UYehova Uyazinyamekela Iintswelo Zethu Zemihla Ngemihla
“Musani ukuthingaza nisexhaleni; kuba . . . uYihlo uyazi ukuba niziswele ezi zinto.”—LUKA 12:29, 30.
1. UYehova uzondla njani izilwanyana?
WAKHE wambukela ungqatyana okanye enye intaka ichola-chola kwindawo nje elibala? Mhlawumbi wazibuza enoba ikho na into anokuyifumana etyiwayo ngokuxhola nje umhlaba. KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wabonisa ukuba kukho into esinokuyifunda kwindlela uYehova azondla ngayo iintaka. Wathi: “Qwalaselani ngenyameko iintaka zezulu, ngokuba azihlwayeli mbewu, azivuni yaye azihlanganisi koovimba; ukanti uYihlo osemazulwini uyazondla. Anixabisekanga ngaphezu kwazo na?” (Mateyu 6:26) Ngeendlela ezimangalisayo, uYehova uyazondla zonke izidalwa zakhe.—INdumiso 104:14, 21; 147:9.
2, 3. Sisiphi isifundo esingokomoya esisifumana kumthandazo kaYesu wokuthandazela isonka saloo mini?
2 Kwakutheni ukuze uYesu kumthandazo wakhe ongumzekelo aquke isicelo esithi: “Siphe namhlanje isonka sethu sale mini”? (Mateyu 6:11) Sinokufumana izifundo ezingokomoya kwesi sicelo silula. Okokuqala, sisifundisa ukuba uYehova unguMlungiseleli Omkhulu. (INdumiso 145:15, 16) Abantu banokuhlwayela baze bahlakule, kodwa nguThixo kuphela onokuzenza izinto zikhule, ngokomoya nangokwenyama. (1 Korinte 3:7) Ukutya nento yokusela zizipho ezivela kuThixo. (IZenzo 14:17) Ukumcela ukuba asiphe izinto esizifuna imihla ngemihla kubonisa ukuba asizithabathi lula izipho ezinjalo. Phofu ke, esi sicelo asisikhululi kwimbopheleleko esinayo yokusebenza ukuba siyakwazi ukwenjenjalo.—Efese 4:28; 2 Tesalonika 3:10.
3 Okwesibini, ukucela “isonka . . . sale mini” kubonisa ukuba asifuni ukuzikhathaza kakhulu ngexesha elizayo. Kwakhona uYesu wathi: “Musani ke ukuxhala nisithi, ‘Siza kudla ntoni na?’ okanye, ‘Siza kusela ntoni na?’ okanye, ‘Siza kunxiba ntoni na?’ Kuba zonke ezi zizinto iintlanga ezizisukela ngentumekelelo. Kuba uYihlo osemazulwini uyazi ukuba ziyimfuneko kuni zonke ezi zinto. Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni. Ngoko, musani ukuxhalela ingomso, kuba ingomso liya kuba namaxhala alo.” (Mateyu 6:31-34) Ukuthandazela “isonka . . . sale mini” kungumzekelo wokuphila ubomi obulula ‘bozinikelo lobuthixo kunye nokwanela.’—1 Timoti 6:6-8.
