“Hlala Usoyisa Ububi” Ngokulawula Umsindo
‘Musani ukuziphindezelela, zintanda, kodwa hlalani nisoyisa ububi ngokulungileyo.’—ROMA 12:19, 21.
1, 2. Nguwuphi umzekelo omhle owamiselwa ngamanye amaNgqina awayeseluhambeni?
AMANGQINA KAYEHOVA angama-34 ayesiya kunikezelo lweofisi yesebe, alibaziseka ngenxa yengxaki eyayikwinqwelo-moya awayehamba ngayo. Ayecinga ukuba inqwelo-moya iza kuma iyure nje enye kuze kufakwe amafutha ehamba ngawo, kunoko ahlala iiyure ezingama-44 kwisikhululo senqwelo-moya esisemagqagaleni kungekho kutya namanzi aneleyo, nezindlu zangasese zazingekho kumgangatho ofanelekileyo. Abanye abantu ababehamba ngaloo nqwelo-moya baba nomsindo gqitha baza basongela abasebenzi balapho. Kodwa abazalwana noodade bazola.
2 Ekugqibeleni, eli qela lamaNgqina laya kufika kwindawo elalisiya kuyo xa kuza kuqalisa inxalenye yokugqibela yocwangciso lonikezelo. Nangona ayediniwe, emva kocwangciso achitha ixesha nabazalwana balapho. Kamva, eva iindaba zokuba abanye abantu bawuphawula umzekelo wawo wokuba nomonde nokuzeyisa. Omnye wabo babekhwele kuloo nqwelo-moya wathi kubasebenzi balapho, “Ukuba la maKristu angama-34 ebengekho kule nqwelo-moya, ngekuvuke uqhushululu kwesi sikhululo.”
Siphila Kwihlabathi Elinabantu Abanomsindo
3, 4. (a) Baqala nini abantu ukungakwazi ukulawula umsindo yaye njani? (b) Ngaba uKayin wayenokukwazi ukulawula umsindo wakhe? Chaza.
3 Iingxaki abajamelana nazo abantu kweli hlabathi lingendawo siphila kulo zinokubabangela babe nomsindo. (INtshu. 7:7) Lo msindo udla ngokubangela abantu ukuba babe nentiyo nogonyamelo. Kukho iimfazwe phakathi kwamazwe naphakathi kwabantu abahlala kwilizwe elinye, kanti kukho ungquzulwano naphakathi kwamalungu eentsapho. Abantu abaqali ngoku ukuba nomsindo nogonyamelo. UKayin, owayelizibulo lika-Adam noEva, waba nomsindo waza wabulala umninawa wakhe uAbheli ngenxa yomona. UKayin wenza le nkohlakalo nakuba uYehova wayeye wambongoza ukuba alawule umsindo wakhe waza wamthembisa ukuba uya kumsikelela ukuba uye wakwenza oko.—Funda iGenesis 4:6-8.
4 Nangona wayengafezekanga, uKayin wayenokukwazi ukwenza ukhetho olwahlukileyo. Wayenokukwazi ukubamba umsindo wakhe. Kungenxa yoko le nto waba netyala ngenxa yokuba nogonyamelo. Njengokuba nathi singafezekanga kuba nzima ukubamba umsindo. Nezinye iingxaki esinazo zisenza sixinezeleke kula ‘maxesha amanqam.’ (2 Tim. 3:1) Ngokomzekelo, iingxaki zoqoqosho zinokusenza sibandezeleke. Amapolisa neentlangano ezinceda iintsapho zithi uqhushululu nogonyamelo olubangelwa ngumsindo emakhayeni amaninzi luphathelele iingxaki zemali.
5, 6. Sisiphi isimo sengqondo sehlabathi ngokuphathelele umsindo esinokusichaphazela nathi?
