Nceda Abanye Bafunde Ngoyena Mntu Ubalaseleyo
1 Abaninzi abayifundileyo incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila baye bavakalisa uxabiso ngokunyanisekileyo ngomphumo eye yaba nawo kubomi babo. Omnye wabhala oku: “Ndakuba ndigqibile ukufunda le ncwadi, ndavakalelwa ngokungathi bendimenywe nguYesu ukuba ndinxulumane naye, ndihlale naye, ndabelane naye ngeentlungu zakhe, ngeemvakalelo zakhe nangazo zonke iinkalo zobulungiseleli bakhe. . . . Ukufunda le ncwadi kunjengokubukela umfanekiso oshukumayo ongobomi bukaYesu.”
2 Incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo iyasinceda siqhelane ngakumbi kungekhona noYesu kuphela kodwa kwanoYehova. (Yoh. 14:9) Omnye umntwana oneminyaka eli-12 ubudala wathetha oku ngale ncwadi: “Yandithuthuzela gqitha kangangokuba ndathandaza kuYehova ndineenyembezi zovuyo ndakuba ndiyifundile. Emazantsi ngaphakathi, ndandiqinisekiswe ngokutsha ngokwazi ukuba uYehova noYesu basikhusele.” UYesu wathi, njengokuba kubhalwe kuYohane 17:3, ukwazi uYehova noNyana wakhe kuthetha ubomi obungunaphakade kuthi. Ukufunda le ncwadi ingobomi bukaYesu kusenza sibuqonde ngokukhethekileyo ubuntu bukaYehova ngenxa yokuba uYesu “noThixo bangumceph’ ucandiwe.”—Heb. 1:3, TE.
3 Kuye kwashicilelwa imibhalo engaphezu kwezigidi ezili-19 yencwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo ngeelwimi ezingaphezu kwama-70. Oku kubonisa indlela le ncwadi eyamkelwa kakuhle ngayo. Abaninzi bayifunda yonke le ncwadi ngokukhawuleza bakuba beyifumene. Enye indoda enomdla yayifunda le ncwadi kwithuba elingangeeveki ezimbini iyifumene. Umfundisi owamkela le ncwadi wathi: “Andikwazi ukuyibeka phantsi le ncwadi. Mna nomfazi wam sifunda inxalenye yayo busuku ngabunye ngaphambi kokuba silale.”
4 Ubungqina Obungacwangciswanga: Omnye umzalwana wabonisa abantu incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo kwindawo asebenza kuyo. Yasasazeka into yokuba wayenale ncwadi, yaye kwasasazeka iingxelo nangoko ikuquletheyo. Abo asebenza nabo beza noludwe lwabo babefuna imibhalo yayo. Wahambisa iincwadi ezingama-461! Abahlanu kwabo bayamkelayo bayafundelwa. Omnye udade, ngoxa wayehamba ngenqwelo-moya, wahambisa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo kumfundisi owayesiya kwitheko lokumisela ikhadinali entsha. Lo mfundisi wayeseVatican kangangeminyaka engama-40. Sonke sifanele siwasebenzise amathuba okuncomela le ncwadi kwabanye.
5 Ulutsha Luyayixabisa: Abaselula babonakalisa umdla obalaseleyo kule ncwadi. Omnye umntwana oneminyaka esithoba ubudala wabhala oku: “Eyona mpapasho ndiyithandayo yethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila kuba ndifunda okuninzi kuyo.” Xa sidibana nabantu abaselula kwinkonzo yasentsimini, sifanele sichithe ixesha, ukuba abazali babo bayavuma, sibabonise le ncwadi yaye sihlolisise iimbalasane ezithile zayo nemifanekiso yayo. Sisenokukwazi ukuhambisa iincwadi kwaba baselula. Xa benikwa ithuba lokwazi ngoYesu, abantu abaselula namhlanje banako ukuba nolwalamano naye. Kwakulula ukuthetha noYesu.—Mat. 19:14, 15.
6 Ukufunda incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo kunokubuguqula ubomi babantu. Zama ukwenza abaninzi kangangoko unako baqhelane nemibandela ekuyo. Sebenzisa umbandela okwiphepha lokugqibela lentshayelelo yale ncwadi, phantsi komxholwana othi “Fumana Iingenelo Ngokufunda Ngaye.” Lo mbandela uya kubanceda abantu bazikise koko banokukuzuza ekufundeni le ncwadi. Abaninzi kwintsimi yakho basenokudanduluka njengokuba omnye wenjenjalo emva kokuba efunde le ncwadi: “Yeyona ncwadi ibalaseleyo ndakha ndayifunda! Ibuguqulile ubomi bam.”