UMtyholi—Akayonto Nje Ekholelwayo
“Kuyo yonke indawo kwiTestamente Entsha, kwelinye icala, kukho umlo omkhulu ophakathi komkhosi kaThixo nowokulunga, nalowo wobungendawo okhokelwa nguSathana kwelinye. Le asiyongcamango yombhali omnye okanye ababini, kodwa yinto ethethwa ngabo bonke. . . . Ngoko ubungqina obukwiTestamente Entsha bucacile. USathana ungumntu wokwenene onobungozi, osoloko emthiyile uThixo nabantu bakaThixo.”—“The New Bible Dictionary.”
NGOKO ke, kutheni abaninzi abathi bangamaKristu—nabathi bakholelwa eBhayibhileni—beyityeshela into yokuba uMtyholi uyaphila ngokwenene? Kungokuba, enyanisweni, abayamkeli iBhayibhile njengeLizwi likaThixo. (Yeremiya 8:9) Bathi, ababhali beBhayibhile babekholelwa kwiintanda-bulumko zeentlanga ezazibangqongile yaye abazange babhale ngokuchanileyo inyaniso evela kuThixo. Ngokomzekelo, umfundi wezakwalizwi ongumKatolika uHans Küng ubhala esithi: “Iingcamango eziziintsomi ezingoSathana enemikhosi yeedemon . . . zatyhutyha zivela kwiintsomi zaseBhabhiloni zisiya kubuYuda bamandulo yaye ukusuka apho zaya kwiTestamente Entsha.”—On Being a Christian.
Kodwa iBhayibhile ayililo ilizwi labantu; ngokwenene iliLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. Ngoko ke, siya kube senza ngobulumko ukukuqwalasela ngokunzulu oko ikuthethayo ngoMtyholi.—2 Timoti 3:14-17; 2 Petros 1:20, 21.
Wayecinga Ntoni UYesu?
UYesu Kristu wayekholelwa ukuba uMtyholi wayengumntu wokwenene. UYesu akazange ahendwe bubungendawo obabungaphakathi kuye. Wahlaselwa ngumntu wokwenene owathi kamva wambiza ngokuthi “umlawuli wehlabathi.” (Yohane 14:30; Mateyu 4:1-11) Kwakhona wayekholelwa ekubeni ezinye izidalwa zokomoya zazimxhasa uSathana kumaqhinga akhe angendawo. Waphilisa abantu ‘abaneedemon.’ (Mateyu 12:22-28) Nempapasho ebhalwe ngumntu ongakholelwayo kuThixo ethi A Rationalist Encyclopædia ithetha ngokubaluleka koku xa isithi: “Ibisoloko iyinto ekhubekisayo kubafundi bezakwalizwi into yokuba uYesu weencwadi zeVangeli wayekholelwa kwizidalwa zokomoya ezingendawo.” Xa uYesu wathetha ngoMtyholi needemon zakhe, wayengaphindaphindi nje iinkolelo ezivela kwiintsomi zaseBhabhiloni. Wayesazi ukuba zaziphila ngokwenene.
Sifunda okuninzi ngoMtyholi xa sicinga ngamazwi kaYesu awayewabhekisa kubafundisi bonqulo bomhla wakhe xa wathi: “Nina niphuma kuyihlo uMtyholi, yaye nithanda ukwenza ngokweminqweno kayihlo. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqaleni, yaye akemi enyanisweni, kuba inyaniso ayikho kuye. Xa ethetha ubuxoki, uthetha ngokotyekelo lwakhe, kuba ulixoki noyise wabo ubuxoki.”—Yohane 8:44.
Ngokutsho kwale ndinyana, uMtyholi, igama elithetha “umhlebi,” ‘wayelixoki noyise wabo ubuxoki.’ Wayesisidalwa sokuqala esaxoka ngoThixo, yaye wakwenza oko kumyezo wase-Eden. UYehova wathi abazali bethu bokuqala babeya “kufa ngokuqinisekileyo” ukuba baye batya kumthi wokwazi okulungileyo nokubi. Esebenzisa umlomo wenyoka, uSathana wathi loo mazwi ayengeyonyaniso. (Genesis 2:17; 3:4) Ngokufanelekileyo, ubizwa ngokuba ‘uyinyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi.’—ISityhilelo 12:9.
