Abantu Abathanda Uxolo Bayazithethelela
KUBEMI BASERASHIYA: Xa kupapashwa le ngxelo ilandelayo, amashumi ezigidi zabantu kumazwe angaphezu kwama-230 aza kufunda ngokucinezelwa kwenkululeko yonqulo eRashiya. Iphephancwadi IMboniselo ngoyena lindixesha uguqulelwa aze asasazwe ehlabathini ngokubanzi. Eli nqaku liza kubakho ngeelwimi ezingama-188. Kuza kupapashwa imibhalo ephantse ibe zizigidi ezingaphezu kwama-40. Amanye amagosa asenokungafuni ukuba abantu behlabathi bazi ukuba kwenzeka ntoni kumaNgqina kaYehova eRashiya. Kodwa amazwi kaYesu athi: “akukho nto ifihlwe ngenyameko engayi kutyhilwa, neyimfihlelo engayi kwaziwa” aza kungqineka eyinyaniso.—Luka 12:2.
NGODISEMBA 2009 nangoJanuwari 2010, iinkundla ezimbini ezizezona ziphakamileyo eRashiya zawisa isigwebo sokuba inkonzo yamaNgqina kaYehova yeyoofunz’ eweni. Kubonakala ngathi imbali iyaziphinda. Xa amaKomanisi ayelawula eRashiya, amawaka amaNgqina kaYehova ayetyholwa ngokuba aziintshaba zesizwe. Asiwa elubhacweni, avalelwa entolongweni nakwiinkampu ekwakusetyenzwa nzima kuzo. Emva kokuba eye wafadalala lo rhulumente, amaNgqina kaYehova akhululwa. Urhulumente omtsha walihlamba igama lawo.a Ngoku, abantu bafuna ukuphinda balingcolise igama lamaNgqina.
Ekuqaleni kowama-2009, abasemagunyeni bahlasela inkululeko yonqulo yamaNgqina kaYehova. NgoFebruwari nje kuphela, abatshutshisi benza uphando kubantu abangaphezu kwama-500 elizweni ngokubanzi. Injongo yeli phulo? Yayikukukhangela izenzo zolwaphulo mthetho kumaNgqina. Kwiinyanga ezilandelayo, amapolisa aphazamisa iintlanganiso zonqulo eziqhutyelwa kwiiHolo zoBukumkani nakumakhaya abantu. Athimba uncwadi nezinto zawo. Abasemagunyeni bawanika uphum’ aphele amagqwetha amanye amazwe awayencedisa ekuthetheleleni amaNgqina.
Ngo-Oktobha 5, 2009, amagosa emida athimba uncwadi lweBhayibhile olwalusenqanaweni kumda okufutshane neSt. Petersburg. Ezi ncwadi zazishicilelwe eJamani yaye zazisiya kumabandla amaninzi aseRashiya. Ibutho elikhethekileyo lamagosa aseRashiya ajongene nezinto eziyingozi ahlola loo mthwalo. Kwakutheni? Uxwebhu laseburhulumenteni lathi lo mthwalo “unoncwadi olwenzelwe ukuqhwaya udushe.”
Akuzange kube kudala ingcinezelo yaqatsela. IiNkundla eziPhakamileyo zaseRashiya neRiphabliki yaseAltay (inxalenye yaseRashiya) zathi iincwadi zamaNgqina eziliqela, kuquka neli phephancwadi ulifundayo ngoku zezoofunz’ eweni. AmaNgqina kaYehova amangala, yaye abantu ehlabathini jikelele bavakalisa ukukhathazeka kwabo—kodwa abazange beviwe. Ezo zigwebo zisemile yaye akukho mthethweni eRashiya ukuoda okanye ukusasaza ezo ncwadi zeBhayibhile.
AmaNgqina kaYehova aza kusabela njani kweli linge lokungcolisa igama nokuqhwalelisa umsebenzi wawo? Isigwebo seeNkundla siza kuthetha ntoni ngenkululeko yonqulo yabantu baseRashiya?
Ukusabela Ngokukhawuleza Kwizisongelo
NgoLwesihlanu, ngoFebruwari 26, 2010, amaNgqina kaYehova kulo lonke elaseRashiya amalunga nama-160 000 aqalisa ukusasaza imibhalo ezizigidi ezili-12 zephecana elikhethekileyo elinomxholo othi Ngaba Iza Kuphinda Yenzeke Kwakhona? Umbuzo Ojoliswe Kubantu BaseRashiya. Ngokomzekelo, kwisixeko saseSiberia iUsol’ye-Sibirskoye amakhulu amaNgqina ayesele esesitratweni ngeye-5:30 kusasa. Phakathi kwawo kwakukho nalawo ayesiwe elubhacweni eSiberia ngowe-1951 ngenxa yokholo lwawo. Kuloo ngqele iqhaqhazelisa amazinyo aphuma aya kuhambisa amaphecana awo angama-20 000.
