Bonke Abantu Banako Ukuphathwa Ngesidima
“Masakhe ihlabathi elitsha—ihlabathi elilunge ngakumbi—ihlabathi esiya kuhlonelwa kulo isidima sabantu.”—UMONGAMELI UHARRY TRUMAN, WASEUNITED STATES, ESAN FRANCISCO, EKHALIFONIYA, NGOAPRILI 25, 1945.
NJENGENKOLISO yabantu ababephila emva kweMfazwe Yehlabathi II, uMongameli uTruman wayekholelwa ukuba abantu banako ukufunda kwiimpazamo abaye bazenza baze baqonde ukuba liyafuneka “ihlabathi elitsha” eliya kuphatha ngesidima bonke abantu. Okulusizi kukuba oko akukenzeki nanamhlanje. “Isidima sabantu” sisanyhashwa kuba unobangela wale ngxaki asingobantu, kunoko lutshaba olukhulu lwabantu.
Unobangela Wengxaki
IBhayibhile ithi olu tshaba nguSathana uMtyholi, isidalwa somoya esingendawo, esacel’ umngeni igunya likaThixo lokulawula kususela ekuqaleni kokubakho kwabantu. Ukususela ekuthetheni kwakhe noEva kwigadi yase-Eden, injongo kaSathana yayikukuba abantu bayeke ukukhonza uMdali wabo. (Genesis 3:1-5) Cinga ngentlekele eyabangelwa kukunikezela kuka-Adam noEva kumaqhinga kaMtyholi! Kwangoko emva kokungathobeli umthetho kaThixo owawusalela ukutyiwa kwesiqhamo eso, bobabini “bazifihla ebusweni bukaYehova uThixo.” Kwakutheni? UAdam wavuma ukuba: ‘Wayesoyika kuba ehamba ze waza wazifihla.’ (Genesis 3:8-10) Ulwalamano luka-Adam noYise wasezulwini nendlela awayezijonga ngayo yayitshintshile. Wayeneentloni engasakhululeki phambi koYehova.
Kwakutheni ukuze uMtyholi afune uAdam azive engaxabisekanga? Kungenxa yokuba umntu wenziwe ngomfanekiso kaThixo, kwaye uSathana uyavuyiswa kukubona umntu esenza izinto ezingamzukisiyo uThixo. (Genesis 1:27; Roma 3:23) Oku kusinceda siqonde isizathu sokuba kuye kwagqugqisa imbali ukuphathwa kwabantu ngokungenasidima. Ekubeni uSathana ‘enguthixo wale nkqubo yezinto,’ uye wawukhuthaza lo moya ‘ngexesha athi umntu alawule umntu ze ibe kukwenzakala kwakhe.’ (2 Korinte 4:4; INtshumayeli 8:9; 1 Yohane 5:19) Ngaba oku kuthetha ukuba abantu abanakuze baphinde baphathwe ngesidima?
UYehova Uyiphatha Ngesidima Indalo Yakhe
Cinga ngemeko ekwakuyiyo kumyezo wase-Eden ngaphambi kokuba uAdam noEva bone. Babenentabalala yokutya, umsebenzi ohlaziyayo, nethuba lokuphila ngonaphakade bona nabantwana babo. (Genesis 1:28) Ubomi babo babubonisa uthando lukaThixo, lokuba uluntu luphile ngendlela enesidima.
Ngaba imbono kaYehova ngesidima sabantu yatshintsha emva kokuba uAdam noEva bonile? Nakanye! Waba nolwazelelelo ekubeni ngoku babesele beneentloni ngokuhamba ze kwabo. Ngenxa yothando, uThixo “wabenzela izambatho ezinde zezintsu” endaweni yemibhinqo yamagqabi omkhiwane ababezenzele yona. (Genesis 3:7, 21) Kunokuba abashiye beziva beneentloni, uThixo wabaphatha ngesidima.
