Ngaba Lo Unokuba Ngowona Msebenzi Uphambili Kuwe?
UKUBA ungumKristu obhaptiziweyo, ngokungathandabuzekiyo uthando ngoThixo lukushukumisela ukuba wenze ukuthanda kwakhe. Ngaphezu koko, ubulungiseleli bufanele ukuba ngowona msebenzi ophambili kuwe. Ngapha koko, uYesu Kristu wayalela bonke abafundi bakhe ukuba benze abafundi. (Mateyu 28:19, 20) Ewe, kusenokwenzeka ukuba ngoku wenza umsebenzi wokuziphilisa. Kodwa njengomlandeli kaYesu nomnye wamaNgqina kaYehova, eyona nto ibalulekileyo kuwe kukuba ungumlungiseleli ongumKristu—obeka umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo kwindawo yokuqala ebomini bakhe.—Mateyu 24:14.
Mhlawumbi sele uza kugqiba iminyaka yeshumi elivisayo okanye uqalisa iminyaka yama-20. Mhlawumbi, ukhe wacinga nzulu ngekhondo lobomi ofuna ukulithabatha. Xa uhlolisisa amathuba akuvulekeleyo, ulwaneliseko lobuqu lusenokuba yeyona nkalo ibalulekileyo kuwe.
Khawucinge ke ngoko kuthethwa nguJørgen waseDenmark ngokhetho awalenzayo. UJørgen uluchaza “njengendlela yokuphila usenza owona msebenzi ubalulekileyo kwekhoyo.” UEva, ibhinqa elineminyaka engama-31 ubudala eGrisi, lithi: “Xa ndithelekisa ubomi bam nobo boontanga bam, ndisoloko ndigqiba ngelithi bobona bunenjongo, banelisayo nobona buchulumancisayo.” Nguwuphi lo msebenzi uzisa ulwaneliseko olungako? Unokuwufumana njani?
Ngaba UThixo Ukubonisa Indlela?
Ukukhetha uhlobo lomsebenzi kusenokuba nzima kakhulu. Enyanisweni, abaninzi basenokude banqwenele ukuba uThixo ababonise ngokuthe ngqo into afuna bayenze.
Xa uMoses wayekwaMidiyan, uYehova wamalathisa ukuba aye eYiputa aze akhulule amaSirayeli ebukhobokeni. (Eksodus 3:1-10) Ingelosi kaThixo yabonakala kuGidiyon, owayemiselwe ukuba akhulule amaSirayeli kwingcinezelo. (ABagwebi 6:11-14) UDavide wayesalusa izimvu xa uThixo waxelela uSamuweli ukuba amthambise njengokumkani olandelayo wakwaSirayeli. (1 Samuweli 16:1-13) Asalathiswa ngaloo ndlela namhlanje. Kunoko, sifanele sihlolisise izibakala size senze isigqibo ngendlela esifanele sizisebenzise ngayo iziphiwo zethu ezivela kuThixo.
UYehova uvule “umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini” kumaKristu aselula namhlanje. (1 Korinte16:9) Njani? Kule minyaka ilishumi idluleyo, inani labavakalisi boBukumkani liye landa ngaphezu kwezi-2 125 000 ukusa ngaphezu kwezi-6 000 000 emhlabeni wonke. Ngoobani abanceda ngokulungiselela izigidi zeeBhayibhile, iincwadi, iincwadana ezinemifanekiso, amaphephancwadi namaphecana afunekayo njengokutya kokomoya nakumsebenzi wokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo emhlabeni wonke? Eli lungelo liyintsikelelo linanditshwa yintsapho yaseBheteli ehlabathini lonke.
Ubomi Obunomvuzo
Igama elithi Bheteli lithetha “Indlu kaThixo,” yaye amakhaya aseBheteli ziindawo ezihlala amaKristu angamatsha-ntliziyo asebenza kwikomkhulu nakwiiofisi zamasebe zeWatch Tower Society. (Genesis 28:19, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Iintsapho zaseBheteli zanamhlanje zinokufaniswa ‘namakhaya akhiwe ngobulumko’ aze amiselwa ekuthandeni uYehova.—IMizekeliso 24:3.
