UYehova Uyamhlangula Obandezelekileyo
“Zininzi iintlekele ezihlela olilungisa, kodwa uYehova ulihlangula kuzo zonke.”—INDUMISO 34:19.
1, 2. Yiyiphi ingxaki awayejamelene nayo omnye umKristu othembekileyo yaye kutheni nathi sinokuvakalelwa ngokufanayo?
UKEIKOa libhinqa eliselula yaye ube liNgqina likaYehova isithuba esingaphezu kweminyaka engama-20. Kangangexesha elithile ebengovulindlela othe ngxi okanye umvakalisi woBukumkani wexesha elizeleyo. Ulixabisa kakhulu eli lungelo. Noko ke, kutshanje uKeiko uye waziva engento yanto yaye elilolo. Uthi: “Ndandisoloko ndikhala.” Enenjongo yokulwisana nale mvakalelo, uKeiko wachitha ixesha elingakumbi kufundisiso lobuqu. Uthi: “Sekunjalo, imeko yam ayizange itshintshe. Yaba mbi kangangokude ndinqwenele ukufa.”
2 Ngaba nawe wakha wadandatheka ngaloo ndlela? NjengeNgqina likaYehova, unezizathu ezininzi zokuvuya kuba uzinikelo lobuthixo “lusinika ithemba kobu bomi nakobo buzayo.” (1 Timoti 4:8) Kanye ngoku unandipha iparadesi yokomoya! Noko ke, ngaba oku kuthetha ukuba ukhuselekile kulo lonke uhlobo lwembandezelo? Akunjalo! IBhayibhile ithi: “Zininzi iintlekele ezihlela olilungisa.” (INdumiso 34:19) Akumangalisi oku kuba “ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo,” uSathana uMtyholi. (1 Yohane 5:19) Ngandlel’ ithile, kuyasichaphazela sonke oku.—Efese 6:12.
Imiphumo Yokubandezeleka
3. Chaza imizekelo eseBhayibhileni yabakhonzi bakaThixo abanyamezela iimeko ezibuhlungu.
3 Ukukhathazeka ixesha elide kunokusenza siphelelwe lithemba. (IMizekeliso 15:15) Khawucinge nje ngoYobhi, indoda eyayigqibelele. Xa wayejamelene nentlungu engathethekiyo, uYobhi wathi: “Umntu, ozelwe ngumfazi, unobomi obufutshane obuzele kukuphazamiseka.” (Yobhi 14:1) UYobhi wayephelelwe luvuyo. Wakha wafikelwa nayingcinga yokuba uYehova umlahlile. (Yobhi 29:1-5) UYobhi akuphela komkhonzi kaThixo owajamelana nentlungu. IBhayibhile ithi “wawukrakra umphefumlo” kaHana ngenxa yokungafumani bantwana. (1 Samuweli 1:9-11) Ekhathazwa yingxaki yentsapho, uRebheka wathi: “Ndiyabenyanya ubomi bam.” (Genesis 27:46) UDavide owayecinga ngeziphoso zakhe, wathi: “Imini yonke ndihambahamba ndibuhlungu.” (INdumiso 38:6) Le mizekelo imbalwa yenza kucace ukuba amadoda namabhinqa oyika uThixo, awayephila ngaphambi kwexesha lobuKristu anyamezela iimeko ezibuhlungu.
4. Kutheni kungamangalisi nje ukubakho ‘kwemiphefumlo edandathekileyo’ phakathi kwamaKristu namhlanje?
4 Kuthekani ngamaKristu? Umpostile uPawulos wabona kufanelekile ukuxelela abaseTesalonika ukuba ‘bathuthuzele imiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tesalonika 5:14) Enye incwadi yeembekiselo ithi igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “imiphefumlo edandathekileyo” lisenokubhekisela “kwabo baxinwe ziingxaki zobomi okwexeshana.” Amazwi awathethwa nguPawulos abonisa ukuba abanye abathanjiswe ngomoya kwelo bandla laseTesalonika babedandathekile. Naphakathi kwamaKristu namhlanje ikho imiphefumlo edandathekileyo. Kodwa yintoni le iwadandathekisayo? Makhe siqwalasele izinto ezintathu ezibangela oko.
