Ukushumayela Kwindlu Ngendlu—Kutheni Kubalulekile Namhlanje?
“Imihla yonke etempileni nakwizindlu ngezindlu baqhubeka ngaphandle kokuyekelela befundisa kwaye bevakalisa iindaba ezilungileyo ezingoKristu, uYesu.”—IZE. 5:42.
1, 2. (a) Yiyiphi eyona ndlela yokushumayela aziwa ngayo amaNgqina kaYehova? (b) Yintoni esiza kunikela ingqalelo kuyo kweli nqaku?
PHANTSE naphi na emhlabeni, lo mbono ulandelayo sele uyinto eqhelekileyo. Abantu ababini abanxibe kakuhle bangena kumzi othile befuna ukuxelela umninimzi umyalezo omfutshane ovela eBhayibhileni ngokuphathelele uBukumkani bukaThixo. Xa enomdla kuloo myalezo, basenokumnika uncwadi olusekelwe eBhayibhileni baze bacele ukumqhubela isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa. Emva koko badlulela kumzi olandelayo. Ukuba nawe uyawenza lo msebenzi, wazi kakuhle ukuba uthi ungekathethi abantu batsho ukuba uliNgqina likaYehova. Eneneni ukushumayela kwindlu ngendlu sekuyinto esaziwa ngayo.
2 Zininzi iindlela esizisebenzisayo ukuze siphumeze uthumo esalunikwa nguYesu lokushumayela nokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20) Sishumayela ezimarikeni, ezitratweni nakwezinye iindawo zikawonke-wonke. (IZe. 17:17) Abanye sishumayela kubo ngefowuni nangokubabhalela iileta. Inyaniso yeBhayibhile siyisasaza kuye nabani na esidibana naye imihla ngemihla. Sinayo neWeb site yethu, enenkcazelo esekelwe eBhayibhileni ngeelwimi ezingaphezu kwama-300.a Zonke ezi ndlela ziyasebenza. Ukanti kwiindawo ezininzi, eyona ndlela sishumayela ngayo iindaba ezilungileyo kukuya kwindlu ngendlu. Isekelwe entwenini le ndlela yokushumayela? Yintoni eyabangela ukuba ibe yeyona isetyenziswayo ngabantu bakaThixo namhlanje? Yaye kutheni ibalulekile nje?
Indlela Ababeshumayela Ngayo Abapostile
3. Yiyiphi imiyalelo uYesu awayinika abapostile ngokushumayela, ibe oku kubonisa ntoni ngendlela ababemele bashumayele ngayo?
3 Le ndlela yokushumayela kwindlu ngendlu isekelwe eZibhalweni. Xa uYesu wathumela abapostile ukuba baye kushumayela, wathi: “Nakusiphi isixeko okanye idolophana eningena kuyo, funisisani ukuba ngubani na ofanelekayo kuyo.” Babeza kubafunisisa njani abo bafanelekayo? UYesu wabaxelela ukuba baye emizini yabantu baze bathi: “Xa ningena endlwini, ze nibabulise abakuloo ndlu; yaye ukuba indlu leyo iyafaneleka, uxolo eniyinqwenelela lona malube kuyo.” Ngaba babeza kuya kuloo mizi bengamenywanga? Phawula amazwi alandelayo kaYesu: “Naphi na apho kungekho bani uningenisayo okanye uwaphulaphulayo amazwi enu, ekuphumeni kwenu kuloo ndlu okanye kweso sixeko vuthululani uthuli ezinyaweni zenu.” (Mat. 10:11-14) Oku kubonisa phandle ukuba njengoko abapostile ‘babetyhutyha loo mmandla kwiidolophana ngeedolophana, bevakalisa iindaba ezilungileyo,’ kwakufuneka bangalindeli kumenywa ukuze baye kumakhaya abantu.—Luka 9:6.
