Ukukwenza Mnandi Ukufundisisa Nokungenelwa Kuko
Singalufumana njani uvuyo ekufundeni iBhayibhile? Singangenelwa njani xa sifunda? Ngokufutshane makhe sijonge izinto ezintathu ezibalulekileyo eziza kusinceda singenelwe xa sisenza ufundisiso lobuqu lweBhayibhile.
1 THANDAZA: Into yokuqala esimele siyenze kukuthandaza. (INdu. 42:8) Ngoba? Sifanele sigqale ukufunda iLizwi likaThixo njengenxalenye yonqulo lwethu. Ngoko ke, kufuneka sicele uYehova enze iingqondo neentliziyo zethu zilungele ukufunda aze asinike umoya wakhe oyingcwele. (Luka 11:13) UBarbara osele enethuba engumthunywa wevangeli uthi: “Ndithandaza rhoqo ngaphambi kokuba ndifunde iBhayibhile. Emva koko, ndiye ndivakalelwe kukuba uYehova uyandixhasa yaye uyakholiswa koko ndikwenzayo.” Ukuthandaza ngaphambi kokufunda kubangela ukuba iingqondo neentliziyo zethu zamkele intabalala yokutya kokomoya okuphambi kwethu.
2 CAMNGCA: Ngenxa yokungabi naxesha, abanye abantu badlulisa nje usana kunina xa befunda iLizwi likaThixo. Noko ke, bayaphoswa ziingenelo ezinokufumaneka ngokufunda iBhayibhile. UCarlos, okhonze uYehova kangangeminyaka engaphezu kwama-50 uye wakubona ukubaluleka kokuba nexesha lokucamngca ukuze angenelwe koko akufundayo. Uthi: “Ngoku ndifunda amaphepha ambalwa eBhayibhileni ngexesha—malunga namaphepha amabini ngosuku. Emva koko ndizinika ixesha elininzi lokucamngca ukuze ndifumane izifundo ezibalulekileyo koko ndikufundileyo.” (INdu. 77:12) Xa sizinika ixesha lokucamngca, ulwazi lwethu luyakhula yaye siya sikuqonda ngakumbi ukuthanda kukaThixo.—Kol. 1:9-11.
3 SEBENZISA IZINTO OZIFUNDILEYO: Xa sisibona isizathu sokwenziwa kwento, sitsho singenelwe kuyo. Kunjalo ke nangokufunda iBhayibhile. Omnye umzalwana oselula ogama linguGabriel oyifunda rhoqo iBhayibhile uthi: “Ukufunda kundinceda ndihlangabezane neengxaki zamihla le yaye kundenza ndikwazi ukunceda abanye.” Waleka ngelithi: “Yonke into endiyifundayo ndiyazama ukuyiphila.” (Dut. 11:18; Yosh. 1:8) Ngokwenene, uThixo usinika intaphane yolwazi esinokuzifumanela lona size siphile ngokuvisisana nalo.—IMize. 2:1-5.
YENZA IMPINDA YEZINTO OZIFUNDILEYO: Sinelungelo elingathethekiyo lokukwazi ukuluphanda nzulu ulwazi esilunikwe nguYehova, onguMthombo wabo bonke ubulumko! (Roma 11:33) Ngenxa yoko, xa uphinda ufunda, qiniseka ukuba uqala ngokuthandaza kuYehova uze umcele ukuba enze ingqondo yakho ilungele oko aze akuphe nomoya wakhe oyingcwele. Maxa wambi khawukhe unqumame, ucamngce ngoko ukufundayo. Kwakhona zisebenzise kubomi bakho bemihla ngemihla izinto ozifundileyo. Xa usenza ezi zinto zibalulekileyo, uya kufumanisa ukuba kuba mnandi ukufunda iBhayibhile yaye uthi ugqiba ube unentw’ eninzi oyifundileyo.