“Nikela Ubungqina Obucokisekileyo Kwiindaba Ezilungileyo”
1. Ziziphi iindaba ezimnandi esifanele sichazele abantu ngazo?
1 Kweli hlabathi lingenazo iindaba ezimnandi, sinelungelo ‘lokunikela ubungqina obucokisekileyo kwiindaba ezilungileyo zobubele obungasifanelanga bukaThixo.’ (IZe. 20:24) Oku kuquka ukuchazela abantu ukuba emva ‘kwemihla yokugqibela’ kuza kulandela ihlabathi likaYehova elitsha elinobulungisa, apho ‘zinto zangaphambili ziya kube zidlule.’ (2 Tim. 3:1-5; ISityhi. 21:4) Ngelo xesha akuyi kubakho kugula. (Isa. 33:24) Izalamane nabahlobo baya kuphuma emangcwabeni enkumbulo. (Yoh. 5:28, 29) Umhlaba wonke uya kwenziwa iparadesi entle. (Isa. 65:21-23) Ezi zezinye zeendaba ezimnandi esifanele sichazele abantu ngazo!
2. Kutheni inyanga kaMatshi, ka-Aprili nekaMeyi zisivulela amathuba okuvakalisa iindaba ezilungileyo?
2 Inyanga kaMatshi, ka-Aprili nekaMeyi ziya kusivulela amathuba okushumayela iindaba ezilungileyo. Ngezi nyanga imozulu iyavuma ukuba umntu achithe ixesha elingakumbi entsimini kwaye nelanga litshona kade. Ukongezelela koko, esona siganeko sibalulekileyo enyakeni, iSikhumbuzo, siza kwenziwa ngoMgqibelo kaMatshi 22, ehlabathini jikelele. Masiqale kwangoku ukwenza amalungiselelo okwenza uchatha emsebenzini wasentsimini.
3. Yintoni eya kusinceda njengentsapho sichithe ixesha elingakumbi entsimini?
3 Ubuvulindlela Bobuncedani: Ngaba aningehlengahlengisi izinto zenu ukuze nibe ngoovulindlela abangabancedani inyanga enye, ezimbini okanye zontathu? Kutheni ningakhe niziphe ixesha lokuyincokola le nto kwisifundo senu sentsapho esilandelayo? Ukuba niyasebenzisana, omnye okanye abangaphezulu entsatsheni banokukwazi ukuba ngoovulindlela abangabancedani. (IMize. 15:22) Wuthandazeleni lo mba, ibe niya kubona indlela uYehova aya kuwusikelela ngayo umzamo eniwenzayo. (IMize. 16:3) Kwanokuba akukho mntu uba nguvulindlela kwintsapho yenu, nonke ninokuzibekela usukelo lokuchitha ixesha elingakumbi entsimini nisebenza nabo bakwazileyo ukuba ngoovulindlela.
4. Xa siphangela sinokuyicwangcisa njani imicimbi yethu ukuze sibe ngoovulindlela abangabancedani?
4 Ukuba uyaphangela, unokukwazi ukuba nguvulindlela ukuba unocwangciso oluhle. Mhlawumbi unokushumayela ngexesha lekhefu emsebenzini. Okanye unokuzicelela intsimi ekufuphi nekhaya lakho okanye nendawo ophangela kuyo, uze ushumayele kangangeyure okanye ngaphezulu ngaphambi okanye ngemva komsebenzi. Unokukwazi ukufumana iiyure ezingakumbi ngokubekela bucala izinto ezingenamsebenzi uze uzenze ngenye inyanga nangokuchitha usuku lonke entsimini ngeempela-veki. Abanye baye bathathe ikhefu losuku olunye okanye ezimbini ukuze baye entsimini.