Kamva, xa wayeqhubana nohlanga lwakwaSirayeli, uYehova wabonisa imfesane kwiinkedama, abahlolokazi nabaphambukeli—abona bantu badla ngokuphathwa kakubi. (INdumiso 72:13) Ngokomzekelo, xa evuna amasimi, imithi yomnquma nezidiliya zawo, amaSirayeli ayengamele abhikice. Kunoko, uThixo wayalela ukuba loo mibhikico imele ishiyelwe ‘umphambukeli nenkwenkwe engenayise nomhlolokazi.’ (Duteronomi 24:19-21) Xa ithotyelwa loo mithetho kwakungabikho bantu bangqibayo ukuze nabona bantu bangamahlwempu babe nomsebenzi onesidima.
UYesu Wabaphatha Ngesidima Abanye
Xa wayelapha emhlabeni, uYesu Kristu, uNyana kaThixo, wabaphatha ngesidima abanye. Ngokomzekelo, xa wayeseGalili, kweza kuye indoda eyayineqhenqa. NgokoMthetho kaMoses, ukuze angosuleli abanye, umntu oneqhenqa kwakufuneka adanduluke athi: “Andihlambulukanga, andihlambulukanga!” (Levitikus 13:45) Noko ke, le ndoda ayizange itsho njengoko yayisondela kuYesu. Kunoko yawa ezinyaweni zakhe yaze yambongoza isithi: “Nkosi, ukuba nje uyathanda, unako ukundenza ndihlambuluke.” (Luka 5:12) Wasabela njani uYesu? Akazange ayikhalimele ngokwaphula uMthetho, engazange angayihoyi okanye ayiphephe. Kunoko, wayiphatha ngesidima wayichukumisa waze wathi: “Ndiyathanda. Hlambuluka.”—Luka 5:13.
Ngezinye izihlandlo, uYesu wayephilisa abantu engakhange abachukumise—maxa wambi ekwenza oko ekwenye indawo. Kodwa kwesi sihlandlo wakhetha ukuyichukumisa le ndoda. (Mateyu 15:21-28; Marko 10:51, 52; Luka 7:1-10) Ekubeni le ndoda “yayineqhenqa” kumele ukuba kwakusele kudlule iminyaka ingasachukunyiswa mntu. Imele ukuba yathuthuzeleka gqitha yinto yokuba ichukunyiswe ngumntu kwakhona! Imele ukuba yayilindele ukuphiliswa kweqhenqa kuphela kungekhona ukude ichukunyiswe. Ukanti kwindlela awayinyanga ngayo uYesu wenza okungakumbi—wabuyisela isidima sayo. Ngaba banako ukuphathwa ngesidima ngendlela efanayo abantu namhlanje? Ukuba kunjalo, banokuphathwa njani?
Umthetho Okhuthaza Ukuphathwa Kwabanye Ngesidima
UYesu wafundisa lo mgaqo uhlonelwa kakhulu ngabantu ngokuphathelele ulwalamano lwabantu: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” (Mateyu 7:12) Lo Mthetho Omkhulu, ekubeni usaziwa ngolo hlobo, ukhuthaza ubani ukuba ahlonele abanye abantu, baze ke nabo bamphathe ngendlela efanayo.
Njengokuba imbali ibonisa, ukusebenzisa lo mgaqo akuyonto ilula—ubukhulu becala kudla ngokwenzeka okwahlukileyo. Enye indoda esiza kuyibiza ngokuba nguHarold ithi: “Ndandikunandipha ukungcungcuthekisa abanye abantu. Ngamazwi nje ambalwa, ndandibashiya betyumkile, behlazekile maxa wambi belila.” Kodwa kwenzeka into ethile eyenza uHarold watshintsha kwindlela abaphatha ngayo abanye abantu. “Ndaqala ukutyelelwa ngamaNgqina kaYehova. Xa ndikhangela ngasemva ndiba neentloni xa ndicinga ngezinto endandidla ngokuzithetha nendlela endandiwaphatha ngayo maxa wambi. Kodwa akazange anikezele, ngokuthe ngcembe inyaniso yeBhayibhile yandichukumisa ndatshintsha.” Namhlanje, uHarold ukhonza njengomdala kwibandla lamaKristu.
