Yibani Nembeko Kwabo Banikwe Igunya Phezu Kwenu
“Bekani abantu bazo zonke iintlobo, yibani nothando ngomanyano lwabazalwana luphela, moyikeni uThixo, yibani nembeko kukumkani.”—1 PETROS 2:17.
1, 2. Abantu baligqala njani igunya namhlanje? Ngoba?
“ABANTWANA banamalungelo okwenza yonk’ into. Ababahloneli abazali,” ukhalaza ngelitshoyo omnye umama. Kukho umbhalo onamathiselwe kwinqwelo-mafutha othi: “Licel’ Umngeni Igunya.” Ezi ndlela zimbini zibonisa imeko eyesameleyo namhlanje, njengoko nawe usazi. Ukungabi nantlonelo okuqhelekileyo ngabazali, abafundisi-ntsapho, abaqeshi namagosa karhulumente kuxhaphakile ehlabathini lonke.
2 Bambi banokusuka nje banyus’ amagxa baze bathi, ‘Kaloku, abo basemagunyeni abakufanelanga ukuhlonelwa ndim.’ Maxa wambi, kunokuba nzima ukukuphikisa oko. Ngalo lonke ixesha siva uthotho lweendaba ngamagosa karhulumente anganyanisekanga, abaqeshi ababawayo, abafundisi-ntsapho abangafanelekiyo nabazali abaxhaphaza abantwana. Okuvuyisayo kukuba, ambalwa amaKristu abagqala ngaloo ndlela abo banikwe igunya ebandleni.—Mateyu 24:45-47.
3, 4. Kutheni amaKristu efanele abonise intlonelo kwabo basemagunyeni?
3 NjengamaKristu, ‘sinesizathu esinyanzelisayo’ sokuhlonela abo basemagunyeni. Umpostile uPawulos waluleka amaKristu ukuba ‘athobele amagunya awongamileyo, kuba akukho gunya libekho ngaphandle kukaThixo; amagunya akhoyo abekwe nguThixo kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo.’ (Roma 13:1, 2, 5; 1 Petros 2:13-15) Kanjalo, uPawulos wabonisa isizathu esifanelekileyo sokuthobela igunya entsatsheni esithi: “Nina bafazi, wathobeleni amadoda enu, njengoko kufanelekile eNkosini. Nina bantwana, bathobeleni abazali benu ezintweni zonke, kuba oko kukholekile eNkosini.” (Kolose 3:18, 20) Abadala bebandla bafanelwe yimbeko yethu ngenxa yokuba ‘umoya oyingcwele wabamisela ukuba babe ngabaveleli, ukuba balaluse ibandla likaThixo.’ (IZenzo 20:28) Siyawabeka amagunya angabantu ngenxa yokuba sihlonela uYehova. Njengoko kulindelekile, ukubeka igunya likaYehova kusoloko kukwindawo yokuqala ebomini bethu.—IZenzo 5:29.
4 Sicinga ngegunya likaYehova elongamileyo, makhe sihlole eminye imizekelo yabo bangazange babahlonele abo basemagunyeni nabo babahlonelayo.
Ukungabi Nantlonelo Kukhokelela Ekubeni Ungamkeleki
5. Sisiphi isimo sengqondo sokungabi nantlonelo esaboniswa nguMikali kuDavide, yaye oku kwakhokelela entwenini?
5 Ngokusuka kwimbali kaKumkani uDavide, sinokubona indlela uYehova abajonga ngayo abo balijongela phantsi igunya elivela kuThixo. Xa uDavide wazisa ityeya yomnqophiso eYerusalem, inkosikazi yakhe uMikali “wabona uKumkani uDavide exhumaxhuma yaye engqungqa phambi koYehova; yaye wamdelela entliziyweni yakhe.” UMikali wayefanele agqale uDavide kungekuphela njengentloko-ntsapho kodwa nanjengokumkani welizwe. Noko ke, waphoxisa esithi: “Hayi indlela athe wazizukisa ngayo ukumkani wakwaSirayeli namhlanje xa athe wazityhila namhlanje emehlweni amakhobokazana abakhonzi bakhe, kanye njengoko ezityhila omnye wabantu abaziziphukuphuku!” Ngenxa yoku uMikali akazange abe nabantwana.—2 Samuweli 6:14-23.