Yintoni enokuthethwa ngomoya wentsapho yaseBheteli? Elinye ilungu lentsapho yaseBheteli elineminyaka engama-25 ubudala e-Estonia lithi: “Ndiyakunandipha ukuba phakathi kwabahlobo bakaYehova ngalo lonke ixesha. Le iseyeyona nto ibalulekileyo kum eBheteli.”—INdumiso 15:1, 2.
Ehlabathini lonke, abantu abanokuba ngama-19 500 banandipha ilungelo lokukhonza eBheteli. (INdumiso 110:3) EUnited States, abangama-46 ekhulwini kwabo baseBheteli baphakathi kweminyaka eli-19 nengama-29 ubudala. NjengoIsaya, bathe: “Ndikho! Thuma mna.” (Isaya 6:8) UIsaya—owayesele ezahlulele kuYehova—wayezinikela ngokuqhutywa yintliziyo kwilungelo elongezelelekileyo lenkonzo. Oku ngokuqinisekileyo kwakuthetha ukuncama amanye amaqithi-qithi obu bomi. Abo bakwinkonzo yaseBheteli bashiya amakhaya abo neendawo abaziqhelileyo, oomama, ootata, abantakwabo, oodade wabo kunye nabahlobo. Ezi zinto bazincama ngokuzithandela “ngenxa yeendaba ezilungileyo.”—Marko 10:29, 30.
Ezinjani iingenelo zokomoya abazifumanayo eBheteli! Elinye ilungu eliselula lentsapho yaseBheteli eRashiya lithi: “Ngokuba ngabazincamayo, sinokufunda okuninzi okunokusinceda sihlale kwihlabathi elitsha. Ndingatsho ukuba kum iintsikelelo zikaYehova zininzi gqitha kunezinto endazincamayo.”—Malaki 3:10.
Ubomi BaseBheteli
Bunjani ubomi eBheteli? Amalungu entsapho yaseBheteli ayavumelana ngelithi bobona busempilweni nobanelisayo, bude buchulumancise. UJens, oneminyaka engama-43 ubudala, uyayinandipha inkonzo yaseBheteli. Ngoba? Uthi: “Ngenxa yokuba siziva sinesabelo kumgudu ozukileyo wokuphumeza umsebenzi obalulekileyo. Ndiyakwazi ukuqonda umkhamo nokubaluleka komsebenzi kaYehova.”
Ukususela ngoMvulo ukuya kutsho ngoMgqibelo, usuku eBheteli luqala ngengxubusho yakusasa. Le yingxubusho yeBhayibhile, eqhutywa ngumdala onamava. NgoMvulo ngokuhlwa kuchithwa iyure kuqhutywa isifundo sentsapho seBhayibhile kusetyenziswa IMboniselo, kuthi ngamaxesha athile silandelwe yintetho esekelwe kwiZibhalo efanele intsapho yaseBheteli.
Yintoni eyenzekayo xa umntu efika eBheteli? Ukuze amalungu amatsha aqhelane nobomi baseBheteli, abazalwana abaqolileyo banikela iintetho ezifundisa ngemibandela eyahlukahlukeneyo yenkonzo yaseBheteli. Kangangeeveki eziliqela kunyaka wokuqala, ilungu elitsha lentsapho yaseBheteli liba kwisikolo esifundisayo esiqhutywa kanye ngeveki esenzelwe ukulinceda libe nolwazi oluphangaleleyo ngeZibhalo. Abafikayo bakwanandipha ucwangciso olukhethekileyo lokufunda iBhayibhile. Kunyaka wawo wokuqala wenkonzo yaseBheteli, amalungu amatsha entsapho ayifunda ayigqibe iBhayibhile.