UHarold ungumzekelo wokuba “Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini, lihlaba lide lahlule umphefumlo nomoya, kwanamalungu nomongo wawo, yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.” (Hebhere 4:12) ILizwi likaThixo linamandla okufikelela intliziyo yomntu lize litshintshe indlela acinga ngayo naziphethe ngayo. Lo ngundoqo ukuze umntu aphathe abanye ngesidima—abe nomnqweno wokufuna ukubanceda kunokubenzakalisa, abahlonele kunokubagculela.—IZenzo 20:35; Roma 12:10.
Ukubuyiselwa Kwesidima Sokwenene
Ikwangulo mnqweno owenza amaNgqina kaYehova athethe nabanye ngethemba elimangalisayo leBhayibhile. (IZenzo 5:42) Ayikho indlela egqwesileyo yokubonisa intlonelo nokuphatha abanye ngesidima kunokuba wabelane nabo ‘ngeendaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi.’ (Isaya 52:7) ‘Into elunge ngakumbi’ iquka ‘ukwambatha ubuntu obutsha,’ obuya kubhubhisa ‘umnqweno owenzakalisayo’ wokuthoba isidima sabanye. (Kolose 3:5-10) Iquka nenjongo kaYehova yokushenxisa iimeko nezimo zengqondo ezenza abantu bangabi nasidima, nomphembeleli omkhulu wazo, uSathana uMtyholi. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10; ISityhilelo 20:1, 2, 10) Kungelo xesha kuphela, xa umhlaba ‘uzaliswe kukwazi uYehova,’ apho baya kuphathwa ngesidima bonke abantu.—Isaya 11:9.
Siyakumema ukuba ufunde ngeli themba limangalisayo. Xa unxulumana namaNgqina kaYehova, uya kuzibonela ukuba ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kwenza abantu baphathane ngesidima. Kwaye uya kutsho ufunde nangendlela uBukumkani bukaThixo obuza kulizisa ngayo ‘ihlabathi elitsha elilunge ngakumbi,’ ihlabathi apho “isidima sabantu” singasayi kuze sinyhashwe kwakhona.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 6]
Ukugcina Kwawo Ingqibelelo Kwalondoloza Isidima Sawo
Angaphezu kwama-2 000 amaNgqina kaYehova awavalelwa kwiinkampu zamaNazi zokungcungcuthekisa ebudeni beMfazwe Yehlabathi II ngenxa nje yeenkolelo zawo. Ebona indlela agcina ngayo ingqibelelo, owayesakuba libanjwa kwintolongo yaseRavensbrück, uGemma La Guardia Gluck uthi kwincwadi yakhe ethi My Story: “AmaGestapo akha athi uMfundi weBhayibhile olahla ukholo lwakhe aze atyobele uxwebhu olubhalwe oko wayenokukhululwa angaphinde atshutshiswe.” Ethetha ngabo balayo ukutyobela olo xwebhu uthi: “Bakhetha ukuqhubeka bebandezeleka ngoxa belindele inkululeko kwihlabathi elitsha.” Kwakutheni ukuze akhethe oko? Kwiminyaka yakhe engama-80 ubudala, uMagdalena okhankanywe ekuqaleni kwenqaku elandulelayo uthi: “Ukuhlala sithembekile kuYehova kwakubalulekile kunokwenza nayiphi na enye into enokusindisa ubomi bethu. Ukulondoloza isidima sethu kwakuthetha ukugcina ingqibelelo yethu.”a
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ingxelo engakumbi ngentsapho yakwaKusserow, funda IMboniselo kaSeptemba 1, 1985, iphepha 10-15.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
UYesu wabaphatha ngesidima abo wayebaphilisa
[Umfanekiso okwiphepha 7]
AmaNgqina kaYehova abaphatha ngesidima abanye ngokwabelana nabo ‘ngeendaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi’