Shumayela Ngokucokisekileyo
1 ‘Njengenkokeli nomphathi,’ uYesu waqeqeshela abafundi bakhe umsebenzi wokushumayela owawungaphambili. (Isa. 55:4; Luka 10:1-12; IZe. 1:8) Umpostile uPetros wachaza uthumo ababelunikwe nguYesu ngala mazwi: “Wasiyalela ukuba sishumayele ebantwini nokuba sinikele ubungqina obucokisekileyo bokuba nguye Lowo umiswe nguThixo ukuba abe ngumgwebi wabaphilayo nabafileyo.” (IZe. 10:42) Yintoni ebandakanyekileyo ukuze sishumayele ngokucokisekileyo?
2 Sinokufunda okuninzi ngokuphonononga umzekelo kampostile uPawulos. Xa wayehlanganisene namadoda amakhulu ebandla lase-Efese, wawakhumbuza oku: ‘Andizange ndinifihlele nto, ndanixelela zonke izinto eziyingenelo, ndanifundisa esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu. Kodwa ndanikela ubungqina ngokucokisekileyo kumaYuda nakumaGrike ngenguquko kuThixo nokholo kwiNkosi yethu uYesu.’ Nangona wayenyamezela iimvavanyo, uPawulos wayezimisele ukufikelela abantu abaninzi ngeendaba ezilungileyo kangangoko kunokwenzeka. Wayenganeli nje ukubafundisa iinyaniso ezisisiseko abaphulaphuli bakhe, kodwa wayefuna ukubaxelela “lonke icebo likaThixo.” Ukuze enze oku, wayekulungele ukuzibhokoxa nokuzincama. Wahlabela mgama wathi: “Andiwugqali njengothandekayo kum umphefumlo wam, ukuba nje kuphela ndinokuligqiba ikhondo lam nobulungiseleli endabamkelayo beNkosi uYesu, ukunikela ubungqina obucokisekileyo kwiindaba ezilungileyo zobubele obungasifanelanga bukaThixo.”—IZe. 20:20, 21, 24, 27.
3 Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaPawulos namhlanje? (1 Kor. 11:1) Ngokukhangela abafanelekayo kwanokuba sijamelene nobunzima, ngokuzama ukufikelela abantu bazo zonke izizwe neelwimi ngeendaba ezilungileyo, nangokukhuthalela ukubuyela kubantu abanomdla. (Mat. 10:12, 13) Oku kufuna ixesha, umgudu nokuthanda abantu.
4 Ngaba Unokuba Nguvulindlela Ongumncedani? UMatshi noAprili banokuba lithuba elihle lokuba ushumayele ngokucokisekileyo ngokuba nguvulindlela ongumncedani. Hayi indlela ebekukhuthaza ngayo ukubona abaninzi bengoovulindlela abangabancedani kulo nyaka uphelileyo!
5 Udade oneminyaka engama-80 ubudala owayekhathazwa yimpilo wachukunyiswa lukhuthazo olwanikelwa yintlangano kaYehova. Wabhala: “Lwavuselela umdla endandinawo ixesha elide, yaye lwandenza ndaqonda ukuba ndimele ndibe nguvulindlela ongumncedani kwakhona.” Wagqiba kwelokuba abe nguvulindlela ngoMatshi. Wathi: “Into yokuqala endayenzayo kukuhlala phantsi ndibale iindleko. Ndathetha nentombi yam kuqala kuba ndandiza kulufuna uncedo lwayo. Yandothusa ngokufaka esayo isicelo.” Ebudeni baloo nyanga, loo dade osele ekhulile wasebenza iiyure ezingama-52 entsimini. “Amaxesha amaninzi ndandithandaza kuYehova ukuze andinike amandla xa ndandiziva ndisoyisakala. Ekupheleni kwenyanga, ndandonwabe gqitha kwaye ndanelisekile, ndambulela uYehova izihlandlo ezininzi ngokundinceda. Ndingathanda ukukhe ndizame kwakhona.” Amava akhe amyoli anokukhuthaza abanye abakufuna ngokwenene ukuba ngoovulindlela abangabancedani nangona beneengxaki zempilo.