Uba yintoni umphumo walo lonke olu qeqesho? UJoshua, ilungu lentsapho yaseBheteli elineminyaka engama-33 ubudala eHong Kong, liphendula lenjenje: “IBheteli iye yalwenza nzulu ngakumbi uxabiso lwam ngoYehova. Ndiyakwazi ukunxulumana nabazalwana bam abanamava abachithe inkoliso yobomi babo bekhonza uYehova. Ndiwanandipha ngokukhethekileyo amalungiselelo okomoya, afana nengxubusho yakusasa neSifundo sentsapho seMboniselo. Ukongezelela, ndithanda indlela elungeleleneyo nelula yobomi. Oku kundisindisa kunxunguphalo olungeyomfuneko. Ndifunda nendlela yokusingatha izinto ngendlela yobuKristu, yaye oku kuye kwasoloko kungqineka kuyingenelo.”
Amalungu entsapho yaseBheteli achitha inkoliso yexesha namandla awo esenza oko azinikele ukuba akwenze. Oko kukuthi, ukusebenzisa amandla nengqondo yawo ngokuyintloko esenza umsebenzi abelwe wona eBheteli. Zininzi izinto ekufuneka zenziwe. Abanye basebenza koomatshini bokushicilela okanye basebenze apho kudityaniswa khona iincwadi, besenza iincwadi ezithunyelwa emabandleni amaninzi. Abanye basebenza ekhitshini, kwigumbi lokutyela okanye kwindawo yokuhlamba iimpahla. Izabelo ziquka umsebenzi wokucoca, ukulima, ukwakha njalo-njalo. Abanye banembopheleleko yokunyamekela izixhobo zokusebenza kula masebe. Abanye banikela uncedo lwezonyango okanye benze umsebenzi waseofisini. Yonke imisebenzi yaseBheteli iquka ucelomngeni oluthile olonwabisayo yaye ineengenelo. Umsebenzi owenziwa eBheteli uyanelisa ngokukhethekileyo kuba uxhasa izilangazelelo zoBukumkani yaye wenziwa ngenxa yothando ngoThixo.
Amalungu entsapho yaseBheteli athunyelwa emabandleni, apho azibonela ngamehlo iingenelo zomsebenzi wawo. Ayakunandipha ukuya kwiintlanganiso zala mabandla nokushumayela kunye nawo. Ngenxa yoko, amalungu entsapho yaseBheteli anolwalamano oluqinileyo nabazalwana noodade kumabandla abelwe kuwo.—Marko 10:29, 30.
URita, ilungu lentsapho yaseBheteli eBritani, uthi: “Ndinombulelo ongazenzisiyo ngebandla! Ukholo lwam luyomelela xa ndibona abazalwana, oodade, abantwana kunye nabakhulileyo bekwiintlanganiso nakubulungiseleli! Enoba iimeko zinjani na, bayeza. Oku kuyandinceda ndibe nenzondelelo engakumbi kwinkonzo yaseBheteli.”
Ubomi baseBheteli abubandakanyi nje kuphela umsebenzi, iintlanganiso, inkonzo yasentsimini nokufunda. Intsapho iba nawo amathuba okuzihlaziya. Ngamaxesha athile, kubakho ucwangciso lokuzonwabisa oluvuzayo ngokomoya olubizwa ngokuba yi-“Family Night,” olunika ithuba lokunandipha iziphiwo zabaninzi nokufunda izinto ezakhayo kubomi babanye abakhonza apho eBheteli. Enye into emnandi, eyonwabisayo neyakhayo kukutyelela abanye. Kusenokubakho namalungiselelo eendawo zokuzihlaziya, namathala eencwadi okwenza ufundisiso lobuqu nophando. Singazilibali neencoko ezimyoli ezibakho ezitafileni ngamaxesha ezidlo.
UTom, ilungu lentsapho yaseBheteli e-Estonia, uthi: “Kude kufuphi naseBheteli kukho ulwandle, yaye kufuphi kukho ihlathi esithanda ukuhambahamba kulo nomfazi wam. Ngamathuba athile ndiye ndidlale igalufa, ihoki nentenetya kunye nabahlobo ebandleni nalapha eBheteli. Kwaye xa imozulu ivuma, siye sihambe ngeebhayisikile zethu.”