Ukungafezeki Kwethu Kunokusidandathekisa
5, 6. Anokusithuthuzela njani amazwi akumaRoma 7:22-25?
5 Ngokungafaniyo nabantu abaqaqadekileyo ‘abangasazivayo,’ amaKristu anyanisekileyo ayakhathazeka ngenxa yokuba enesono. (Efese 4:19) Asenokuvakalelwa njengoPawulos, owabhala wathi: “Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye ngaphakathi, kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono osemalungwini am.” Emva koko, uPawulos wathi: “Hayi usizana endilulo!”—Roma 7:22-24.
6 Ngaba wakha wavakalelwa njengoPawulos? Akukho nto iphosakeleyo ngokuqonda iintsilelo onazo kuba oku kunokukunceda ububone ubunzulu besono uze ubambelele ngokuqinileyo kwisigqibo sakho sokuphepha okubi. Kodwa akukho mfuneko yokuba uhlale unxunguphele ngenxa yezo ntsilelo. Emva kokuba ethethe la mazwi angasentla, uPawulos wahlabela mgama wathi: “Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu!” (Roma 7:25) Ewe, uPawulos wayeqinisekile ukuba igazi likaYesu elaphalalayo linokumkhulula kwisono awazalwa naso.—Roma 5:18.
7. Yintoni enokunceda umntu angakhathazeki ngokugqithiseleyo ngenxa yokuba enesono?
7 Ukuba ukhathazeke ngokugqithiseleyo ngenxa yokungafezeki kwakho, amele akuthuthuzele amazwi awathethwa ngumpostile uYohane, athi: “Ukuba nabani na uthi enze isono, sinaye umncedi kuBawo, uYesu Kristu, lowo ulilungisa. Yena ungumbingelelo wokucamagushela izono zethu, kanti kungekhona ezethu kuphela kodwa kwanezehlabathi liphela.” (1 Yohane 2:1, 2) Ukuba ukhathazekile ngenxa yokuba unesono, hlala ukhumbula ukuba uYesu wafela aboni kungekhona abantu abafezekileyo. Eneneni, “bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.”—Roma 3:23.
8, 9. Kutheni sifanele sizigatye iingcinga zokuzigweba?
8 Noko ke, masithi ngaphambili wakha wenza isono esinzulu. Ngokuqinisekileyo, uye wathandaza ngokuphindaphindiweyo kuYehova ngalo mbandela. Yaye abadala abangamaKristu baye bakunceda ngokomoya. (Yakobi 5:14, 15) Uye waguquka ngokunyanisekileyo yaye ngenxa yoko uselilungu lebandla. Okanye mhlawumbi ukhe waphuma entlanganweni kaThixo kangangethuba elithile kodwa waphinda waguquka walungisa imeko yakho. Kuzo zombini ezi meko, ngamathub’ athile usenokucinga ngesono sakho sangaphambili ize loo nto ikukhathaze. Ukuba oko kuyenzeka, khumbula ukuba uYehova ‘ubaxolela ngokukhulu’ abantu abaguquke ngokunyanisekileyo. (Isaya 55:7) Ngapha koko, akafuni uzive ungento yanto. NguSathana ofuna uvakalelwe ngaloo ndlela. (2 Korinte 2:7, 10, 11) UMtyholi uyazi ukuba uza kutshatyalaliswa yaye ufuna nawe uvakalelwe kukuba ufanele kukutshatyalaliswa. (ISityhilelo 20:10) Musa ukumvumela uSathana akuphulukanise nokholo lwakho. (Efese 6:11) Kunoko, ‘yima ngokunxamnye naye’ nakule nkalo njengoko usenza nakwezinye iimeko.—1 Petros 5:9.
