Ngaba Ngokwenene Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’?
ZINTLUMBINI iziganeko ezaziya kuphawula ixesha elibizwa ngokuba yimihla yokugqibela eBhayibhileni. IZibhalo zazixela kwangaphambili iziganeko ezaziya kwenzeka “ekuqoshelisweni kwale nkqubo yezinto.” (Mateyu 24:3) Kwakhona iBhayibhile ithetha ngokutshintsha kwezimo zengqondo nezenzo zabantu abaphila ‘kwimihla yokugqibela.’—2 Timoti 3:1.
Iziganeko ezenzeka ehlabathini nendlela abaziphethe ngayo abantu zenza kucace ukuba siphila kwimihla yokugqibela kwaye sekumbovu ukuba uBukumkani bukaThixo buzise iintsikelelo ezingunaphakade kwabo bathanda uThixo. Siza kuxubusha iinkalo ezintathu awathi uYesu zaziya kuphawula imihla yokugqibela.
“Ukuqala Kwenimba”
UYesu wathi: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani, yaye kuya kubakho ukunqongophala kokutya neenyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo.” Wolek’ umsundulo wathi: “Zonke ezi zinto zikukuqala kwenimba.” (Mateyu 24:7, 8) Makhe sixubushe nganye ‘kwezi zinto.’
Kule nkulungwane idluleyo kuye kwabulawa inkumbula yabantu ezimfazweni nakwiimbambano zobuhlanga. Ingxelo yeWorldwatch Institute ithi: “Liye laphindaphindeka kathathu inani labantu abaye babulawa emfazweni kwinkulungwane [yama-20] kunazo zonke iimfazwe eziye zaliwa ukususela kwinkulungwane yokuqala yexesha eliqhelekileyo ukuza kuthi ga ngowe-1899.” Kwincwadi yakhe ethi Humanity—A Moral History of the Twentieth Century, uJonathan Glover uthi: “Kuqikelelwa ukuba ukususela ngowe-1900 ukusa kowe-1989 kuye kwabulawa abantu abazizigidi ezingama-86 emfazweni. . . . Kunzima ukulazi inani labantu abaye babulawa emfazweni kwinkulungwane yamashumi amabini. Ekubeni kwabulawa abantu abamalunga nezigidi ezingama-58 kwiimfazwe ezimbini zehlabathi, kusenokuba nzima ukulazi elona nani labantu abafayo kwezi mfazwe. Ukuba la manani ebenokwahlulwa kakuhle ukutyhubela imfazwe ezimbini zehlabathi, abantu ababulewe emfazweni bebeya kuba malunga nama-2 500 ngosuku. Oko kuthetha ukuba bekubulawa abantu abangaphezu kwe-100 rhoqo ngeyure, kwiminyaka engamashumi asithoba.” Ngaba unokuyithelekelela intlungu eyeviwa zizigidi zabantu ezaphulukana nezalamane nezihlobo zazo kwezo mfazwe?
Nangona ihlabathi livelisa intabalala yokutya, ezinye zezinto ezibalaseleyo kule mihla yokugqibela kukunqongophala kokutya. Abaphengululi bathi kule minyaka ingama-30 idluleyo, kuye kwaveliswa ukutya okuninzi kunabantu. Nangona kunjalo imimandla ethile yehlabathi ithwaxwa kukunqongophala kokutya kuba abantu abaninzi abanawo umhlaba wokulima okanye imali yokuthenga ukutya. Kumazwe asakhasayo abantu abali-1,2 lamawaka ezigidi baphila ngemali elingana nedola okanye ngaphantsi ngosuku. Kwaba bantu abazizigidi ezingama-780 balala ngamanzi. Ngokutsho kweWorld Health Organization, minyaka le kufa abantwana abangaphezu kwezigidi ezihlanu ngenxa yokungondleki.