6 Omnye umzalwana owadendwayo emsebenzini wasebenzisa elo thuba ukuze abe nguvulindlela ongumncedani. Njengoko yayiqhubeka inyanga waba nenzondelelo ngakumbi kumsebenzi wokushumayela, ekupheleni kwenyanga, wayesele eqalise isifundo seBhayibhile esitsha. Xa wayecinga ngaloo mava, wathi: “Enjani yona inyanga!” Hayi indlela awayevuya ngayo ngokufumana ulwalathiso noncedo lukaYehova! Ewe, uYehova wamthululela iintsikelelo lo mzalwana ngokuzibhokoxa kwakhe entsimini, kwaye uya kwenza okufanayo nakuwe.—Mal. 3:10.
7 Akulula kwabaninzi ukuba nguvulindlela ongumncedani. Sekunjalo, nangona beneembopheleleko zomsebenzi nezentsapho kunye neengxaki zobuqu, abazalwana noodade abaliqela baye bakwazi ukuba ngoovulindlela abangabancedani. Ukushumayela ngokucokisekileyo kudla ngokufuna sincame ixesha namandla ethu, kodwa indlela esisikelelwa ngayo ayinakulinganiswa nanto.—IMize. 10:22.
8 UMatshi noAprili ziinyanga ezifanelekileyo zokungenela ubuvulindlela bobuncedani. UMatshi uneempela-veki ezintlanu. Ukuxhakamfula la mathuba nokushumayela ngamarhatya kunokwenza nabo basebenzayo bakwazi ukuba ngoovulindlela abangabancedani. Ukongezelela, ungakwazi ukushumayela ngeeholide zika-Aprili. Bambi banokufumana ikhefu esikolweni okanye emsebenzini, elinokubenza bakwazi ukufikelela isisikelo seeyure ezingama-50. Kwakhona, uSuku Lwamaphephancwadi olukhethekileyo lucwangciselwe uMgqibelo, Aprili 15. Ukuze ukwazi ukushumayela iiyure ezingama-50 ngoMatshi okanye ngoAprili, ngaba unokusebenzisa olunye ucwangciso lobuvulindlela bobuncedani kula akweli nqaku? Yixubushe nabanye indlela ocwangcise ngayo, ngokuqinisekileyo bambi babo baya kukhuthazeka baze bashumayele nawe entsimini. Ukuba akunakukwazi ukuba nguvulindlela ongumncedani, zibekele usukelo kwezi nyanga, uze uncedise oovulindlela. Ceba ngoku ukushumayela ixesha elingakumbi ngoMatshi nangoAprili.
9 Sixabise ISikhumbuzo: Nyaka ngamnye ngexesha leSikhumbuzo abaninzi babonisa uxabiso ngentlawulelo ‘ngokuzongela ixesha’ lokuba babe ngoovulindlela abangabancedani. (Efe. 5:15, 16) Kulo nyaka uphelileyo, eMzantsi Afrika bekukho oovulindlela abangabancedani abangama-8 104 ngoMatshi nabangama-4 929 ngoAprili. Oko kwenza umlinganiselo ongama-6 516 kwinyanga nganye kwezi zimbini. Thelekisa oko nomlinganiselo wabali-1 600 abebengoovulindlela abangabancedani kwinyanga nganye yaloo nyaka wenkonzo kwezingaphambi kwezi zimbini. (Kulo nyaka uphelileyo, eBotswana bebeli-120 oovulindlela abangabancedani ngoMatshi, baza baba ngama-78 ngoAprili, eLesotho bebeli-160 baza baba ngama-203 kwinyanga elandelayo, eNamibia bebeli-145 baza baba ngama-71, eSt. Helena bebeli-14 baza baba ba-4, eSwazini bebengama-219 bandula ke baba li-139.) Ezi nyanga zeSikhumbuzo zisinika ithuba elihle lokubonisa ukuba silixabisa ngokwenene idini lentlawulelo likaKristu ngokuzibhokoxa ngakumbi entsimini.