9 ISityhilelo 12:10 sithi uSathana ‘ngummangaleli wabazalwana bethu’—amaKristu athanjisiweyo. ‘Ubamangalela imini nobusuku’ phambi koThixo. Ukucinga ngale ndinyana kunokukunceda ubone ukuba ummangali olixoki onguSathana, uyavuya xa uzimangalela uze uzigqale ungento yanto nangona yena uYehova engakujongi ngaloo ndlela. (1 Yohane 3:19-22) Yintoni ebangela ukuba ukhathazeke kangaka ngenxa yeziphoso zakho kangangokude ufune ukunikezela? Musa ukumvumela uSathana onakalise ulwalamano lwakho noThixo. Ungamvumeli uMtyholi akumfamekise uze ungaboni ukuba uYehova ‘unenceba nobabalo, uzeka kade umsindo, unobubele bothando obuninzi nenyaniso.’—Eksodus 34:6.
Ukusikelwa Umda Kunokusidimaza
10. Ukusikelwa kwethu umda kunokusidimaza njani?
10 Amanye amaKristu adimazekile ngenxa yendlela ukusikelwa kwawo umda okuyichaphazela ngayo inkonzo yawo kuThixo. Ngaba kunjalo nangawe? Kusenokwenzeka ukuba isigulo esithile, ukwaluphala okanye ezinye iimeko zikwenza ungakwazi ukuchitha ixesha owawudla ngokulichitha entsimini ngaphambili. Enyanisweni, amaKristu akhuthazwa ukuba azongele ixesha ukuze aphumeze inkonzo yawo kuThixo. (Efese 5:15, 16) Kodwa kuthekani ukuba ngokwenene usikelw’ umda ngandlel’ ithile kangangokuba akukwazi kwenza okungakumbi entsimini yaye oko kuyakudimaza?
11. Isiluleko sikaPawulos esikumaGalati 6:4 sisinceda njani?
11 IBhayibhile isibongoza ukuba singabi ngamavila koko ‘sixelise abo bathi ngokholo nomonde bazidle ilifa izithembiso.’ (Hebhere 6:12) Oku sinokukwenza kuphela ukuba sihlolisisa umzekelo wabo omhle size sizame ukuxelisa ukholo lwabo. Noko ke, akufanelekanga ukuzithelekisa nabanye size sigqibe kwelokuba asinto yanto. Ngoko ke, kuhle ukuba sisebenzise isiluleko sikaPawulos, esithi: “Ngamnye makangqine oko ukuko umsebenzi wakhe, uya kwandula ke abe nesizathu sokugcoba ngaye siqu, kungekhona ngokuzithelekisa nomnye umntu.”—Galati 6:4.
12. Kutheni sinokugcoba ngenxa yenkonzo esiyinikela kuYehova?
12 AmaKristu anesizathu sokugcoba kwanokuba asikelw’ umda ngenxa yokugula. IBhayibhile iyasiqinisekisa: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.” (Hebhere 6:10) Kusenokwenzeka ukuba iimeko ezingaphaya kwamandla akho zibangela kube nzima ukuba uchithe ixesha owawudla ngokulichitha enkonzweni. Noko ke, uYehova usenokukunceda ukwazi ukubandakanyeka ngokuzeleyo kwiinkalo ezithile zobulungiseleli bobuKristu, njengokunikela ubungqina ngomnxeba nokubhala iileta. Unokuqiniseka ukuba uYehova uThixo uya kukusikelela ngenkonzo yakho oyenza ngomphefumlo uphela nangothando olubonakalisayo kuye nakwabanye abantu.—Mateyu 22:36-40.
“Amaxesha Amanqam” Anokusenza Singonwabi
13, 14. (a) Sinokubandezeleka njani kula ‘maxesha amanqam’? (b) Ukungabikho komsa wemvelo kubonakala njani namhlanje?
