Ngaba Ufundisa Ngendlela Ephumelelayo?
ABAZALI, abadala, abavakalisi beendaba ezilungileyo—bonke bafanele babe ngabafundisi. Abazali bafundisa abantwana babo, abadala bafundisa amalungu ebandla lamaKristu, yaye abashumayeli beendaba ezilungileyo bafundisa abasandul’ ukubonakalisa umdla. (Duteronomi 6:6, 7; Mateyu 28:19, 20; 1 Timoti 4:13, 16) Yintoni onokuyenza ukuze ufundise ngendlela ephumelelayo? Okokuqala, unokulandela umzekelo nendlela yabafundisi abaphumelelayo okhankanywe kwiLizwi likaThixo. UEzra wayengumfundisi onjalo.
Ukufunda Kumzekelo KaEzra
UEzra wayengumbingeleli womnombo ka-Aron owayephila kwiminyaka enokuba ngama-2 500 eyadlulayo eBhabhiloni. Ngonyaka wama-468 B.C.E., waya eYerusalem ukuze ahambisele phambili unqulo olunyulu kumaYuda awayephila apho. (Ezra 7:1, 6, 12, 13) Lo msebenzi wawufuna ukuba afundise abantu uMthetho kaThixo. Wenza ntoni uEzra ukuqinisekisa ukuba imfundiso yakhe yayiphumelela? Wathabatha amanyathelo afanelekileyo ambalwa. Phawula la manyathelo njengoko ebhalwe kuEzra 7:10:
“UEzra [1] wayeyilungisile intliziyo yakhe [2] ukuba ahlole umthetho kaYehova, [3] awenze aze [4] afundise uSirayeli imimiselo nokusesikweni.” Makhe siqwalasele ngokufutshane inyathelo ngalinye size sibone ukuba sinokufunda ntoni kuwo.
“UEzra Wayeyilungisile Intliziyo Yakhe”
Kanye njengokuba umlimi eqala ngokulungisa umhlaba ngokusebenzisa ikhuba ngaphambi kokuhlwayela imbewu, ethandaza ngokunyanisekileyo, uEzra walungisa intliziyo yakhe ukuba yamkele ilizwi likaThixo. (Ezra 10:1) Ngamanye amazwi, ‘wayithoba intliziyo yakhe’ ukuze ifundiswe nguYehova.—IMizekeliso 2:2.
Ngokufanayo, iBhayibhile ithi uKumkani uYehoshafati ‘wayilungisa intliziyo yakhe ukuba afune uThixo oyinyaniso.’ (2 Kronike 19:3) Ngokwahlukileyo koko, isizukulwana sikaSirayeli “esingayilungisanga intliziyo yaso” sichazwa ‘njengesineenkani nesinemvukelo.’ (INdumiso 78:8) UYehova ubona ‘umntu ofihlakeleyo wentliziyo.’ (1 Petros 3:4) Ewe, “abalulamileyo uya kubafundisa indlela yakhe.” (INdumiso 25:9) Ngoko ke, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba abafundisi namhlanje balandele umzekelo kaEzra okokuqala ngokuthandaza ngokunyanisekileyo ukuze iintliziyo zabo zibe kwimeko efanelekileyo!
“Ukuba Ahlole Umthetho KaYehova”
Ukuze abe ngumfundisi ophumelelayo, uEzra wahlola iLizwi likaThixo. Ukuba ubuye kwagqirha, ngaba ubungayi kuphulaphula ngenyameko uze uqiniseke ukuba ukuqonde konke oko akuthethayo okanye akunika kona? Ngokuqinisekileyo, ubuya kwenjenjalo ngenxa yempilo yakho. Ngoko ke, sifanele sinikele ingqalelo engakumbi kwizinto uYehova asixelela zona, okanye asinika zona, ngeLizwi lakhe, iBhayibhile, ‘nangekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ Ngapha koko, ubomi bethu buxhomekeke ekuphulaphuleni isiluleko sakhe! (Mateyu 4:4; 24:45-47) Kakade ke, ugqirha usenokuphazama, kodwa “umthetho kaYehova ugqibelele.” (INdumiso 19:7) Asinakuze sifune uluvo lwesibini.
