawo kwinkoliso yamarhamente eecawa zeNgqobhoko. (Mateyu 6:10, New International Version) Kodwa akunjalo kumaNgqina kaYehova. Anamathele kwinkolelo yokuba uYehova uThixo akazange awudalele “ilize” umhlaba, kodwa wawudala ukuze “umiwe.” (Isaya 45:12, 18, NW) Ngaloo ndlela, isiprofeto samandulo, umthandazo ongumzekelo, kunye nethemba elinikelwa sisityhilelo, zonke ziyangqinelana ngethemba loLawulo Lweminyaka Eliwaka. Ebudeni boLawulo lwakhe Lwewaka Leminyaka, uKristu uya kuqiniseka ukuba ukuthanda kukaYehova kuyenziwa emhlabeni, kanye ngendlela okwenziwa ngayo ezulwini.
17. Yintoni ebonisa ukuba “iwaka leminyaka” limele ligqalwe njengelokoqobo?
17 Ibinzana elithi “iwaka leminyaka” livela izihlandlo ezithandathu kwiindinyana ezisixhenxe zokuqala zeSityhilelo isahluko 20. Phawula ukuba kumbhalo wantlandlolo wesiGrike livela kangangezihlandlo ezine linesakhi esiphuhlisa ukuqiniseka (definite article) esingu-“the,” nto leyo ebonisa ukuba kuthethwa ngolawulo lokoqobo lweminyaka eliwaka, kungekhona ixesha nje elingasikelwe mda, njengoko uninzi lwabaphengululi beNgqobhoko lufuna sicinge njalo. Kuza kwenzeka ntoni ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka? Okokuqala, uSathana uza kube engenamandla ebudeni balo lonke elo xesha. (ISityhilelo 20:1-3; thelekisa eyamaHebhere 2:14.) Ezinjani ukuba mnandi iindaba!
18. (a) Kutheni uLawulo Lweminyaka Eliwaka linokubizwa ngokuba ‘yimini’ yomgwebo? (b) Kuza kwenzeka ntoni ekupheleni kwewaka leminyaka?
18 Ekubeni “igunya lokugweba” linikwe abo ‘baphatha njengookumkani kunye noKristu kangangeminyaka eliwaka,’ enyanisweni, eli xesha ‘liyimini’ yomgwebo ethabatha iwaka leminyaka. (ISityhilelo 20:4, 6; thelekisa IZenzo 17:31; 2 Petros 3:8.) Abafi baya kuvuswa baze, bekunye nabo basinde ‘kwimbandezelo enkulu,’ bagwetywe ngokwezenzo zabo ngelo xesha. (ISityhilelo 20:12, 13) Ekupheleni kwewaka leminyaka, uSathana uza kukhululwa okwexeshana ukuze avavanye uluntu okokugqibela, kwaye emva koko yena needemon zakhe, kunye naye namphi na umvukeli osemhlabeni omlandelayo baya kutshatyalaliswa ngonaphakade. (ISityhilelo 20:7-10) Amagama abantu abaphumelelayo kolo vavanyo aya kubhalwa ngokungacimekiyo “encwadini yobomi” yaye baya kukhokelelwa kubomi obungunaphakade obonwabisayo, bekhonza yaye benqula uYehova kumhlaba oyiparadesi.—ISityhilelo 20:14, 15; INdumiso 37:9, 29; Isaya 66:22, 23.
19. (a) Kutheni sinokuqiniseka ukuba amadinga amangalisayo anikelwa yincwadi yeSityhilelo ngokuqinisekileyo aza kuzaliseka? (b) Yintoni eza kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo?
19 Nazo ke iindaba ezichulumancisayo ezikwiSityhilelo. Azingomadinga nje abantu okusibambisa isisila sehobe. Umpostile uYohane wabhala: “Lowo uhleli etroneni wathi: ‘Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.’ Kanjalo, uthi: ‘Bhala, ngenxa yokuba la mazwi athembekile ibe ayinyaniso.’ ” (ISityhilelo 21:5) Yintoni esimele siyenze ukuze sibe nesabelo kwinzaliseko yezi ndaba zichulumancisayo? Incwadi yeSityhilelo iqulethe isiluleko esingakumbi kwabo bafuna ukukholisa uThixo. Ukusilandela eso siluleko kuya kusizisela ulonwabo olungakumbi, ngoku nangonaphakade, njengoko inqaku elilandelayo liza kubonisa.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane ingcaciso epheleleyo yencwadi yeSityhilelo, bona incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!, epapashwe ngowe-1988 yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
Iingongoma Zempinda
◻ Ziziphi iinyaniso ezisisiseko ezifumaneka kwiSityhilelo isahluko 4 ukusa kwesesi-6 eziyinxalenye ebalulekileyo yeendaba ezichulumancisayo?
◻ Ziziphi iindaba ezichulumancisayo ezifumaneka kwiSityhilelo isahluko 7?
◻ Kutheni abantu abantliziyo zinyanisekileyo bengafanele baphazanyiswe zizigidimi zomgwebo ezifumaneka kwiSityhilelo?
◻ Kungaziphi iindlela oluya kuthi uLawulo Lweminyaka Eliwaka lube ‘yimini’ yomgwebo?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UKumkani uYesu Kristu uza kuyitshayela ithi tu imfazwe, indlala kunye nokufa emhlabeni