Zukisani UThixo “Ngamlomo Mnye”
“Nimzukise ngamlomo mnye uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu.”—ROMA 15:6.
1. UPawulos wawafundisa ntoni amanye amakholwa ngokusingatha ukuba neembono ezingafaniyo ngezinto?
AMAKRISTU akakhethi okanye athande izinto ezifanayo onke. Ukanti, onke amaKristu amele amanyane kwindlela esa ebomini. Ngaba oko kunokwenzeka? Ewe, kunokwenzeka ukuba ukungaqondani nje okuncinane asikwenzi kube yimbambano enkulu. Leyo yinto umpostile uPawulos awayifundisa amanye amakholwa kwinkulungwane yokuqala. Wayicacisa njani le ngongoma ibalulekileyo? Yaye sinokusisebenzisa njani isiluleko sakhe esiphefumlelweyo namhlanje?
Ukubaluleka Kokumanyana KwamaKristu
2. UPawulos wayigxininisa njani imfuneko yokumanyana?
2 UPawulos wayesazi ukuba ukumanyana kwamaKristu kubalulekile, yaye wanikela isiluleko esihle ukunceda amaKristu ukuze anyamezelane ngothando. (Efese 4:1-3; Kolose 3:12-14) Sekunjalo, emva kokuseka amabandla amaninzi nokutyelela amanye kwiminyaka engaphezu kwengama-20, wayesazi ukuba ukulondoloza umanyano akulula. (1 Korinte 1:11-13; Galati 2:11-14) Ngenxa yoko, wawabongoza amanye amakholwa aseRoma esithi: “Ngamana ke uThixo onika unyamezelo nentuthuzelo anganenza . . . ngamxhelo mnye nimzukise ngamlomo mnye uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu.” (Roma 15:5, 6) Namhlanje, nathi ngokufanayo simele simzukise uYehova uThixo “ngamlomo mnye” njengeqela elimanyeneyo labantu bakhe. Thina siqhuba njani kule nkalo?
3, 4. (a) Zazahlukahlukene njani iimvelaphi zamaKristu aseRoma? (b) AmaKristu aseRoma akwazi njani ukumkhonza uYehova “ngamlomo mnye”?
3 AmaKristu amaninzi eRoma ayengabahlobo abasenyongweni bakaPawulos. (Roma 16:3-16) Nangona babeneemvelaphi ezingafaniyo, uPawulos wabamkela bonke abazalwana bakhe, ‘njengabaziintanda kuThixo.’ Wabhala: “Ndiyambulela uThixo wam ngoYesu Kristu ngokuphathelele nina nonke, ngenxa yokuba ukholo lwenu kuthethwa ngalo kwihlabathi liphela.” Ngokucacileyo, amaRoma ayeyimizekelo ngeendlela ezininzi. (Roma 1:7, 8; 15:14) Kwangaxeshanye, amalungu athile ebandla ayeneembono ezahlukileyo ngemibandela ethile. Ekubeni amaKristu namhlanje eneemvelaphi neendlela zokuphila ezingafaniyo, ukuqwalasela isiluleko sikaPawulos esiphefumlelweyo ngendlela yokusingatha ukungavisisani kunokuwanceda athethe “ngamlomo mnye.”
4 ERoma kwakukho amakholwa angamaYuda naweeNtlanga. (Roma 4:1; 11:13) Kubonakala ukuba amaKristu athile angamaYuda ayengakwazi ukuwayeka amasiko athile awayewenza kuMthetho kaMoses, nangona kusenokuba ayekuqonda ukuba ukwenza izinto ezinjalo kwakungeyomfuneko ukuze ubani asindiswe. Kwelinye icala, iqela lamaKristu angamaYuda ayamkela into yokuba idini likaKristu lawakhulula kwimithetho ayeyithobela ngaphambi kokuba abe ngamaKristu. Ngenxa yoko, ayiguqula eminye imikhwa nezinto ayezenza. (Galati 4:8-11) Sekunjalo, kanye njengokuba uPawulos watsho, onke ‘ayeziintanda zikaThixo.’ Onke ayenokumdumisa uThixo “ngamlomo mnye” ukuba ayeza kuhlala ejongene ngeliso elihle. Nathi namhlanje sisenokuba neembono ezingafaniyo ngezinto ezithile, ngoko sifanele siqwalasele indlela uPawulos awuchaza ngayo loo mgaqo ubalulekileyo.—Roma 15:4.
