“Hayi Indlela Elilunge Ngayo Ilizwi Elithethwa Ngexesha Elifanelekileyo!”
KWINDIBANO yamaNgqina kaYehova, uKim wayephulaphule ucwangciso ekwabhala namanqaku ngoxa kwelinye icala wayezama ukuthulisa intwazana yakhe eneminyaka emibini nesiqingatha ubudala. Xa kuqukunjelwa ucwangciso, omnye udade owayehleli kufuphi noKim weza kuye waza wabancoma ngokunyanisekileyo nomyeni wakhe ngokuyibek’ esweni intwazana yabo ebudeni bocwangciso. Loo magqabaza amkhuthaza gqitha uKim kangangokuba nanamhla oku, nangona sele kuyiminyaka yenzekayo loo nto, uthi: “Xa ndiziva ndidiniwe kwiintlanganiso, ndiye ndicinge amazwi aloo dade. Amazwi akhe okuncoma asandikhuthaza ndiqhubeke ndiyiqeqesha intombi yam.” Ewe, xa amazwi akhuthazayo ethethwe ngexesha elifanelekileyo anokuhlaziya. IBhayibhile ithi: “Hayi indlela elilunge ngayo ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo!”—IMizekeliso 15:23.
Noko ke, kwabanye bethu kusenokuba nzima ukuncoma. Maxa wambi, ubuthathaka bethu bunokwenza kube nzima xa kufuneka sincome omnye umntu. Omnye umKristu uthi: “Xa ndincoma abanye kuba ngathi ndizika entlabathini. Xa ndincoma abanye kokukhona ndiziva ndiphantsi.” Izinto ezinjengeentloni, ukungazithembi okanye nokuzoyikisela kunokwenza kube nzima ukuncoma. Ukanti omnye unobangela isenokuba mhlawumbi xa sasingabantwana sasingafane sinconywe okanye sasinganconywa kwaukunconywa.
Nangona kunjalo, ukwazi ukuba ukuncoma kunokukhuthaza lowo uncomayo nalowo unconywayo kumele kusenze senze unako nako ukuze sincome abanye. (IMizekeliso 3:27) Ziziphi iingenelo zokuncoma? Makhe sixubushe ezinye zazo.
Imiphumo Emihle Yokuncoma
Ukunconywa kumenza azithembe lowo unconywayo. UElaine umfazi ongumKristu uthi: “Xa abantu bendincoma, ndiye ndivakalelwe kukuba bayandithemba.” Ewe ukuncoma umntu ongazithembanga kunokumnika inkalipho akwazi ukuhlangabezana neemeko ezinzima, nto leyo eya kumenza achwayite. Ngokukodwa ulutsha luyakhuthazeka kukunconywa xa kufanelekile. Omnye okwishumi elivisayo odinyazwa yindlela acinga ngayo uthi: “Ndiwa ndivuka ndizama ukukholisa uYehova, kodwa maxa wambi ndiye ndivakalelwe kukuba nantoni na endiyenzayo ayanelanga. Xa ndinconywa, kuye kuthi ngco ngaphakathi.” Ewe, uchanile umzekeliso weBhayibhile othi: “Linjengama-apile egolide kwinto yesilivere ekroliweyo ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.”—IMizekeliso 25:11.
Ukumncoma umntu kunokumkhuthaza atsho omelele. Omnye umlungiseleli wexesha elizeleyo uthi: “Xa ndinconywa ndiyakhuthazeka nditsho ndizibhokoxe ngakumbi yaye ndiphucule nakubulungiseleli bam.” Umama onabantwana ababini uthi xa abantwana bakhe benconywa ngamanye amalungu ebandla ngokuphendula ezintlanganisweni, baye bagqabaze ngakumbi. Ewe, xa ulutsha lunconywa lunokukhuthazeka lwenze inkqubela engakumbi enyanisweni. Enyanisweni, sonke siyakufuna ukuqinisekiswa ukuba sibalulekile yaye sixatyisiwe. Eli hlabathi linoxinzeleleko linokusishiya sidiniwe sidangele. Omnye umKristu ongumdala uthi: “Maxa wambi xa ndidandathekile, xa ndinconywa kuba ngathi kuphendulwe umthandazo wam.” Kanti uElaine yena uthi: “Maxa wambi ndiye ndivakalelwe kukuba uYehova uye andibonise ukuba uyakholiswa ndim ngokusebenzisa abanye.”