UMtyholi waxoka ngomthi wokwazi okulungileyo nokubi. Wama ngelithi ukwalelwa ukutya kulo mthi kwakungalunganga; yayikukusetyenziswa kakubi kwegunya. Wathi uAdam noEva, babesenokuba “njengoThixo” ekuzicingeleni ngoko kulungileyo noko kubi. USathana wayesithi njengabantu abanenkululeko yokuzikhethela, bafanele bazigqibele ngokupheleleyo. (Genesis 3:1-5) Oku kuhlaselwa kokulunga kwendlela uThixo alawula ngayo kwaphakamisa iimbambano ezibalulekileyo. Ngoko uYehova uye wavumela ixesha ukuba ezi mbambano zizinziswe. Oku kuthetha ukuba uSathana uye wavunyelwa ukuba aqhubeke ephila okwethutyana. Ngoku ixesha lakhe elisikelwe umda liyaphela. (ISityhilelo 12:12) Sekunjalo, uyaqhubeka ehlukanisa uluntu noThixo ngokuxoka nokuqhatha, esebenzisa abantu abanjengababhali nabaFarisi bexesha likaYesu ukuba basasaze iimfundiso zakhe.—Mateyu 23:13, 15.
Kwakhona uYesu wathi uMtyholi “wayesisibulala-mntu kwasekuqaleni” yaye “akemi enyanisweni.” Oku akuthethi ukuba uYehova wadala uMtyholi ‘njengesibulala-mntu.’ Wayengadalelwanga ukuba abe luhlobo oluthile lwegongqongqo eliphetheyo kwindawo ethile enomlilo nekuthuthunjiswa kuyo abo bachasa uThixo. “Isihogo” ekuthethwa ngaso eBhayibhileni asilokhaya likaSathana. Lingcwaba nje eliqhelekileyo loluntu.—IZenzo 2:25-27; ISityhilelo 20:13, 14.
Ekuqaleni uMtyholi ‘wayesenyanisweni.’ Wayeyinxalenye yentsapho yasezulwini kaYehova njengonyana kaThixo wokomoya ofezekileyo. Kodwa akazange ‘eme enyanisweni.’ Wakhetha iindlela zakhe nemigaqo yakhe esekelwe kubuxoki. “Waba sisibulala-mntu kwasekuqaleni,” kungekhona xa wayedalwa njengonyana kaThixo oyingelosi, kodwa xa wavukela uThixo ngokuzithandela waxoka kuAdam noEva. UMtyholi ufana nabantu abavukela uYehova ngexesha likaMoses. Sifunda oku ngabo: “Bona bazonakalisile ngokwabo; abangobantwana bakhe, bazizisele isiphako ngokwabo.” (Duteronomi 32:5) Kunokuthethwa okufanayo ngoSathana. Waba “sisibulala-mntu” xa wavukela waza wabekek’ ityala ngokufa kuka-Adam noEva yaye, enyanisweni, intsapho yonke yabantu.—Roma 5:12.
Iingelosi Ezingathobeliyo
Ezinye iingelosi zathelela uSathana kwimvukelo yakhe. (Luka 11:14, 15) Ezi ngelosi “zayishiya indawo yazo efanelekileyo yokuhlala” zaza zambatha imizimba yenyama ukuze zinandiphe iintlobano zesini “neentombi zabantu” ngomhla kaNowa. (Yude 6; Genesis 6:1-4; 1 Petros 3:19, 20) “Isinye kwisithathu seenkwenkwezi zezulu,” okanye igcuntswana lezidalwa zokomoya, lathabatha ikhondo lakhe.—ISityhilelo 12:4.
Incwadi enemifuziselo emininzi yeSityhilelo ichaza uMtyholi ‘njengenamba enkulu embala ubumlilorha.’ (ISityhilelo 12:3) Ngoba? Oku akubangelwa kukuba enomzimba ongokoqobo owoyikekayo nombi. Enyanisweni, asazi ukuba izidalwa zokomoya zinomzimba onjani, kodwa kusenokwenzeka ukuba umzimba kaSathana awahlukanga kowezidalwa zokomoya eziziingelosi. Noko ke, “inamba enkulu embala ubumlilorha” yindlela efanelekileyo onokuchazwa ngayo umoya kaSathana wokunyoluka, owothusayo, onamandla nowenzakalisayo.