5. Unokubanceda njani abalupheleyo okanye abampilo inkenenkene ukuba babe ngoovulindlela abangabancedani?
5 Ukuba sele waluphele okanye impilo inkenenkene okanye akunamandla, unokukwazi ukuba nguvulindlela ongumncedani ngokuchitha ixesha elifutshane entsimini suku ngalunye. Cela uYehova ukuba akunike “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo.” (2 Kor. 4:7) Omnye udade wakwazi ukuba nguvulindlela ongumncedani eneminyaka eli-106 ubudala! Washumayela kwindlu ngendlu, wenza amabuyelo, waya kwizifundo zeBhayibhile waza wanenxaxheba nakwezinye iinkalo zobulungiseleli encedwa zizalamane zakhe ezingamaKristu nangabanye ebandleni. Wancedisa xa kwakuqaliswa izifundo zeBhayibhile nabantu abalishumi. Uthi: “Ndithi ndakucinga ngelungelo elikhulu kangaka endibe nalo lokuba nguvulindlela ongumncedani, intliziyo yam iphuphume kukumthanda nokumxabisa uYehova, uNyana wakhe, nentlangano yakhe enothando. Nditsho ngentliziyo epheleleyo ukuthi ‘enkosi, Yehova!’”
6. Ulutsha olubhaptiziweyo olusahamba isikolo lunokukwazi njani ukuba ngoovulindlela abangabancedani?
6 Ukuba ungumntwan’ esikolo osele ebhaptiziwe, nawe unako ukubhalisa njengovulindlela ongumncedani. Njengabantu abaphangelayo, ubukhulu becala uya kusebenzisa iimpelaveki ukuze uye entsimini. Mhlawumbi unako ukuphuma kangangeyure okanye ngaphezulu kwakuphuma isikolo ngezinye iintsuku. Ngaba ikho iholide yesikolo onokuyisebenzisa ukuze uye entsimini? Ukuba ufuna ukuba nguvulindlela ongumncedani, thetha nabazali bakho.
7. Yintoni enokwenziwa ngabadala ukuze ibandla libe nehlombe ngentsimi kwezi nyanga zikhethekileyo?
7 Benzeni Babe Nehlombe: Abadala banokwenza ibandla libe nehlombe ngokuba ngumzekelo. (1 Pet. 5:2, 3) Banokugqiba kwelokuba kubekho iintlanganiso zentsimi ezongezelelekileyo zabo baza kuya entsimini ngenj’ ixukuxa, ukuphuma kwesikolo, okanye xa betshayisa emsebenzini. Umveleli wenkonzo ufanele aqiniseke ukuba kwabelwa abavakalisi abafanelekayo ukuba bakhokele nokuba intsimi yanele, aqiniseke nokuba amaphephancwadi noncwadi luyafumaneka ngezi nyanga zomsebenzi okhethekileyo.
8. Yintoni esiyifundayo kwinto eyenzeka kwelinye ibandla?
8 Kwelinye ibandla, abadala baqalisa ukukhuthaza ubuvulindlela bobuncedani kuselithuba. Kwiinyanga eziliqela ngaphambili, veki nganye babechazela ibandla ngenani labavakalisi abaza kuba ngoovulindlela abangabancedani. Loo nto yabenza baqiniseka abo bafuna ukuba ngoovulindlela ukuba baza kuba nabantu abaliqela abaza kusebenza nabo. Kwalungiselelwa ukuba kubekho iintlanganiso zentsimi zabo baphuma kusasa kakhulu nabaphuma ngeengokuhlwa. Umphumo waba kukuba abavakalisi abangama-53 baba ngoovulindlela abangabancedani ngoAprili, phantse isiqingatha selo bandla!
9. Kutheni ezi nyanga zikhethekileyo zilithuba elihle lokuba abo bafanelekayo baqalise ukushumayela iindaba ezilungileyo?