6. UYehova wakujonga njani ukungahlonelwa komthanjiswa Wakhe nguKora?
6 Owona mzekelo ugabadeleyo wokungahloneli ukhokelo olumiselwe nguThixo ngokaKora. Njengonyana kaKohati, elinjani lona ilungelo awayelinandipha lokukhonza kwitarbanekile kaYehova! Sekunjalo, wamhlab’ amadlala uMoses noAron, iinkokeli zamaSirayeli ezazithanjiswe nguThixo. UKora wamanyana nezinye izikhulu zakwaSirayeli baza baxelela uMoses noAron ngokuphandle besithi: “Indibano iphela ingcwele yaye uYehova uphakathi kwayo. Yini na, ke, ukuba niziphakamise phezu kwebandla likaYehova?” UYehova wasijonga njani isimo sengqondo sikaKora nabaxhasi bakhe? UThixo wasijonga esi senzo njengokungahloneli uYehova ngokwakhe. Emva kokubona bonke abo babekwicala labo beginywe ngumhlaba, uKora nezikhulu ezingama-250 batshatyalaliswa ngomlilo ovela kuYehova.—Numeri 16:1-3, 28-35.
7. Ngaba ‘abapostile abaziincamisa’ babenaso isizathu sokugxeka igunya likaPawulos?
7 Kwibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala, kwakukho abo babengalikhathalele igunya lobuthixo. ‘Abapostile abaziincamisa’ ababekwibandla laseKorinte babengenantlonelo ngoPawulos. Babugxeka ubuchule bakhe bokuthetha, besithi: “Ubukho bakhe ngobuqu bubuthathaka, nentetho yakhe idelekile.” (2 Korinte 10:10; 11:5) Enoba uPawulos wayesisithethi esibalaseleyo okanye akunjalo, njengompostile wayefanelwe yintlonelo. Kodwa ngaba intetho kaPawulos yayidelekile ngokwenene? Iintetho zakhe zesidlangalala ezibhalwe eBhayibhileni zinikela ubungqina bokuba wayesisithethi eseyisayo. Kaloku, emva kwengxubusho emfutshane noHerode Agripa II, ‘ingcali kuzo zonke iimbambano eziphakathi kwamaYuda,’ uPawulos wabangela ukuba lo kumkani athi: “Ngexesha elifutshane ubuya kundeyisela ekubeni ndibe ngumKristu”! (IZenzo 13:15-43; 17:22-34; 26:1-28) Ukanti, abapostile abaziincamisa baseKorinte bamtyhola ngokuba nentetho edelekileyo! UYehova wasijonga njani isimo sabo sengqondo? Kwisigidimi esiya kubaveleli bebandla lase-Efese, uYesu Kristu wabancoma abo babengavumi ukukhukuliswa ngabo ‘babesithi bangabapostile, kodwa bengengabo.’—ISityhilelo 2:2.
Ukubahlonela Nangona Bengafezekanga
8. UDavide wabonisa njani ukuba wayelihlonela igunya likaSawule awayelinikwe nguYehova?
8 EBhayibhileni, kukho imizekelo emininzi yabo babebahlonela abasemagunyeni kwanaxa babelisebenzisa kakubi igunya labo. UDavide wayengomnye wabo babengumzekelo omhle. UKumkani uSawule, awayekhonza phantsi kwakhe, waba nomona ngezinto awazizuzela zona uDavide waza wafuna ukumbulala. (1 Samuweli 18:8-12; 19:9-11; 23:26) Sekunjalo, nangona uDavide wayenamathuba okubulala uSawule, uDavide wathi: “Makube lee, kum, ngokwembono kaYehova, ukolula isandla sam nxamnye nothanjisiweyo kaYehova!” (1 Samuweli 24:3-6; 26:7-13) UDavide wayesazi ukuba uSawule wayesenza ngokuphosakeleyo, kodwa wayekela kuYehova ukuba amgwebe. (1 Samuweli 24:12, 15; 26:22-24) Akazange athethe kakubi ngoSawule kwabanye abantu kwanakuye.