5 Ngaphezulu, abantu abaninzi esidibana nabo ‘bayazithanda, banekratshi yaye baziindlobongela.’ Kulula kakhulu ukuba sizibhaqe sele sinale mikhwa mibi okanye ukucatshukiswa yiyo. (2 Tim. 3:2-5) Enyanisweni, iimovie neenkqubo zikamabonwakude zenza kubonakale ngathi ukuziphindezela yinto efanelekileyo nokuba indlela efanelekileyo yokucombulula iingxaki, lugonyamelo. Amabali kamabonwakude abangela ukuba ababukeli babe nomdla wokubona xa umguvela othile “ufumana into obuyifuna”—amaxesha amaninzi ngokubulawa ngumdlali ophambili kwelo bali.
6 Loo ngcamango yobuxoki ikhuthaza kungekhona iindlela zikaThixo kodwa “umoya wehlabathi” nomlawuli walo onomsindo, uSathana. (1 Kor. 2:12; Efe. 2:2; ISityhi. 12:12) Abantu abangafezekanga bayawuthanda lo moya kodwa uchasene nomoya oyingcwele kaThixo nesiqhamo sawo. Eneneni, imfundiso esisiseko yobuKristu kukuba singaziphindezeli. (Funda uMateyu 5:39, 44, 45.) Ngoko ke, sinokuzisebenzisa ngokungakumbi njani ezi mfundiso zikaYesu?
Imizekelo Emihle Nemibi
7. Yintoni eyenzekayo kuba uSimeyon noLevi bengazange bakwazi ukulawula umsindo wabo?
7 IBhayibhile ineziluleko ezininzi ngokuphathelele ukulawula umsindo yaye inemizekelo ebonisa oko kunokwenzeka xa siwulawula umsindo naxa singawulawuli. Cinga ngoko kwenzekayo xa oonyana bakaYakobi, uSimeyon noLevi baziphindezela kuShekem owayedlwengule udadewabo uDina. Baba ‘buhlungu baza bavutha ngumsindo.’ (Gen. 34:7) Emva koko, abanye oonyana bakaYakobi bahlasela isixeko sakuloShekem baza basiphanga bathimba abafazi nabantwana. Abazange benze konke oku ngenxa kaDina kuphela kodwa mhlawumbi babebangelwa nakukuba oku kwakuzise ihlazo entsatsheni yabo. Babevakalelwa kukuba uShekem wone bona noyise, uYakobi. Kodwa uYakobi yena wavakalelwa njani ngesi senzo sabo?
8. Ingxelo ethetha ngoSimeyon noLevi ibonisa ntoni ngokuziphindezela?
8 Kumele ukuba uYakobi waxheleka kakhulu ngenxa yeli shwangusha lalihlele uDina; kodwa wabagxeka oonyana bakhe ngokuziphindezela. Sekunjalo, uSimeyon noLevi bazama ukuzithethelela, bathi: “Udade wethu angaphathwa njengonongogo yini na?” (Gen. 34:31) Kodwa akuzange kuphelele apho, kuba noYehova akazange akholiswe kukuziphindezela kwabo. Kwiminyaka emininzi kamva, uYakobi wathi ngenxa yobundlobongela ababenzayo uSimeyon noLevi beqhutywa ngumsindo, inzala yabo yayiya kusasazeka phakathi kwezizwe zakwaSirayeli. (Funda iGenesis 49:5-7.) UThixo noyise abazange bakholiswe kukungakwazi kwabo ukulawula umsindo.