4. IBhayibhile ithetha phi ngokungqalileyo ngokushumayela kwindlu ngendlu?
4 IBhayibhile itsho ngokungqalileyo ukuba abapostile babeshumayela kwindlu ngendlu. Ngokomzekelo, IZenzo 5:42 zithi: “Imihla yonke etempileni nakwizindlu ngezindlu baqhubeka ngaphandle kokuyekelela befundisa kwaye bevakalisa iindaba ezilungileyo ezingoKristu, uYesu.” Malunga neminyaka engama-20 kamva, umpostile uPawulos wawakhumbuza oku amadoda amakhulu ebandla lase-Efese: ‘Andizange ndinifihlele nto, ndanixelela zonke izinto eziyingenelo, ndanifundisa esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu.’ Ngaba uPawulos wakha wabatyelela abo badala ngaphambi kokuba babe ngamaKristu? Kucacile ukuba kunjalo, kuba phakathi kwezinto awabafundisa zona, ‘yinguquko kuThixo nokholo kwiNkosi yethu uYesu.’ (IZe. 20:20, 21) Ithetha ngale ncwadi yeZenzo 20:20, iRobertson’s Word Pictures in the New Testament ithi: “Kubalulekile ukuyiqonda into yokuba lo mshumayeli ubalaseleyo wayeshumayela kwindlu ngendlu.”
Umkhosi Weenkumbi Wanamhlanje
5. Isiprofeto sikaYoweli siwuchaza njani umsebenzi wokushumayela?
5 Ubungqina obanikelwa ngenkulungwane yokuqala babusisiqalo nje somsebenzi omkhulu owawuza kwenziwa kulo mhla wethu. Umprofeti uYoweli wafanisa umsebenzi wokushumayela wamaKristu athanjisiweyo nesibetho esitshabalalisayo sezinambuzane, kuquka iinkumbi. (Yow. 1:4) Njengoko zityhalela phambili njengomkhosi, akukho mqobo uzithintelayo ezi nkumbi, zingena emizini zize zitshabalalise yonk’ into ezidibana nayo. (Funda uYoweli 2:2, 7-9.) Oku kuyifanekisela kakuhle inzondelelo nokucokisa kwabantu bakaThixo ekuphumezeni kwabo umsebenzi wokushumayela namhlanje! Eyona ndlela isetyenziswa kakhulu ngamaKristu athanjisiweyo namaqabane awo ‘ezinye izimvu’ ukuze aphumeze esi siprofeto seenkumbi kukushumayela kwindlu ngendlu. (Yoh. 10:16) Kwakutheni ukuze nathi maNgqina kaYehova sisebenzise le ndlela yokushumayela?
6. Ngowe-1922, abantu bakhuthazwa njani ngokushumayela kwindlu ngendlu, kodwa basabela njani abanye?
6 Ukususela ngowe-1919, kwagxininiswa ukuba umKristu ngamnye unembopheleleko yokushumayela. Ngokomzekelo, inqaku elikwiMboniselo yesiNgesi ka-Agasti 15, 1922, elalinomxholo othi “Service Essential [Inkonzo Ibalulekile]” lakhumbuza amaKristu athanjisiweyo ngokubaluleka “kokusa isigidimi esishicilelweyo ebantwini aze athethe nabo kwindlu ngendlu, enikela ubungqina bokuba ubukumkani bamazulu busondele.” Iintshumayelo awayeza kuzisebenzisa zazibhalwe kwiBulletin (ngoku ekuthiwa buBulungiseleli Bethu BoBukumkani). Sekunjalo, ekuqaleni baba mbalwa abaya kushumayela kwindlu ngendlu. Abanye baba madolw’ anzima. Babek’ izizathu ezahlukahlukeneyo, kodwa eyona ngxaki yayikukuba abanye babevakalelwa kukuba ukushumayela kwindlu ngendlu kubathob’ isidima. Njengoko kwakugxininiswa ngakumbi ukuya entsimini, abaninzi kubo bayishiya intlangano kaYehova.
