“Yibani Nomsa Omnye Komnye”
“Ngokuphathelele uthando lobuzalwana yibani nomsa omnye komnye.”—ROMA 12:10.
1, 2. Omnye umvangeli wasemazweni wale mihla nompostile uPawulos babenolwalamano olunjani nabazalwana babo?
KUYO yonke iminyaka engama-43 yobuvangeli basemazweni eMpuma Ekude, uDon wayesaziwa ngobubele awayenabo ngabo wayebanceda. Njengokuba ngoku wayelele ngandletyana nye, abantu awayebafundisa ngaphambili bathabath’ uhambo lwemigama emide beze kumbona nokuthi kuye, “Kamsahamnida, kamsahamnida!”—“Enkosi, enkosi!” ngesiKorea. Babechukunyiswe ngumsa uDon awayenawo ngabo.
2 Asinguye yedwa uDon ongumzekelo kule nkalo. Kwinkulungwane yokuqala, umpostile uPawulos wabonisa umsa onzulu ngabo wayekhonza nabo. UPawulos wazinikela. Nangona wayeyindoda eyayingagungqi koko ikukholelwayo, kwakhona wayethantamisa yaye enenyameko, “njengaxa umama oncancisayo ebaphatha ngononophelo abakhe abantwana.” Walibhalela ibandla laseTesalonika esithi: “Ngenxa yokuba sinomsa ngani, kuye kwakholeka kuthi ukuba sininike, kungekuphela nje iindaba ezilungileyo zikaThixo, kodwa kwanemiphefumlo yethu, ngenxa yokuba naba ziintanda kuthi.” (1 Tesalonika 2:7, 8) Kamva, xa uPawulos waxelela abazalwana bakhe base-Efese ukuba abasayi kuphinda bambone, “balila kakhulu bonke, yaye bawela entanyeni kaPawulos baza bamanga.” (IZenzo 20:25, 37) Ngokucacileyo, ulwalamano phakathi koPawulos nabazalwana bakhe lwalungasekelwanga kuphela kwisibakala sokuba bekunqulo olunye. Babenomsa onzulu omnye ngomnye.
Umsa Nothando
3. Igama elisetyenziswa eBhayibhileni elithi umsa linxulumene njani nelithi uthando?
3 EZibhalweni, umsa, ulwazelelelo, imfesane zonke ezi mpawu zinxulumene nolona phawu lubalaseleyo lwamaKristu—uthando. (1 Tesalonika 2:8; 2 Petros 1:7) Njengamacala edayimani entle, zonke ezi mpawu zobuthixo ziyasebenzisana ukuze zivelise iziqhamo ezintle. Ziwenza amaKristu angasondelelani nje kuphela kodwa kwakhona asondelelane noBawo wawo wasezulwini. Ngenxa yoko, umpostile uPawulos wawabongoza amanye amakholwa esithi: “Uthando lwenu malungabi naluhanahaniso. . . . Ngokuphathelele uthando lobuzalwana yibani nomsa omnye komnye.”—Roma 12:9, 10.
4. Igama elithi ‘umsa’ lithetha ukuthini?
4 Igama lesiGrike uPawulos awalisebenzisayo elithetha ‘umsa’ liyilwe ziinxalenye ezimbini, enye ithetha ubuhlobo, yaye enye ithetha uthando lwemvelo. Kanye njengokuba omnye umphengululi weBhayibhile ecacisa, oku kuthetha ukuba amaKristu “abonakala ngokuzinikela ngothando, ukusondelelana kwentsapho exhasanayo.” Ngaba leyo yindlela ovakalelwa ngayo ngabazalwana noodade abangamaKristu? Ibandla lamaKristu lifanele libe nobubele—ulwalamano olusondeleyo. (Galati 6:10) Ngeso sizathu, iBhayibhile yesiXhosa (yowe-1996) iyiguqulela eyamaRoma 12:10 ngokuthi: “Thandanani ngokwabazalanayo.” Ewe, uthando phakathi kwamaKristu luquka okungakumbi nje kunokuziva sinyanzelekile. ‘Ngomsa wobuzalwana ongenaluhanahaniso,’ sifanele ‘sithandane kakhulu ngokusuka entliziyweni.’—1 Petros 1:22.
‘Sifundisiwe NguThixo Ukuba Sithandane’
5, 6. (a) UYehova uzisebenzise njani iindibano zezizwe ngezizwe ukufundisa abantu bakhe uthando lobuKristu? (b) Ulwalamano lwabazalwana lomelezwa njani kukuhamba kwexesha?