9 Ncedani Abanye Bashumayele: Xa abantu abasebatsha kunye nolutsha besiba ngabavakalisi, banokumenywa ukuba basebenze nabavakalisi abanamava entsimini. Elo thuba linokuvela ngeenyanga ezikhethekileyo xa abantu abaninzi ebandleni beza kube besiya kakhulu entsimini. Ngaba unesifundo esenza inkqubela nesisele siphila ngemilinganiselo kaYehova yobulungisa? Ngaba unabantwana abaziphethe kakuhle nabenza inkqubela kodwa abangekabi ngabavakalisi? Ukuba bafuna ukuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga kwaye nawe uvakalelwa ukuba bayafaneleka, chazela omnye wabadala. Umveleli owongamelayo uya kulungiselela ukuba abadala ababini bathethe nawe nomntwana wakho okanye nesifundo sakho ngalo mba.
10. Yintoni enokwenziwa ngabadala ukunceda abantu abapholileyo?
10 Ezi nyanga zilandelayo ziya kuba lithuba lokuba nabo baye baphola baphinde baqalise ukushumayela nebandla. Abaveleli beZifundo Zencwadi Zebandla nabanye abadala bafanele bazame ukubatyelela abapholileyo kwaye babameme ukuba basebenze nabo entsimini. Ukuba bekusele kulithuba bepholile, abadala ababini bafanele baqale bathethe nabo ukuze babone enoba bayafaneleka kusini na.—km-XO 11/00 iphe. 3.
11. Yiyiphi eyona ndlela ibalaseleyo obuye babonakaliswa ngayo ‘ububele obungasifanelanga bukaThixo’?
11 Lungiselela ISikhumbuzo: Intlawulelo yeyona ndlela obubonakaliswe ngayo ‘ububele obungasifanelanga bukaThixo.’ (IZe. 20:24) Izigidi zabantu abanoxabiso ehlabathini jikelele ziza kube zihlanganisene ngoMgqibelo kaMatshi 22, emva kokutshona kwelanga, ukuze zenze iSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Sifuna ukumema nokunceda bonke abantu abanyanisekileyo ukuba beze kwesi sihlandlo sibalulekileyo esibonisa indlela uYehova aye wanobubele obungasifanelanga ngayo kuthi.
12. Ngoobani esifanele sibamemele kwiSikhumbuzo?
12 Babhale phantsi bonke abantu ofuna ukubamema. Ngokuqinisekileyo uludwe lwakho luya kuquka izalamane, abamelwane, abantu obaqhelileyo emsebenzini okanye esikolweni, izifundo zakho nabantu owawukhe wafunda nabo, nabo bonke abantu okhe uthethe nabo. Xa abanye babantu obamemileyo benemibuzo ngeSikhumbuzo, kuya kukunceda ukusebenzisa inqaku elithetha ngeSidlo SeNkosi Sangokuhlwa elikwiphepha lama-206 ukuya kwelama-208 kwisihlomelo sencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Loo ngxubusho inokukuvulela ithuba lokuqalisa isifundo seBhayibhile, kuba uza kubabonisa le ncwadi esiyisebenzisa ukuqhuba izifundo zeBhayibhile.
13. UYehova uye wayisikelela njani imizamo eyenziwe ngabavakalisi ababini abaye bamemela abantu eSikhumbuzweni?
13 Omnye udade wabhala phantsi iintsapho ezingama-48 awayeza kuzimema. Njengoko wayezimema, wayephawula amagama ezo asele ezimemile aze abhale umhla azimeme ngawo. Wavuya gqitha xa kweza abantu awayebamemile abangama-26 eSikhumbuzweni! Omnye umzalwana onevenkile wamema umntu amqeshileyo owayesakuba ngumfundisi. Le ndoda yeza ibe emva koko yathi, “Ndifunde into eninzi ngeBhayibhile kule yure inye kunoko ndikufunde kwiminyaka engama-30 kwiCawa YamaKatolika.” Kungekudala emva kweso Sikhumbuzo, yavuma ukufundelwa kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile.