AmaNgqina kaYehova aba nenkomfa yoonondaba eMoscow, ikomkhulu laseRashiya ukuze achaze eli phulo lawo leentsuku ezintathu. Phakathi kwabo babemenyiwe ukuba baze kuthetha kwakukho noMnu. uLev Levinson, ingcali YamaLungelo Abantu. Wathi gqaba gqaba ngokutshutshiswa kwamaNgqina kaYehova ngexesha lamaNazi amaJamani nangexesha lamaKomanisi waza wathetha ngokuhlanjwa kwegama lawo ngurhulumente. Wolek’ umsundulo wathi: “Zonke iinkonzo ezatshutshiswayo ngexesha lamaKomanisi lahlanjwa igama lazo nguMongameli uYeltsin. Yaye babefanele babuyekezwe zonke izinto abaphulukuna nazo. AmaNgqina kaYehova ayengenanto eyayithinjwe nguRhulumente wamaKomanisi, kodwa igama lawo elihle lahlanjwa.”
Elo gama lihle lisecicini lokungcoliswa kwakhona. UMnu. Levinson wathi: “Kwakweli lizwe elathi liyazisola ngendlela aphathwa ngayo amaNgqina, ayatshutshiswa kwakhona ngaphandle kwesizathu.”
Eli Phulo Lachukumisa Abantu Abaninzi
Ngaba iphulo lokusasaza amaphecana layifeza injongo yalo? UMnu. Levinson wathi: “Xa bendisiza kule nkomfa ndibone abantu abebelinde uloliwe behleli befunda iphecana ebelisasazwa ngamaNgqina kaYehova kulo lonke eli laseRashiya namhlanje. . . . Abantu bebehleli phantsi belifunda ngenyameko.”b Ngokomzekelo, khawuve la mava alandelayo.
Ibhinqa esele likhulile kummandla okumbindi Rashiya onamaSilamsi amaninzi lalithabatha iphecana laze labuza ukuba lithetha ngantoni. Lathi lakuxelelwa ukuba lithetha ngamalungelo abantu nenkululeko eRashiya, lathi: “Ekugqibeleni kukho umntu othethayo ngezi zinto! Kule nkalo, iRashiya ibuyele kwixesha lamaKomanisi. Sibamba ngazibini. Nisebenzile!”
Ibhinqa laseChelyabinsk elanikwa eli phecana lathi: “Sele ndilifumene eli phecana kwaye ndiye ndalifunda. Ndima nani, andiqondi ukuba ikho enye inkonzo enokuzithethelela ngale ndlela. Ndiyayithanda indlela eninxiba ngayo kwaye nisoloko nithetha kakuhle. Kucace nakuthathatha ukuba niyazikholelwa iimfundiso zenu. Ndibona ngathi uThixo unani.”
ESt. Petersburg, enye indoda eyathi sele ilifumene iphecana yabuzwa ukuba izithandile izinto ezifunde kulo kusini. Yaphendula yathi “ewe, xa bendilifunda ndiye ndahlasimla kangangokuba ndiye ndakhala. Umakhulu wayevalelwe [ngexesha lamaKomanisi]” wandibalisela ngezinto ezenzeka kubantu awayevalelwe nabo. Abanye babo babezizaphuli mthetho, kodwa abanye babemsulwa kodwa babevalelwe ngenxa yokholo lwabo. Ndicinga ukuba wonke umntu umele azi ukuba kwenzeka ntoni, ningadinwa nenza into entle.”
Liyintoni Ikamva LamaNgqina ERashiya?
AmaNgqina kaYehova ayawuxabisa umlinganiselo wenkululeko awunandiphayo eRashiya kule minyaka ingamashumi amabini. Sekunjalo, azi kakuhle ukuba kulula ukuphulukana nenkululeko. Enoba iliza lentshutshiso elijoliswe kuwo mvanje eRashiya landulela enye ingcinezelo asazi, sakubona ngoko.
Noko ke, amaNgqina kaYehova azimisela ukuqhubeka nomsebenzi wawo wokushumayela isigidimi soxolo nethemba enokuba kwenzeka ntoni. Eli phecana likhethekileyo likushwankathela kakuhle ukuzimisela kwawo: “Ingcinezelo ayinakuze iphumelele. Asinakuze siyeke ukuthetha kakuhle nangembeko ngoYehova uThixo neLizwi lakhe iBhayibhile. (1 Petros 3:15) Asizange siyeke ukushumayela xa sasicinezelwa ngamaNazi aseJamani, singazange siyeke nangexesha lamaKomanisi, asizukuyeka nangoku.—IZenzo 4:18-20.
[Imibhalo esemazantsi]
a Funda ibhokisi ethi “Iziqinisekiso Zokuhlanjwa.”
b Kwiiyure ngaphambi kwale nkomfa, amabandla amaNgqina kaYehova eMoscow aqalisa ukusasaza eli phecana.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 20]
UVladimir Litvin (oneminyaka engama-81 ubudala) wasiwa elubhacweni eKrasnoyarskiy Kray xa wayeneminyaka eli-14 ubudala. Ekuseni ngoLwesihlanu elaqala ngaye eli phulo, wakhokela iqela lamaNgqina kaYehova njengoko ayesasaza eli phecana likhethekileyo
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 21]
UNikolai Yasinskiy (oneminyaka engama-73 ubudala) naye wazijul’ ijacu kweli phulo. Wabuza, “Ngaba nyhani baza kusitshutshisa baze bohluthe ilungelo lethu lokunqula uYehova kwakhona?”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 21]
UStepan Levitsky (oneminyaka engama-85 ubudala) nomfazi wakhe uYelena. Wagwetywa iminyaka elishumi entolongweni ngo-kuba nombhalo weMboniselo.