7. Kwiminyaka yee-1950 yintoni ekwacaca mhlophe ukuba kufuneka yenziwe?
7 Kumashumi eminyaka eyalandelayo, umsebenzi wokushumayela wanda. Noko ke, kwacaca mhlophe ukuba kufuneka abantu baqeqeshwe ngakumbi ukuze bashumayele kwindlu ngendlu. Ngokomzekelo, cinga ngoko kwenzeka eUnited States. Ekuqaleni kwiminyaka yee-1950, amaNgqina angama-28 ekhulwini ayeshumayela ngokusasaza izimemo okanye eme ezitratweni ehambisa amaphephancwadi kuphela. Angaphezu kwama-40 ekhulwini ayengashumayeli rhoqo, kudlul’ iinyanga engakhange alibeke entsimini. Yintoni eyayiza kwenziwa ukuze kuncedwe onke amaKristu azahluleleyo ashumayele kwindlu ngendlu?
8, 9. Luluphi uqeqesho olwaqaliswa ngowe-1953, ibe lwaba nayiphi imiphumo?
8 Kwindibano yezizwe ngezizwe eyayikwiSixeko saseNew York ngowe-1953, kwanikelwa ingqalelo ekhethekileyo kubulungiseleli bendlu ngendlu. UMzalwan’ uNathan H. Knorr wathi owona msebenzi uphambili wabo bonke abaveleli abangamaKristu umele ube kukunceda amaNgqina ukuba aye rhoqo kubulungiseleli bendlu ngendlu. Wathi, “Wonke umntu umele ashumayele iindaba ezilungileyo kwindlu ngendlu.” Emva koko kwaqaliswa inkqubo yokuqeqesha abantu ukuze baphumeze lo msebenzi. Abo babengekaqalisi ukushumayela kwindlu ngendlu baqeqeshelwa ukuba baye emizini yabantu, baqiqe nabo ngeBhayibhile, baze baphendule imibuzo yabo.
9 Olu qeqesho lwaba nemiphumo emihle gqitha. Kwiminyaka nje elishumi, ehlabathini lonke inani labavakalisi landa ngokuphindwe kabini, amabuyelo anda nge-126 ekhulwini, ngoxa izifundo zeBhayibhile zanda nge-150 ekhulwini. Namhlanje kukho abavakalisi boBukumkani abaphantse babe zizigidi ezisixhenxe abashumayela iindaba ezilungileyo ehlabathini lonke. Olu lwando lububungqina bokuba uYehova uyayisikelela imigudu yabantu bakhe yokushumayela kwindlu ngendlu.—Isa. 60:22.
Abantu Baphawulelwa Ukusinda
10, 11. (a) Yintoni awayiboniswayo uHezekile, njengokuba ibhalwe kuHezekile isahluko 9? (b) Uzalisekiswa njani loo mbono namhlanje?
10 Ukubaluleka kokushumayela kwindlu ngendlu kunokuqondwa kakuhle kumbono womprofeti uHezekile. Kuloo mbono, uHezekile ubona amadoda amathandathu ephethe amakrele, kukho neyesixhenxe eyambethe ilinen, inophondo lweinki lukanobhala. Le ndoda yesixhenxe ixelelwa ukuba ‘idlule phakathi esixekweni,’ ize ‘ibeke uphawu emabunzini abantu abancwinayo nabagcumayo ngenxa yezinto ezicekisekayo ezenziwa phakathi kwaso.’ Emva kwaloo msebenzi wayo wokuphawula, amadoda amathandathu anamakrele ayalelwa ukuba abulale bonke abo bangenalo uphawu.—Funda uHezekile 9:1-6.
11 Siyaqonda ukuba kwinzaliseko yesi siprofeto, indoda “eyambethe ilinen,” imela intsalela yamaKristu athanjiswe ngomoya. Ngokushumayela nokwenza abafundi kwalo, udidi oluthanjisiweyo lubeka uphawu lokomfuziselo kwabo baba yinxalenye ‘yezinye izimvu’ zikaKristu. (Yoh. 10:16) Luyintoni olu phawu? Ngokungathi lubekwe emabunzini abo, lububungqina bokuba ezo zimvu zingabafundi bakaYesu Kristu abazahluleleyo nababhaptiziweyo nokuba zambethe ubuntu obutsha bukaKristu. (Efe. 4:20-24) Aba babumvu baba mhlambi mnye namaKristu athanjisiweyo yaye bawancedisa kumsebenzi obalulekileyo wokuphawula abanye.—ISityhi. 22:17.
