Indlela Yokuqonda IBhayibhile
1. Cela Umbhali Wayo Akuncede
UNinfa waseItali uthi: “Ngaxa lithile ndandifunda iBhayibhile ngaphambi kokuba ndilale. Ndandiyifunda kuba ndisazi ukuba iliLizwi likaThixo, yaye nangona ndandingakuthandi ncam ukuyifunda ndandifuna ukwazi ukuba uThixo uthini kuyo. Ndandifuna ukuyifunda yonke. Ekuqaleni kwakulula ukuziqonda izinto endandizifunda kodwa ke ndafika kwiindawo ekwakunzima ukuziqonda ndaza ndayeka ukuyifunda.”
NGABA le nto yenzeka kuNinfa yakha yenzeka nakuwe? Yenzekile kubantu abaninzi. Kodwa njengoko ufundile kwinqaku elandulela eli, uMbhali weBhayibhile uYehova uThixo ufuna uliqonde iLizwi lakhe. Kodwa ke, unokuyiqonda njani iBhayibhile? Into yokuqala ekufuneka uyenzile kukucela ukuba uMbhali wayo akuncede.
Abapostile bakaYesu babejongwa njengabantu “abangenamfundo nabaqhelekileyo” kuba babengafundanga kwizikolo zoorabhi. (IZenzo 4:13) Nakuba kunjalo, uYesu wabaqinisekisa ukuba babenako ukuliqonda iLizwi likaThixo. Yayiza kwenzeka njani loo nto? UYesu wathi kubo: “Umncedi, umoya oyingcwele, lowo uBawo aya kumthumela egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto.” (Yohane 14:26) UThixo wasebenzisa umoya oyingcwele okanye amandla akhe asebenzayo xa wayedala umhlaba nazo zonke izinto ezikuwo. (Genesis 1:2) Kwangaloo moya waphefumlela amadoda angama-40 ukuba abhale iingcinga zakhe eBhayibhileni. (2 Petros 1:20, 21) Loo moya mnye unokubanceda abantu abafuna ukuqonda iBhayibhile namhlanje.
Ungawufumana njani umoya oyingcwele kaThixo? Ufanele uwucele unokholo. Kusenokufuneka uzingise xa uwucela. UYesu wathi: “Qhubekani nicela, niya kunikwa. Ukuba ke ngoko nina . . . niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!” (Luka 11:9, 13) UYehova uya kubanika umoya wakhe oyingcwele abantu abawucela ngokunyanisekileyo. Loo mandla asebenzayo anokukunceda uqonde amazwi aphefumlelweyo abhalwa eBhayibhileni kumawaka eminyaka eyadlulayo. Umoya kaThixo unokukunika ubulumko obufunekayo ukuze ukwazi ukuzenza izinto ozifunde eBhayibhileni.—Hebhere 4:12; Yakobi 1:5, 6.
Ngoko ke, sihlandlo ngasinye ufunda iBhayibhile thandaza kuThixo umcele akunike umoya oyingcwele ukuze ukuncede uliqonde iLizwi lakhe.