Kuthekani ngeenyikima ezazixelwe kwangaphambili? IGeological Survey, yaseUnited States of America ithi ngokomlinganiselo zili-17 ngonyaka iinyikima ezinamandla okudiliza izakhiwo ukususela ngowe-1990. Ngokomlinganiselo, rhoqo ngonyaka bekusibakho inyikima enokuzitshabalalisa nya izakhiwo ezikhulu. Enye ingxelo ithi: “Kule minyaka ili-100 idluleyo iinyikima ziye zashiya itshoba lilel’ umbethe kumawaka amakhulu abantu.” Omnye unobangela woku kukuba ukususela ngowe-1914 abantu baye bakha kwiindawo ezithandwa yinyikima.
Ezinye Iziganeko
UYesu wathi “kuya kubakho . . . neendyikitya zokufa.” (Luka 21:11) Inzululwazi yezamayeza ihambele phambili gqitha namhlanje kunanini na ngaphambili. Sekunjalo, izifo ezidala nezitsha zisaqhubeka zizenzela ebantwini. Uxwebhu lweU.S. National Intelligence Council luthi: “Izifo ezingamashumi amabini ezaziwa ngokubanzi—eziquka isifo sephepha, isifo seengcongconi nekholera—zibuyile kwakhona okanye zichaphazela imimandla engakumbi ukususela ngowe-1973 ibe zibuya sele zinamandla okuxhathisa amachiza. Ubuncinane zingama-30 izifo ezitsha eziye zavela ukususela ngowe-1973, eziquka uGawulayo, iEbola, ihepatitis C neNipah virus kwaye azinyangeki.” Ngokutsho kwengxelo Yomnqamlezo Obomvu kaJuni 28, 2000, kunyaka ongaphambi kwalowo, inani labantu ababulawa zizifo ezosulelayo laba ngaphezulu ngezihlandlo ezili-160 kunenani labantu ababebulewe ziintlekele zemvelo.
‘Ukwanda kokuchas’ umthetho’ ngomnye umqondiso ophawulekayo wemihla yokugqibela. (Mateyu 24:12) Kwiindawo ezininzi namhlanje ehlabathini, abantu abasayishiyi ingatshixwa imizi yabo okanye bazive bekhuselekile xa behamba ebusuku. Kuthekani ngokungcoliswa komoya, amanzi nomhlaba okuqhubeka umhla nezolo, ngenxa yezinto ezingekho mthethweni ezenziwa ngabantu? Nako oku kuzalisekisa oko kwaxelwa yiBhayibhile. Incwadi yeSityhilelo ithetha ngexesha elimisiweyo likaThixo ‘lokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’—ISityhilelo 11:18.
Zinjani Izimo Zengqondo Zabantu Bexesha Lesiphelo?
Nceda uvule iBhayibhile yakho kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5 uze uyifunde. Umpostile uPawulos uthi: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” Emva koko udwelisa iimpawu ezingama-20 ezaziza kubonakala kubantu abangenabuthixo. Ngaba uyazibona ezi mpawu kubantu bengingqi yakho? Khawuve oko kuye kwatshiwo kutshanje ngabantu banamhlanje.
“Abazithandayo.” (2 Timoti 3:2) Abazange “[abantu] bakuthande kangaka ukwenza ukuthanda kwabo. [Bazenza] oothixo, kwaye bafuna ukuphathwa ngaloo ndlela.”—Iphephandaba laseNgilani iFinancial Times.
“Abathandi bemali.” (2 Timoti 3:2) “Ukuthanda izinto eziphathekayo mvanje kuye kongamela umoya wokuthozama. Uthi ukuze ube ngumntu abantu bakujonge njengesityebi.”—Iphephandaba, laseIndonesia iJakarta Post.
“Abangathobeli bazali.” (2 Timoti 3:2) “Abazali basala bebamb’ ongezantsi xa umntwana wabo oneminyaka emi-4 ubudala ebahlisa ebanyusa ngokungathi yikumkani okanye umntwana oneminyaka esi-8 ubudala ebankqangaza esithi ‘ndiyanicaphukela!’”—Iphephancwadi laseUnited States iAmerican Educator.
