Ngaba Amazwi Akhumbuzayo KaYehova Ayasivuselela Ngokomoya?
1 Umdumisi wabonga uYehova, esithi: “Amazwi akho akhumbuzayo ndiwakhathalele.” (INdu. 119:99, NW) Igama lesiHebhere elithi “amazwi akhumbuzayo” libonisa ukuba uYehova usikhumbuza oko kubhalwe emithethweni, kwimimiselo, kwimiyalelo nakwimigaqo yakhe. Ukuba siyasabela kuwo, aya kusivuselela ngokomoya aze asenze sonwabe.—INdu. 119:2.
2 Njengabantu bakaYehova, rhoqo sifumana iziluleko. Inkoliso yazo sakha saziva ngaphambili. Nangona siluxabisa olu khuthazo, sinomkhwa wokululibala. (Yak. 1:25) Ngomonde uYehova usinika amazwi akhumbuzayo anothando. Umpostile uPetros wabhala amanye aloo mazwi akhumbuzayo ukuze ‘avuselele ingqondo yethu engcwengekileyo ukuba siyikhumbule imithetho yeNkosi.’—2 Pet. 3:1, 2.
3 Ngokuphindaphindiweyo sikhunjuzwa ngokubaluleka kofundisiso lobuqu nokuya kwiintlanganiso. Oku kwenziwa ngenxa yokuba ezi zinto zibaluleke gqitha kwimpilo-ntle yethu yokomoya.—1 Tim. 4:15; Heb. 10:24, 25.
4 Kwabanye olona celomngeni lukhulu kukuphumeza uthumo lobuKristu lokushumayela. Lufuna umgudu, ukuzimisela nokuzingisa. Nangona lufuna sizibhokoxe, siyancedwa ukuba ‘somelele,’ (NW) ngokuthi ‘sibophe ezinyaweni zethu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo.’—Efe. 6:14, 15.
5 Inkonzo yethu ayimele ishukunyiswe nje kukwazi ezingqondweni zethu oko kufunwa nguYehova. Umpostile uPawulos usikhumbuza ukuba intliziyo isinika intshukumisa esiyifunayo ukuze senze ‘uvumo lwasekuhleni losindiso.’ (Roma 10:10, NW) Ukuba sinokholo olomeleleyo yaye ukuba iintliziyo zethu ziyawamkela amazwi akhumbuzayo kaYehova, siya kushukunyiselwa ukuba sithethe sidumise igama lakhe.—INdu. 119:36; Mat. 12:34.
6 Xa sizibhokoxa kwimisebenzi emihle, ngokufanelekileyo silindela ukuba oku kuya kusivuyisa. (INtshu. 2:10) UPawulos uluchaza uvuyo njengesiqhamo somoya kaYehova, yaye sifanele sizame ukulubonisa kakhulu. (Gal. 5:22) UPetros wongezelela wathi “ukukhuthala konke” kuya kuvuzwa ngobulungiseleli obuphumelelayo, nto leyo evuyisayo.—2 Pet. 1:5-8.
7 Xa sijamelene nocelomngeni, sifanele sikhumbule ukomelela kwabapostile njengokuba bachazayo bathi: “Kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo.” (IZe. 4:20) Xa sikhumbula ukuba ‘ngokwenza ezi zinto, siya kuzisindisa sisindise nabo basivayo’ siyomelezeka size siqhubeke.—1 Tim. 4:16.
8 Asicaphuki okanye siqumbe xa sisoloko sikhunjuzwa ngokuthile. Kunoko, sikuxabisa ngokunzulu ukubaluleka kwako. (INdu. 119:129, NW) Kula maxesha anomngcipheko, siyambulela uYehova kuba eqhubeka esinika amazwi akhumbuzayo ukuze asivuselele ngokomoya aze asishukumisele ukuba sibe nenzondelelo emisebenzini emihle!—2 Pet. 1:12, 13.