12. Umbono kaHezekile wokuphawula abantu emabunzini ukubalaselisa njani ukubaluleka kwephulo lethu eliqhubekayo lokufuna abo babumvu?
12 Umbono kaHezekile ubalaselisa isizathu sokungxamiseka kwephulo lethu lokufuna “abantu abagcumayo nabancwinayo.” Ubomi babantu buxhomekeke kweli phulo. Kungekudala, imikhosi etshabalalisayo kaYehova yasezulwini, nefanekiselwa ngamadoda amathandathu aphethe amakrele, iza kutshabalalisa abo bangenalo uphawu lokomfuziselo. Ethetha ngaloo mgwebo uzayo, umpostile uPawulos wathi iNkosi uYesu, ikunye “neengelosi zayo ezinamandla,” iya ‘kubaphindezela abo bangamaziyo uThixo nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo ezingeNkosi yethu uYesu.’ (2 Tes. 1:7, 8) Phawula ukuba abantu baya kugwetywa ngokusekelwe kwindlela abasabela ngayo kwiindaba ezilungileyo. Ngenxa yoko, simele sityhalele phambili ekuvakaliseni isigidimi sikaThixo de kuse esiphelweni. (ISityhi. 14:6, 7) Oku kuzisa imbopheleleko enkulu kubo bonke abakhonzi bakaYehova abazahluleleyo.—Funda uHezekile 3:17-19.
13. (a) Yiyiphi imbopheleleko awayeziva enayo umpostile uPawulos, yaye ngoba? (b) Wena uziva unayiphi imbopheleleko kubantu abakwintsimi okuyo?
13 Umpostile uPawulos wayeziva enembopheleleko yokuxelela abanye ngeendaba ezilungileyo. Wathi: “Ndinetyala kumaGrike nakumaBharbhari, kwizilumko nakwabangenangqiqo: ngoko ndinentumekelelo yokuzivakalisa iindaba ezilungileyo nakuni apho eRoma.” (Roma 1:14, 15) Ngenxa yombulelo awayenawo ngenceba awayenzelwayo, uPawulos waziva enyanzelekile ukuba ancede abanye baxhamle kububele obungasifanelanga bukaThixo awabenzelwayo naye. (1 Tim. 1:12-16) Kwakungathi unetyala kumntu ngamnye adibana naye, tyala elo awayenokulihlawula kuphela ngokushumayela iindaba ezilungileyo kuloo mntu. Ngaba nawe uziva unetyala ngendlela efanayo kubantu abakwintsimi okuyo?—Funda IZenzo 20:26, 27.
14. Sisiphi esona sizathu sokushumayela kwethu esidlangalaleni nakwindlu ngendlu?
14 Nakuba lo msebenzi usindisa ubomi babantu, kukho esinye isizathu esibaluleke ngakumbi sokushumayela kwindlu ngendlu. Kwisiprofeto esikuMalaki 1:11, uYehova uthi: “Ukususela ekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo igama lam liya kuba likhulu phakathi kweentlanga, . . . kuya kwenziwa umnikelo egameni lam, ube sisipho esihlambulukileyo; ngenxa yokuba igama lam liya kuba likhulu phakathi kweentlanga.” Kuzaliseka esi siprofeto, abakhonzi abazahluleleyo bakaYehova badumisa igama lakhe ebantwini kuwo wonke umhlaba njengoko beshumayela iindaba ezilungileyo ngokuthobeka. (INdu. 109:30; Mat. 24:14) Ukunikela “umbingelelo wendumiso” kuYehova kusesona sizathu sokushumayela kwethu esidlangalaleni nakwindlu ngendlu.—Heb. 13:15.
