Ukuphilisa Amanxeba Emfazwe
UABRAHAM wayekumkhosi wabanqolobi kangangeminyaka engama-20.a Kodwa wayeka ukulwa kwaye akasokuze aye emfazweni kwakhona. Enyanisweni, ezinye zeentshaba zakhe zangaphambili zingabona bahlobo bakhe basenyongweni ngoku. Yintoni eyamenza waguquka? YiBhayibhile. Yamenza uAbraham waba nethemba nengqiqo, imnceda ukuba abone imeko uluntu olukuyo ngendlela uThixo ayibona ngayo. IBhayibhile yamenza wayeka ukunqwenela ukulwa, yaye waqalisa ukuphila kusizi, kwintlungu, kwintiyo nakwingqumbo awayenayo. Wafumanisa ukuba iBhayibhile iqulethe iyeza elinamandla lentliziyo.
IBhayibhile imnceda njani umntu aphile kumanxeba omphefumlo? Ayinakukutshintsha oko kwenzeka kuAbraham. Sekunjalo, ukufunda nokucamngca ngeLizwi likaThixo kwavisisanisa iingcinga zakhe nezoMdali. Ngoku unethemba ngekamva, yaye unazinto zimbi azibeka kwindawo yokuqala. Izinto ezibalulekileyo kuThixo ziye zabaluleka kuye. Kwathi oku kwakuqala ukwenzeka, amanxeba asentliziyweni yakhe aqalisa ukuphila. UAbraham wancedwa ngaloo ndlela ukuze aguquke.
Ukuthi Zwabha Kwimfazwe Yamakhaya
UAbraham wazalwa ngeminyaka yee-1930 eAfrika. Emva kwemfazwe yehlabathi yesibini, ilizwe lakowabo lalilawulwa lilizwe eliselumelwaneni elalinamandla, kodwa abantu abaninzi belizwe lakulo-Abraham babefuna inkululeko. Ngowe-1961, uAbraham wangenelela umbutho wenkululeko owalwa imfazwe yabanqolobi nxamnye nelizwe elingummelwane elalinamandla.
“Babeziintshaba zethu. Baceba ukusibulala, ngoko saqalisa ukubabulala,” utsho njalo uAbraham.
Ubomi buka-Abraham babusoloko busengozini, ngoko ngowe-1982, emva kweminyaka engama-20 yomzabalazo wezigalo, wabalekela eYurophu. Ngoku wayesele edlule kuhle kwiminyaka engama-40, yaye wafumana ithuba lokucinga ngobomi bakhe. Kwenzeke ntoni kumaphupha akhe? Limphathele ntoni ikamva? UAbraham wadibana nabanye bamaNgqina kaYehova waza waqalisa ukuya kwiintlanganiso zawo. Wakhumbula ukuba kwiminyaka ngaphambilana, eAfrika wayefunde iphecana awalinikwa liNgqina. Eli phecana lachaza ngeparadesi ezayo emhlabeni norhulumente wasezulwini oza kulawula uluntu. Ngaba kunokuba yinyaniso oko?
UAbraham uthi: “Ndafunda eBhayibhileni ukuba yonke loo minyaka ndayichitha ndisilwa ndandidlala ngexesha. Okuphela korhulumente oya kuphatha wonke umntu ngokusesikweni buBukumkani bukaThixo.”
Kungekudala emva kokuba uAbraham ebhaptizwe njengeNgqina likaYehova, indoda egama linguRobert yabaleka eAfrika yaya kwisixeko saseYurophu awayehlala kuso uAbraham. URobert noAbraham babesilwa kwimfazwe enye kodwa kumacala awahlukeneyo. Ngokufuthi uRobert wayezibuza ngenjongo yokwenene yobomi. Wayelikholwa, yaye kuba wafunda iinxalenye ezithile zeBhayibhile, wayesazi ukuba igama likaThixo nguYehova. Xa amaNgqina akwibandla lika-Abraham azinikela ukuze ancede uRobert aqonde iBhayibhile ngakumbi, wavuma ngokukhawuleza.
URobert uthi: “Kwasekuqaleni, ndachukumiseka yindlela amaNgqina ayelisebenzisa ngayo igama likaYehova nelikaYesu, ephawula ukuba ngabantu abahlukeneyo. Oko kwakuvisisana noko ndandisele ndikwazi ngokusuka eBhayibhileni. AmaNgqina anxiba kakuhle yaye anobubele kwabanye, enoba ngabaluphi na uhlanga. Izinto ezinjalo zaba nempembelelo kum.”
