Hambisa Amaphephancwadi Entsimini
1, 2. IMboniselo noVukani! zibuchaphazele njani ubomi babantu?
1 “Abangel’ umdla, asexesheni, yaye ayakhuthaza.” “Ngabona lindixesha bakhuthazayo kwendakha ndabafunda.” La magqabaza abonisa indlela abavakalelwa ngayo abantu abafunda lMboniselo noVukani! ehlabathini lonke. Ewe, amaphephancwadi ethu aye angqineka ezezona zixhobo zisebenzisekayo ukuze sifikelele “zonke iintlobo zabantu” ngeendaba ezilungileyo.—1 Tim. 2:4.
2 Enye indoda engusomashishini yafumana uVukani! owawunombandela owabangel’ umdla kuyo. Kamva, yafunda IMboniselo eyayihamba naloo Vukani! eyayinenqaku elayenza yahlolisisa inkolelo eyakhula inayo kaBathathu Emnye. Oku kwayenza yanomdla. Kwiinyanga ezintandathu kamva yabhaptizwa. Enye indoda yayiwafumana rhoqo la maphephancwadi kodwa yayingawafundi. Kwelinye icala, umfazi wayo wayewabaleka amaNgqina kodwa wayewafunda la maphephancwadi eza nendoda yakhe. Wachukumiseka sisithembiso seBhayibhile separadesi yasemhlabeni ezaliswe ngabantu abangamalungisa. Ekuhambeni kwexesha, yena, unyana wakhe, nodade wabo baba ngabakhonzi bakaYehova.
3. Yintoni ingenelo yokuwahambisa ngaxesha-nye la maphephancwadi?
3 Wahambise Ngaxesha-nye: Njengoko kubonisiwe kule mizekelo ingasentla, asiqinisekanga ukuba ngubani oya kuwafunda amaphephancwadi ethu okanye yintoni enokubangela umdla ebantwini. (INtshu. 11:6) Ngoko ke, kuluncedo ukuhambisa IMboniselo kunye noVukani! ngaxesha-nye, nangona siya kuthetha ngephephancwadi elinye xa siwahambisa. Kwezinye iimeko, kusenokuba luncedo ukuhambisa amaphephancwadi amaninzi awahlukahlukeneyo kuloo ndlu singene kuyo.
4. Sinokulwenza njani ucwangciso lokuya kumsebenzi wamaphephancwadi?
4 Kuhle ukuzenzela ucwangciso lokuya kumsebenzi wamaphephancwadi usuku olunye veki nganye. KwiKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2005, kuyo yonke iMigqibelo kubhalwe “Usuku Lwamaphephancwadi.” Kakade ke, ekubeni iimeko zasekuhlaleni neemeko zabantu zingafani, bambi banokuzibekela olunye usuku abaza kunikel’ ingqalelo ngalo ekuhambiseni la maphephancwadi. Ngaba oku yinxalenye yocwangciso lwakho lweeveki ngeeveki?
5. Ngawaphi amathuba okuhambisa amaphephancwadi esifanele siwaphaphele, yaye yintoni enokusinceda ukuze senze oko?
5 Zibekele Usukelo: Ukuzibekela usukelo lokuhambisa amaphephancwadi nyanga nganye kunokusinceda sinikel’ ingqalelo ekuhambiseni amaphephancwadi. Ngaba unawo umzila wamaphephancwadi? Ngaba uyawahambisa kwabo udibana nabo entsimini? Ngaba unokuwahambisa kumsebenzi wasesitratweni, kwintsimi yamashishini nakwiindawo zikawonke-wonke? Ngaba uyawaphatha xa usendleleni, usiya ezivenkileni naxa usiya kubonana nomntu othile? Sebenzisa naliphi ithuba olifumanayo ukunceda abanye bazuze kwiMboniselo noVukani!
6. Sinokuwasebenzisa njani ngokuyingenelo amaphephancwadi amadala?
6 Kwakhona sinokuzenzela usukelo lokuhambisa amaphephancwadi amadala esinawo. Nokuba amaphephancwadi madala ngenyanga okanye iinyanga ezimbini, okungaphakathi kusabalulekile. Wahambise kubantu abanomdla. Kwizigidi zabantu, IMboniselo noVukani! ‘bezililizwi elifike ngexesha elifanelekileyo.’ (IMize. 25:11) Masiwasebenzise la maphephancwadi ukuze sincede izigidi ezingakumbi zimazi uYehova zize zimkhonze.