14. Liliphi iphulo eliza kwenziwa ehlabathini jikelele ukususela ngoMatshi 1?
14 Iphulo: Ukususela ngoMgqibelo kaMatshi 1, ukuya kutsho ngoMatshi 22, kuza kusasazwa isimemo esikhethekileyo seSikhumbuzo ehlabathini jikelele. Bonke abavakalisi bafanele babe negalelo kangangoko banako kweli phulo libalulekileyo. Kubhetele ukumnika esandleni umninimzi esi simemo, kunokuba usishiye emnyango. Noko ke, ukuba intsimi yebandla lenu inkulu, abadala banokugqiba kwelokuba izimemo zishiywe kwindawo efihlakeleyo kumakhaya angenabantu. Ngeempelaveki siza kuzihambisa kunye namaphephancwadi aloo nyanga.
15. Sinokusihambisa njani isimemo seSikhumbuzo?
15 Ekubeni lilifutshane ixesha esiza kube sihambisa ngalo ezi zimemo, kuhle ukuba intshumayelo yethu ibethe koomofu. Yiba nobubele kwaye udlamke. Mhlawumbi unokuthi: “Wena nentsapho yakho nabahlobo siyanimema kwisiganeko esibalulekileyo esiza kuba ngoMatshi 22. Nasi esakho isimemo. Iinkcukacha uza kuzifumana kuso.” Kusenokwenzeka ukuba umninimzi abe nemibuzo. Okanye unokusamkela isimemo aze athembise ukuba uza kubakho. Yibhale phantsi loo nto uze ulungiselele ukubuyela kuye.
16. Ngawaphi amava abonisa ukubaluleka kwephulo lokumema abantu abakwintsimi yethu ukuba beze eSikhumbuzweni?
16 Kunyaka ophelileyo elinye ijoni lafumana isimemo seSikhumbuzo kumnyango wendlu yalo. Lagqiba kwelokuba liye kodwa kwakufuneka liqale lifumane imvume kusajini walo. Lathi lakubonisa usajini walo eso simemo, wathi cwaka waza wathi abazali bakhe bangamaNgqina kwaye wayedla ngokuya nabo kwiintlanganiso. Lo sajini akazange anele ukuvumela elo joni ukuba liye kodwa naye wahamba nalo ukuya eSikhumbuzweni!
17. Sinokubonisa njani ukuba asiyiphosi injongo yobubele obungasifanelanga bukaThixo?
17 Yiba Noxabiso: Njengokuba iinyanga ezikhethekileyo zowama-2008 zisondela, ngamana ngamnye kuthi angacinga ngobubele obungasifanelanga uYehova asenzele bona. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Siyanibongoza ukuba ningamkeli ububele obungasifanelanga bukaThixo nize niyiphose injongo yabo.” (2 Kor. 6:1) Sinokubonisa njani ukuba asiyiphosi injongo yobubele obungasifanelanga bukaThixo? UPawulos wabhala wathi: “Kodwa ngandlela zonke siyazincomela njengabalungiseleli bakaThixo.” (2 Kor. 6:4) Ngoko ke, sibonisa ukuba siyasixabisa isipho esivela kuYehova ngokuziphatha kakuhle nangokukhuthalela ukushumayela iindaba ezilungileyo. Kwezi nyanga zikhethekileyo siya kuba nethuba elihle lokuzibhokoxa ngakumbi kumsebenzi wethu, sicokise ukuzishumayela iindaba ezilungileyo.
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
Ngoobani Abanokukwazi Ukuba Ngoovulindlela Abangabancedani?
◼ Ziintsapho
◼ Ngabaphangeli
◼ Ngabalupheleyo nabampilo inkenenkene
◼ Ngabantwana besikolo
[Ibhokisi ekwiphepha 4]
Xa Uhambisa Izimemo ZeSikhumbuzo:
◼ Betha koomofu; uthethe ngodlamko
◼ Bhala abantu abanomdla uze ubuyele kubo
◼ Hambisa amaphephancwadi ngeempelaveki