Ngoku uSathana needemon basikelwe umda. Abasakwazi ukwambatha omnye umzimba njengoko kubonakala ngathi babekwazi ekuqaleni. Kungekudala emva kokusekwa koBukumkani bukaThixo ezandleni zikaKristu ngowe-1914, baphoswa phantsi kummandla womhlaba.—ISityhilelo 12:7-9.
UMtyholi Ulutshaba Ekunzima Ukuloyisa
Sekunjalo, uMtyholi ulutshaba ekunzima ukuloyisa. “Uhambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo.” (1 Petros 5:8) Akayiyo ingcamango ephakathi kwinyama yethu engafezekanga, ebangela ukuba senze ubungendawo. Liyinyaniso elokuba, silwa notyekelo lwethu lokungafezeki imihla ngemihla. (Roma 7:18-20) Kodwa owona mlo unxamnye “nabalawuli behlabathi bobu bumnyama, kwanemikhosi yoomoya abangendawo kwezasezulwini iindawo.”—Efese 6:12.
Yande kangakanani impembelelo kaMtyholi? Umpostile uYohane uthi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) Kakade ke, asifuni ukuthi phithi nguMtyholi okanye sivumele ukumoyika ngenxa yeenkolelo kusingcangcazelise. Noko ke, siya kube senza ngobulumko ukuba sihlala siyiphaphele imigudu yakhe yokusimfamekisa kwinyaniso nokwaphula ingqibelelo yethu kuThixo.—Yobhi 2:3-5; 2 Korinte 4:3, 4.
UMtyholi akasoloko esebenzisa iindlela ezikhohlakeleyo ekuhlaseleni abo bafuna ukwenza ukuthanda kukaThixo. Maxa wambi, uzenza abonakale ‘eyingelosi yokukhanya.’ Umpostile uPawulos walumkisa amaKristu ngale ngozi xa wabhala esithi: “Ndiyoyika ukuba ngandlel’ ithile, njengoko inyoka yamlukuhlayo uEva ngobuqhokolo bayo, iingqondo zenu zisenokonakaliswa zisuke ekunyanisekeni nakubunyulu obufanele uKristu.”—2 Korinte 11:3, 14.
Ngoko ke, simele ‘sihlale sithe qwa, silindile, size sime ngokunxamnye naye, siqinile elukholweni.’ (1 Petros 5:8, 9; 2 Korinte 2:11) Kuphephe ukumenzela lula izinto uSathana ngokuchith’ ixesha nakwintoni na edibene nobugqi. (Duteronomi 18:10-12) Yiba ngumfundi okhutheleyo weLizwi likaThixo, ukhumbule ukuba uYesu Kristu ngokuphindaphindiweyo wabhekisela kwiLizwi likaThixo xa wayelingwa nguMtyholi. (Mateyu 4:4, 7, 10) Thandazela umoya kaThixo. Isiqhamo sawo sinokukunceda uphephe imisebenzi yenyama, nto leyo uSathana ayiphembelela ngokuphumelelayo. (Galati 5:16-24) Kwakhona, thandaza ngokunyanisekileyo kuYehova xa uvakalelwa kukuba uphantsi kwengcinezelo ngandlel’ ithile evela kuMtyholi needemon zakhe.—Filipi 4:6, 7.
Akukho mfuneko yokutyhwatyhwa ngenxa kaMtyholi. UYehova uthembisa ukukukhusela nakwintoni na uSathana anokuyenza. (INdumiso 91:1-4; IMizekeliso 18:10; Yakobi 4:7, 8) Umpostile uPawulos uthi: “Qhubekani nizuza amandla eNkosini nasekomeleleni kwayo.” Ngoko ke uya ‘kukwazi ukuma uqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.’—Efese 6:10, 11.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
UYesu wayesazi ukuba uMtyholi ungumntu wokwenene
[Umfanekiso okwiphepha 6]
“Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo”
[Inkcazelo]
NASA photo
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Mxhathise uMtyholi ngokufundisisa iLizwi likaThixo uze uthandaze rhoqo