“Yamkelanani”
5, 6. Kwakutheni ukuze kubekho iimbono ezingafaniyo kwibandla laseRoma?
5 Kwincwadi yakhe eyayisiya kumaRoma, uPawulos uthetha ngemeko yabantu abanezimvo ezingafaniyo. Uyabhala: “Omnye umntu unokholo lokutya yonk’ into, kodwa umntu obuthathaka utya imifuno.” Kwakutheni ukuze kube njalo? Kaloku, kuMthetho kaMoses, inyama yehagu yayingatyiwa. (Roma 14:2; Levitikus 11:7) Noko ke, loo Mthetho wawungasasebenzi emva kokufa kukaYesu. (Efese 2:15) Emva kweminyaka emithathu enesiqingatha uYesu efile, ingelosi yaxelela uPetros ukuba kuThixo akukho kutya kufanele kugqalwe njengokungahlambulukanga. (IZenzo 11:7-12) Ecinga ngoku, wambi amaKristu angamaYuda kusenokuba ayevakalelwa kukuba angayitya inyama yehagu—okanye atye nokunye ukutya okwakungatyiwa ngaphantsi koMthetho.
6 Noko ke, kwanengcamango yokutya izinto ezazingahlambulukanga ngaphambili yayilizothe kwamanye amaKristu angamaYuda. Lawo awayengayithandi le ngcamango kusenokwenzeka ukuba ayekhubeka xa ebona abanye abazalwana abangamaKristu angamaYuda besitya ezo zinto. Ngaphezu koko, amaKristu athile eeNtlanga, angazange ajamelane nemiqathango yonqulo ephathelele ukutya, kusenokwenzeka ukuba ayengasiboni isizathu sokuba ubani enze imbambano ngokutya. Phofu ke, kwakungekho nto imbi ukuba ubani akazityi izinto ezithile, lo gama nje wayengagxininisi kwelithi ukungazityi izinto ezithile kuyimfuneko ukuze ubani asindiswe. Sekunjalo, ukuba neembono ezingafaniyo kwakusenokubangela ukungavisisani ebandleni. Kwakuza kufuneka amaKristu aseRoma akulumkele ukungavisisani okunjalo kungawathinteli ekuzukiseni uThixo “ngamlomo mnye.”
7. Ziziphi iimbono ezingafaniyo ezazikho ngokugcinwa kosuku oluthile olukhethekileyo veki nganye?
7 UPawulos unikela umzekelo wesibini: “Omnye umntu uthi umhla othile ubalulekile kunomnye; wumbi ke uthi imihla iyafana.” (Roma 14:5a) KuMthetho kaMoses, kwakungafanele kwenziwe nawuphi na umsebenzi ngeSabatha. Kwakukho nemiqathango engqongqo ngokuphathelele ukuthabatha uhambo ngolo suku. (Eksodus 20:8-10; Mateyu 24:20; IZenzo 1:12) Noko ke, xa uMthetho washenxiswa, loo miqathango yaphela. Sekunjalo, kusenokwenzeka ukuba wambi amaKristu angamaYuda ayengakhululekanga ukwenza nawuphi na umsebenzi okanye athabathe uhambo olude ngolo suku awayelugqala ngaphambili lungcwele. Kwanasemva kokuba ngamaKristu, kusenokwenzeka ukuba usuku lwesixhenxe ngokukhethekileyo ayelubekele izinto zokomoya, nangona uThixo wayewushenxisile umthetho wokugcina iSabatha. Ngaba ayephosisile ngokwenjenjalo? Akunjalo, logama nje ayengagxininisi kwelokuba uThixo ufuna kugcinwe iSabatha. Ngenxa yoko, ecingela izazela zabazalwana bakhe abangamaKristu, uPawulos wabhala: “Mntu ngamnye makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.”—Roma 14:5b.