5 Nangona kweli hlabathi “uthando lwabaninzi” luphola, uYehova ufundisa abantu bakhe bale mihla ‘ukuba bathandane.’ (Mateyu 24:12; 1 Tesalonika 4:9) Iindibano zezizwe ngezizwe zamaNgqina kaYehova zizihlandlo ezibalaseleyo efumaneka kuzo le mfundiso. Kwezi ndibano, amaNgqina asekuhlaleni ahlanganisana nabazalwana abasuka kumazwe akude, yaye abaninzi bavula amakhaya abo ukuze kuhlale iindwendwe ezivela kwamanye amazwe. Kutshanje kwenye yezi ndibano, bambi bebesuka kumazwe ekunzima ngabantu balapho ukuba bavakalise iimvakalelo zabo. Omnye umKristu owayesebenza kwisebe lamagumbi uthi: “Xa ezi ndwendwe zaziqala ukufika, zazingabantu abaneentloni. Kodwa kwiintsuku nje ezintandathu kamva xa kwakufuneka zihambe, zona nabo babezamkele babewolana yaye belila. Babebone uthando lwamaKristu abangasokuze balulibale.” Ukubonakalisa umoya wokubuk’ iindwendwe kubazalwana bethu, kungakhathaliseki ukuba bavela phi, kunokuzivuyisa iindwendwe kunye nabo bazamkelayo.—Roma 12:13.
6 Nakuba amava ezi ndibano evuyisa gqitha, okona kuvuyisa ngakumbi lulwalamano olubakho xa amaKristu ekhonza uYehova kunye kangangexesha elide. Xa sibazi kakuhle abazalwana bethu, sinokuzixabisa ngakumbi iimpawu zabo ezintle—ukunyaniseka, ukuthembeka, ububele, isisa, ulwazelelelo, imfesane nokuzinikela kwabo ngokungazingci. (INdumiso 15:3-5; IMizekeliso 19:22) UMark, owayengumvangeli wasemazweni eMpuma Afrika, wathi: “Ukusebenza ngaxhathalinye nabazalwana bethu kubangela ulwalamano olungenakuphela.”
7. Yintoni esifanele siyenze ukuze sizuze umsa wobuKristu ebandleni?
7 Ukuze kubekho umanyano yaye silulondoloze ebandleni, amalungu ebandla afanele asondelelane. Ngokuya rhoqo kwiintlanganiso zebandla lobuKristu, someleza ulwalamano esinalo nabazalwana noodade. Ngokubakho nokuba nenxaxheba ngaphambi nasemva kweentlanganiso, siyakhuthazana size sivuselelane “eluthandweni nasemisebenzini emihle.” (Hebhere 10:24, 25) Omnye umdala waseUnited States uthi: “Ndikhumbula kakuhle ngoxa ndandingumntwana, intsapho yasekhaya yayiba yeyokugqibela ukuhamba kwiHolo yoBukumkani, ivuyela iincoko zobuhlobo nezakhayo kangangexesha elide.”
Ngaba Ufanele ‘Uphangalale’?
8. (a) Wayethetha ukuthini uPawulos xa wayebongoza abaseKorinte ukuba ‘baphangalale’? (b) Yintoni esinokuyenza ukuze sikhulise umsa ebandleni?
8 Ukuze siwubonakalise ngokupheleleyo umsa, kusenokufuneka iintliziyo zethu ‘ziphangalale.’ Ebhalela ibandla labaseKorinte, umpostile uPawulos wathi: “Intliziyo yethu iphangalele kuni. Asinibandezanga nto.” Ngenxa yoku, uPawulos wabakhuthaza esithi “phangalalani.” (2 Korinte 6:11-13) Ngaba nawe ‘unokuphangalala’ ekuboniseni umsa? Akuyomfuneko ukuba ulindele abanye bade bawubonakalise kuwe kuqala. Kwincwadi yakhe awayeyibhalela abaseRoma, uPawulos wayinxulumanisa imfuneko yokuba nomsa neli cebiso: “Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” (Roma 12:10) Ukuze ubonise imbeko kwabanye, usenokuqalisa ngokubabulisa ezintlanganisweni. Usenokubamema ukuba basebenze nawe kwinkonzo yasentsimini okanye xa ulungiselela intlanganiso ethile. Ukwenjenjalo kukhulisa umsa.