Iintshaba Ziba Ngabahlobo
URobert noAbraham, ababesakuba ziintshaba, ngoku ngabahlobo abasenyongweni. Bakhonza njengabashumayeli bexesha elizeleyo kwibandla elinye lamaNgqina kaYehova. UAbraham uthi: “Ebudeni bemfazwe, ndandisoloko ndizibuza ukuba kunokwenzeka njani ukuba abantu abakumazwe angabamelwane—abaninzi kubo bengabonqulo olunye—bathiyane. Mna noRobert sasihamba icawa enye, ukanti sasisilwa emfazweni. Ngoku sobabini singamaNgqina kaYehova, yaye ukholo lwethu lusimanyanisile.”
URobert waleka umsundulu esithi: “Ngulowo umahluko. Ngoku sinokholo olusenza sibe yinxalenye yobuzalwana bokwenene. Asisayi kuze siphinde siye emfazweni.” IBhayibhile iye yaba nempembelelo enamandla kwiintliziyo zaba babesakuba ziintshaba. Intiyo nentlungu ngokuthe ngcembe ziye zaguquka zaba kukuthembana nobuhlobo.
Ngeli xesha uAbraham noRobert babesemfazweni, abanye abafana ababini babekumacala ahlukeneyo komnye umlo wamazwe amabini angabamelwane. Kungekudala iBhayibhile yaba njengeyeza elinamandla lokuphilisa iintliziyo zabo. Njani?
Bulala—Wakugqiba Ufe Njengomfeli-nkolo
UGabriel, owakhuliswa yintsapho yamakholwa, wafundiswa ukuba kwilizwe lakhe kwakusiliwa imfazwe engcwele. Ngenxa yoko, eneminyaka eli-19 ubudala, waya emkhosini ngokuzithandela waza wacela ukuba athunyelwe edabini. Kangangeenyanga ezili-13 wayekwawona madabi amanyumnyezi, maxa wambi ekude kangangekhilomitha enesiqingatha elutshabeni. Uthi: “Ndikhumbula esinye isihlandlo. Umphathi wethu wasixelela ukuba utshaba lwaluza kuhlasela ngobo busuku. Sasisoyika kangangokuba sadubula inkanunu yethu ubusuku bonke.” Abantu abakwilizwe elingummelwane wayebagqala njengeentshaba, ezifanele ukufa. “Ndandicinga ngokubulala abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka. Emva koko, njengabahlobo bam abaninzi, ndandifuna ukufa njengomfeli-nkolo.”
Noko ke, ekuhambeni kwexesha uGabriel wanxunguphala. Wabalekela ezintabeni, wanqumla umda waya kwilizwe elingundilele, waza waya eYurophu. Wayesoloko ebuza uThixo ngesizathu sokuba ubomi bube nzima kangaka, enoba iingxaki zazisisohlwayo esivela kuThixo kusini na. Wadibana namaNgqina kaYehova, awambonisa ngokusuka eBhayibhileni isizathu sokuba ubomi buzale ziingxaki kangaka namhlanje.—Mateyu 24:3-14; 2 Timoti 3:1-5.
Okukhona uGabriel wayefunda eBhayibhileni, kokukhona waqonda ukuba iqulethe inyaniso. “Ndafunda ukuba sinokuphila ngonaphakade kwiparadesi esemhlabeni. Okumangalisayo kukuba, yinto endandisoloko ndiyinqwenela ndisengumntwana.” IBhayibhile yamthuthuzela uGabriel yathuthuzela nentliziyo yakhe eyayibuhlungu. Amanxeba akhe omphefumlo awayenzulu aqalisa ukuphola. Ngoko xa wayedibana noDaniel, owayesakuba lutshaba lwakhe, uGabriel wayengasamthiyanga. Kodwa yintoni eyenza uDaniel eze eYurophu?
“Ukuba Ukho Ngokwenene, Ndincede!”
UDaniel wakhuliswa njengomKatolika yaye xa wayeneminyaka eli-18 ubudala waya emkhosini. Wathunyelwa ukuba alwe kwimfazwe enye noGabriel kodwa kumacala achaseneyo. Kufuphi nedabi, uDaniel wayekhwele inkanunu eyadutyulwayo. Abahlobo bakhe bafa, yaye wenzakala kakhulu waza wabanjwa. Wachitha iinyanga esesibhedlele nasenkampini ngaphambi kokuba athunyelwe kwilizwe elingundilele. Ngenxa yokuba wayeyedwa yaye eswele, wacinga ngokuzibulala. UDaniel wathandaza kuThixo wathi: “Ukuba ukho ngokwenene, ndincede!” Kanye ngosuku olulandelayo, kwafika amaNgqina kaYehova aza ayiphendula imibuzo yakhe emininzi. Ekugqibeleni, waya eYurophu njengembacu. Kwakhona, uDaniel wanxulumana namaNgqina waza wafundisisa iBhayibhile. Oko wakufundayo kwalidambisa ixhala nentlungu awayekuyo.