Ukunconywa kunokukwenza uzive ungumntu phakathi kwabantu. Ukuncoma omnye umntu ngokunyanisekileyo kubonisa ukuba unomqaphela kwaye kubangela ukuthandana nokuthembana. Kubonisa ukuba siyawathanda amanye amaKristu kwaye siyawaxabisa. Umama uJosie uthi: “Kwixa elidluleyo, kwafuneka ndimele inyaniso kwikhaya elahluleleneyo ngokonqulo. Ngeloo xesha, kwandomeleza gqitha ukunconywa ngamaKristu aqolileyo ngokomoya kangangokuba ndandiye ndizimisele ukunganikezeli.” Ngokwenene “singamalungu omnye elomnye.”—Efese 4:25.
Ukuncoma kuyasinceda sibone iimpawu ezintle kwabanye. Sijonga iimpawu zabo ezintle, kungekhona ezo babuthathaka kuzo. UDavid umdala ongumKristu uthi: “Ukuziqaphela izinto ezenziwa ngabanye kuya kusenza sibancome rhoqo.” Ukukhumbula indlela abathetha kakuhle ngayo ngabantu abangafezekanga uYehova noNyana wakhe kuya kusenza sibaxelise nathi.—Mateyu 25:21-23; 1 Korinte 4:5.
Abo Sifanele Sibancome
Ekubeni uYehova uThixo, enguMdali, ngoyena uphambili kwabo bafanelwe yimbeko. (ISityhilelo 4:11) Nangona engaxhomekekanga kuthi ukuze azithembe okanye akhuthazeke, xa simdumisa uYehova ngenxa yobukhulu bakhe ububele bakhe bothando, uyasondela kuthi kwaye siba nolwalamano naye. Ukudumisa uThixo kusenza sithozame yaye sibe nembono efanelekileyo ngezinto esiye saziphumeza size siphakamise yena ngezo zinto. (Yeremiya 9:23, 24) UYehova ubavulela ithuba lokufumana ubomi obungunaphakade bonke abantu abafanelekayo, eso sesinye isizathu sokumdumisa. (ISityhilelo 21:3, 4) UKumkani uDavide wamandulo wayekuthanda ‘ukudumisa igama likaThixo’ ‘nokumenza mkhulu ngombulelo.’ (INdumiso 69:30) Ngamana singenjenjalo nathi.
Nabo sinqula nabo bafanele banconywe. Xa sincomana, senza ngokuvisisana nomyalelo wobuthixo othi “masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle.” (Hebhere 10:24) Umpostile uPawulos wayengumzekelo omhle kule nkalo. Xa wayebhalela ibandla laseRoma wathi: “Okokuqala nje, ndiyambulela uThixo wam ngoYesu Kristu ngokuphathelele nina nonke, ngenxa yokuba ukholo lwenu kuthethwa ngalo kwihlabathi liphela.” (Roma 1:8) Ngokufanayo, umpostile uYohane wamncoma uGayo umzalwana wakhe ngomzekelo wakhe omhle ‘wokuhamba enyanisweni.’—3 Yohane 1-4.
Namhlanje, xa omnye umKristu ebonakalisa iimpawu ezifana nezikaKristu, njengokunikela inxalenye elungiselelwe kakuhle kwiintlanganiso zebandla okanye eye wagqabaza kakuhle kwiintlanganiso, elo lithuba elihle lokuba simncome. Okanye xa umntwana ezama ukufunda izibhalo ebudeni beentlanganiso, sinokumncoma. UElaine okhankanywe ngaphambilana, uthi: “Sineziphiwo ezahlukeneyo. Ukuba siyayiqaphela into eyenziwa ngomnye, sakuba siyazixabisa izipho ezahlukeneyo abanazo abantu bakaThixo.”