9. Ngawaphi amanyathelo aye athatyathwa ngabathile ukuze babe nolwalamano olusondeleyo namanye amaKristu? (Quka nayiphi na imizekelo yasekuhlaleni.)
9 Iintsapho nabantu ebandleni ‘banokuphangalala’ ngokutyelelana, mhlawumbi bamemane esidlweni nje esingesikhulu, yaye benze nezinto ezithile ezakhayo kunye. (Luka 10:42; 14:12-14) Ngamaxesha athile uHakop ulungiselela ukuba amaqela amancinane abe nepikniki. Uthi: “Kubakho abantu abadala nabaselula, kuquka nabazali abangenamaqabane omtshato. Bonke bagoduka bevuya, yaye baziva besondelelene omnye komnye.” NjengamaKristu, sifanele sizabalazele ukuba singabi nje ngabantu abakunqulo olunye kodwa sibe ngabahlobo abasenyongweni.—3 Yohane 14.
10. Yintoni esinokuyenza xa ulwalamano lusengozini yokuphela?
10 Noko ke, maxa wambi ukungafezeki kusenokubangela iingxaki ekuhlakuleleni ubuhlobo nomsa. Yintoni esinokuyenza? Okokuqala, sinokuthandazela ukuba nolwalamano oluhle nabazalwana bethu. UThixo uthanda ukuba abakhonzi bakhe babe nolwalamano oluhle omnye nomnye, yaye uya kuyiphendula imithandazo enjalo yokunyaniseka. (1 Yohane 4:20, 21; 5:14, 15) Kwakhona sifanele sizenze izinto ngokuvisisana nemithandazo yethu. URic, umveleli ohambahambayo waseMpuma Afrika, ukhumbula umzalwana owayengqwabalala kangangokuba kwakunzima ukusebenzisana naye. URic uthi: “Kunokuba ndimphephe lo mzalwana, ndazimisela ukuba ndimazi ngakumbi. Ndafumanisa ukuba uyise wayeyindoda engqongqo gqitha. Emva kokufumanisa indlela azame ngayo lo mzalwana ukoyisa le mvelaphi nendlela awayeyiyo ngaphambili, ndamthulel’ umnqwazi. Saba ngabahlobo bokwenene.”—1 Petros 4:8.
Bonakalisa Umdla Kwabanye!
11. (a) Yintoni efunekayo ukuze ibandla landise iindlela elibonisa ngazo umsa? (b) Kutheni kusenokuba yingozi ngokomoya ukungabi nalwalamano olusenyongweni nabanye?
11 Namhlanje, abantu abaninzi baphila ubomi babo bonke bengazange babe nabahlobo abasenyongweni. Hayi indlela embi ngayo loo nto! Oku akufanele kube njalo kwibandla lamaKristu. Ukuba nothando olunyanisekileyo lobuzalwana asikokuncokola nje nabanye ngentlonelo nesimilo; okanye ube yimvuze-mvuze bububele. Kunoko, sifanele sikulungele ukubonakalisa umdla kwabanye, njengokuba uPawulos wenza kwabaseKorinte, sibonise amanye amakholwa ukuba ngokwenene siyixhalabele impilo-ntle yawo. Nangona abantu bengakuthandi bonke ukuthetha, ukuzenza ikheswa kusenokuba yingozi. IBhayibhile ilumkisa isithi: “Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca; uya kuphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.”—IMizekeliso 18:1.
12. Kutheni kubalulekile ukuncokolisana okuhle ukuze sibe nolwalamano oluhle ebandleni?
12 Ukuncokola ngokunyanisekileyo kubalulekile ukuze ube nabahlobo bokwenene. (Yohane 15:15) Sonke siyabafuna abahlobo esinokuzityand’ igila kubo. Ngapha koko, okukhona sisazana, kokukhona kulula ukuncedana xa kukho iingxaki. Xa sinenkxalabo ngabanye, sikhulisa umsa, yaye aya kungqineka eyinyaniso amazwi kaYesu athi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZenzo 20:35; Filipi 2:1-4.