Ukutya Kokomoya Imihla Ngemihla
4. Ziziphi iziganeko ezenzeka kubomi bukaYesu nobamaSirayeli ezagxininisa ukubaluleka kokufumana ukutya kokomoya?
4 Ukuthandazela kwethu isonka semihla ngemihla kufanele kusikhumbuze ukufuna kwethu ukutya kokomoya imihla ngemihla. Nangona wayelambile emva kokungatyi kangangexesha elide, uYesu wakuxhathisa ukulingwa nguSathana ukuba makaguqule amatye abe sisonka, esithi: “Kubhaliwe kwathiwa, ‘Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.’” (Mateyu 4:4) Apha uYesu ucaphula amazwi awathethwa ngumprofeti uMoses, owaxelela amaSirayeli esithi: “[UYehova] wakuthoba, wakulambisa, wakudlisa imana, into obungayazi, ababengayazi nooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu kodwa uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Duteronomi 8:3) Indlela uYehova awawalungiselela ngayo imana amaSirayeli yayingekokuwenza nje afumane ukutya kokwenyama kodwa wawafundisa okuthile ngokomoya. Kaloku, kwakufuneka “ngamnye abuthe isabelo sakhe semini.” Ukuba wayebuthe isabelo esingaphezu kwesosuku, eseleyo yayiqalisa ukunuka nokubola. (Eksodus 16:4, 20) Kodwa, oku kwakungenzeki ngosuku lwesithandathu xa kwakufanele abuthe isabelo esiphindwe kabini ukuze akwazi ukulungiselela neSabatha. (Eksodus 16:5, 23, 24) Ngoko ke imana yabethelela ezingqondweni zawo imfuneko yokuthobela nokuba ubomi bawo buxhomekeke kungekuphela nje kwisonka kodwa ‘kumazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.’
5. UYehova usilungiselela njani ukutya kokomoya imihla ngemihla?
5 Ngokufanayo nathi sifanele sizondle imihla ngemihla ngokutya kokomoya okuvela kuYehova ngoNyana wakhe. Ngenxa yoko, uYesu umisele “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” ukuze lisilungiselele “ukutya ngexesha elifanelekileyo.” (Mateyu 24:45) Olu didi lwekhoboka elithembekileyo alilungiseleli nje ukutya kokomoya okuyintabalala ngeencwadi zokufundisisa iBhayibhile kodwa kwakhona lisikhuthaza ukuba sifunde iBhayibhile imihla ngemihla. (Yoshuwa 1:8; INdumiso 1:1-3) NjengoYesu, nathi sinokondliwa ngokomoya ngokwenza umgudu ngokufunda ngoYehova nokwenza ukuthanda kwakhe.—Yohane 4:34.
Ukuxolelwa Izono
6. Ngawaphi amatyala esicela ukuxolelwa kuwo, yaye uYehova ulungele ukusixolela phantsi kwaziphi iimeko?
6 Isicelo esilandelayo kumthandazo ongumzekelo sithi: “Uze usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.” (Mateyu 6:12) Apha uYesu wayengathethi ngamatyala emali. Wayecinga ngokuxolelwa izono zethu. Kwingxelo kaLuka yomthandazo ongumzekelo esi sicelo sifundeka ngale ndlela: “Sixolele izono zethu, kuba nathi siyabaxolela bonke abanamatyala kuthi.” (Luka 11:4) Ngaloo ndlela, xa sisona, kuba ngathi sinetyala kuYehova. Kodwa uThixo wethu onothando ukulungele ‘ukucima’ okanye ukusixolela elo tyala ukuba siguquka ngokunyanisekileyo, ‘sijike,’ size sicele uxolo ngesizinzi sedini lentlawulelo likaKristu.—IZenzo 3:19; 10:43; 1 Timoti 2:5, 6.
7. Kutheni imihla ngemihla sifanele sithandazele ukuxolelwa kwezono zethu?
7 Kwelinye icala, siyona ukuba asiyifikeleli imilinganiselo kaYehova yemigaqo elungileyo. Ngenxa yesono esisizuze ilifa, sonke sona ngokuthetha, ngokwenza nangokucinga okanye asikwenzi oko besifanele ukuba siyakwenza. (INtshumayeli 7:20; Roma 3:23; Yakobi 3:2; 4:17) Ngoko ke, enoba siyazi ukuba sonile ebudeni bemini okanye akunjalo, sifanele kwimithandazo yethu yemihla ngemihla siquke ukuxolelwa kwezono zethu.—INdumiso 19:12; 40:12.