8. Ngoxa ayenokubonakalisa ulwazelelelo ngezazela zabanye, yintoni ewayengafanele ayenze amaKristu aseRoma?
8 Phofu ke, ngoxa uPawulos wayebakhuthaza abazalwana bakhe ukuba babonakalise umonde kwabo banengxaki kwimibandela yesazela, wabakhalimela kabukhali abo babenyanzela amanye amakholwa ukuba athobele uMthetho kaMoses ukuze asindiswe. Ngokomzekelo, malunga nowama-61 C.E., uPawulos wabhala incwadi yamaHebhere, incwadi enamandla eyayisiya kumaKristu angamaYuda ecacisa ukuba ukuthobela uMthetho kaMoses kwakungeyomfuneko kuba amaKristu ayenethemba elilunge ngakumbi elisekelwe kwidini lentlawulelo likaYesu.—Galati 5:1-12; Tito 1:10, 11; Hebhere 10:1-17.
9, 10. Yintoni amaKristu afanele angayenzi? Cacisa.
9 Njengokuba sesibonile, uPawulos uthi ukwenza kwethu ukhetho olwahlukileyo akufanele kusongele umanyano logama nje kungekho migaqo yobuKristu eyaphulwayo. Ngenxa yoko, uPawulos ubuza amaKristu anezazela ezibuthathaka esithi: “Kutheni umgweba nje umzalwana wakho?” Wandula ke abuze abo bomeleleyo (mhlawumbi abo izazela zabo zibavumelayo ukuba batye ukutya okuthile okwakungatyiwa kuMthetho okanye ukuzenzela imisebenzi yabo ngeSabatha) esithi: “Kutheni umjongela phantsi nje umzalwana wakho?” (Roma 14:10) Ngokutsho kukaPawulos, amaKristu anezazela ezibuthathaka akafanele abagxeke abazalwana abanembono ephangaleleyo ngezinto. Kwangaxeshanye, amaKristu omeleleyo akafanele abajongele phantsi abo basenezazela ezibuthathaka kwiinkalo ezithile. Bonke bafanele bazihlonele iinjongo ezifanelekileyo zabanye ‘bangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako.’—Roma 12:3, 18.
10 UPawulos wayichaza ngale ndlela imbono elungeleleneyo: “Lowo utyayo makangamjongeli phantsi lowo ungatyiyo, nalowo ungatyiyo makangamgwebi lowo utyayo, kuba uThixo umamkele lowo.” Wongezelela esithi: “NoKristu wasamkela nathi, ngokubhekisele kuzuko lukaThixo.” Ekubeni abomeleleyo nababuthathaka besamkelwa nguThixo nanguKristu, nathi sifanele sibe nentliziyo evulekileyo size nathi ‘samkelane.’ (Roma 14:3; 15:7) Ngubani ongavumelaniyo naloo mazwi?
Uthando Lobuzalwana Lubangela Ubunye Namhlanje
11. Yiyiphi imeko ekhethekileyo eyayikho ngomhla kaPawulos?
11 Kwincwadi yakhe eyayisiya kwabaseRoma, uPawulos wayethetha ngemeko ekhethekileyo. UYehova wayesandul’ ukubhangisa omnye umnqophiso emisela omnye. Kwabanye kwakunzima ukuzivumelanisa nale meko intsha. Namhlanje asikho kule meko, kodwa maxa wambi kusenokuvela imbambano efanayo.
12, 13. Ziziphi iimeko amaKristu namhlanje anokubonakalisa kuzo ulwazelelelo ngesazela sabanye abazalwana?
12 Ngokomzekelo, ibhinqa elingumKristu lisenokuba ngaphambili lalililungu lonqulo eligxininisa ekubeni amabhinqa anxibe aze azilungise ngendlela nje eqhelekileyo. Xa lisamkela inyaniso, lisenokukufumanisa kunzima ukwamkela ukuba akukho nto iphosakeleyo ngokunxiba impahla endilisekileyo nemibalabala, ngamaxesha afanelekileyo okanye ukusebenzisa izithambiso zobuso ngendlela endilisekileyo. Ekubeni kungekho mgaqo weBhayibhile obandakanyekileyo, akunto ifanelekileyo ukuba nabani na azame ukunyanzela elo bhinqa lingumKristu ukuba licinezele isazela salo. Kwangaxeshanye, elo bhinqa liyaqonda ukuba alifanele liwagxeke amanye amabhinqa angamaKristu avunyelwa zizazela zawo ukuba asebenzise izinto ezinjalo.