Yintoni Onokuyenza Ukuze Ufaneleke?
Kakade ke, iBheteli yindawo apho amaKristu aqolileyo anikela khona inkonzo engcwele kuYehova aze asebenze ukuze ancede amanye amakholwa ehlabathini lonke. Abo bangamalungu entsapho yaseBheteli kufuneka bafikelele iimfaneleko ezithile. Yintoni onokuyenza ukuze ufanelekele inkonzo yaseBheteli?
NjengoTimoti, owayekhonza nompostile uPawulos, abo bamkelwe kwinkonzo yaseBheteli bafanele babe nokuma okuhle ebandleni. (1 Timoti 1:1) UTimoti “kwakunikelwa ingxelo entle ngaye ngabazalwana eListra naseIkoniyo.” (IZenzo 16:2) Nangona wayeselula, uTimoti wayezazi kakuhle iZibhalo yaye wayenesiseko esihle senyaniso. (2 Timoti 3:14, 15) Ngokufanayo, kulindelwe ukuba abo bamkelweyo ukuba bakhonze eBheteli bayazi iBhayibhile.
Amalungu entsapho yaseBheteli afanele abe nomoya wokuzincama. Lo moya wokuzincama nowokubeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala ebomini bakhe wawubonakala lula kuTimoti kangangokuba uPawulos wathi ngaye: “Andinamntu wumbi onokuninyamekela ngokwenene njengaye. Kuba bonke abanye bafuna izilangazelelo zabo, kungekhona ezikaKristu Yesu. Kodwa niyabazi ubungqina awabunikelayo ngaye siqu, bokuba waba likhoboka kunye nam ekuhambiseleni phambili iindaba ezilungileyo.”—Filipi 2:20-22.
Kwinkonzo yaseBheteli kufuneka amadoda namabhinqa aphilileyo ngokomoya. Amalungiselelo enzelwa intsapho yaseBheteli anjengofundisiso lweBhayibhile, ukubakho rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu nakwinkonzo yasentsimini nokunxulumana namaKristu aqolileyo enza kube lula ukuba akhule ngokomoya. Ngaloo ndlela abo baseBheteli bayancedwa ukuba balandele isiluleko sikaPawulos esithi: “Qhubekani nihamba ngokumanyene naye [uKristu Yesu], nimiliselwe yaye nakhelwe kuye, nizinzisiwe elukholweni, kanye njengoko nafundiswayo, niphuphuma lukholo ninombulelo.”—Kolose 2:6,7.
Ngenxa yohlobo lomsebenzi owenziwa eBheteli, abo bavavwe ngelungelo lokukhonza khona bafanele bomelele emzimbeni kwaye babe sempilweni. Ukuba unazo ezi mfaneleko sizikhankanyileyo, uneminyaka eli-19 ubudala, yaye unexesha elingangonyaka ubhaptiziwe, siyakukhuthaza ukuba ucinge ngenkonzo yaseBheteli.
Sonke Sinesabelo
NjengamaKristu, ngokuqinisekileyo sonke sifuna ukubeka izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala ebomini bethu yaye sizinikele ngomphefumlo uphela kuYehova. (Mateyu 6:33; Kolose 3:23) Sikhuthaza nabo sele bekhonza eBheteli ukuba baqhubeke benikela inkonzo engcwele khona apho. Ngokukhethekileyo sibongoza abazalwana abaselula abakufanelekelayo ukukhonza eBheteli ukuba balixhakamfule eli lungelo liyintsikelelo.
Inkonzo yaseBheteli yindlela yokuphila eyanelisayo ngokomoya—esenokuba ngowona msebenzi uphambili onokuwenza. Kunjalo ngoNick, owaqalisa ukukhonza eBheteli eneminyaka engama-20 ubudala. Emva kweminyaka elishumi ekhonza eBheteli, uthi: “Ngokufuthi ndithandaza kuYehova ukuze ndimbulele ngobubele bakhe obungasifanelanga. Yintoni enye endiyifunayo? Apha singqongwe ngamaKristu anyanisekileyo, enza konke okusemandleni awo ukukhonza uYehova.”
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 22]
YINTONI ABADALA NABAZALI ABANOKUYENZA?
Abadala nabaveleli abahambahambayo bafanele ngokukhethekileyo bakhuthaze amagatyana abafana ukuba afake isicelo senkonzo yaseBheteli. Kutshanje, uhlolisiso olwenziwe kubantu abaselula abakwintsapho yaseBheteli lubonise ukuba abangama-34 ekhulwini ngokukhethekileyo bakhuthazwa ngabaveleli abangamaKristu ukuba bayenze usukelo lwabo oluyintloko inkonzo yaseBheteli. Ewe, basenokuba baza kukhunjulwa ngamabandla abo asekuhlaleni. Kodwa kuhle ukukhumbula ukuba ngoxa ngokungathandabuzekiyo uTimoti wayenempembelelo entle kolunye ulutsha eListra naseIkoniyo, abadala balapho abazange bamthintele ekubeni aye kukhonza noPawulos. Abazange bagqibe ngelithi ukuhamba kukaTimoti nalo mpostile kwakuza kuba yilahleko enkulu kwibandla labo.—1 Timoti 4:14.
Ngokukhethekileyo abazali abangamaKristu bafanele babe nempembelelo enkulu kubantwana babo kulo mba. Kuhlolisiso olukhankanywe ngaphambilana, abangama-40 ekhulwini kwabaselula ekuthethwe nabo bathi abazali babo ngabona babakhuthazileyo ukuze bangenele inkonzo yaseBheteli. Omnye udade osele eneminyaka eliqela ekhonza eBheteli wathi: “Indlela abazali bam ababeyijonga ngayo inkonzo kaYehova yaba lukhuthazo olukhulu kum ukuze ndingenele inkonzo yaseBheteli. Ngokubona umzekelo wabo kubulungiseleli bexesha elizeleyo, ndaqonda ukuba le yayiyeyona ndlela ilungileyo neyanelisayo yobomi endinokuyikhetha.”
[Ibhokisi ekwiphepha 24]
BAYAYIXABISA INKONZO YASEBHETELI
“Ndiyayixabisa inkonzo yam yaseBheteli. Kuyanelisa ukwazi ukuba ndikhonze uYehova imini yonke yaye ndiza kwenza okufanayo nangosuku olulandelayo, nangosuku olulandela olo, njalo njalo. Oku kundishiya ndinesazela esihle yaye ndicinga ngezinto ezakhayo.”
“IBheteli yindawo onokunikela kuyo ngexesha nangamandla akho onke ukhonza uYehova kungekho nto ikuphazamisayo. Oku kubangela uzive wanelisekile ngaphakathi. Kwakhona unokuyibona ngendlela eyahlukileyo intlangano kaYehova. Uziva uyinxalenye yale ntlangano, yaye oku kubangela imincili.”
“Ukuza eBheteli kuyeyona nto ibalaseleyo yakha yenzeka ebomini bam. Apha imfundo ayize iphele. Yaye kwimfundo yalapha akungenelwa mna buqu, kodwa uYehova. Apha umsebenzi wam awusokuze ube lilize.”
“Ukusebenzisa iziphiwo endinazo eBheteli kundenza ndizive ndanelisekile yaye ndinoxolo kuba zisetyenziselwa uYehova nabazalwana.”
“Ndandingalufumani ulwaneliseko nolonwabo lokwenene kumsebenzi wam wangaphambili. Kangangeminyaka emininzi ndandisoloko ndinomnqweno onzulu wokusebenza nabazalwana noodade bam ukuze sincede abanye abazalwana bethu. Kungoko ndaza eBheteli. Ndifumana ulwaneliseko lokwenene ekwazini ukuba imizamo yam yonke iza kuba yingenelo kwimeko yokomoya yabanye kwaye iza kuzisa indumiso kuYehova.”