8. Ukuthandazela ukuxolelwa kufanele kusikhokelele ukuba senze ntoni, yaye oku kunokusinceda njani?
8 Ukuthandazela ukuxolelwa kufanele kuhambisane nokuzihlola ngenyameko, ukuguquka, nokusivuma isono, sinokholo kumandla okusindisa egazi likaKristu elaphalalayo. (1 Yohane 1:7-9) Ukuze singqine ukunyaniseka kwemithandazo yethu, izicelo zethu zifanele zingqinwe ‘yimisebenzi efanele inguquko.’ (IZenzo 26:20) Sinokwandula ke sibe nokholo lokuba uYehova ukulungele ukusixolela izono zethu. (INdumiso 86:5; 103:8-14) Oku kukhokelela kuxolo lwengqondo olungathethekiyo, “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda,” oluya “kuzilinda iintliziyo [zethu] namandla [ethu] engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:7) Kodwa umthandazo kaYesu usifundisa okungakumbi ngoko simele sikwenze ukuze sixolelwe izono zethu.
Ukuze Sixolelwe, Simele Sixolele
9, 10. (a) Ngawaphi amazwi uYesu awawaquka kumthandazo wakhe ongumzekelo, yaye oku kugxininisa ntoni? (b) UYesu waphinda wenza wuphi umzekeliso ukubonisa imfuneko yokuba sixolele?
9 Okubangel’ umdla kukuba, isicelo esithi “uze usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi” kuphela kwamazwi uYesu awawaphindayo omthandazo wakhe. Emva kokuqukumbela umthandazo, wongezelela esithi: “Kuba ukuba niyabaxolela abantu izigqitho zabo, noYihlo osemazulwini uya kunixolela; kanti ukuba anibaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela ezenu izigqitho.” (Mateyu 6:14, 15) Ngaloo ndlela, uYesu wakwenza kwacaca ukuba ukuxolelwa kwethu nguYehova kuxhomekeke enoba thina siyabaxolela abanye.—Marko 11:25.
10 Ngesinye isihlandlo, uYesu wenza umzekeliso ebonisa imfuneko yokuba sixolele ukuba silindele uYehova asixolele. Wabalisa ngokumkani othile owacima ityala elikhulu lekhoboka elithile. Kamva lo kumkani wayohlwaya ngokuqatha le ndoda xa yona ingazange ifune ukucima ityala elincinane gqitha lelinye ikhoboka. UYesu wawuqukumbela lo mzekeliso ngokuthi: “UBawo osemazulwini uya kuqhubana nani ngohlobo olufanayo ukuba anixoleli ngamnye umzalwana wakhe ngokusuka ezintliziyweni zenu.” (Mateyu 18:23-35) Isifundo sicacile: UYehova usixolele ityala elikhulu kunalo naliphi na umntu anokulenza kuthi. Ukongezelela koko, uYehova usixolela imihla ngemihla. Ngokuqinisekileyo ke ngoko, nathi sinokubaxolela abanye abasona ngamaxesha athile.
11. Sisiphi isiluleko esanikelwa ngumpostile uPawulos esiya kusithobela ukuba silindele uYehova asixolele, yaye oku kuya kuphumela entwenini?
11 Umpostile uPawulos wabhala: “Yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane, nixolelane ngesisa kanye njengokuba noThixo wanixolelayo ngesisa ngaye uKristu.” (Efese 4:32) Ukuxolela ngesisa kubangela kubekho uxolo phakathi kwamaKristu. Ukongezelela uPawulos wabongoza: “Njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele nabathandwayo, yambathani umsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo. Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye. Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani. Ke, phezu kwazo zonke ezi zinto, yambathani uthando, kuba lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.” (Kolose 3:12-14) Konke oku kuboniswa kumthandazo uYesu awasifundisa ukuba siwenze esithi: “Uze usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.”
Ukusindiswa Esilingweni
12, 13. (a) Isicelo esilandelayo kumthandazo ongumzekelo asinakuba sithetha ntoni? (b) Ngubani uMhendi omkhulu, yaye sithetha ukuthini xa sithandaza sisithi singangeniswa ekuhendweni?
12 Isicelo esilandelayo kumthandazo kaYesu sithi: “Ungasingenisi ekuhendweni.” (Mateyu 6:13) Ngaba uYesu wayethetha ukuba simcele uYehova ukuba angasilingi? Oku akunakuba njalo, kuba umfundi uYakobi waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’ Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (Yakobi 1:13) Ukongezelela, umdumisi wabhala: “Ukuba ubulinda iziphoso, Ya, Owu Yehova, ngubani na obenokuma?” (INdumiso 130:3) UYehova akajongi zonke iimpazamo zethu, yaye ngokuqinisekileyo akazami ukusiwisa. Ngoko ke, le nxalenye yomthandazo ithetha ukuthini?