13 Khawucinge ngomnye umzekelo. Indoda engumKristu isenokuba ikhulele kwindawo ekungamkelwayo ukusetyenziswa kotywala. Emva kokwazi inyaniso, ifunda ukuba ngokwembono yeBhayibhile, iwayini sisipho esivela kuThixo yaye isenokusetyenziswa ngobungcathu. (INdumiso 104:15) Iyayamkela loo mbono. Sekunjalo, ngenxa yemvelaphi yayo, ikhetha ukungabuphathi kwaphela utywala, kodwa ayibagxeki abo babuselayo ngobungcathu. Ngenxa yoko, isebenzisa amazwi kaPawulos athi: “Masisukele izinto ezisingisa eluxolweni nezinto ezakhayo komnye nomnye.”—Roma 14:19.
14. Ziziphi iimeko amaKristu anokusebenzisa kuzo oko kufumaneka kwisiluleko sikaPawulos esasisiya kumaRoma?
14 Zibakho nezinye iimeko ezifuna ukuba ubani asebenzise oko kufumaneka kwisiluleko sikaPawulos esasisiya kumaRoma. Ibandla lamaKristu liyilwa ngabantu abaninzi, yaye abathandi bonke izinto ezifanayo. Ngenxa yoko, banokukhetha izinto ezingafaniyo—ngokomzekelo, xa kufikelelwa kumbandela wokunxiba nokuzilungisa. Phofu ke, iBhayibhile inemigaqo ecacileyo ekufuneka ithotyelwe ngawo onke amaKristu anyanisekileyo. Sonke asifanele sinxibe ngendlela engaqhelekanga okanye iinwele zethu sizilungise ngendlela engandilisekanga okanye leyo esifanisa nabantu abathile abanxiba ngendlela engathandekiyo yehlabathi. (1 Yohane 2:15-17) AmaKristu akhumbula ukuba ngamaxesha onke, kwanaxa eziphumlele, angabalungiseleli abamela uMongami Wendalo Iphela. (Isaya 43:10; Yohane 17:16; 1 Timoti 2:9, 10) Noko ke, kwimimandla emininzi zininzi izinto ezamkelwayo amaKristu anokukhetha kuzo.a
Kuphephe Ukukhubekisa Abanye
15. UmKristu unokungazenzi nini izinto anelungelo lokuzenza, ukuze kuzuze abazalwana bakhe?
15 Kukho umgaqo wokugqibela obalulekileyo uPawulos asikhumbuza wona kwisiluleko sakhe esasisiya kumaKristu aseRoma. Maxa wambi, umKristu onesazela esiqeqeshwe kakuhle usenokugqiba kwelokuba angenzi into ayaziyo ukuba yamkelekile. Ngoba? Ngenxa yokufumanisa ukuba ukulandela ikhondo elithile kusenokuba yingozi kwabanye. Kwimeko enjalo yintoni esifanele siyenze? UPawulos uthi: “Kuhle ukuba ungatyi nyama okanye ungaseli wayini okanye ungenzi nantoni na emkhubekisayo umzalwana wakho.” (Roma 14:14, 20, 21) Ngoko ke, “thina bomeleleyo sifanele sithwale ubuthathaka babo bangomelelanga, singazikholisi thina ngokwethu. Ngamnye wethu makakholise ummelwane wakhe koko kulungileyo ukuze akheke.” (Roma 15:1, 2) Ukuba isazela somnye umKristu sinokwenzakala ngenxa yoko sikwenzayo, uthando lobuzalwana luya kusenza sibe nolwazelelelo size singakhethi ukwenza izinto ezinokubakhubekisa abanye. Umzekelo woku isenokuba kukusela utywala. UmKristu uvumelekile ukusela iwayini ngobungcathu. Kodwa ukuba ukwenjenjalo kusenokukhubekisa iqabane lakhe, akasayi kukwenza oko ngenkani.
16. Sinokulubonakalisa njani ulwazelelelo ngabo bakwintsimi yethu?
16 Lo mgaqo usenokusetyenziswa nakwindlela esisebenzisana ngayo nabanye ngaphandle kwebandla lobuKristu. Ngokomzekelo, sisenokuba sihlala kwindawo apho unqulo oluphambili lufundisa amarhamente alo ukulugqala usuku oluthile lweveki njengosuku lokuphumla. Ngenxa yeso sizathu, ukuze singakhubekisi abamelwane bethu size senze kube nzima ukushumayela, kangangoko kunokwenzeka siya kukuphepha ukwenza nantoni na enokukhubekisa abamelwane bethu. Kwenye imeko, umKristu osisityebi usenokufudukela kwindawo enentswelo engakumbi yabavakalisi nehlala abantu abangamahlwempu. Usenokukhetha ukubonakalisa ulwazelelelo ngabamelwane bakhe abatsha ngokunxiba nangokuphila nje ubomi obuqhelekileyo enoba usenokukwazi ukuba nobunewunewu.