Iincwadi zeBhayibhile zeziKronike (uEzra awazibhala mandulo zangumqulu omnye) zibonisa ukuba uEzra ngokwenene wayengumfundi onenyameko. Ukuze abhale ezi ncwadi, kwafuneka aphande kwiincwadi ezininzi.a AmaYuda, awayesandul’ ukufika evela eBhabhiloni, ayefuna ukuva amagqabantshintshi ngembali yohlanga lwawo. Ayengenalwazi lungako ngemisitho yonqulo lwawo, ngenkonzo yetempile nemisebenzi yabaLevi. Kwakubalulekile ukufumana iingxelo ngomnombo wokuzalwa. UEzra wanikela ingqalelo ekhethekileyo kuloo mibandela. De kufike uMesiya, amaYuda ayefanele ahlale njengohlanga kwilizwe lawo, enetempile, umbingeleli nomlawuli. Ngenxa yenkcazelo eyafunyanwa nguEzra, kwakunokuhlala kukho umanyano nonqulo lokwenyaniso.
Injani imikhwa yakho yokufundisisa xa ithelekiswa nekaEzra? Ukufundisisa iBhayibhile ngokukhuthala kuya kukunceda ukuba ufundise iBhayibhile ngokuphumelelayo.
‘Hlolani Umthetho KaYehova’ Njengentsapho
Ukuhlola umthetho kaYehova akupheleliswanga kufundisiso lobuqu. Isifundo sentsapho sisinika elona thuba lihle lokukwenza oku.
Isibini saseNetherlands, uJan noJulia, baye bafundela oonyana babo ababini ngokuvakalayo ukususela ekuzalweni kwabo. Namhlanje, uIvo uneminyaka eli-15 ubudala yaye uEdo uneminyaka eli-14 ubudala. Kanye ngeveki, basenesifundo sabo sentsapho. UJan uyachaza: “Injongo yethu ephambili ayikuko ukuxubusha inkcazelo eninzi ebudeni besifundo kodwa kukuba la makhwenkwe akuqonde oko kuxutyushwayo.” Uhlabela mgama esithi: “La makhwenkwe enza uphando oluninzi. Ajonga amagama angaqhelekanga nabantu abaseBhayibhileni—ukuba babephila nini, babengoobani, babesenza ntoni nezinye izinto. Ukususela ekwazini kwawo ukufunda, aye ahlolisisa iincwadi ezinjengeInsight on the Scriptures, izichazi-magama neentyilalwazi. Oku kusenza isifundo sentsapho sibe mnandi. La makhwenkwe asoloko ekhangele phambili kuso yaye esilungele.” Ukongezelela, omabini la makhwenkwe aphuma emagqabini kwizifundo zeelwimi esikolweni.
Esinye isibini saseNetherlands, uJohn noTini, bafundisisa nonyana wabo, uEsli (ngoku oneminyaka engama-24 ubudala yaye onguvulindlela kwelinye ibandla), kunye nentombi yabo, uLinda (ngoku oneminyaka engama-20 ubudala yaye otshate nomzalwana oselula onenzondelelo). Noko ke, kunokuba bafundisise impapasho ethile besebenzisa imibuzo neempendulo, baye basilungiselela isifundo sabo safanelekela iminyaka neemfuno zaba bantwana. Benza njani?
UJohn uthi unyana nentombi yakhe babekhetha umbandela obangel’ umdla kwinqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” (elivela kwiMboniselo) nelithi “Imbono YeBhayibhile” (elivela kuVukani!). Kamva, babethetha ngoko bakulungiseleleyo, nto leyo eyayibangela iingxubusho zentsapho ezibangel’ umdla. Ngale ndlela abaselula babekwazi ukwenza uphengululo baze bathethe ngoko babekufundile. Ngaba ‘uyawuhlola umthetho kaYehova’ nabantwana bakho? Oku akusayi kukunceda nje ekuphuculeni indlela ofundisa ngayo kodwa kuya kubanceda nabantwana bakho ukuba babe ngabafundisi abaphumelelayo.
“Awenze”
UEzra wayekusebenzisa oko wayekufunda. Ngokomzekelo, ngoxa wayeseBhabhiloni, kusenokwenzeka ukuba wayephila ubomi obutofotofo. Sekunjalo, xa wabona ukuba unokubanceda abantu bakhe, washiya ubutofotofo baseBhabhiloni ukuze aye kwisixeko esikude saseYerusalem, esasineenzima, iingxaki kwakunye neengozi. Kucacile ukuba, uEzra akazange aqokelele ulwazi lweBhayibhile nje kuphela kodwa wayelungele ukwenza oko wayekufundile.—1 Timoti 3:13.