Entsatsheni
Kuthekani ngokuncoma amalungu entsapho yethu? Kufuna ixesha, umgudu nothando ukuze abazali banyamekele abantwana babo ngokomoya, ngokweemvakalelo nangezinto eziphathekayo. Ngokuqinisekileyo bafanele bancomane baze banconywe nangabantwana babo. (Efese 5:33) Ngokomzekelo, ngokuphathelele umfazi ofanelekileyo, iLizwi likaThixo lithi: “Oonyana bakhe bayaphakama bambhengeze enoyolo; umnini wakhe uyaphakama, aze amdumise.”—IMizekeliso 31:10, 28.
Nabantwana bafanele banconywe. Okubuhlungu kukuba bambi abazali abalibazisi ukuxelela abantwana babo oko bakulindeleyo kubo, kodwa abafane babancome xa benentlonelo bethobela. (Luka 3:22) Xa umntwana eye wakhula enconywa, oko kunconywa kumenza umntwana azive efunwa kwaye ekhuselekile.
Ewe, kufuneka umgudu ukuze sincome abanye, kodwa siyangenelwa xa sibancoma. Ukuba sikukhuthalele ukuncoma abanye, siya konwaba ngakumbi.—IZenzo 20:35.
Xa Unconywa Naxa Uncoma Yiba Nentsusa Efanelekileyo
Noko ke, kwabanye kuye kube luvavanyo ukunconywa. (IMizekeliso 27:21) Abantu abanekratshi banokukhukhumala xa benconywa. (IMizekeliso 16:18) Lo mbandela ufuna ulungelelwano. Umpostile uPawulos wanikela esi sibongozo sokuthobeka: “Ndixelela wonk’ ubani apho phakathi kwenu ukuba angazicingeli ngaphezu koko amelwe kukuzicingela ngako; kodwa makacinge khon’ ukuze abe nengqondo ephilileyo, ngamnye njengoko uThixo amabele umlinganiselo wokholo.” (Roma 12:3) Ukuze sincede abanye bangaweli emgibeni wokuzicingela, kusenokuba kuhle ukungazincomi iimpawu ezinjengokuba krelekrele okanye ubuhle. Kunoko sifanele sincome imisebenzi yabo emihle.
Ukuba xa sincoma okanye sinconywa sibonisa umoya omhle, singakheka. Sisenokushukunyiselwa ukuba siphakamise uYehova ngayo nantoni na esiye sayenza. Ukunconywa kunokusikhuthaza siqhubeke siziphethe ngendlela efanelekileyo.
Ukuncoma ngokunyanisekileyo sisipho esinokuphisa ngaso sonke. Xa sincoma omnye umntu, kusenokuthetha lukhulu kuloo mntu simncomayo kunokuba thina sicinga.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 18]
Ileta Eyachukumisa Intliziyo Yakhe
Omnye umveleli ohambahambayo usakhumbula mhla yena nenkosikazi yakhe babevela entsimini ngemini ebandayo yasebusika. Uthi: “Umfazi wam wayegodola edimazekile, kwaye wandixelela ukuba uvakalelwa kukuba akanakuqhubeka. Wahlabela mgama wathi: ‘Bekuya kuba bhetele ngakumbi, ukuba besikubulungiseleli bexesha elizeleyo ebandleni, sihlale ndawonye, size siqhube izifundo zeBhayibhile.’ Ndakhe ndathi xha ngokwenza isigqibo, ndathi makhe siqhubeke kude kuphele iveki size sibone indlela aya kube evakalelwa ngayo ngelo xesha. Ukuba uya kube esakufuna ukuyeka, ndakwenza ngokuvisisana nendlela avakalelwa ngayo. Kwangaloo mini, sadlula eposini saze safumana ileta eyayivela kwiofisi yesebe eyayibhalelwe yena. Le leta yayimncoma ngemigudu yakhe kubulungiseleli basentsimini nangokunyamezela kwakhe, imchazela indlela ekumele ukuba kulucelomngeni ngayo ukulala kumakhaya awahlukeneyo veki nganye. Yamkhuthaza gqitha loo leta kangangokuba akazange aphinde athethe ngokuwuyeka umsebenzi wokuhambahamba. Eneneni amaxesha amaninzi ndandidla ngokukhuthazwa nguye xa ndicinga ukuyeka.” Esi sibini saqhubeka nomsebenzi wokuhambahamba phantse iminyaka engama-40.
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ngubani ofanele anconywe ebandleni lenu?
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Abantwana benza inkqubela xa benyanyekelwa kakuhle baze banconywe