9. (a) Wavakalelwa njani uDavide xa wayephathwa kakubi nguSawule? (b) Sinokutsho njani ukuba intlonelo kaDavide ngoSawule yayiyeyokwenene?
9 Ngaba uDavide wayebandezelekile ngoxa wayephathwa kakubi? “Kukho . . . noozwilakhe abafuna umphefumlo wam,” uDavide wakhala kuYehova. (INdumiso 54:3) Waphalaza intliziyo yakhe kuYehova esithi: “Ndihlangule kwiintshaba zam, Thixo wam . . . Abo bomeleleyo bayandihlasela, ndingavukelanga, yaye ndingonanga, Yehova. Nangona kungekho siphoso, bayabaleka bazilungise. Vuka ndakukubiza ubone.” (INdumiso 59:1-4) Ngaba wakha wavakalelwa ngendlela efanayo—kukuba awenzanga siphoso kumntu osegunyeni, ukanti uqhubeka ekukhathaza? UDavide akazange asilele ekuboniseni intlonelo kuSawule. Ekufeni kukaSawule, endaweni yokuba achwayite, uDavide waqamba ingoma yosizi esithi: “USawule noYonatan, abathandekayo nabahle ebudeni bobomi babo . . . Babekhawuleza ngakumbi kuneenkozi, babenamandla ngakumbi kuneengonyama. Nina zintombi zakwaSirayeli, mlileleni uSawule.” (2 Samuweli 1:23, 24) Onjani ukuba mhle umzekelo wentlonelo yokwenene ngomthanjiswa kaYehova, nangona uDavide wayoniwe nguSawule!
10. Nguwuphi umzekelo omhle owamiselwa nguPawulos ekuhloneleni iqumrhu elilawulayo elimiselwe nguThixo, yaye oko kwaphumela entwenini?
10 Nangexesha lamaKristu sifumana imizekelo ebalaseleyo yabo babewahlonela amagunya amiselwe nguThixo. Thabatha uPawulos ngokomzekelo. Wabonakalisa intlonelo ngezigqibo zequmrhu elilawulayo lebandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala. Kutyelelo lukaPawulos lokugqibela eYerusalem, iqumrhu elilawulayo lamluleka ukuba azihlambulule ukuze abonise abanye ukuba wayengenangqumbo ngokubhekisele kuMthetho kaMoses. UPawulos wayesenokuqiqa ngelithi: ‘Ngaphambili abo bazalwana babendiyalele ukuba ndimke eYerusalem xa ubomi bam babusengozini. Ngoku bafuna ndibonakalise ekuhleni ukuba ndiyawuhlonela uMthetho kaMoses. Sele ndibhalele abaseGalati ileta ndibaxelela ukuba bangazikhathazi ngokuhlonela uMthetho. Ukuba ndiyaya etempileni, abanye basenokungasiqondi kakuhle eso senzo, becinga ukuba ndiyalalanisa kwabo bodidi olwalukileyo.’ Noko ke, ngokucacileyo uPawulos akazange aqiqe ngolo hlobo. Ekubeni kwakungabandakanyekanga migaqo yobuKristu, wasihlonela waza wavumelana neso siluleko sequmrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala. Umphumo owabakho kwaoko ngowokuba uPawulos kwafuneka ahlangulwe kwihlokondiba lamaYuda, yaye kamva wachitha iminyaka emibini entolongweni. Ekugqibeleni, ukuthanda kukaThixo kwenziwa. UPawulos wanikela ubungqina phambi kwamagosa aphakamileyo eKesareya yaye emva koko wathatyathwa ngeendleko zikarhulumente wasiwa eRoma ukuze aye kunikela ubungqina phambi kukaKesare ngenkqu.—IZenzo 9:26-30; 21:20-26; 23:11; 24:27; Galati 2:12; 4:9, 10.