13. Yintoni esinokuyenza ukuze sibonise ukuba sibathanda ngokwenene abazalwana bethu?
13 Ukuze uthando lwethu lube yinzuzo, sifanele silubonakalise. (IMizekeliso 27:5) Ukuba sinomsa wokwenene, mhlawumbi oku kusenokubonakala ebusweni, yaye oko kusenokuzichukumisa iintliziyo zabanye. Indoda esisilumko yathi: “Amehlo aqaqambileyo avuyisa intliziyo.” (IMizekeliso 15:30) Izenzo ezicingisiswe kakuhle zibangela ubani abe nomsa. Nangona kungekho mntu unokuluthenga uthando lokwenene, isipho esisuk’ entliziyweni sisenokwenza lukhulu. Ikhadi, ileta, ‘nelizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo’—konke oku kusenokuba yindlela yokubonakalisa uthando lokwenene. (IMizekeliso 25:11; 27:9) Sakuba sakhe ubuhlobo nabanye, sifanele sibulondoloze ngokubonakalisa uthando lokungazingci. Sifuna ukubanceda abahlobo bethu, ingakumbi ngamaxesha anzima. IBhayibhile ithi: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.”—IMizekeliso 17:17.
14. Yintoni esinokuyenza ukuba umntu othile akabonakali ewamkela umsa esiwubonakalisa kuye?
14 Inyaniso ikukuba, asinakulindela ukuba sinokuba ngumhlobo womntu wonke ebandleni. Ngokuzenzekelayo, siya kuba nolwalamano olusenyongweni nabanye kunokuba kunjalo ngabanye. Ukuba umntu othile kubonakala ngathi akakhululeki kuwe ngendlela obuya kuthanda ngayo, musa ukungxama uze ucinge ukuba kukho ingxaki ethile wena okanye loo mntu anayo. Yaye musa ukuzama ukuzinyanzela kuloo mntu. Ukuba uqhubeka nje ubonakalisa ubuhlobo ngendlela loo mntu afuna ngayo, ugcina amathuba evulekile okuba nobuhlobo obusondeleyo kunye naye kwixesha elizayo.
“Ndikholisiwe Nguwe”
15. Kubachaphazela njani abanye ukunconywa, okanye ukunganconywa?
15 Hayi indlela afanele ukuba uYesu wavuya ngayo xa ekubhaptizweni kwakhe weva ilizwi livela ezulwini lisithi: “Ndikholisiwe nguwe”! (Marko 1:11) La mazwi okumamkela asenokuba amqinisekisa uYesu ukuba uYise uyamthanda. (Yohane 5:20) Okulusizi kukuba, bambi abazange bakhe banconywe ngabantu ababahlonelayo nababathandayo. UAnn uthi: “Ulutsha oluninzi njengam lunamalungu entsapho angavisisaniyo neenkolelo zawo zobuKristu. Ekhaya ubani usoloko egxekwa. Oku kubuhlungu gqitha.” Noko ke, xa aba beba yinxalenye yebandla, bafumana ububele nenkxaso yentsapho yokomoya enenyameko—ootata noomama nabantakwabo noodade wabo elukholweni.—Marko 10:29, 30; Galati 6:10.
16. Kutheni kungeloncedo ukubagxeka abanye?
16 Kwezinye iindawo, abazali, abantu abadala nootitshala abafane babancome abaselula, becinga ukuba ukunconywa okunjalo kusenokubenza bazithembe gqitha okanye babe nekratshi. Ukucinga ngaloo ndlela kusenokude kuchaphazele intsapho yamaKristu nebandla. Bethetha ngentetho okanye omnye umsebenzi owenziweyo, abantu abadala basenokuthi: “Wenze kakuhle, kodwa usenokuphucula!” Okanye ngandlel’ ithile, basenokubonakalisa ukungakholiseki ngulowo uselula. Ngokwenjenjalo, abaninzi bakholelwa kukuba bakhuthaza abaselula ukuba benze kangangoko banako. Kodwa ngokuqhelekileyo ukwenjenjalo kuba nemiphumo emibi, ekubeni abaselula besenokuzibamba okanye bazibone beengongantweni.
17. Kutheni sifanele sifune amathuba okubancoma abanye?
17 Noko ke, abantu abafanele banconywe kuphela xa beza kululekwa. Ukunconywa ngokunyanisekileyo kukhulisa uthando entsatsheni nasebandleni, ngaloo ndlela kukhuthaza abaselula ukuba bafune amacebiso kubazalwana nakoodade abanamava. Ngoko ke, kunokuba uvumele isithethe sasekuhlaleni sisibonise indlela esifanele sibaphathe ngayo abanye, ‘masambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.’ Ncoma njengokuba noYehova esenjenjalo.—Efese 4:24.