9. Kunini apho uDavide waphantse akakwazi ukuwubamba umsindo wakhe?
9 UKumkani uDavide wenza into eyahlukileyo. Maninzi amathuba awayemvulekele awayenokuziphindezela ngawo, kodwa akazange aziphindezele. (1 Sam. 24:3-7) Noko ke, ngesinye isihlandlo waphantse akakwazi ukuwubamba umsindo wakhe. UNabhali owayeyindoda esisityebi wathuka amadoda kaDavide, emva kokuba ayekhusele imihlambi kaNabhali nabalusi bakhe. Kuba mhlawumbi ecatshukiswe kukuphathwa kakubi kwala madoda akhe, uDavide wayesele eza kuziphindezela ngogonyamelo. Xa uDavide namadoda akhe babesendleleni beyokuhlasela uNabhali nendlu yakhe, omnye umfana waxelela uAbhigali, inkosikazi kaNabhali eyayisisilumko ngento eyenzekileyo waza wamcela ukuba enze okuthile ngale nto. Ngoko nangoko, waya kuhlangabeza uDavide ephethe isipho esikhulu. Wacela uxolo ngokuzithoba ngokusa okwenziwe nguNabhali yaye wamcenga uDavide kuba wayemazi ukuba uyamoyika uYehova. UDavide wabuyela ezingqondweni waza wathi: ‘Makubongwe nawe ondithinteleyo ngale mini ndingangeni etyaleni legazi.’—1 Sam. 25:2-35.
Isimo Sengqondo SamaKristu
10. Sisiphi isimo sengqondo amaKristu afanele abe naso ngokuphathelele impindezelo?
10 Into eyenzeka kuSimeyon noLevi naphakathi kukaDavide noAbhigali ibonisa ukuba uYehova ukuchasile ukungalawulwa komsindo nezenzo zogonyamelo yaye uyamsikelela umntu ofuna kubekho uxolo. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke. Musani ukuziphindezelela, zintanda, kodwa yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.’ Kodwa, ‘ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya; ukuba lunxaniwe, lunike into yokusela; kuba ngokwenza oku woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.’ Musa ukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokulungileyo.”—Roma 12:18-21.a
11. Omnye udade wafunda njani ukulawula umsindo wakhe?
11 Sinokusisebenzisa esi siluleko. Ngokomzekelo, omnye udade wakhalaza komnye umdala ngomphathi omtsha wasemsebenzini. Wathi lo mphathi ungqongqo yaye akanabubele. Lo dade wayenomsindo yaye efuna ukuyeka ukuphangela apho. Umdala wambongoza ukuba angenzi izigqibo ngokungxama. Waqonda ukuba le meko yenziwe mbi nangakumbi kukuba nomsindo kwalo dade. (Tito 3:1-3) Lo mdala wamxelela ukuba enoba uza kufuna omnye umsebenzi, kuya kufuneka atshintshe indlela asabela ngayo xa eye waphathwa ngokungekho sikweni. Wamcebisa nokuba umphathi wakhe amphathe ngendlela naye ebeya kuthanda ukuphathwa ngayo, njengoko uYesu wafundisa ukuba senjenjalo. (Funda uLuka 6:31.) Lo dade wavuma ukuba uza kukuzama oku. Waba yintoni umphumo? Ekuhambeni kwexesha, umphathi wakhe waba nobubele kuye yaye wada wambulela nangomsebenzi awenzayo.
12. Kutheni kunokuba buhlungu kakhulu xa amaKristu ephathana ngokungekho sikweni?
12 Sisenokungabi nangxaki xa siphathwa ngokungekho sikweni ngumntu ongekho kwibandla lobuKristu. Siyazi ukuba ukungabikho kokusesikweni kuxhaphakile kule nkqubo kaSathana yaye siyazi ukuba asimele sivumele abenzi bobubi basicaphukise. (INdu. 37:1-11; INtshu. 8:12, 13; 12:13, 14) Kodwa xa siphathwa kakubi ngumzalwana okanye udade, kuba buhlungu. Elinye iNgqina lithi, “Eyona nto yaba nzima kum ukuqala kwam ukungena enyanisweni yayikukwamkela into yokuba abantu bakaYehova abafezekanga.” Saphuma kwihlabathi elingenaluthando, sinethemba lokuphathwa ngobubele ngabo bonke abakwibandla lobuKristu. Ngenxa yoko, ukuba umKristu, ngokukodwa lowo uneembopheleleko ebandleni, usiphatha ngokungenalwazelelelo, sinokuba buhlungu okanye sicaphuke. Sisenokubuza, ‘Inokwenzeka njani into enje phakathi kwabantu bakaYehova?’ Eneneni, izinto ezinjalo zazisenzeka naphakathi kwamaKristu athanjisiweyo ngemihla yabapostile. (Gal. 2:11-14; 5:15; Yak. 3:14, 15) Yintoni esinokuyenza ukuba siye saphathwa ngokungekho sikweni?