Ngaba Ubonakalisa Intlonelo?
11. Singayibonisa njani intlonelo ngabasemagunyeni?
11 Ngaba ubonakalisa intlonelo efanelekileyo kwabo basemagunyeni? AmaKristu ayalelwa ukuba ‘anike bonke oko kubafaneleyo, lowo kufuneka imbeko kuye, amnike imbeko leyo.’ Eneneni, ukuzithoba kwethu ‘kumagunya awongamileyo’ kuquka kungekuphela nje ukuhlawula irhafu kodwa ukuwahlonela ngehambo nentetho yethu. (Roma 13:1-7) Xa siphambi kwamagosa karhulumente asenokuba ngqwabalala, sisabela njani? KwisiXeko saseChiapas, eMexico, abasemagunyeni basekuhlaleni bathabatha umhlaba weefama zeentsapho zamaNgqina kaYehova ezingama-57 ngenxa yokuba la maKristu engazange abe nenxaxheba kwimibhiyozo ethile yonqulo. Kwiintlanganiso ezaziqhutywa ukuze kuconjululwe le meko, la maNgqina anxibe kakuhle nacocekileyo, ayesoloko ethetha ngesidima nembeko. Kwisithuba esingaphezu konyaka kamva, kwawiswa isigqibo esasiwathethelela. Isimo sawo sengqondo sabangela ukuba ahlonelwe ngabanye babo babebukele kangangokuba nabo bafuna ukuba ngabanye bamaNgqina kaYehova!
12. Kutheni kubalulekile ukuba ubani abe “nentlonelo enzulu” ngendoda yakhe engakholwayo?
12 Ungayibonisa njani intlonelo ngegunya elimiselwe nguThixo entsatsheni? Emva kokuthetha ngomzekelo kaYesu wokunyamezela ububi, umpostile uPetros wathi: “Ngokukwanjalo, nina bafazi, wathobeleni amadoda enu, ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalithobeliyo ilizwi, azuzeke ngaphandle kwelizwi ngenxa yehambo yabafazi bawo, kuba eye angamangqina okuzibonela ehambo yenu enyulu ndawonye nentlonelo enzulu.” (1 Petros 3:1, 2; Efese 5:22-24) UPetros wagxininisa ukubaluleka kokuzithoba komfazi endodeni yakhe ‘ngentlonelo enzulu,’ nangona kusenokwenzeka ukuba akukho nto ingako eyenziwa ngamanye amadoda ukuze ayifanelekele loo ntlonelo. Umfazi onesimo sengqondo sentlonelo unokuyizuza indoda yakhe engakholwayo.
13. Abafazi banokuwahlonela njani amadoda abo?
13 Kumongo wale mibhalo, uPetros utsalela ingqalelo yethu kumzekelo kaSara, lowo indoda yakhe uAbraham, yayingumzekelo obalaseleyo wokholo. (Roma 4:16, 17; Galati 3:6-9; 1 Petros 3:6) Ngaba intlonelo yabafazi abanamadoda akholwayo ifanele ibe nganeno kuleyo yabafazi abanamaqabane angakholwayo? Kuthekani ukuba akuvumelani nendoda yakho kumbandela othile? UYesu wanikela icebiso elinokusetyenziswa ngokubanzi esithi: “Ukuba uthile onegunya ukunyanzela ukuba wenze inkonzo yemayile enye, hamba naye iimayile zibe mbini.” (Mateyu 5:41) Ngaba uyayihlonela indoda yakho ngokuvumelana neminqweno yayo? Ukuba oku kubonakala kunzima kakhulu, yixelele indlela ovakalelwa ngayo. Musa ukucinga ukuba iyayazi indlela ovakalelwa ngayo. Kodwa xa uyixelela ngeminqweno yakho, kwenze ngentlonelo oko. IBhayibhile iyasiluleka isithi: “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.”—Kolose 4:6.
