Imibuzo Yabafundi . . .
Ngaba Umhlaba Uza Kutshabalala?
▪ Abanye bebekholelwa ukuba umhlaba uza kutshabalala ngo-Oktobha 21, 2011. Kodwa ke, oko akwenzekanga. Ngenxa yoko, isiprofeto somsasazi kanomathotholo waseMerika uHarold Camping asikhange sibe yinyaniso. Waqashela wathi uMhla Womgwebo uza kufika ngoMeyi 21, 2011—ngokuthi inyikima enkulu ihlasele umhlaba wonke, ze emva kweenyanga ezintlanu ngo-Oktobha 21, ube sele utshabalele wonke umhlaba.
Noko ke, umhlaba awusoze utshabalale. UMdali womhlaba akasoze ayivumele loo nto. ILizwi Lakhe lithi: “Uwuzinzise ngokuqinileyo umhlaba, ukuze uqhubeke umile.”—INdumiso 119:90.
Kodwa ke, abanye abafundi beBhayibhile basenokuthi unotshe, eli gaqa lomhlaba liza kutshiswa ngomlilo. Ibango labo balisekela kweye-2 kaPetros 3:7, 10 ethi: “Kodwa kwangelo lizwi linye amazulu nomhlaba wangoku, zombini ziqwetyelwe umlilo yaye zibekelwe imini yomgwebo neyentshabalalo yabantu abangenabuthixo. . . . Ke yona imini kaYehova iya kuza njengesela, ekuya kuthi ngayo amazulu adlule eqhuqhumba, neziqalelo ezishushu kakhulu zichithakale, uze wona umhlaba, nemisebenzi ekuwo, ibhencwe.” Ngaba la mazwi kampostile uPetros afanelwe athathwe njengoko enjalo?
Akumele kube njalo. Kutheni? Kungenxa yokuba la mazwi kaPetros afanele aqondwe ngokuvisisana nomongo weleta yakhe kunye neBhayibhile iphela. Ukuba besinokuwathatha njengoko enjalo la mazwi oko bekuya kuthetha ukuba amazulu, okanye yonke indalo—iibhiliyoni ngeebhiliyoni zeenkwenkwezi—ziza kutshiswa ngomlilo ngenxa nje yebathwana labantu abangendawo. Ngaba ubunokuyitshabalalisa intlabathi eselunxwemeni yolwandle ngenxa nje yesibi osibone kuyo? Ibingayi kubhadla loo nto! Ngoko ke, uYehova akanakuyitshabalalisa yonke indalo yakhe ngenxa nje yemvukelo yezidalwa ezimbalwa.
Ngapha koko, le mbono ingqubana namazwi kaYesu Kristu, owathi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mateyu 5:5; INdumiso 37:29) Ngaba utata onothando unokwakhela intsapho yakhe indlu entle aze aphinde ayitshise? (INdumiso 115:16) Ayinakwenzeka loo nto! UYehova akangoMdali nje kuphela kodwa ukwanguBawo onothando.—INdumiso 103:13; 1 Yohane 4:8.
UPetros usebenzisa igama elithi “umhlaba” ngendlela efuziselayo, ebhekisela kuluntu—kule meko libhekisela kuluntu olungendawo. Phawula ukuba uPetros ukufanisa oku Nomkhukula womhla kaNowa. (2 Petros 3:5, 6) Ngelo xesha kwatshatyalaliswa abantu abangendawo kuphela, igaqa lomhlaba noNowa olilungisa nentsapho yakhe basinda. Ngendlela efanayo ukusebenzisa kwakhe igama elithi “amazulu” uyafuzisela. Kule meko, amazulu abhekisela kubantu abalawula abantu abangenabuthixo. Ngaloo ndlela, abantu noorhulumente babantu abangendawo baya kube bengasekho bethatyathelwe indawo lulawulo lukaThixo lwasezulwini, okanye uBukumkani.—Daniyeli 2:44.
Ngoko ke, ngaba igaqa lomhlaba liza kutshatyalaliswa? Akunjalo. Into eza kuphela ngumhlaba wokomfuziselo, okanye abantu abangendawo. Nabantu abanqula uThixo baza kuphila ngonaphakade.—IMizekeliso 2:21, 22.