13. Kutheni sifanele sizame ukulungisa ukungavisisani yaye sinokukwenza njani oku?
13 Udade okhankanywe ngaphambili uthi: “Ndazifundisa ukubathandazela bonke abantu abandikhathazayo. Emva koko kuye kuthi qabu.” Njengoko siye safunda, uYesu wasifundisa ukuba sibathandazele abo basitshutshisayo. (Mat. 5:44) Sifanele sibathandazele nangakumbi abazalwana noodadewethu. Njengokuba utata efuna abantwana bakhe bathandane, noYehova ufuna abakhonzi bakhe abasemhlabeni bathandane. Sikhangele phambili xa sonke siya kuhlala ngoxolo nolonwabo ngonaphakade, yaye uYehova usifundisa ukuba siphile ngaloo ndlela ngoku. Ufuna sisebenzisane naye xa ephumeza umsebenzi wakhe omkhulu. Ngoko ke, masilungise ukungavisisani okanye ‘sikubethe ngoyaba’ ukunxaxha ukuze sihlale simanyene. (Funda iMizekeliso 19:11.) Kunokuba sicezele kude kubazalwana bethu xa kuvela iingxaki, sifanele sincedane size sihlale siphakathi kwabantu bakaThixo yaye sikhuselekile ‘kwiingalo zikaYehova ezingunaphakade.’—Dut. 33:27, iAmerican Standard Version.
Ukuthantamisa Kubo Bonke Kuzisa Imiphumo Emihle
14. Sinokuyoyisa njani impembelelo kaSathana eyahlukanisayo?
14 Ukuze basithintele ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo, uSathana needemon zakhe bazama ukuphazamisa ulonwabo ezintsatsheni nasemabandleni. Bazama ukusahlukanisa, kuba besazi ukuba xa abantu bahlulelene abanakuphumelela. (Mat. 12:25) Ukuze soyise impembelelo yabo engendawo, sifanele sithobele esi siluleko sikaPawulos: “Ikhoboka leNkosi akufuneki lilwe, kunoko kufuneka lithantamise kubo bonke.” (2 Tim. 2:24) Khumbula ukuba asilwi ‘negazi nenyama, kodwa silwa noomoya abangendawo.’ Ukuze siphumelele kulo mlo, simele sinxibe isikrweqe somoya, kuquka “iindaba ezilungileyo zoxolo.”—Efe. 6:12-18.
15. Sifanele senze ntoni xa sihlaselwa ngabantu abangaphandle kwebandla?
15 Iintshaba zikaYehova ezingaphandle kwebandla zihlasela ngenkohlakalo abantu bakhe abaseluxolweni. Ezinye zezi ntshaba ziyawabetha amaNgqina kaYehova. Ezinye ziyasenyelisa kumajelo eendaba nakwiinkundla zomthetho. UYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba bakulindele ukuphathwa ngolu hlobo. (Mat. 5:11, 12) Sifanele senze ntoni xa siphathwa ngaloo ndlela? Asifanele ‘sibuyisele ububi ngobubi,’ enoba kungamazwi okanye ngezenzo.—Roma 12:17; funda eyoku-1 kaPetros 3:16.
16, 17. Sisiphi isilingo abajamelana naso abazalwana belinye ibandla?
