Kuthethwa Ngantoni Xa Kuthethwa ‘Ngemihla Yokugqibela’?
NGABA ukhe uzibuze ngekamva lakho, elezihlobo nezalamane zakho? Abantu abaninzi banomdla kwiindaba zamajelo osasazo befuna ukwazi indlela elinokuchatshazelwa ngayo ikamva labo zizinto ezenzeka ehlabathini. Noko ke, ukunikel’ ingqalelo kwiLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, kusinika imbono ecacileyo ngekamva. Kaloku iBhayibhile yazichaza kwakudala ezi ziganeko zenzekayo ngoku kwanezinto eziseza kwenzeka.
Ngokomzekelo, xa wayelapha emhlabeni uYesu Kristu, wayesoloko ethetha ngoBukumkani bukaThixo. (Luka 4:43) Abantu ababemphulaphule babefuna ukwazi ukuba buya kufika nini obo Bukumkani. Kwiintsuku ezintathu ngaphambi kokuba uYesu abulawe ngokungekho mthethweni, abafundi bakhe bambuza: “Uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho [usemandleni obukumkani] nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?” (Mateyu 24:3) UYesu wabaxelela ukuba nguYehova uThixo kuphela owayelazi elona xesha babuya kuqalisa ngalo ukulawula phezu komhlaba. (Mateyu 24:36; Marko 13:32) Noko ke, uYesu nabanye bachaza iziganeko ezithile ezaziza kwenzeka emhlabeni zibe ngumqondiso wokuba uKristu uyalawula esemandleni oBukumkani.
Ngaphambi kokuba sihlolisise ubungqina obubonakalayo bokuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto, makhe sihlolisise iziganeko ezibalulekileyo eziye zenzeka kummandla wokomoya. UYesu Kristu waba nguKumkani ezulwini ngowe-1914.a (Daniyeli 7:13, 14) Wathi akufumana amandla oBukumkani, uYesu akalibazisa wafunz’ edabini. IBhayibhile ithi: “Kwabakho imfazwe ezulwini: UMikayeli neengelosi zakhe balwa idabi nenamba, yazilwela nayo inamba kunye neengelosi zayo.” (ISityhilelo 12:7) “UMikayeli isiphatha-zingelosi” nguYesu Kristu kwisikhundla sakhe sasezulwini.b (Yuda 9; 1 Tesalonika 4:16) Inamba nguSathana uMtyholi. Waba yintoni umphumo wale mfazwe yayisiliwa nguSathana needemon zakhe? Boyiswa kuloo mfazwe baze ‘baphoswa phantsi,’ okanye bagxothwa ezulwini beza apha emhlabeni. (ISityhilelo 12:9) Ngenxa yesi siganeko ‘amazulu nabo bahlala kuwo,’ oko kukuthi oonyana bokomoya bakaThixo abathembekileyo, bavuya. Kodwa bona abantu abazange bachulumance. IBhayibhile yathi: “Yeha kuwo umhlaba . . . ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.”—ISityhilelo 12:12.
Ekubeni uSathana ejwaqeka ngumsindo, ubangela ukubandezeleka okungathethekiyo kwabo bahleli emhlabeni. Noko ke, oku kubandezeleka ‘kokwexesha nje elifutshane.’ IBhayibhile ibhekisela kweli xesha ngokuthi ‘yimihla yokugqibela.’ Simele sivuye kuba impembelelo kaMtyholi emhlabeni sele iza kusitshulwa neengcambu. Kodwa bubuphi ubungqina bokuba siphila kwimihla yokugqibela?
[Imibhalo esemazantsi]
b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi funda incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? iphepha 218-19, ipapashwe ngamaNgqina KaYehova.
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 2]
COVER: Foreground: © Chris Stowers/Panos Pictures; background: FAROOQ NAEEM/AFP/Getty Images