14. Kubandakanya ntoni ukubonakalisa intlonelo ebazalini?
14 Kuthekani ngani bantwana? ILizwi likaThixo liyalela ngolu hlobo: “Bantwana, bathobeleni abazali benu ngokumanyene neNkosi, kuba oku kububulungisa: ‘Beka uyihlo nonyoko’; wona lowo ngumyalelo wokuqala onesithembiso.” (Efese 6:1-3) Phawula ukuba ukuthobela abazali bakho kugqalwa ngokufanayo ‘nokubeka uyihlo nonyoko.’ Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “beka” lithetha “ukuxabisa” okanye “ukunika ubani ixabiso.” Ngaloo ndlela, ukuthobela kuthetha okungakumbi kunokulandela nje imithetho yabazali umadolw’ anzima, nesenokubonakala ingekho ngqiqweni kuwe. UThixo ufuna ukuba ube nentlonelo enzulu ngabazali bakho uze uluxabise ukhokelo lwabo.—IMizekeliso 15:5.
15. Abantwana banokuqhubeka bebahlonela njani abazali babo kwanokuba bavakalelwa kukuba benze impazamo?
15 Kuthekani ke ukuba abazali bakho benza nto ithile enciphisa intlonelo yakho ngabo? Zama ukujonga izinto ngendlela bona abazijonga ngayo. Ngaba ‘abakuzalanga’ baza bakunyamekela? (IMizekeliso 23:22) Ngaba abashukunyiswa luthando ngawe? (Hebhere 12:7-11) Thetha nabazali bakho ngentlonelo, uchaza indlela ovakalelwa ngayo ngomoya wobulali. Kwanokuba basabela ngendlela ongayithandiyo, kuphephe ukuthetha nabo ngokungenantlonelo. (IMizekeliso 24:29) Khumbula indlela uDavide awaqhubeka ebonakalisa ngayo intlonelo ngoSawule kwanaxa lo kumkani wanxaxhayo ekulandeleni icebo likaThixo. Mcele uYehova akuncede uhlangabezane neemvakalelo zakho. UDavide wathi: “Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe. UThixo uyindawo yethu yokusabela.”—INdumiso 62:8; IZililo 3:25-27.
Babeke Abo Bakhokelayo
16. Yintoni esinokuyifunda kumzekelo wabafundisi bobuxoki nakwiingelosi?
16 Abadala bebandla bamiselwe ngomoya oyingcwele, ukanti abafezekanga yaye benza iimpazamo. (INdumiso 130:3; INtshumayeli 7:20; IZenzo 20:28; Yakobi 3:2) Ngenxa yoko, bambi ebandleni banokuziva benganelisekanga ngabadala. Sifanele senze ntoni xa sivakalelwa kukuba kukho nto ithile ebandleni engasingathwanga kakuhle, okanye ke ebonakala ingasingathwanga kakuhle? Phawula umahluko phakathi kwabafundisi bobuxoki benkulungwane yokuqala neengelosi: “[Abafundisi bobuxoki] banobuganga bokwenza unothanda, yaye ababangcangcazeleli abo bazukileyo kodwa bayabatshabhisa, kanti zona iingelosi, nangona zomelele yaye zinamandla ngakumbi azibamangaleli ngamazwi okutshabhisa, ngenxa yokuhlonela uYehova.” (2 Petros 2:10-13) Ngoxa abafundisi bobuxoki babethetha kakubi ngabo “bazukileyo”—abadala ababenikwe igunya ngenkulungwane yokuqala kwibandla lamaKristu—iingelosi azizange zithethe kakubi ngabafundisi bobuxoki ababebangela iiyantlukwano phakathi kwabazalwana. Iingelosi, nangona zikwisigxina esiphakamileyo yaye zinemvo yokusesikweni ngakumbi kunabantu, zazikwazi oko kwakusenzeka ebandleni. Ukanti, “ngenxa yokuhlonela uYehova,” zayekela kuThixo ukuba ibe nguye ogwebayo.—Hebhere 2:6, 7; Yude 9.