18. (a) Nina lutsha, nifanele nisijonge njani isiluleko esivela kubantu abadala? (b) Kutheni abantu abadala befanele bayilumkele indlela abanikela ngayo isiluleko?
18 Kanti, nina lutsha, musani ukucinga ukuba xa abantu abadala benilungisa okanye benicebisa, kuthetha ukuba abanithandi. (INtshumayeli 7:9) Oku akunjalo! Kusenokwenzeka ukuba oku kubangelwa yinkxalabo nothando olunzulu ngani. Kungenjalo, nicinga ukuba kutheni bezikhathaza ngokuthetha nani ngaloo mbandela? Ekubeni besazi indlela anamandla ngayo amazwi, abantu abadala—ingakumbi abadala bebandla—bafanele bacingisise baze bathandaze ngaphambi kokunikela isiluleko, ekubeni befuna ukunceda.—1 Petros 5:5.
“UYehova Unomsa Omkhulu Nenceba”
19. Kutheni abo badanileyo banokucela uncedo kuYehova?
19 Into embi eyenzekileyo isenokubashiya abanye becinga ukuba ukubonakalisa umsa kusenokukhokelela kudano olungakumbi. Kufuna inkalipho nokholo olomeleleyo ukuze baphinde babonakalise uthando kwabanye. Kodwa abafanele balibale ukuba uYehova ‘akakude kuye ngamnye wethu.’ Usikhuthaza ukuba sisondele kuye. (IZenzo 17:27; Yakobi 4:8) Uyayazi indlela esikoyika ngayo ukukhathazeka, yaye usithembisa ukuba uya kuba nathi aze asincede. Umdumisi uDavide usiqinisekisa esithi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”—INdumiso 34:18.
20, 21. (a) Sazi njani ukuba sinokuba nolwalamano olusondeleyo noYehova? (b) Ziziphi iimpawu esifanele sibe nazo ukuze sibe nolwalamano olusenyongweni noYehova?
20 Ubuhlobo obusenyongweni noYehova bobona buhlobo bubalulekileyo sinokubuhlakulela. Kodwa ngaba ubuhlobo obunjalo bunokubakho? Ewe. IBhayibhile ityhila indlela amadoda namabhinqa alungileyo aziva esondele ngayo kuBawo wethu wasezulwini. Amazwi awo othando aye alondolozwa ukuze kusiqinisekise ukuba nathi sinokuba nolwalamano olusondeleyo noYehova.—INdumiso 23, 34, 139; Yohane 16:27; Roma 15:4.
21 Iimpawu uYehova azilindeleyo kwabo bafuna ukuba nolwalamano olusondeleyo naye nabani unokuba nazo. UDavide wabuza: “Owu Yehova, ngubani na oya kuba lundwendwe ententeni yakho? . . . Ngulowo uhamba ngokungenasiphoso eqhelisela ubulungisa yaye ethetha inyaniso ngentliziyo yakhe.” (INdumiso 15:1, 2; 25:14) Njengokuba sibona ukuba ukukhonza uThixo kuvelisa iziqhamo ezihle yaye kusenza sifumane ukhokelo nenkuselo yakhe, siya kuyazi into yokuba “uYehova unomsa omkhulu nenceba.”—Yakobi 5:11.
22. UYehova ufuna abantu bakhe babe nolwalamano olunjani?
22 Hayi indlela esisikeleleke ngayo kuba uYehova efuna ukuba nolwalamano nabantu abangafezekanga! Ngoko ke, ngaba asifanele sibonakalise umsa omnye komnye? Ngoncedo lukaYehova, ngamnye kuthi usenokufak’ isandla aze azuze kumsa obonakaliswa kubuzalwana bethu bobuKristu. KuBukumkani bukaThixo, bonke abantu abaphila emhlabeni baya kuzuza kulo msa ngonaphakade.
Ngaba Unokucacisa?
• Nguwuphi umoya ofanele ubonakale kwibandla lamaKristu?
• Ngamnye kuthi unokufak’ isandla njani ekubonakaliseni umsa ebandleni?
• Ukuncoma ngokunyanisekileyo kuwukhuthaza njani umsa wobuKristu?
• Umsa kaYehova usixhasa uze usilondoloze njani?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Uthando phakathi kwamaKristu asinto ebonakaliswa nje kuba kunyanzelekile
[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]
Ngaba ‘unokuphangalala’ ekubonakaliseni kwakho umsa?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ngaba ungumntu ogxekayo okanye okhuthazayo?