10 Njengoko uAprili 16 esondela, cinga ngoko kuthethwa siSikhumbuzo kuwe. Cinga ngeziganeko ezakhokelela ekufeni kukaKristu kunye neengcamango ezazisengqondweni nasentliziyweni yakhe. Kwakhona, camngca ngovuyo olwalubekwe phambi koYesu nendlela olwamnceda ngayo wanyamezela oko kuphathwa kakubi. Cinga ngesikhundla akuso ngoku njengeNtloko yebandla, eyongamele umsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi. (1 Kor. 11:3; Heb. 12:2; ISityhi. 14:14-16) Emva koko bonisa umbulelo onawo ngako konke oko uKristu akwenzileyo ngokuba nesabelo kangangoko unako kumsebenzi wokushumayela.
11 Khuthaza Abanye Ukuba Bacokise: Ngokuba ngoovulindlela abangabancedani, abadala kunye nezicaka zolungiselelo baba nethuba lokukhuthaza abanye. Xa besentsimini kunye nabavakalisi naxa besenza amatyelelo okwalusa, bafumana amathuba amahle okunceda abanye babe nesabelo ngokuzeleyo kulo msebenzi ukhethekileyo. Ngamana sonke singawubeka emthandazweni lo mba, ngaloo ndlela siqinisa imigudu yethu yokunikela ubungqina obucokisekileyo.
12 Ngoxa abadala kunye nezicaka zolungiselelo beya kusebenzisana nebandla ebudeni benyanga kaMatshi neka-Aprili, ngokukodwa umveleli wenkonzo ufanele azikhathaze ngokwenza amalungiselelo omsebenzi wokuhambisa ivangeli. Ufanele achaze iindawo ekuza kuqhutywa kuzo intlanganiso yentsimi, iintsuku kunye namaxesha aya kulungela inkoliso yabavakalisi kwaye ayifake rhoqo kwizaziso loo nkcazelo. Kusenokwenziwa amalungiselelo okuba kudityanwe izihlandlo eziliqela ebudeni bosuku, ukuze wonk’ ubani afumane ithuba lokushumayela ngeendlela ezahlukeneyo. Kusenokushunyayelwa kwiindawo zamashishini, ezitratweni, kwindlu ngendlu, kwenziwe amabuyelo, yaye kushunyayelwe nangomnxeba. Ukongezelela koko, ufanele alungiselele ukuba kubekho isixa esaneleyo soncwadi, amaphephancwadi kunye nentsimi eza kusetyenzwa ngezo nyanga.
13 NgoMatshi kuza kuhanjiswa incwadi ethi Ulwazi, ibe usukelo luya kuba kukuqalisa izifundo zeBhayibhile. Amacebiso aluncedo okuhambisa Ulwazi akwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2002. NgoAprili kuza kuhanjiswa IMboniselo noVukani! Zama ukusebenzisa amacebiso eentshumayelo ezikumxholo othi “Iintshayelelo Zamaphephancwadi.” Sonke sifanele siziphe ixesha lokulungiselela kakuhle ukuze sishumayele ngokucokisekileyo.
14 Hayi indlela esisikeleleke ngayo ngokusebenza phantsi kolwalathiso lweNtloko yebandla, uKristu uYesu, kwaye sinelungelo lokushumayela iindaba ezilungileyo kwabanye! Njengoko inyanga kaMatshi neka-Aprili zisondela, masiphinde sizabalazele ukuzenza zibe zezona nyanga zakha zasemagqabini kuthi njengoko sithobela umyalelo kaKristu wokuba sishumayele yaye sicokise.
[Isicangca esikwiphepha 4]
Iindlela Ezahlukeneyo Onokuba Nguvulindlela Ongumncedani Ngazo NgoMatshi NangoAprili 2003
Usuku Iiyure
NgoMvulo 1 2 — — 2 —
NgoLwesibini 1 — 3 — — —
NgoLwesithathu 1 2 — 5 — —
NgoLwesine 1 — 3 — — —
NgoLwesihlanu 1 2 — — — —
NgoMgqibelo 5 4 3 5 6 7
NgeCawa 2 2 3 2 2 3
NgoMatshi 56 56 54 55 50 50
NgoAprili 50 50 51 53 — —
Ngaba lukho ucwangciso olunokukulungela kula?