Kuseza Kubakho Iziganeko Ezibalulekileyo
15. (a) AmaSirayeli athi kratya njani ekujikelezeni kwawo isixeko saseYeriko ngosuku lwesixhenxe? (b) Oku kubonisa ntoni ngomsebenzi wokushumayela?
15 Umsebenzi wokushumayela useza kukhula ufikelele kuwuphi umkhamo? Ukuhlaselwa kweYeriko, okuchazwe kwincwadi kaYoshuwa, kusinika umzekelo omhle. Khumbula ukuba, ngaphambi kokuba uThixo atshabalalise iYeriko, amaSirayeli ayalelwa ukuba ajikeleze eso sixeko kube kanye ngosuku kangangeentsuku ezintandathu. Noko ke, ngosuku lwesixhenxe, ayeza kukwenza oko ngokuthe kratya. UYehova wamxelela oku uYoshuwa: “Nifanele nijikeleze isixeko izihlandlo ezisixhenxe yaye ababingeleli bafanele bavuthele izigodlo. Yaye kuya kuthi xa bekhalisa uphondo lwenkunzi yegusha, . . . bonke abantu bafanele bakhwaze bahlabe umkhosi; luwe bhuma phantsi udonga lwesixeko.” (Yosh. 6:2-5) Kusenokwenzeka ukuba uthi kratya nowethu umsebenzi wokushumayela. Ngaphandle kwamathandabuzo, iya kuthi xa itshatyalaliswa le nkqubo yezinto ikhoyo kube sekunikelwe ubungqina obungathethekiyo kwigama likaThixo nakuBukumkani bakhe kunalo naliphi na elinye ixesha kwimbali yeli hlabathi.
16, 17. (a) Yintoni eya kufezwa ngaphambi kokuphela ‘kwembandezelo enkulu’? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
16 Lingakho ixesha apho isigidimi esisivakalisayo sifana ‘nokuhlab’ umkhosi.’ Kwincwadi yeSityhilelo, izigidimi zomgwebo ezinamandla zifaniswa ‘nesichotho esikhulu esilitye ngalinye laso limalunga nobunzima betalente.’b ISityhilelo 16:21 sithi: ‘Isibetho saso, sasisikhulu ngokungaqhelekanga.’ Indima ukushumayela kwindlu ngendlu okuya kuba nayo ekuvakaliseni ezo zigidimi zokugqibela zomgwebo iseza kubonakala. Kodwa siqinisekile ngelokuba ngaphambi kokuphela ‘kwembandezelo enkulu,’ igama likaYehova liya kube laziswe ngendlela engazange ibonwe kwimbali yoluntu.—ISityhi. 7:14; Hez. 38:23.
17 Njengoko silindele iziganeko ezibalulekileyo ezizayo, ngamana singaqhubeka sizivakalisa ngenzondelelo iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Xa sisenza lo msebenzi, ziziphi iingxaki esidibana nazo kwindlu ngendlu yaye sinokuhlangabezana njani nazo? Le mibuzo iza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Iadresi yeWeb-site yethu ithi www.watchtower.org.
b Ukuba italente ekuthethwa ngayo apha yeyamaGrike, loo nto ibonisa ukuba litye ngalinye lesichotho liya kuba nobunzima obuziikhilogram ezingama-20.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Zithini iZibhalo ngokushumayela kwindlu ngendlu?
• Kuye kwagxininiswa njani ekushumayeleni kwindlu ngendlu namhlanje?
• Kutheni abakhonzi abazahluleleyo bakaYehova benembopheleleko yokushumayela?
• Ziziphi iziganeko ezibalulekileyo eziseza kwenzeka?
[Imifanekiso ekwiphepha 4]
Njengompostile uPawulos, ngaba nawe uziva unembopheleleko yokushumayela kwabanye?
[Umfanekiso okwiphepha 5]
UMzalwan’ uKnorr, ngowe-1953