16 Enoba uMtyholi angasihlasela kangakanani, xa ‘sisoyisa ububi ngokulungileyo,’ sinokunikela ubungqina. Ngokomzekelo, ibandla elikwesinye seziqithi zePasifiki laliqeshe iholo ukuze liqhubele kuyo iSikhumbuzo. Bathi abaphathi becawa bakuva oku, baxelela amarhamente abo ukuba eze kule holo ukuze kungeniswe icawa ngexesha ekwakuza kunikelwa ngalo intetho. Noko ke, umphathi wamapolisa wayalela abaphathi becawa ukuba kufuneka baphume xa kufika ixesha lokuba amaNgqina ayisebenzise. Sekunjalo, xa kufika elo xesha, le holo yayizele qhu ngabantu becawa baza baqalisa inkonzo yabo.
17 Xa amapolisa ayelungiselela ukugxotha aba bantu, umphathi wecawa waya komnye wabadala balapho waza wabuza: “Ngaba niza kuba nenkonzo ekhethekileyo ngokuhlwa nje?” Lo mzalwana wamxelela ukuba kukho iSikhumbuzo yaza le ndoda yaphendula yathi: “O, bendingayazi loo nto!” Elinye ipolisa lakhwaza lathi: “Besinixelele nje ekuseni namhlanje!” Umphathi wecawa waphethukela kulo mdala wancuma, wathi: “Niza kuthini ngoku? Le holo izele qhu ngabantu. Ngaba niza kuvumela amapolisa asigxothe?” Le ndoda yayenze ubuqhophololo ukuze kubonakale ngathi amaNgqina atshutshisa abantu! Benza ntoni abazalwana bethu kule meko?
18. Yintoni eyenziwa ngabazalwana xa amalungu ecawa ayeqhwaya ingxabano yaye waba yintoni umphumo?
18 AmaNgqina abavumela abantu becawa ukuba baqhube inkonzo yabo isithuba esingangesiqingatha seyure yaye emva koko abazalwana babeza kuqhubeka neSikhumbuzo. Inkonzo yecawa yadlula kwixesha elalimiselwe kodwa emva kokuba amalungu ecawa ephumile, abazalwana benza iSikhumbuzo. Ngosuku olulandelayo, kwasekwa isigqeba saseburhulumenteni ukuze siphande ngale nto yenzekileyo. Emva kokuhlola zonke izibakala, la magosa karhulumente anyanzela icawa ukuba yenze isaziso sokuba ngumphathi wecawa obangele ingxaki kungekhona amaNgqina. Esi sigqeba sawabulela amaNgqina kaYehova ngokuba nomonde xa ayejamelene nale meko. Ukuzama kwamaNgqina “ukuba noxolo nabantu bonke” kwaba nemiphumo emihle.
19. Yiyiphi enye indlela esinokugcina uxolo ngayo?
19 Enye indlela yokugcina uxolo, kukuthetha ngobubele nabanye. Kwinqaku elilandelayo siza kucacisa ukuba kuthetha ukuthini ukuthetha ngobubele nendlela esinokukuhlakulela nesinokukusebenzisa ngayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Xa kuthethwa ‘ngamalahle omlilo’ kubhekiselwa kwindlela eyayisetyenziswa mandulo ukunyibilikisa isinyithi ngokufaka umlilo ngaphezulu nangaphantsi ukuze kuphume intsimbi. Xa sibonakalisa ububele kubantu abangenabubele sinokubenza batshintshe isimo sengqondo baze bavelise iimpawu ezixabisekileyo.
Ngaba Unokuchaza?
• Yintoni ebangela umsindo ebantwini namhlanje?
• Yiyiphi imizekelo eseBhayibhileni ebonisa imiphumo yokulawula umsindo neyokungawulawuli?
• Sifanele senze ntoni xa omnye umKristu esikhubekisa?
• Sifanele senze ntoni xa sihlaselwa ngabantu abangaphandle kwebandla?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
USimeyon noLevi bagoduka—kodwa kwakusemva kokuba bengakhange bakwazi ukuwubamba umsindo wabo
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Ukubonisa ububele kunokwenza abanye batshintshe isimo sengqondo