17. Ukholo lwakho ludlala yiphi indima xa uhlangabezana neengxaki ovakalelwa kukuba abadala benza impazamo kuzo?
17 Kwanokuba kukho into engasingathwanga ngendlela ebifanele isingathwe ngayo, ngaba asifanele sibe nokholo kuYesu Kristu njengeNtloko ephilayo yebandla lamaKristu? Ngaba akakwazi oko kwenzekayo kwibandla lakhe elisemhlabeni wonke? Ngaba asifanele siyihlonele indlela yakhe yokusingatha izinto size siyigqale into yokuba uyakwazi ukulawula imicimbi? Eneneni, ‘singoobani na ke thina ukuba sigwebe abamelwane bethu?’ (Yakobi 4:12; 1 Korinte 11:3; Kolose 1:18) Kutheni ungamazisi uYehova emthandazweni ngezinto ezikuxhalabisayo?
18, 19. Yintoni onokuyenza xa uvakalelwa kukuba umdala wenze isiphoso?
18 Ngenxa yokuba singabantu abangafezekanga, kusenokuvela iingxaki. Ngamanye amaxesha umdala usenokwenza isiphoso, ebangela ukuphazamiseka kwabanye. Ukudyuduzela xa sijamelene neemeko ezinjalo akuyi kuguqula nto. Kusenokusuka nje kuyenze ibe mbi ngakumbi. Abo banokuqonda kokomoya baya kulindela kuYehova ukuba ibe nguye olungisa izinto aze anikele naluphi na uqeqesho olufunekayo ngexesha lakhe nangendlela afuna ngayo.—2 Timoti 3:16; Hebhere 12:7-11.
19 Kuthekani ukuba uziva ubandezelekile ngombandela othile? Kunokuba uthethe nabanye ebandleni, kutheni ungaceli uncedo kubadala ngentlonelo? Ngaphandle kokugxeka, chaza indlela oye wachaphazeleka ngayo. Yiba ‘novelwano’ nabo ngalo lonke ixesha, yaye ube nentlonelo njengoko uzityand’ igila kubo. (1 Petros 3:8) Musa ukubhenela ekuphoxiseni, kodwa bathembe njengamaKristu akhulileyo. Yiba noxabiso ngalo naluphi na ukhuthazo lweZibhalo abakunika lona. Yaye ukuba kubonakala kukho ezinye izinto ezisafuna ukulungiswa, thembela kuYehova ukuba uya kubakhokela abadala benze okulungileyo nokufanelekileyo.—Galati 6:10; 2 Tesalonika 3:13.
20. Yintoni esiza kuyiqwalasela kwinqaku elilandelayo?
20 Noko ke, kusekho enye inkalo esimele siyiqwalasele ngokuphathelele ukubeka nokuhlonela abo banikwe igunya. Ngaba abo banikwe igunya abafanele babahlonele abo babekwe phantsi kwenyameko yabo? Masihlolisise oko kwinqaku elilandelayo.
Ubuya Kuphendula Njani?
• Sisiphi isizathu esifanelekileyo sokuba sihlonele abasemagunyeni?
• UYehova noYesu babajonga njani abo bangalihloneliyo igunya elivela kuThixo?
• Yiyiphi imizekelo esinayo yabo babahlonelayo abanikwe igunya?
• Yintoni esinokuyenza ukuba lowo unikwe igunya ubonakala enze isiphoso?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
USara wayelihlonela ngokunzulu igunya lika-Abraham yaye wayonwabile
[Umfanekiso okwiphepha 13]
UMikali wasilela ukuhlonela igunya likaDavide njengentloko-ntsapho nokumkani
[Umfanekiso okwiphepha 15]
“Makube lee kum, . . . ukolula isandla sam nxamnye nothanjisiweyo kaYehova!”
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Kutheni ungamazisi uYehova emthandazweni ngezinto ezikuxhalabisayo?