13 Nangona sikhangele phambili kwihlabathi elitsha likaThixo lobulungisa, okwangoku siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Timoti 3:1) Kuyasithuthuzela ukwazi ukuba iziganeko ezibuhlungu esityhubela kuzo zibonisa ukuba intlangulo yethu ikufuphi. Ukanti, izinto ezenzekayo ziyasichaphazela. Ngokomzekelo, kuthekani ukuba akuphangeli? Kusenokwenzeka ukuba umsebenzi unqabile yaye njengoko iinyanga zihamba uyazibuza enoba uYehova uyayibona kusini na intlungu okuyo okanye uyayiva na imithandazo yakho. Okanye mhlawumbi uye wacalucalulwa okanye waphathwa ngokungekho sikweni. Nkqu nokufunda imixholo yamaphephandaba kunokukwenza uzive njengoLote owayelilungisa, “owayebandezeleke kakhulu” (‘owayengonwabanga,’ ngokweBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) ngenxa yehambo evakalala yabantu bexesha lakhe.—2 Petros 2:7.
14 Kukho enye inkalo yemihla yokugqibela esingenakuyityeshela. IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba abaninzi babengayi kuba nawo “umsa wemvelo.” (2 Timoti 3:3) Kwiintsapho ezininzi akukho thando. Eneneni, “ubungqina bubonisa ukuba abantu bayabulawa, babethwe okanye baxhatshazwe ngokwesini nangezinye iindlela ngamanye amalungu entsapho,” itsho njalo incwadi ethi Family Violence. “Kubantu abaninzi abakhulileyo nabaselula, indawo ebebefanele ukuba baziva bethandwa yaye bekhuselekile kuyo, yeyona iyingozi kunazo zonke.” Abantu abakhule kabuhlungu basenokunxunguphala yaye badandatheke ekuhambeni kweminyaka. Kuthekani ukuba nawe unamava anjalo?
15. Uthando lukaYehova lungaphezulu kanjani kunolo lwabantu?
15 Umdumisi uDavide wavuma le ngoma: “Nokuba ubawo noma bangandishiya, ke yena uYehova uya kundithabatha.” (INdumiso 27:10) Hayi indlela ekuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba uthando lukaYehova lungaphezulu nakuthando lomzali! Nangona ukungakhathalelwa, ukuphathwa kakubi nokulahlwa ngumzali kubuhlungu, uYehova akayeki ukukuthanda ngenxa yoko. (Roma 8:38, 39) Khumbula ukuba uThixo uyabatsala abo abathandayo. (Yohane 3:16; 6:44) Kungakhathaliseki ukuba baye bakuphatha njani abanye abantu, uYihlo osemazulwini uyakuthanda!
Iindlela Zokulwisana Nokuphelelwa Lithemba
16, 17. Xa umntu eziva ephelelwe lithemba, yintoni anokuyenza ukuze aqhubeke omelele ngokomoya?
16 Unokuthabatha amanyathelo athile ukuze ukwazi ukuhlangabezana nokuphelelwa lithemba. Ngokomzekelo, zenzele ucwangciso ukuze ube nenxaxheba ngokuzeleyo kwimisebenzi yobuKristu. Camngca ngeLizwi likaThixo, ngokukodwa xa uziva udimazekile. Umdumisi wavuma le ngoma: “Xa ndithe: ‘Ngokuqinisekileyo unyawo lwam luya kutyibilika,’ ububele bakho bothando, Yehova, buqhubeka bundixhasa. Xa iingcamango zam eziphazamisayo zaba ninzi ngaphakathi kwam, intuthuzelo yakho yaqalisa ukuthuthuzela umphefumlo wam.” (INdumiso 94:18, 19) Ukufunda iBhayibhile rhoqo kuya kukunceda uzalise ingqondo yakho ngamazwi athuthuzelayo neengcinga ezakhayo.
17 Kubalulekile nokuthandaza. Nokuba akukwazi ukuyichaza kakuhle indlela ovakalelwa ngayo, uYehova uyakuva ukuba ufuna ukuthini. (Roma 8:26, 27) Umdumisi waqinisekisa: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.”—INdumiso 55:22.
