Sondela KuThixo
Uyasivumela Sizikhethele Into Esifuna Ukuyenza
ABAZALI bafanele babe ngumzekelo omhle ebantwaneni babo. Umntwana okhuliswe kakuhle unokuba neempawu ezintle aze aphumelele ebomini. Okulusizi kukuba abazali abaninzi baba ngumzekelo ombi. Ngaba loo nto ithetha ukuba abantwana abakhuliswe ngabazali abanjalo abanakuze baphumelele? Impendulo siyifumana kwinyaniso echukumisayo yokuba uYehova uThixo usijizeke ngenkululeko yokuzikhethela. Cinga ngomzekelo kaHezekiya ofumaneka kweye-2 yooKumkani 18:1-7.
UHezekiya ‘wayengunyana ka-Ahazi ukumkani wakwaYuda.’ (iVesi 1) UAhazi wabawexula abantu bamshiya uYehova. Lo kumkani ungendawo wanqula uBhahali waza wabingelela nangabantu. Wabingelela nangabanye babantakwabo Hezekiya. UAhazi wavala itempile “wazenzela izibingelelo kuzo zonke iimbombo zaseYerusalem. . . . wamcaphukisa uYehova.” (2 Kronike 28:3, 24, 25) Kuyacaca ukuba uyise kaHezekiya wayeyeyona ndoda yakha yangendawo. Ngaba uHezekiya wayeza kufuza uyise?
Wathi esakungena ezihlangwini zikayise uAhazi, uHezekiya wazibonakalisa ukuba wayengazukuba njengaye. UHezekiya “waqhubeka esenza oko kulungileyo emehlweni kaYehova.” (iVesi 3) UHezekiya wayekholose ngoYehova yaye “akuzange kubekho unjengaye kubo bonke ookumkani bakwaYuda.” (iVesi 5) Kunyaka wokuqala wolawulo lwakhe, lo kumkani uselula wavuselela unqulo lokwenyaniso waza wazichitha iindawo eziphakamileyo ekwakunqulelwa kuzo oothixo beentlanga. Itempile yavulwa kwakhona yaye abantu babuyela kuYehova. (iVesi; 4 2 Kronike 29:1-3, 27-31) UHezekiya ‘waqhubeka enamathele kuYehova . . . , yaye uYehova waba naye.’—iVesi 6, 7.
Wancedwa yintoni uHezekiya ukuze angalandeli iindlela zikayise? Akungebi mhlawumbi wancedwa ngunina uAbhiya nangona kungekho nto ingako ithethwayo ngaye? Ngaba umzekelo omhle kaIsaya, owaqalisa ukuba ngumprofeti ngaphambi kokuba azalwe uHezekiya, waba nempembelelo entle kule nkosana?a IBhayibhile ithule kule nkalo kodwa ke inye into esiqiniseke ngayo: UHezekiya akazange axelise uyise.
Umzekelo kaHezekiya uyakhuthaza kuye nabani na owakhuliswa kakubi. Asinakukwazi ukuyitshintsha indlela esikhuliswe ngayo. Kodwa ke loo nto ayithethi kuthi asisayi kuze sibe nto ebomini. Sinako ukwenza ukhetho oluhle olunokusenza sibe nekamva eliqaqambileyo. NjengoHezekiya, sinokukhetha ukumthanda nokumnqula uThixo oyinyaniso uYehova. Ukuphila ngaloo ndlela kusenza sonwabe ngoku yaye kunokusenza siphile ngonaphakade kwihlabathi likaThixo elitsha. (2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:3, 4) Sifanele simbulele uThixo ngokusivumela kwakhe ukuba sizikhethele into esifuna ukuba yiyo ebomini.
[Umbhalo osemazantsi]
a UIsaya waprofeta malunga nowama-778 B.C.E. de kwasemva kowama-732 B.C.E. UHezekiya waqalisa ukulawula ngowama-745 B.C.E. xa wayeneminyaka emalunga nama-25 ubudala.