17. Kutheni kusengqiqweni ukucingela abanye xa sisenza izigqibo?
17 Ngaba kusengqiqweni ukulindela ukuba abo “bomeleleyo” benze ezi nguqulelo? Kaloku, khawucinge ngalo mzekeliso: Ngoxa siqhuba endleleni, sibona abantwana ngaphambili behamba endleleni nto leyo enokubangela ingozi. Ngaba siya kuqhubeka sihamba ngesona santya siphakamileyo sisemthethweni kuba nje sivumelekile ukwenjenjalo? Akunjalo, siyasithoba isantya ukuze siphephe nayiphi na ingozi enokwenzeka kwabo bantwana. Maxa wambi, kusenokufuneka sikulungele ukuthob’ isantya ngendlela efanayo kulwalamano lwethu namanye amakholwa okanye abanye. Kusenokwenzeka ukuba senza into esinelungelo lokuyenza. Kusenokungabikho mgaqo weBhayibhile waphulwayo. Sekunjalo, ukuba sinokukhubekisa abanye okanye senzakalise abo banezazela ezibuthathaka, uthando lobuKristu luya kusenza sikulumkele oko. (Roma 14:13, 15) Ukulondoloza umanyano nokuhambisela phambili uBukumkani kubaluleke ngakumbi kunamalungelo ethu.
18, 19. (a) Ngokubonakalisa ulwazelelelo kwabanye, siwulandela njani umzekelo kaYesu? (b) Yiyiphi imibandela esimanyene kuyo ngokupheleleyo, yaye yintoni eza kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo?
18 Xa izinto sizenza ngale ndlela, silandela owona mzekelo mhle. UPawulos uthi: “KwanoKristu akazange azikholise yena ngokwakhe; kodwa kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: ‘Ungcikivo lwabo babekungcikiva luphezu kwam.’” UYesu wayekulungele ukunikela ngobomi bakhe ngenxa yethu. Ngokuqinisekileyo sikulungele ukungazenzi ezinye izinto esinelungelo lokuzenza ukuba oko kuya kwenza ukuba “abo bangomelelanga” bazukise uThixo kunye nathi ngokumanyeneyo. Enyanisweni, ukubonakalisa ulwazelelelo ngamaKristu anezazela ezibuthathaka—okanye ukungenzi izinto esinokukhetha ukuzenza nokugxininisa kumalungelo ethu—kubonisa ukuba “nesimo sengqondo esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu.”—Roma 15:1-5.
19 Nangona iimbono zethu kwimibandela engenakuthanani nemigaqo yeZibhalo zisenokwahluka gqitha, kwimibandela yonqulo, sizenza izinto ngomanyano. (1 Korinte 1:10) Umanyano olunjalo lubonakala, ngokomzekelo, kwindlela esibaphatha ngayo abo baluchasayo unqulo lokwenyaniso. ILizwi likaThixo libabiza abanjalo ngokuthi ngabasemzini yaye liyasilumkisa ukuba sililumkele “ilizwi labasemzini.” (Yohane 10:5) Sinokubaqonda njani abo basemzini? Sifanele sibajonge njani? Le mibuzo iza kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Abantwana abaselula balathiswa ngabazali ngendlela yokunxiba.
Unokuphendula Uthini?
• Kutheni ukuba neembono ezingafaniyo ngezinto kungafanele kulusongele umanyano lwethu?
• Kutheni thina njengamaKristu sifanele sibonakalise ulwazelelelo ngamanye?
• Ziziphi ezinye iindlela esinokusisebenzisa ngazo isiluleko sikaPawulos ngokuphathelele umanyano namhlanje, yaye yintoni eya kusenza sizimisele ukwenjenjalo?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Isiluleko sikaPawulos esingomanyano sasibalulekile ebandleni
[Umfanekiso okwiphepha 10]
AmaKristu amanyene phezu kwako nje ukuba neemvelaphi ezingafaniyo
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Yintoni afanele ayenze ngoku lo mqhubi?