Iintsikelelo Zobuvulindlela
1, 2. Ziziphi iintsikelelo ezinxulunyaniswa nobuvulindlela, yaye ngoba?
1 Omnye uvulindlela wathi: “Awukho umsebenzi oye wandanelisa njengokwabelana nabanye ngenyaniso.” Omnye wathi: “Ndilala ubuthongo obumnandi rhoqo ekupheleni kosuku, kwaye intliziyo yam izaliswa luvuyo.” Le nto ithethwa ngaba vulindlela yindlela abavakalelwa ngayo bonke abazalwana noodade abaye bafumana iintsikelelo zobuvulindlela.—IMize. 10:22.
2 Ukunceda abanye bafumane ulwazi olusindisa ubomi lweLizwi likaThixo kusenza sifumane ulwaneliseko lokwenene. (IZe. 20:35; 1 Tes. 2:19, 20) Omnye uvulindlela oligqala wabhala: “Kubangel’ imincili yaye komeleza ukholo ukubona indlela iLizwi likaThixo elinamandla ngayo ekushukumiseni abantu ukuba benze iinguqulelo kubomi babo.” Ewe, ngokukulungela ukunceda abantu nokuqhuba izifundo zeBhayibhile, oovulindlela baya kuzifumana iintsikelelo ezinjengezi.
3, 4. Ubuvulindlela bumfundisa njani ubani ukuba ayame ngoYehova, yaye oku kumnceda njani ukuba akhule ngokomoya?
3 Ukwayama NgoYehova: Ukwayama ngomoya kaThixo yonke imihla njengoko beqhubeka nobulungiseleli babo kuyabanceda oovulindlela bahlakulele “isiqhamo somoya” yaye kuyabakhusela. (Gal. 5:16, 22, 23) Ukongezelela koko, ekubeni besebenzisa iLizwi likaThixo rhoqo, oovulindlela badla ngokuba nobuchule ekusebenziseni iZibhalo ukuze bathethelele inyaniso yaye bomeleze abanye. (2 Tim. 2:15) Omnye umzalwana obenguvulindlela kangangamashumi eminyaka wathi: “Ubuvulindlela bundincede ndafumana ulwazi olunzulu ngeBhayibhile, ulwazi endiye ndalusebenzisa ukuze ndincede abantu abaninzi bamazi uYehova kunye neenjongo zakhe.” Hayi indlela obuyingenelo ngayo!
4 Oovulindlela abathe ngxi bakwamele bayame ngoYehova nangezinye iindlela eziliqela. Ukholo lwabo luyomelela xa bebona indlela ayisikelela ngayo imigudu abayenzayo yokuhlangabezana neemfuno zabo zezinto eziphathekayo. Omnye uvulindlela oneminyaka engama-72 ubudala, obenguvulindlela kangangeminyaka engama-55, wathi: “UYehova akakaze andiphoxe.” Ukongezelela koko, ngokugcina ubomi babo bulula, oovulindlela bayazikhusela kumaxhala obomi amaninzi. Ngaba akuyibaweli wena loo nto?—Mat. 6:22; Heb. 13:5, 6.
5. Ubuvulindlela bumnceda njani ubani ukuba asondele kuYehova?
5 Ukusondela KuThixo: Ulwalamano lwethu noYehova luyeyona nto ixabisekileyo esinayo. (INdu. 63:3) Xa sisiba negalelo kubulungiseleli siqhutywa kukuthanda uYehova, olo lwalamano luyakhula. (Yak. 4:8) Omnye umzalwana obenguvulindlela iminyaka eli-18 wathi: “Ubuvulindlela businika ithuba ‘lokungcamla size sibone ukuba uYehova ulungile,’ mihla le busenza sibe nolwalamano olusondele ngakumbi noMdali wethu.”—INdu. 34:8.
6. Yintoni abafanele babe nayo oovulindlela, yaye ngoobani abanye abangenelwayo?
6 Nangaphezu kokuba iimeko zibavumela, oovulindlela kuye kufuneke babe nokholo olomeleleyo, bamthande ngokusuka entliziyweni uThixo nommelwane, yaye bakulungele ukuncama izinto ezithile. (Mat. 16:24; 17:20; 22:37-39) Noko ke, njengoko nawe unokuzibonela kobo buso bonwabileyo boovulindlela, iintsikelelo zobuvulindlela zingaphezulu lee kwizinto abazincamayo. (Mal. 3:10) Ezo ntsikelelo azipheleli koovulindlela kuphela, kunoko iintsapho zabo kunye namabandla abakuwo angenelwa kakhulu kumoya omhle woovulindlela.—Fil. 4:23.