18. Ziziphi izinto ezinokwenziwa ngumntu odandathekileyo?
18 Abanye baphelelwa lithemba ngenxa yokudandatheka.b Ukuba nawe udandathekile, zama ukusoloko ucinga ngehlabathi elitsha likaThixo nangexesha apho ‘kungekho mmi oya kuthi: “Ndiyagula.”’ (Isaya 33:24) Kodwa ukuba uhlala udandathekile ngalo lonke ixesha, kusenokuba kuhle ukuba udibane nogqirha. (Mateyu 9:12) Kubalulekile nokuzinyamekela. Ukutya okusempilweni nokwenza umthambo kusenokuba luncedo. Qiniseka ukuba uphumla ngokwaneleyo. Musa ukubukela umabonwakude de kube sebusuku, luphephe uhlobo lokuzonwabisa olukwenza uzive udiniwe. Okubaluleke nangakumbi, qhubeka usenza imisebenzi ekholisa uThixo! Nangona lingekafiki ixesha lokuba uYehova ‘asule zonke iinyembezi,’ uya kukunceda unyamezele.—ISityhilelo 21:4; 1 Korinte 10:13.
Ukuba “Phantsi Kwesandla Esinamandla SikaThixo”
19. UYehova ubathembisa ntoni abo babandezelekileyo?
19 Nangona iintlekele ezihlela ilungisa zininzi, iBhayibhile isiqinisekisa ukuba “uYehova ulihlangula kuzo zonke.” (INdumiso 34:19) Ukwenza njani uThixo oku? Xa umpostile uPawulos wathandaza ngokuphindaphindiweyo ukuba ahlangulwe ‘kwiliva enyameni,’ uYehova wathi kuye: “Amandla am enziwa agqibelele kubuthathaka.” (2 Korinte 12:7-9) UYehova wamthembisa ntoni uPawulos yaye wena ukuthembisa ntoni? Akathembisi kusiphilisa ngephanyazo kodwa uthembisa ukusinika amandla okunyamezela.
20. Nangona sijamelene nezilingo, eyoku-1 kaPetros 5:6, 7 isiqinisekisa ngantoni?
20 Umpostile uPetros wabhala: “Zithobeni, ke ngoko, phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elililo; liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” (1 Petros 5:6, 7) UYehova akayi kukulahla, kuba ukukhathalele. Uya kukuxhasa nangona ujamelene nezilingo. Khumbula ukuba amaKristu athembekileyo ‘aphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo.’ Njengoko sikhonza uYehova, usinika amandla okunyamezela. Ukuba sithembekile kuye, akukho nto inokusenzakalisa ngokupheleleyo ngokomoya. Ngoko ke, ngamana singagcina ingqibelelo yethu kuYehova ukuze sizuze ubomi obungunaphakade kwihlabathi lakhe elitsha size sibekho xa ehlangula obandezelekileyo ngonaphakade!
[Imibhalo esemazantsi]
a Asilogama lakhe.
b Ngokungafaniyo nokudimazeka, ukudandatheka sisigulo esenza umntu ahlale ekhathazekile. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngalo mbandela, funda IMboniselo kaOktobha 15, 1988, iphepha 25-9; ekaNovemba 15, 1988, iphepha 21-4; nekaSeptemba 1, 1996, iphepha 30-1.
Ngaba Uyakhumbula?
• Kutheni abakhonzi bakaYehova bebandezeleka?
• Ziziphi ezinye zezinto ezinokwenza abanye abantu bakaThixo baphelelwe lithemba?
• UYehova usinceda njani sikwazi ukuhlangabezana neembandezelo?
• Sizithoba ngayiphi indlela ‘phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo?’
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
Nangona bejamelene nezilingo, abantu bakaYehova banesizathu sokonwaba
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Enye indlela esinokunikela ngayo inkonzo yomphefumlo uphela kuYehova, kukunikela ubungqina ngomnxeba