13 Lowo ozama ukusiwisa nosiqhathayo ukuze sone, aze akwazi ukusiqwenga, nguSathana uMtyholi. (Efese 6:11) UnguMhendi omkhulu. (1 Tesalonika 3:5) Ukuthandazela ukuba singangeni ekuhendweni, sicela uYehova ukuba angasivumeli ukuba sinikezele xa silingwa. Simcela ukuba asincede ukuze “singabi zizisulu zikaSathana” sinikezele kwizilingo. (2 Korinte 2:11) Sithandazela ukuba sihlale “kwindawo efihlakeleyo yOyena Uphakamileyo,” sikhuselekile ngokomoya njengabo bathobela ulongamo lukaYehova kuko konke abakwenzayo.—INdumiso 91:1-3.
14. Umpostile uPawulos usiqinisekisa njani ukuba uYehova akasayi kuze asilahle ukuba sithembele Kuye xa silingwa?
14 Sinokuqiniseka ukuba, ukuba lowo ngumnqweno wethu onyanisekileyo, esiwuvakalisa emithandazweni yethu nesiwubonakalisa ngezenzo zethu, uYehova akasayi kuze asilahle. Umpostile uPawulos uyasiqinisekisa: “Akukho sihendo sinibambileyo ngaphandle koko kuqhelekileyo ebantwini. Kodwa uThixo uthembekile, yaye akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala, kodwa kunye nesihendo eso uya kwenza nendlela yokuphuma ukuze nikwazi ukusinyamezela.”—1 Korinte 10:13.
“Sihlangule Kulowo Ungendawo”
15. Kutheni kubaluleke ngakumbi ukuthandazela ukuba sisindiswe kongendawo?
15 Ngokutsho kweyona mibhalo-ngqangi inokuthenjwa yeZibhalo zamaKristu zesiGrike, amazwi okugqibela kumthandazo kaYesu ongumzekelo athi: “Sihlangule kulowo ungendawo.”a (Mateyu 6:13) Sifanele sikhuselwe ngakumbi kuMtyholi kule mihla yokugqibela. USathana needemon zakhe balwa nentsalela ethanjisiweyo, ‘egcina imiyalelo kaThixo nenomsebenzi wokungqinela uYesu,’ kunye namaqabane ayo, “isihlwele esikhulu.” (ISityhilelo 7:9; 12:9, 17) Umpostile uPetros wawaluleka amaKristu esithi: “Hlalani nithe qwa, nilindile. Utshaba lwenu, uMtyholi, luhambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo. Yimani ngokunxamnye nalo, niqinile elukholweni.” (1 Petros 5:8, 9) USathana ebengakuvuyela ukusenza siyeke ukunikela ubungqina, yaye esebenzisa izithunywa zakhe emhlabeni—enoba zezonqulo, ezorhwebo, okanye ezobupolitika—uzama ukusoyikisa. Noko ke, ukuba sihlala siqinile, uYehova uya kusisindisa. Umfundi uYakobi wabhala: “Zithobeni, ke ngoko, kuThixo; kodwa mchaseni uMtyholi, wonibaleka.”—Yakobi 4:7.
16. Yintoni uYehova anokuyisebenzisa ukunceda abakhonzi bakhe xa belingwa?
16 UYehova wamvumela uNyana wakhe ukuba alingwe. Kodwa emva kokuba uYesu emchasile uMtyholi, esebenzisa iLizwi likaThixo njengento yokuzikhusela, uYehova wathumela iingelosi zakhe ukuze zimomeleze. (Mateyu 4:1-11) Ngokufanayo, uYehova usebenzisa iingelosi zakhe ukuze zisincede ukuba sithandaza sinokholo size simenze indawo yethu yokubalekela. (INdumiso 34:7; 91:9-11) Umpostile uPetros wabhala: “UYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo, kodwa abantu abangengomalungisa ubagcinele imini yomgwebo ukuze banqunyulwe.”—2 Petros 2:9.