[Ibhokisi ekwiphepha 19]
Iziqinisekiso Zokuhlanjwa
AmaNgqina okugqibela awayevalelwe ngamaKomanisi akhululwa ngowe-1990. Amawaka waka amaNgqina kaYehova awazange akwazi ukuzibamba luvuyo ngenxa yokuhlanjwa kwegama lawo, afumana amaxwebhu aqinisekisa ukuba awazizo “iintshaba sesizwe,” kodwa amsulwa. Loo maxwebhu abizwa ngokuba Ziziqinisekiso Zokuhlanjwa.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 19]
Ngaba Ucinga Ukuba Ezi Ncwadi Ziyingozi?
Ezinye zeencwadi zamaNgqina kaYehova iNkundla Ephakamileyo yaseRashiya eye yazigqala ziyingozi zezi:
▪ Incwadi Yam Yamabali EBhayibhilec (ngasentla)
▪ Sondela KuYehova
▪ Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation?
▪ Iphulo Loluntu Lokufuna UThixod
▪ Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1e
▪ Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?f
Ezi ncwadi zikhuthaza ukuhlonelwa kukaThixo neLizwi lakhe, iBhayibhile. Zikhuthaza abo bazifundayo ukuba baqhele ukucinga baze bahlole izinto abazifundiswayo. Ngaba ucinga ukuba iincwadi ezinjalo zimele zivalwe?
[Imibhalo esemazantsi]
c Ezi mpapasho unokuzifunda kwi-internet ngeelwimi ezininzi kwiweb site ethi www.watchtower.org.
d Ezi mpapasho unokuzifunda kwi-internet ngeelwimi ezininzi kwiweb site ethi www.watchtower.org.
e Ezi mpapasho unokuzifunda kwi-internet ngeelwimi ezininzi kwiweb site ethi www.watchtower.org.
f Ezi mpapasho unokuzifunda kwi-internet ngeelwimi ezininzi kwiweb site ethi www.watchtower.org.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 20]
Isigidimi Esinamandla
Iphecana elinomxholo othi Ngaba Iza Kuphinda Yenzeke Kwakhona? Umbuzo Ojoliswe Kubantu BaseRashiya libonisa ngokucacileyo ukuba amaNgqina kaYehova awangabo oofunz’ eweni. Lichaza izinto ezenziwa kumaNgqina kaYehova ngoku ezifana nezinto ezenziwa kuwo ezakhokelela ekutshutshisweni ngamaKomanisi. Eli phecana liyakumema ukuba ufunde iWeb site ekhethekileyo ebhalwe ngesiRashiya ethi www.jw-russia.org, apho unokufumana inkcazelo engakumbi ngembali yamaNgqina kaYehova eRashiya. Kwakhona eli phecana licaphula amazwi oMongameli waseRashiya uDmitri Medvedev akwividiyo ekwi-internet, Ngosuku Lokukhunjulwa Kwamaxhoba Engcinezelo Yezopolitiko.g Nangona ngelo xesha amaNgqina kaYehova eRashiya ayeligcuntswana, ayephakathi kwabo bacinezelwa ngokungenalusini ngexesha lokulawula kwamaKomanisi.
[Umbhalo osemazantsi]
g Funda ibhokisi ethi “Ukukhumbula Amaxhoba Engcinezelo.”
[Ibhokisi ekwiphepha 21]
Ukukhumbula Amaxhoba Engcinezelo
Kutshanje eRashiya xa bekukhunjulwa abo bacinezelwa ngurhulumente wamaKomanisi, uMongameli uDmitri Medvedev wathetha la mazwi alandelayo:
“Namhlanje luSuku Lokukhunjulwa Kwamaxhoba Engcinezelo Yezopolitiko. . . . Kunzima ukuyiqonda indlela ababesoyika ngayo abantu elizweni jikelele . . . Abantu abakwimigangatho eyahlukeneyo belizwe lethu batshatyalaliswa. . . Amarhamente eenkonzo ezahlukeneyo atshutshiswa. [Esi sikhumbuzo] sesezigidi zabantu ezangcungcuthekiswa—abantu abagwetywa kungakhange kubekho tyala; bathunyelwa kwiinkampu zentshutshiso, bohluthwa amalungelo ngenxa ‘yokuba kwicala elingafanelekanga.’
“Iintsapho zazibizwa ngokuba ‘ziintshaba zikarhulumente’ ‘noongcothoza.’ Khawufane ucinge: Izigidi zabantu zafa ngenxa yoloyiko nokumangalelwa ngobuxoki. Bohluthwa onke amalungelo abo, nkqu nelungelo lokungcwatywa. Kangangeminyaka, amagama abo acinywa kwiincwadi zembali.
“Ingcinezelo ayithetheleleki.”