Kamva, xa wayehlala eYerusalem, kwakhona uEzra wabonisa ukuba wayekusebenzisa oko wayekufundile yaye wayekufundisa. Oku kwabonakala xa weva ukuba amadoda amaSirayeli ayetshata namabhinqa angabahedeni. Ingxelo yeBhayibhile isixelela ukuba ‘wakrazula isambatho sakhe nesambatho sakhe esingenamikhono, waxhwitha inxalenye yeenwele zentloko yakhe neendevu zakhe, waza wahlala eqhiphuke umbilini de kwangokuhlwa.’ Wada waziva ‘eneentloni ukuphakamisela ubuso bakhe’ kuYehova.—Ezra 9:1-6.
Hayi indlela ekwamchaphazela ngayo ukufundisisa uMthetho kaThixo! UEzra wayeyazi kakuhle imiphumo ebuhlungu ngenxa yokungathobeli kwabantu. Inani lamaYuda awayebuyile lalilincinane. Ukuba ayetshatiselana neentlanga, kwakusenokwenzeka ukuba ekugqibeleni ayenokuba yinxalenye yeentlanga ezingabahedeni ezaziwangqongile, yaye unqulo lokwenyaniso lwalunokuphela ngokulula emhlabeni!
Okuvuyisayo kukuba, umzekelo kaEzra wokuzinikela ngoloyiko nangenzondelelo kwakhokela amaSirayeli ukuba alungise iindlela zawo. Abalahla abafazi bawo basemzini. Kwiinyanga ezintathu zonke izinto zazihamba kakuhle. Ukunyaniseka kukaEzra kuMthetho kaThixo kwaba negalelo elikhulu ekufundiseni kwakhe ngempumelelo.
Oku kuyafana nanamhlanje. Omnye ubawo ongumKristu wathi: “Abantwana abenzi oko ubaxelela kona, benza oko wena ukwenzayo!” Lo mgaqo uyasebenza nakwibandla lamaKristu. Abadala abamisela umzekelo omhle basenokulindela ukuba ibandla lizamkele iimfundiso zabo.
“Afundise USirayeli Imimiselo Nokusesikweni”
Kwakhona kukho esinye isizathu sokuba indlela uEzra awayefundisa ngayo yayiphumelela. Wayengafundisi iingcamango zakhe, kodwa wayefundisa “imimiselo nokusesikweni.” Oko kukuthi, imigaqo okanye imithetho kaYehova. Le yayiyimbopheleleko yakhe njengombingeleli. (Malaki 2:7) Kwakhona wayefundisa okusesikweni, yaye wamisela umzekelo ngoko wayekufundisa ngokunamathela koko kulungileyo ngendlela esesikweni engakhethi buso, ngokomgaqo. Xa abo banegunya bebonakalisa okusesikweni, izinto zenziwa ngocwangco yaye kubakho imiphumo ehlala ihleli. (IMizekeliso 29:4) Ngokufanayo, abadala abangamaKristu, abazali, nabavakalisi boBukumkani abalaziyo kakuhle iLizwi likaThixo baya kubenza abanye baqine ngokomoya xa befundisa imilinganiselo nokusesikweni kukaYehova ebandleni, kwiintsapho zabo nakwabo banomdla.
Ngaba akuvumi ukuba indlela ofundisa ngayo inokuba yephumelelayo ukuba uxelisa ngokupheleleyo umzekelo kaEzra othembekileyo? Ngoko ke, ‘yilungise intliziyo yakho, hlola umthetho kaYehova, wenze, uze ufundise imimiselo kaYehova nokusesikweni.’—Ezra 7:10.
[Umbhalo osemazantsi]
a Uludwe lweencwadi ezingama-20 awaphanda kuzo zifumaneka kwi-Insight on the Scriptures, kuMqulu 1 kwiphepha 444-5, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 22]
YINTONI EYENZA INDLELA UEZRA AWAYEFUNDISA NGAYO IPHUMELELE?
1. Intliziyo yakhe wayenza yakwimeko efanelekileyo
2. Wawuhlola uMthetho kaYehova
3. Wamisela umzekelo omhle ngokusebenzisa oko wayekufunda
4. Wazibhokoxa ukuze afundise imbono yeZibhalo