Ngoku uGabriel noDaniel ngabahlobo abasenyongweni, bamanyene kubuzalwana bokomoya njengamaNgqina kaYehova abhaptiziweyo. “Ukuthanda uYehova nokwazi iBhayibhile kuye kwandinceda ndabona izinto ngendlela azibona ngayo. UDaniel akaselulo utshaba lwam. Kwiminyaka eyadlulayo ndandiya kufuna ukumbulala. IBhayibhile iye yandifundisa okwahlukileyo—ukuba ndifune ukumfela,” utsho uGabriel.
“Ndibone abantu abakunqulo nezizwe ezahlukileyo bebulalana,” utsho uDaniel. “Yaye yayingabantu abakunqulo olufanayo bekumacala ahlukeneyo emfazweni bebulalana. Ndathi ndakubona oku, ndavakalelwa kukuba uThixo ubekek’ ityala. Ngoku ndiyazi ukuba nguSathana obangela zonke iimfazwe. Ngoku mna noGabriel sikholwa kunye. Asisayi kuze siphinde silwe!”
“Ilizwi LikaThixo Liphilile, Linamandla”
Kutheni uAbraham, uRobert, uGabriel noDaniel baguquka ngendlela ephawuleka kangaka? Bayisusa njani intiyo nentlungu eyayendele ezintliziyweni zabo?
Ngamnye kula madoda walesa, wacamngca waza wafunda inyaniso esuka eBhayibhileni, ‘ephilileyo nenamandla.’ (Hebhere 4:12) UMbhali weBhayibhile nguMdali woluntu, okwaziyo ukuphembelela intliziyo yomntu ofunayo ukuphulaphula nokufunda. “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni.” Xa oyifundayo evuma ukukhokelwa yiBhayibhile, uzuza imigaqo nemilinganiselo emitsha. Uqalisa ukufunda indlela uYehova azijonga ngayo izinto. Oku kuzisa iingenelo ezininzi, kuquka nokuphilisa amanxeba emfazwe.—2 Timoti 3:16.
ILizwi likaThixo liyacacisa ukuba akukho qela lesizwe, lobuhlanga nelobuzwe elibhetele okanye elibi kunelinye. “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” Umntu ofundayo nokwamkelayo oku uyancedakala ngokuthe ngcembe ukuze oyise iimvakalelo zentiyo yobuhlanga okanye yobuzwe.—IZenzo 10:34, 35.
Iziprofeto zeBhayibhile zibonisa ukuba kungekudala uThixo uya kushenxisa le nkqubo ikhoyo yolawulo yoluntu amisele uBukumkani bakhe obungoMesiya. Ngalo rhulumente, uThixo “uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.” Amaziko axhasa iimfazwe nabongoza abantu ukuba balwe kuzo aya kushenxiswa. Amaxhoba emfazwe aya kuvuswa aze anikwe ithuba lokuphila kwiparadesi esemhlabeni. Akakho umntu ekuya kufuneka abaleke ngenxa yomhlaseli okanye umqweqwedisi.—INdumiso 46:9; Daniyeli 2:44; IZenzo 24:15.
Ibhekisela kubantu abaya kuphila ngelo xesha, iBhayibhile ithi: “Ngokuqinisekileyo baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo. Abayi kwakha kuhlale abanye . . . Abayi kubulalekela ilize, bengayi kuzalela ukuphazamiseka.” Akukho monakalo okanye ukwenzakala okungayi kuphiliswa. Ukuba nokholo kwithemba elinjalo ngokuthe ngcembe kususa intlungu nosizi kwintliziyo yomntu.—Isaya 65:21-23.
Eneneni iBhayibhile liyeza lentliziyo elinamandla. Iimfundiso zayo ziphilisa amanxeba emfazwe. Ababesakuba ziintshaba bayamanyana kubuzalwana obunye bazwenibanzi. Ukuphiliswa kuya kuqhubeka kwinkqubo entsha kaThixo de kuphele intiyo nentlungu, usizi nesingqukru kwiintliziyo zoluntu. UMdali uyathembisa ukuba “izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.”—Isaya 65:17.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama kweli nqaku aguquliwe.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
“Ndafunda eBhayibhileni ukuba yonke loo minyaka ndayichitha ndisilwa ndandidlala ngexesha”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
IBhayibhile inokuba nempembelelo enamandla kwiintliziyo zabo babesakuba ziintshaba
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]
Intiyo nentlungu ngokuthe ngcembe ziye zaguquka zaba kukuthembana nobuhlobo
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]
Xa oyifundayo evuma ukukhokelwa yiBhayibhile, uzuza imigaqo nemilinganiselo emitsha
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ngoku ababesakuba ziintshaba bayamanyana kubuzalwana obunye bazwenibanzi
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]
Refugee camp: UN PHOTO 186811/J. Isaac