“Abanganyanisekanga.” (2 Timoti 3:2) “Ukwanda kwamadoda ashiye amaqabane nabantwana yeyona nto ibangele utshintsho kwimilinganiselo yokuziphatha kule minyaka [ingama-40 idluleyo].”—Iphephancwadi laseUnited States iWilson Quarterly.
“Abangenawo umsa wemvelo.” (2 Timoti 3:3) “Ugonyamelo lwasekhaya yinto yemihla ngemihla kwiindawo ezininzi ehlabathini namhlanje.”—Iphephancwadi laseUnited States iJournal of the American Medical Association.
“Abangenakuzeyisa.” (2 Timoti 3:3) “Amanqaku aphambili kumaphephancwadi antama izimo zengqondo zabantu abangakwaziyo ukuzeyisa, imilinganiselo yokuziphatha nabangenalo uvelwano kwabanye abantu nakwiziqu zabo. . . . Ukuba abantu bayaqhubeka bethanda ugonyamelo ngale ndlela baluthanda ngayo, kungekudala siza kuphelelwa yimilinganiselo yokuziphatha.”—Iphephandaba, laseThailand iBangkok Post.
“Iindlobongela.” (2 Timoti 3:3) “Umsindo ongekho ngqiqweni nongalawulekiyo uxhaphakile kubaqhubi beemoto, ukubethwa kwentsapho, . . . kugonyamelo nokubulawa kwabantu ngokungenangqiqo xa kusaphulwa umthetho. Ugonyamelo luxhaphake gqitha kwaye lubashiya abantu besoyika beziva bengakhuselekanga.”—Iphephandaba laseMzantsi Afrika iBusiness Day.
“Abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.” (2 Timoti 3:4) “Ukuziphatha vakalala yinto eyamkelekileyo, imilinganiselo yokuziphatha yamaKristu ijongwa njengotshaba lolonwabo.”—Iphephancwadi leInternet iBoundless.
“Benembonakalo yozinikelo lobuthixo kodwa bengaphili ngokuvisisana nalo.” (2 Timoti 3:5) “[Ibhinqa elithile elalisakuba ngunongogo eNetherlands] lavuma ukuba ubukhulu becala amaqela akuchasileyo ukwamkelwa ngokusemthethweni kobunongogo ngawonqulo. Lanqumama, laza lathi xa ndandingunongogo, inkoliso yabantu ababendixuma yayingabefundisi. Lahleka lathi: ‘Oonongogo basoloko belilisela ngelokuba abona baxhasi beshishini labo abaphambili ngabantu bonqulo.’”—Iphephandaba laseUnited States iNational Catholic Reporter.
Ziziphi Izinto Eziseza Kwenzeka?
Ihlabathi namhlanje lizaliswe ziinkathazo, kanye njengokuba iBhayibhile yatshoyo. Noko ke, isiprofeto esiphathelele, “umqondiso wobukho [bukaKristu] nokuqosheliswa kwenkqubo yezinto” sinazo nezinto ezivuyisayo. UYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mateyu 24:3, 14) Iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo zishunyayelwa kumazwe angaphezu kwama-230. Abantu abangaphezu kwizigidi ezithandathu abaphuma “kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi” bathe bhakada kulo msebenzi wokuvakalisa uBukumkani. (ISityhilelo 7:9) Yintoni eye yaphunyezwa yinzondelelo yabo kulo msebenzi? Namhlanje abantu abaninzi emhlabeni beva isigidimi soBukumkani, into obuza kuyenza noko bamele bakwenze ukuze bafumane iintsikelelo zabo. Ewe, ‘ulwazi lwenyaniso luye lwaluninzi kweli xesha lesiphelo.’—Daniyeli 12:4.