Ukusindiswa Okupheleleyo Kusemnyango
17. Ngokusinika umthandazo ongumzekelo, uYesu wazibeka njani izinto kwindawo yazo?
17 Kumthandazo ongumzekelo, uYesu ubeka izinto kwindawo yazo. Sifanele ngokuyintloko sixhalabele ukungcwaliswa kwegama likaYehova elikhulu nelingcwele. Ekubeni isixhobo sokwenza oku ibuBukumkani bukaMesiya, sithandazela ukuba uBukumkani bufike ukuze butshabalalise zonke izikumkani zabantu abangafezekanga, okanye oorhulumente, nokuqinisekisa ukuba ukuthanda kukaThixo kuya kwenziwa ngokupheleleyo emhlabeni njengokuba kusenziwa ezulwini. Ithemba lethu lokuphila ngonaphakade emhlabeni oyiparadesi lixhomekeke ekungcwalisweni kwegama likaYehova nokwamkelwa kolongamo lwakhe lobulungisa emhlabeni wonke. Emva kokuthandazela ezi zinto zibalulekileyo, sinokuthandazela iintswelo zethu zemihla ngemihla, ukuxolelwa kwezono zethu, nokuhlangulwa ezilingweni nakumaqhinga ongendawo, uSathana uMtyholi.
18, 19. Umthandazo kaYesu ongumzekelo usinceda njani ukuze sihlale silindile size silenze ithemba lethu ‘liqine kude kuse ekupheleni’?
18 Ukuhlangulwa kwethu ngokupheleleyo kongendawo nakule nkqubo yonakeleyo yezinto kusondele. USathana wazi mhlophe ukuba “ixesha analo lifutshane” ukuze abonakalise ‘umsindo wakhe omkhulu’ emhlabeni, ingakumbi kubakhonzi bakaYehova abathembekileyo. (ISityhilelo 12:12, 17) Kumqondiso oyintlanganisela “wokupheliswa kwenkqubo yezinto,” uYesu wazixela kusengaphambili iziganeko ezichulumancisayo, ezinye zazo ezingekenzeki. (Mateyu 24:3, 29-31) Njengokuba sizibona ezi zinto zisenzeka, ithemba lethu lokusindiswa liya liqiniseka. UYesu wathi: “Njengoko ezi zinto ziqala ukubakho, yimani nkqo nize niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela intlangulo yenu.”—Luka 21:25-28.
19 Umthandazo kaYesu ongumzekelo awawufundisa abafundi bakhe usinika ukhokelo oluhle lwendlela esifanele siyiqukumbele ngayo imithandazo yethu njengokuba isiphelo sisondela. Ngamana singahlala siqinisekile ukuba kude kube sekupheleni, uYehova uya kuqhubeka esondla imihla ngemihla ngokomoya nangokwenyama. Ukuhlala kwethu sikuphaphele ukuthandaza kuya kusenza ‘sibambelele nkqi kwintembelo esasinayo ekuqaleni, siqinise kude kuse ekupheleni.’—Hebhere 3:14; 1 Petros 4:7.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ezinye iiBhayibhile ezindala, njengeBhayibhile yesiXhosa, iqukumbela uMthandazo weNkosi ngamazwi okudumisa uThixo athi: “Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.” IThe Jerome Biblical Commentary ithi: “La mazwi angumphetho womthandazo . . . akafumaneki kweyona [mibhalo-ngqangi] inokuthenjwa.”
Impinda
• Sithetha ukuthini xa sicela ‘isonka sethu salo mhla’?
• Chaza umthandazo othi “sixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.”
• Kuthetha ukuthini ukucela uYehova ukuba angasingenisi ekuhendweni?
• Kutheni sifanele sithandaze sithi “sihlangule kulowo ungendawo”?
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Simele sibaxolele abanye ukuba nathi sifuna ukuxolelwa
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 13]
Lydekker