Nawe umele ulufumane olu lwazi. Cinga oko kuya kwenzeka emva kokuba iindaba ezilungileyo zishunyayelwe ngendlela afuna ngayo uYehova. UYesu wathi: “Kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Iya kuba lixesha lokuba uThixo asuse bonke ubungendawo emhlabeni. IMizekeliso 2:22 ithi: “Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni; ke wona amaqhophololo, aya kuncothulwa kuwo.” Kuza kwenzeka ntoni kuSathana needemon zakhe? Baza kuphoswa enzonzobileni, ukuze bangaqhubeki belahlekisa iintlanga. (ISityhilelo 20:1-3) Baya kwandula ke ‘abathe tye nabangenakusoleka basale’ emhlabeni. Baya kuxhamla iintsikelelo zoBukumkani ezingummangaliso.—IMizekeliso 2:21; ISityhilelo 21:3-5.
Yintoni Onokuyenza?
Akuthandabuzeki ukuba, isiphelo senkqubo kaSathana yezinto sisemnyango. Abo bangabukhathaleliyo ubungqina bokuba siphila kwimihla yokugqibela isiphelo siza kubafikela ngebhaqo. (Mateyu 4:37-39; 1 Tesalonika 5:2) Ngenxa yoko, uYesu wathi kubaphulaphuli bakhe: “Kodwa zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe. Kuba iya kubazela bonke abahleliyo phezu kobuso bawo wonke umhlaba. Hlalani niphaphile, ngoko, lonke ixesha nisenza isikhungo ukuze niphumelele ekubalekeni zonke ezi zinto zimiselwe ukubakho, nasekumeni phambi koNyana womntu.”—Luka 21:34-36.
Ngabo bazenzele igama elihle noNyana womntu, uYesu, abaya kuba nethemba lokusinda kule nkqubo yezinto. Ibaluleke gqitha into yokuba sisebenzise eli xesha liseleyo ukukholisa uYehova uThixo noYesu Kristu! Ethandaza kuThixo, uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Bubulumko ukufunda okungakumbi ngoYehova uThixo nezinto afuna sizenze. AmaNgqina kaYehova kummandla ohlala kuwo aya kukuvuyela ukukunceda uqonde oko kufundiswa yiBhayibhile. Sikumema ngokufudumeleyo ukuba uqhagamshelane nawo okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 7]
IMIQONDISO YEMIHLA YOKUGQIBELA
IZIGANEKO:
▪ Iimfazwe.—Mateyu 24:6, 7.
▪ Ukunqongophala kokutya.—Mateyu 24:7.
▪ Iinyikima.—Mateyu 24:7.
▪ Iindyikitya zokufa.—Luka 21:11.
▪ Ukwanda kokuchas’ umthetho.—Mateyu 24:12.
▪ Ukonakaliswa komhlaba.—ISityhilelo 11:18.
ABANTU:
▪ Abazithandayo.—2 Timoti 3:2.
▪ Abathandi bemali.—2 Timoti 3:2.
▪ Abanekratshi.—2 Timoti 3:2.
▪ Abangathobeli bazali.—2 Timoti 3:2.
▪ Abangenambulelo.—2 Timoti 3:2.
▪ Abanganyanisekanga.—2 Timoti 3:2.
▪ Abangenawo umsa wemvelo.—2 Timoti 3:3.
▪ Abangenakuzeyisa.—2 Timoti 3:3.
▪ Iindlobongela.—2 Timoti 3:3.
▪ Abathandi beziyolo.—2 Timoti 3:4.
▪ Ukuhanahanisa konqulo.—2 Timoti 3:5.
ABANQULI BOKWENYANISO:
▪ Banentabalala yolwazi.—Daniyeli 12:4.
▪ Bashumayela iindaba ezilungileyo ehlabathini jikelele.—Mateyu 24:14.
[Inkcazelo]
UNITED NATIONS/Photo by F. GRIFFING